IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/14 iphe. 12-13
  • Ukumangalisa Kweenyembezi Zakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukumangalisa Kweenyembezi Zakho
  • Vukani!—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Sifunda Ntoni Kwizinto Ezazikhalisa UYesu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • UYehova Akazilibali Iinyembezi Zethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • “Khangela! Zonke Izinto Ndizenza Ntsha”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Utshaba Oluneengcwangu
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 3/14 iphe. 12-13
Indoda ekhalayo

Ukumangalisa Kweenyembezi Zakho

SIKHALA zisuka nje sakuba sizelwe. Enye ingcali icacisa ukuba xa sasiziintsana ezingakwazi kuthetha, ukulila kwakuyindlela yokuchaza ukuba kukho into esiyifunayo. Yintoni ke ngoko ebangela ukuba sintywizise iinyembezi njengoko sikhula, ngoxa sikwazi ukuthetha sichaze oko sikufunayo?

Zininzi izinto ezisenza silile. Sisenokulila ngenxa yentlungu nokuxakaniseka. Sisenokulila neenyembezi zovuyo, xa sinemincili okanye siphumelele. Ukanti iinyembezi ziyosulela. UMaría uthi: “Xa ndibona omnye umntu elila—nokuba uliliswa yintoni na—zisuke zithi waxa iinyembezi kum.” Mhlawumbi nawe wakha waliliswa yinto oyibone kwifilimu okanye oyive ebalini.

Intombazana echiphizayo, usana olukhalayo, ibhinqa elililayo

Enoba siyintoni isizathu, iinyembezi zithetha lukhulu. Incwadi ethi Adult Crying ithi: “Zimbalwa ezinye iindlela zokutsho okuninzi ngethutyana nje elingephi.” Iinyembezi zishukumisela esenzweni. Ngokomzekelo, abaninzi kuthi bakufumanisa kunzima ukungamhoyi umntu olilayo, kuba iinyembezi zakhe zibonisa ukuba uva iintlungu. Ngenxa yoko, sisenokuzama ukumthuthuzela okanye simncede.

Ezinye iingcali zikholelwa ukuba ukulila kwenza sikwazi ukukhupha intlungu engaphakathi, yaye ukuzibamba iinyembezi kusenokusigulisa. Ukanti abanye bemi ngelithi abukho ubungqina obungenakuphikiswa obubonisa ukuba ukulila kuluncedo. Noko ke, abaphandi baqikelela ukuba i-85 pesenti yamabhinqa kunye ne-73 pesenti yamadoda iye izive bhetele emva kokulila. UNoemí uthi: “Maxa wambi kuye kufuneke ndilile. Emva koko kuthi xibilili, ndize ndibone izinto ngendlela eyiyo.”

Abaphandi baqikelela ukuba i-85 pesenti yamabhinqa kunye ne-73 pesenti yamadoda iye izive bhetele emva kokulila

Kodwa ke asikokulila kuphela okusenza sizive bhetele. Indlela abanye abasabela ngayo ekulileni kwethu idlala indima ebalulekileyo. Ngokomzekelo, xa abanye besithuthuzela okanye besinceda, kutsho kuthi qabu. Kodwa ukuba ababethelwa nangu-do, sisenokuziva siphoxekile okanye sidanile.

Kucacile ukuba ininzi into esingayaziyo ngokulila. Kodwa ke into esiyaziyo kukuba ukuntywizisa iinyembezi yenye yeendlela asinike zona uThixo zokubonisa iimvakalelo zethu.

NGABA UBUSAZI?

Xa abantwana abasandul’ ukuzalwa belila, azidli ngakuphuma iinyembezi. Iinyembezi ziqalisa ukuphuma emva kweeveki eziliqela xa sele imibhobho yeenyembezi yakheke ngokwaneleyo.

Iintlobo Ezintathu Zeenyembezi

  • Uhlobo Lokuqala. Ziinyembezi ezikhusela amehlo zize ziwancede angomi. Oko kwenzeka xa siqhwanyaza. Zikwasinceda sibone kakuhle.

  • Uhlobo Lwesibini. Ziinyembezi ezivela xa uphandliwe. Zikwavela naxa uzamla okanye uhleka.

  • Uhlobo Lwesithathu. Ziinyembezi ezibakho ebantwini kuphela, kuba zihambisana neemvakalelo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share