IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/14 iphe. 12-13
  • Abalimi Ababhabhayo Abakumahlathi Emvula Ashinyeneyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abalimi Ababhabhayo Abakumahlathi Emvula Ashinyeneyo
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusasaza Imbewu
  • Indlela Aphila Ngayo
  • Elona Lulwane Lincinane Ehlabathini
    Vukani!—2010
  • Ukubhabha Lula Kweentaka Nezinambuzane?
    Vukani!—2009
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2010
  • Ilifu Elimnyama Elilengalenga Phezu Kwala Mahlathi Ashinyeneyo
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 10/14 iphe. 12-13
Ilulwane litya iziqhamo

Abalimi Ababhabhayo Abakumahlathi Ashinyeneyo

BONKE abalimi bayazi ukuba, ukuze isivuno sibe sihle, kufuneka imbewu ityalwe kwindawo elungileyo nangexesha elilungileyo. Usenokothuka kukwazi ukuba, kulo mmandla wamahlathi kukho abalimi abalima ebusuku, bebhabha ke phofu. Aba balimi babhabhayo ngamalulwane atya iziqhamo—amanye awo abizwa ngokuba ziimpungutye ezibhabhayo.a

Ukusasaza Imbewu

Amalulwane amaninzi atya iziqhamo, atyhutyha ihlathi ebusuku ekhangela imithi enezona ziqhamo zihle neentyantyambo ezinencindi emnandi. Njengoko ebhabha yaye esitya ubusuku bonke, akhupha iipete kunye nembewu engetyiswanga. Ukuze awenze ngokupheleleyo umsebenzi wawo wokulima, la malulwane asasaza imbewu yeentyatyambo xa efunxa incindi ayithanda gqitha.

Ekubeni amalulwane ebhabha umgama omde ebusuku, ayakwazi ukusasaza imbewu kummandla omkhulu. Aqala ayetyise, itsho ifumane “umgquba” oyenza ikhule ngokukhawuleza. Ngenxa yoko, zininzi izityalo ezixhomekeke kuwo ukuze zisasaze imbewu yazo.

Ekubeni ebhabha imigama emide, la malulwane ayazi kakuhle indlela ibe anamehlo abukhali. Abona ngcono kunabantu ebumnyameni. Ukanti, ayakwazi nokwahlula eminye imibala. Ayakuthanda ukubhabha nasemini, njengasebusuku.

Indlela Aphila Ngayo

Ilulwane litya iziqhamo

NGABA UBUSAZI? Ngokwahlukileyo kwamanye amalulwane amamela izandi xa ekhangela ukutya, amalulwane atya iziqhamo asebenzisa amehlo awo neempumlo. Amehlo awo amakhulu awanceda abone kakuhle ebumnyameni.

Amalulwane ekuthiwa ziimpungutye ezibhabhayo aseSamoa awawatshintshi amaqabane awo. Kwamanye ala malulwane, imazi ilikhulisa kakuhle intshontsho layo, ilibeleke iiveki ezimbalwa, ize iqhubeke ilincancisa de libe lidala. Kwiintlobo ezimbini zamalulwane atya iziqhamo, imazi isenokuncediswa yenye xa izala.

Okubuhlungu kukuba, amanye ala malulwane esecicini lokuphela, ngenxa yokutshatyalaliswa kweendawo ahlala kuzo. Kwezinye iziQithi eziseMzantsi Pasifiki, ukuphela kwala malulwane kunokuba yingxaki kuba ezinye izityalo zixhomekeke kuwo ukuze zisasaze imbewu yazo. Kucacile ukuba, aba balimi babhabhayo, benza umsebenzi obaluleke gqitha.

a La malulwane anokufunyanwa eAfrika, eAsia, eOstreliya nakwiziQithi zePasifiki.

UKUSINDISA IHLATHI

Umthi webaobab

Iintyantyambo zomthi iBaobab zihlala nje iiyure eziyi-24. Nangona lilifutshane elo xesha lanele ukuze la malulwane afumane ezona ntyatyambo zinkulu nezinencindi eninzi aze asasaze nembewu yazo kweminye imithi yebaobab

Xa kukho imithi egawuliweyo ehlathini, amalulwane anceda kuhlume eminye imithi. Njengabalimi, ayakwazi ukutyala imbewu eza kuntshula ibe yimithi emitsha. Kwincwadi yakhe ethi Bats of the World, uGary L. Graham uthi: “Ukuze abantu babe sempilweni, baxhomekeke kwindalo ephakathi kwabo, ibe amalulwane anceda indalo ihlale ilungelelene.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share