IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g18 No. 2 iphe. 13
  • 10 Abantu Mabakuthembe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • 10 Abantu Mabakuthembe
  • Vukani!—2018
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • KUTHETHA NTONI?
  • KUTHENI KUBALULEKILE NJE?
  • YINTONI ONOKUYENZA?
  • Ndingenza Ntoni Ukuze Abazali Bam Bandithembe?
    Ulutsha Luyabuza
  • Kutheni Abazali Bam Bengandithembanga?
    Vukani!—2008
  • Kubalulekile Ukuthemba Abanye Ukuze Sonwabe Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ndinokuyifumana Njani Inkululeko Engakumbi?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
Khangela Okunye
Vukani!—2018
g18 No. 2 iphe. 13
Intombazana iyabhatala ebhankini

Ukuthobela abazali bakho kufana nokubhatala ityala ebhankini. Ukuba ulibhatala qho, uza kuya uthenjwa

KULUTSHA

10 Abantu Mabakuthembe

KUTHETHA NTONI?

Abantu abanenyani bayathenjwa ngabazali babo, ngabahlobo nangabaqeshi. Bayayimamela imiyalelo, bayazenza izinto abazithembisileyo ibe basoloko bethetha inyani.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Ngamaxesha amaninzi, inkululeko oyinikwayo ixhomekeka ekubeni uthenjwe kangakanani.

“Eyona ndlela yokwenza abazali bakho bakuthembe kukubabonisa ukuba ukhulile ibe awusengomntwana, xa bekhona naxa bengekho.”—Sarahi.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.”—2 Korinte 13:5.

YINTONI ONOKUYENZA?

Enoba ufuna ukuthenjwa ngakumbi okanye ufuna ukuphinda uthenjwe, ezi zinto zilandelayo ziza kukunceda.

Yiba nenyani. Ayikho into eyenza abantu bayeke ukukuthemba njengokuxoka. Kwelinye icala, xa ungafihli nto kwaye unenyani, ngakumbi xa uphazamile, abantu bayakuthemba.

“Xa zonke izinto zihamba kakuhle, kulula ukuthetha inyani. Kodwa xa uthetha inyani nangezinto ezimbi ngawe, abantu bakuthemba nangakumbi.”—Caiman.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.

Yiba ngumntu onokuthenjwa. Kolunye uphando lwaseMerika, bayi-78 phesenti abaphathi bamasebe aqeshayo kwiinkampani abathi ukuba ngumntu onokuthenjwa “yenye yezona zinto zintathu zibalulekileyo xa umntu eqala emsebenzini.” Ukufunda ngoku ukuba ngumntu onokuthenjwa kuza kukunceda xa umdala.

“Abazali bam bayandibona xa ndizenzela ngokwam imisebenzi yasekhaya ndingakhange ndiqhutywe ngabo ngasemva. Xa ndisoloko ndisenza izinto ezinjalo, baye bandithembe nangakumbi.”—Sarah.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ndeyisekile yintobelo yakho, . . . ndisazi ukuba uya kwenza kwanangaphezu kwesicelo sam.”—Filemon 21.

Yiba nomonde. Kulula ukuba abantu babone ukuba ukhulile emzimbeni, kodwa kuthatha ixesha ukuba babone ukuba ukhulile kwiimvakalelo nasengqondweni.

“Awunakwenza into enye, babe abazali bakho nabanye abantu sele bekuthemba. Kodwa baza kuya bekuthemba ukuba uqhubeka usenza izinto kakuhle.”—Brandon.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Yambathani . . . nokuzeka kade umsindo [okanye umonde].”​—Kolose 3:12.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share