IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/15 iphe. 6-7
  • Uthando

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uthando
  • Vukani!—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzinza Ngenxa Yemilinganiselo Engatshintshiyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Iziqulatho
    Vukani!—2015
  • Indlela Yokuhlakulela Uthando Lokwenene
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Umthombo Ophakamileyo Wobulumko
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
Khangela Okunye
Vukani!—2015
g 2/15 iphe. 6-7

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA IBHAYIBHILE ILUNCEDO NAMHLANJE?

Imigaqo Yebhayibhile Enokunceda Wonke Umntu—Uthando

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.”—Kolose 3:14.

IINGENELO: Uthando ekuthethwa ngalo apha luvela izihlandlo eziliqela eBhayibhileni ibe asilulo olo lwabantu abathandanayo. Kunoko lolo lusekelwe kwinkathalo, ukuxolela, ukuthobeka, ukunyaniseka, ububele, ubulali, nomonde. (Mika 6:8; Kolose 3:12, 13) Ngokungafaniyo nothando lwentabatheko olukhawuleza luphele, uthando lunokuqhubeka lukhula ngokungenasiphelo.

UBrenda oneminyaka eyi-30 etshatile, uthi: “Uthando lwabantu abanethuba betshatile luya lusomelela njengoko ixesha lihamba kunolo lwabo basundul’ ukutshata.”

USam oyindoda eneminyaka eyi-12 itshatile uthi: “Mna nomkam besisoloko sikonwabela ukubona indlela iBhayibhile esebenza ngayo kubomi bethu! Xa uyisebenzisa, izinto zihamba kakuhle. Ngeba ndiyazama kona ukuyisebenzisa ngalo lonke ixesha, kodwa andenzi njalo oko, ndikhe ndizive ndidikiwe, ndinochuku okanye ndidiniwe. Xa kunjalo ndiye ndicele uYehova andincede. Ndiye ndange inkosikazi yam, ibe kungabanga thuba lide kuye kube ngathi khange kwenzeke nto!”

“Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo”

UYesu Kristu wathi, “ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mateyu 11:19) Yiloo nto ke iBhayibhile ingumthombo wabo bonke ubulumko bokwenene. Iimfundiso nemigaqo yayo iyasebenza. Ayiphelelwa lixesha. Zisebenza kuye wonke umntu enoba uloluphi uhlanga okanye ukweliphi ilizwe. Ibe indlela ezisebenza ngayo yenza kucace ukuba ziphuma kuMthombo ophakamileyo—uMdali wethu, uYehova uThixo. Kakade ke ukuze kubonakale oku sifanele sizisebenzise ezi mfundiso. Kungenxa yoko le nto iBhayibhile isithi, “ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.” (INdumiso 34:8) Ngaba uza kukwenza oko?

IBHAYIBHILE YABUPHUCULA UBOMI BAM

ULinh uhlala kuMzantsi-ntshona weAsia. Ubalisele le magazini ngendlela iBhayibhile eye yabuphucula ngayo ubomi bakhe.

Wawukhonza phi ukukhula kwakho?

Ndizalelwe kwintsapho engamaBhuda ibe sasiwathanda amasiko. Ndandingazi nto ngoThixo oyinyaniso.

Ngaba wawanelisekile bubomi bakho?

Tu kwaphela! Ndandineengxaki ezininzi. Ndandingakwazi ukusebenzisa kakuhle imali, ukwenza abahlobo abafanelekileyo okanye ukunceda abazali bam kwiingxaki zabo.

Ubomi bakho batshintsha bangcono. Khawusibalisele.

Amanye amantombazana ayengamaNgqina kaYehova aqalis’ ukundifundisa iBhayibhile. Xa ndandineengxaki, ndandicel’ uncedo kuwo. Nangona ayemancinane kunam ngeminyaka, ayendinika amacebiso aluncedo—asuka eBhayibhileni kungekhona kuwo.

Ngoku ndinamava okusebenzisa iimfundiso zeBhayibhile, ndiqinisekile ukuba isuka kuThixo yaye inokunceda nabani na ozimisele ukuphila ngayo. Nangona imfundo enomsila inendawo yayo, ikha phantsi isitya sizele xa ithelekiswa neBhayibhile.

Khawunabe.

Abazali bam bangoothile-thile ekuhlaleni yaye banazo nezidanga zakwanokholeji. Kodwa abakwazi kusombulula iingxaki zabo. Bohlukana yaye abasonwabanga. Xa ndandisekholejini, kwakusithiwa kukho amaxesha apho kufuneka iingxaki zoluntu zisonjululwe ngomlo. IBhayibhile yona ithi akukho kwanto eyenziwa ngumntu enokuphumelela ixesha elide, ngoba uThixo akazange asinike amandla negunya lokuzilawula. Yiloo nto ulawulo lwabantu lungaphumeleli yaye kuxhaphake urhwaphilizo kulo.a Xa sizithoba kuThixo, sinokuphucula ubomi bethu nobabanye.

IBhayibhile ikuncede njani?

Ndingaqala phi? Amaxhala am ehla, ndinabahlobo abafanelekileyo ngoku. Ndiye ndafunda nendlela yokusebenzisa imali yaye noko ngoku ndiyakwazi ukukhe ndibethwe ngumoya ezindaweni. Okona kubalulekileyo kukuba ndiyakwazi ukunceda abanye xa beding’ uncedo.

a Funda iNtshumayeli 8:9; Yeremiya 10:23.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share