IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/15 iphe. 16
  • Umhlathi Wengwenya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umhlathi Wengwenya
  • Vukani!—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukondela Ingwenya
    Vukani!—1995
  • Iziqulatho
    Vukani!—2015
  • Ukuphuncuka Kwimihlathi Yomkhohlisi Omkhulu
    Vukani!—1991
  • Amagama Aphinyiselwe Kakuhle
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Khangela Okunye
Vukani!—2015
g 7/15 iphe. 16
Ingwenya ephethe intshontsho layo ngomlomo

NGABA YADALWA?

Umhlathi Wengwenya

KUZO zonke izilwanyana ezikhoyo, asikho esiluma ukogqitha ingwenya. Ngokomzekelo, amandla eluma ngawo ingwenya efumaneka kumanzi anetyuwa kufuphi naseOstreliya, iwaphinda kathathu awengonyama okanye awengwe. Sekunjalo, izivamvo zomhlathi wayo zodlula nezeminwe yomntu. Kodwa ingenzeka njani loo nto, ekubeni inesikhumba esiqinileyo?

Umhlathi wengwenya unamawaka-waka ezivamvo. Emva kokuphanda ngazo, umphengululi uDuncan Leitch wathi: “Izivamvo zayo ziphumela kwimingxuma ekwithambo lomhlathi.” Oku kwenza ukuba izivamvo zengwenya zikhuseleke ngoxa ziceketheke ngendlela engenamlinganiselo. Ngenxa yoko, iyakwazi ukusebenzisa umlomo wayo ukwahlukanisa phakathi kokutya nenkunkuma. Ikwayiloo nto neyenza ukuba ingwenya ikwazi ukuthwala amantshontsho ayo ngomlomo ingawatyumzi. Iyamangalisa into yokuba umhlathi wengwenya womelele kangaka, uphinde uceketheke kwangaxeshanye.

Ucinga ntoni? Ngaba umhlathi wengwenya wazivelela? Okanye wadalwa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share