Utshaba Oluneengcwangu
IINTLUNGU ezingathothiyo zinokubenza ubomi babantu bube nzima. Zibaphanga uxolo, uvuyo nokudlamka kwabo, zisenza ubomi bube lusizi kangangokuba abanye bazama ukuzikhulula kuzo ngokuzibulala. Umphengululi kwezonyango uAlbert Schweitzer wagqiba ngelithi: “Iintlungu ziyeyona nkosi yoluntu ekhohlakeleyo eyodlula nditsho nokufa.”
Amakhulu ezigidi aphethelw’ imbengwane zizo. Ugqirha wotyando ongumFrentshi wathi, ‘Ukuba besinokubekwa kwindawo esenzonzobileni ithuba elide apho besinokuva zonke izandi zomhlaba ojikelezayo, besiya kuva incwina engapheliyo yabantu abagcumayo ziintlungu enesandi esinye.’
Eneneni, oko umpostile uPawulos ongumKristu wakubhalayo kwiminyaka eli-1 900 eyadlulayo kunentsingiselo ngakumbi namhlanje: “Yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku.”—Roma 8:22.
Eyona Ngxaki Inkulu Kwezempilo
Umntu omnye kwabasibhozo kumaMerika ukhathazwa ziintlungu ezingathethekiyo ezibangelwa yiosteoarthritis, olona hlobo luxhaphakileyo lwesifo samathambo. Ibe abantu abangakumbi baneengqaqambo zomqolo ezibathuthumbisayo. Abanye banyamezele imiphumo ebuhlungu yomhlaza nezifo ezinokuthanani nentliziyo.
Ezinye izigidi zikhathazwa yintloko ebuhlungu gqitha, izinyo eliqaqambayo, indlebe ebuhlungu, amadyungudyungu nayinkitha yezinye izigulo nokungxwelerheka. Alimangalisi elokuba komnye unyaka kutshanje, amaMerika achitha izigidi zeedola ezisisi-2.1 (isi-7,2 sewaka lezigidi zeerandi) kwizibulali-zintlungu ezinganconyelwanga ngugqirha kuphela, okanye alimangalisi elokuba iintlungu zibizwa ngokuba “ngubhubhani ongabonakaliyo waseMerika.”
UJohn J. Bonica, mhlawumbi oyingcali enkqenkqeza phambili yeentlungu, wathi: “Xa ucinga ngeedola neesenti uze ucinge ngezinto ezenza abantu banxunguphale, iintlungu ezingapheliyo phantse zibe zibaluleke ngakumbi kunazo zonke ezinye iingxaki zempilo zidityanisiwe.”
Ngaba Bunokubakho Ubomi Obungenazintlungu?
Ngenxa yale ngxaki, kusenokubonakala kububuyatha ukuthi busenokubakho ubomi obungenazintlungu. Ngoko ke, oko kuthethwa yiBhayibhile kusenokubonakala ikukuza kukaNxele, xa isithi: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo . . . kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.”—ISityhilelo 21:4.
Kodwa into yokuba kusenokubakho ihlabathi elingenazintlungu asikokuza kukaNxele. Kodwa khawucinge okomzuzwana. Sithetha ntoni ngokwenene esi sibhalo? Namhlanje kukho abantu abangenazo iziva-mvo zokuva iintlungu. Bazalwa bengenazo. Ngaba simele sifune ukufana nabo? Ingcali yamalungu omzimba uAllan Basbaum yathi: “Ukungeva zintlungu konke konke kuyintlekele.”
Ukuba ubungeva zintlungu, mhlawumbi ubungayi kuphawula xa unethumba de libe sisilonda esikhulu esibi. Ngokutsho kwenye ingxelo yeendaba, abazali benye intombazana eyayingeva zintlungu “ngamanye amaxesha babedla ngokuva ivumba lenyama etshayo baze bafumanise ukuba yintombi yabo ingqiyame esitovini kungekho nento ethi thiki.” Ngaloo ndlela, iintlungu zilutshaba oluneengcwangu. Kwakhona zisenokuba yintsikelelo.
Ngoko, kuthekani ngedinga leBhayibhile elithi: “Kungabi sabakho . . . nantlungu”? Ngaba eli lidinga esifanele sinqwenele ukuba lizaliseke?
Ngaba Bunokubakho Ubomi Obungenazinyembezi?
Phawula ukuba umongo wale ndinyana ukwathi: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo.” (ISityhilelo 21:4) Oku kubangel’ umdla, ekubeni iinyembezi zibalulekile. Ziyasikhusela, njengokuba kunjalo ukuba neziva-mvo zokuva iintlungu.
Iinyembezi zigcina amehlo ethu efumile yaye zikhusela iinkophe zingakhuhli iliso. Kwakhona zikhupha izinto ezisiphandlileyo. Ukongezelela, zinesibulali-zintsholongwane esibizwa ngokuba yilysozyme, esenza amehlo akhuseleke kwizifo size sithintele ukwasuleleka. Ngaloo ndlela amandla ethu okuphalaza iinyembezi aluphawu olubalaseleyo kwimizimba yethu eyenziwe ngokoyikekayo, njengokuba kunjalo ukuba neziva-mvo zokuva iintlungu.—INdumiso 139:14.
Noko ke, iinyembezi zikwanxulumene ngokusondeleyo nosizi, ukukhathazeka nokubandezeleka. “Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam,” wakhala esitsho uKumkani uDavide wamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. “Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.” (INdumiso 6:6) KwanoYesu “walila” xa kwakufe umhlobo wakhe. (Yohane 11:35) Yayingeyonjongo kaThixo yantlandlolo ukuba abantu baphalaze iinyembezi ngenxa yosizi. Isono somntu wokuqala, uAdam, siso esabangela imeko yokungafezeki neyokufa kwentsapho yabantu. (Roma 5:12) Ngaloo ndlela, ziinyembezi ezibangelwe yimeko yethu yokungafezeki neyokufa ezingasayi kubakho.
Ekubeni iBhayibhile ibhekisela kuhlobo oluthile lweenyembezi eziya kupheliswa, liya kuzalisekiswa njani idinga lokuba iintlungu azisayi kuphinda zibekho? Ngaba abantu, ubuncinane ngamathuba athile, abayi kuva zintlungu zibangela usizi nokukhala?