IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g20 No. 2 iphe. 4-5
  • Izinto Abanye Abantu Abazikholelwayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izinto Abanye Abantu Abazikholelwayo
  • Vukani!—2020
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • AmaHindu
  • AmaSilamsi
  • Isiko LamaYuda
  • AmaBhuda
  • Abalandeli BakaConfucius
  • Ezinye Iintlanga
  • AmaKristu
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Umbuzo 3: Kutheni UThixo Endiyeka Ndibandezeleke?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Kutheni Kukho Ukubandezeleka Okungaka Nje?
    Vukani!—2011
  • Ngaba Sasidalelwe Ukuba Sehlelwe Zizinto Ezibuhlungu?
    Vukani!—2020
Khangela Okunye
Vukani!—2020
g20 No. 2 iphe. 4-5
Amaphawu eenkonzo zamaBhuda, amaHindu, iinkonzo zeentlanga, amaYuda, amaKristu, amaSilamsi, nabalandeli bakaConfucious.

Izinto Abanye Abantu Abazikholelwayo

AmaHindu

Uphawu lwamaHindu.

akholelwa ukuba izinto ezimbi ezenzekayo ebantwini zibangelwa zizinto abazenzayo ngoku okanye ababezenza kubomi bangaphambili. Athi umntu xa eyeka ukukhathalela izinto eziphathekayo eziza kuphela, ufika kwimeko ekuthiwa yimoksha ethetha ukukhululeka ekuzalweni ngokutsha.

AmaSilamsi

Uphawu lwamaSilamsi.

akholelwa ukuba izinto ezibuhlungu ezenzekayo kuthi zisisohlwayo sezono okanye zivavanya ukholo. UGqirha Sayyid Syeed ongumongameli weIslamic Society of North America uthi: “Izinto ezibuhlungu zisenza sihlale sinombulelo ngazo zonke izinto uThixo asenzele zona, ibe zisikhumbuza ukuba sisoloko sinceda abantu abadingayo.”

Isiko LamaYuda

Uphawu lwamaYuda.

lithi izinto ezibuhlungu ezehlela umntu ngamnye zibangelwa zizinto azenzileyo. Amanye amaYuda athi abantu abafileyo baza kuvuswa, emva koko abantu abamsulwa benzelwe izinto ezilungileyo. Iimfundiso zobuYuda iKhabhala zithi umntu xa eswelekile uphila komnye umzimba ukuze abe nethuba lokulungisa iimpazamo zakhe.

AmaBhuda

Uphawu lwamaBhuda.

akholelwa ukuba umntu wehlelwa zizinto ezimbi ixesha elide. Uzalwa ngokutsha de abe uyayeka ukwenza nokucinga izinto ezimbi. Athi xa umntu esiba nobulumko, esenza izinto ezintle kwaye eqeqesha ingqondo yakhe, uye onwabe aze akhululeke kuzo zonke iintlungu, loo nto ibizwa ngokuba yiNirvana.

Abalandeli BakaConfucius

Uphawu lwabalandeli bakaConfucious.

ithi iDictionary of Comparative Religion bakholelwa ukuba: “Izinto ezibuhlungu ezenzekayo zibangelwa ziimpazamo zabantu.” Imfundiso yabo ithi izinto ezininzi ezibuhlungu zibangelwa ngoomoya abanamandla angaphaya kwawabantu. Kodwa izinto ezibuhlungu ezehlela umntu zinokuba mbalwa xa loo mntu esenza izinto ezilungileyo. Yiloo nto umntu efanele avele amkele indlela adalelwe ukuba aphile ngayo.

Ezinye Iintlanga

Uphawu lweenkonzo zeentlanga.

zithi izinto ezimbi ezenzekayo zibangelwa bubugqwirha. Ngokwezi nkolelo amagqwirha ayakwazi ukuzisela abantu ilakhi okanye abangele ukuba abantu behlelwe zizinto ezimbi. Ibe izinto ezibuhlungu ezehlela umntu ziyakwazi ukupheliswa ngokuba lo mntu enze isiko elithile. Xa umntu egula okanye ethakathiwe, amayeza egqirha namasiko ayanceda.

AmaKristu

Uphawu lwamaKristu.

athi izinto ezibuhlungu zibangelwe sisono esenziwa ngabantu bokuqala ababini njengoko kuchaziwe kwincwadi yokuqala yeBhayibhile, iGenesis. Kodwa amanye amaKristu aye ayitshintsha le mfundiso. Ngokomzekelo, amanye amaKatolika athi izinto ezibuhlungu ezenzeka emntwini zisenokukwazi ukunikelwa kuThixo njengesicelo ukuze kungenelwe icawe okanye kusindiswe omnye umntu.

FUNDA OKUNGAKUMBI

Bukela ividiyo ethi Ngaba UThixo Uzamkela Zonke Iinkonzo? Ku-jw.org/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share