IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/09 iphe. 24
  • Ukubhabha Lula Kweentaka Nezinambuzane?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukubhabha Lula Kweentaka Nezinambuzane?
  • Vukani!—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Abalimi Ababhabhayo Abakumahlathi Emvula Ashinyeneyo
    Vukani!—2014
Vukani!—2009
g 2/09 iphe. 24

Ngaba Kwadalwa?

Ukubhabha Lula Kweentaka Nezinambuzane?

◼ Ucinga ukuba ziziphi ezibhabha lula emoyeni? Ngaba ziinqwelo-moya okanye zizidalwa ezinjengamalulwane, izinambuzane neentaka? Unokothuka xa sisithi, inqwelo-moya ayithathi nto kwezi zidalwa zimangalisayo zendalo, “ezinesiphiwo esimangalisayo sokuhlala emoyeni, phakathi kwemimoya ebhudlayo, imvula, okanye ekhephini,” utsho njalo uWei Shyy, ongunjingalwazi ngokuphathelele izinto ezintinga emoyeni kwiYunivesithi yaseMichigan.a Yintoni imfihlelo yazo? Beziphephezelisa amaphiko—ukususela ngaphambi kokuba abantu bazame la malinge okubhabha.

Khawucinge ngoku: Ngoxa ezinye iintaka kunye nezinambuzane zibhabha, amaphiko azo ngokuzenzekelayo ayatshintsha ukuze avumelane neemeko. Oku kwenza zikwazi ukuba kwindawo enye zize zenze imiphethuko okanye ukuntywila emoyeni. Iphephancwadi iScience News linikela le ngxelo ngokuphathelele ilulwane: “Xa libhabha ngesantya esingephi, malunga ne-1,5 semitha ngomzuzu, ilulwane liphethula amaphiko phantsi phezulu ngokukhawuleza liwaphaphazelise ngemva xa lindanda. Izazinzulu ziye zathekelela ukuba le ndlela . . . yiyo efukula ize iwenze abhabhe.”

Ukuze siqiniseke ngakumbi, kusekuninzi ekusafuneka kufundiwe ngezi zidalwa zibhabhayo. UPeter lfju, ongunjingalwazi woomatshini nezinto ezintinga emoyeni kwiYunivesithi yaseFlorida wabuza: “Yintoni eyenzekayo emoyeni ebangela ukuba zibhabhe lula?” Walek’ umsundulu esithi: “Kukho izinto ezininzi esingaziqondiyo ngomoya ezibhabha kuwo, nendlela zona ezidalwe ngayo. Siyakubona oko zikwenzayo [iintaka nezinambuzane] xa zibhabha, kodwa asazi ukuba zisebenzisana njani nomoya.”

Ucinga ntoni? Ngaba obu buchule bokukwazi ukubhabha lula kwezi zidalwa bazenzekela? Okanye ngaba badalwa?

[Umbhalo osemazantsi]

a Nangona izidalwa ezinamaphiko zikwazi ukubhabha emvuleni, ezininzi kuzo zifuna indawo yokufihla intloko.

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Ingcungcu enomlomo omkhulu

[Inkcazelo]

Laurie Excell/Fogstock/age fotostock

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Ilulwane elineendlebe ezifana nezempuku

[Inkcazelo]

© Delpho, M/age fotostock

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share