IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 41
  • Inyoka Yobhedu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inyoka Yobhedu
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunqulwa Kweenyoka—Mandulo Nakule Mihla
    Vukani!—2010
  • Isikhumba Senyoka
    Vukani!—2014
  • Ityholo Elivuthayo
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • ‘Ezintabeni Uya Kumba Ubhedu’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 41
AmaSirayeli atyiwe ziinyoka ajonga kwinyoka yobhedu kaMoses

IBALI 41

Inyoka Yobhedu

NGABA le nyoka ibhijelwe esibondeni yinyoka yokoqobo? Asiyiyo. Le nyoka yenziwe ngobhedu. UYehova wathi kuMoses makayixhome esibondeni ukuze abantu bajonge kuyo baze baphile. Kodwa ezinye iinyoka ezisemhlabeni zezokoqobo. Zilume abantu zaza zabagulisa. Ngaba uyasazi isizathu?

Kungenxa yokuba amaSirayeli athetha kakubi ngoThixo nangoMoses. Ayakhalaza: ‘Wasikhuphela ntoni na eYiputa ukuza kufela kule ntlango? Akukho kutya yaye akukho manzi apha. Yaye sikruqukile kukutya le mana.’

Kodwa imana kukutya okulungileyo. UYehova ubanike ngommangaliso. Yaye ubanike amanzi kwangommangaliso. Kodwa abantu abanambulelo ngendlela abanyamekele ngayo uThixo. Ngoko uYehova uthumela ezi nyoka zinobuhlungu ukohlwaya amaSirayeli. Iinyoka ziyawaluma, yaye abaninzi kuwo bayafa.

Ekugqibeleni abantu beza kuMoses besithi: ‘Sonile, kuba sithethe kakubi ngoYehova nangawe. Ngoku sithandazele kuYehova asuse ezi nyoka.’

UMoses nenyoka yobhedu

Ngoko uMoses uyabathandazela abantu. UYehova uthi kuMoses makenze le nyoka yobhedu. Uthi makayixhome esibondeni, yaye wonk’ umntu olunyiweyo makajonge kuyo. UMoses wenza njengokutsho kukaThixo. Yaye abantu abalunywayo bajonga inyoka yobhedu baze baphile kwakhona.

Sifunda okuthile koku. Ngandlel’ ithile sonke sinjengaloo maSirayeli alunywa zezo nyoka. Sonke sikwimeko yokufa. Khangela naphi na, yaye uyakubona abantu besaluphala, begula, baze bafe. Oku kungenxa yokuba indoda nomfazi bokuqala, uAdam noEva bamlahla uYehova, yaye thina sonke singabantwana babo. Kodwa uYehova wenze indlela yokuba siphile ngonaphakade.

UYehova wathumela uNyana wakhe, uYesu Kristu, emhlabeni. UYesu waxhonywa emthini, kuba abantu abaninzi babecinga ukuba ungendawo. Kodwa uYehova wanikela uYesu ukuba asisindise. Ukuba sijonga kuye size simlandele, siya kufumana ubomi obungunaphakade. Kodwa siza kufunda okungakumbi ngale nto kamva.

Numeri 21:4-9; Yohane 3:14, 15.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share