INDLELA YOKUFUMANA ULONWABO
Ukuxolela
UPatricia uthi: “NDAKHULA EKHAYA KUTHUKWANA YAYE KUSHAWUTISWA. Ndandingazi nto ngokuxolela. Nangoku sendimdala, kwakudla ngokuqengqeleka iintsuku ndicinga ngento endicaphukisileyo, kube nzima nokulala.” Umntu ohlala enomsindo akonwabi yaye akabi sempilweni. Nohlolisiso lubonisa ukuba abantu abangaxoleliyo . . .
Banokwenza umsindo wabo umoshe ubuhlobo babo nabanye baze babalekwe ngabantu
Banokucaphuka msinya, babe namaxhala okanye bangonwabi
Bahlala becinga ngezinto ezimbi ezenziwe kubo de kube nzima nokucinga ngezinye izinto
Baziva benetyala kuba bayazi ukuba bamele baxolele
Baba nestres esingapheliyo futhi bazibeka engozini yokuba noxinezeleko lwegazi, intliziyo neentlungu ezifana nesifo samathambo nentloko engapheliyoa
KUTHETHA UKUTHINI UKUXOLELA? Kuthetha ukuxolela umntu okucaphukisileyo, ungahlali umcaphukela, umzonda kwaye ucinga ngokuziphindezela. Akuthethi ukuthi umele wenze ngathi akuyiboni into embi ayenzileyo, wenze ngathi ayinamsebenzi okanye khange yenzeke. Ukuxolela yinto ecingisiswe kakuhle ebonisa ukuba umntu omoshiweyo uthanda uxolo okanye ufuna ukuba bungapheli ubuhlobo bakhe naloo mntu ummoshileyo.
Umntu oxolelayo uyaqonda ukuba sonke sinesono kwaye sona ngamazwi nangezenzo. (Roma 3:23) IBhayibhile ithi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye.”—Kolose 3:13.
Siyaqondakala isizathu sokuba kuthiwe ukuxolela yenye yezinto ezibalulekileyo ezibonisa uthando, ‘olungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.’ (Kolose 3:14) Iwebhsayithi yeMayo Clinic ithi ukuxolela kubangela . . .
Ubuhlobo obuqinileyo, ukuba novelwano, ukuqonda nokumcingela umntu okumoshileyo
Ukuba ingqondo yomntu isebenze kakuhle futhi abe noxolo noThixo
Umntu angabi namaxhala ezinto ezininzi, istres nenzondo
Zibe mbalwa izinto ezibonisa ukuba akonwabanga
ZIXOLELE. Enye imagazini ithi ukuzixolela “yeyona nto inzima kakhulu kodwa ikwayeyona nto ibalulekileyo empilweni,” engqondweni nasemzimbeni. Yintoni enokukunceda ukwazi ukuzixolela?
Sukulindela ukuba uza kuzenza kakuhle zonke izinto, kodwa yamkele into yokuba njengamntu wonke, uza kuzenza iimpazamo.—INtshumayeli 7:20
Funda kwiimpazamo zakho ukuze ungaphindi uzenze
Sukufuna izinto zenzeke ngokukhawuleza; akunakufane kwenzeke ukuba iimpazamo nemikhwa onayo emibi uyiyeke ngokukhawuleza.—Efese 4:23, 24
Yiba nabahlobo abakhuthazayo, abanobubele nabanyanisekileyo.—IMizekeliso 13:20
Ukuba ucaphukise umntu, yivume loo nto uze uxolise ngokukhawuleza. Xa usenza uxolo, uza kuhlala uxolile.—Mateyu 5:23, 24
IMIGAQO YEBHAYIBHILE IYASEBENZA
Emva kokuba uPatricia ekuthethwe ngaye ekuqaleni efunde iBhayibhile, wafunda ukuxolela. Wathi: “Ngoku andisenawo umsindo owawumosha impilo yam. Andisenazo iingxaki endandinazo, ibe andisabakhathazi abanye. Imigaqo yeBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uyasithanda ibe ufuna okona kusilungeleyo.”
Indoda enguRon yathi: “Andinakukwazi ukuyekisa abantu izinto abazicingayo nabazenzayo. Kodwa mna ndinokukwazi ukuziyeka. Ukuba ndithanda uxolo, ndimele ndiyeke ukuba nenzondo. Ndibonile ukuba andinakukwazi ukuba noxolo nenzondo ngexesha elinye. Ngoku isazela sam sicocekile.”
a Ithathwe kwiwebhsayithi yeMayo Clinic and Johns Hopkins Medicine nakwimagazini iSocial Psychiatry and Psychiatric Epidemiology.