IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g20 No. 3 iphe. 6-7
  • Zifake Ezihlangwini Zabantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Zifake Ezihlangwini Zabantu
  • Vukani!—2020
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ingxaki
  • Umgaqo WeBhayibhile
  • Indlela Ekunceda Ngayo Ukuzifaka Ezihlangwini Zabantu
  • Into Onokuyenza
  • Uvelwano—Lusinceda Sibe Nobubele Nemfesane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Zicingele Izifundo Zakho
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
  • Ngaba UThixo Unalo Uvelwano?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
  • Indlela Oyiphatha Ngayo Intsapho Yakho Nabahlobo
    Vukani!—2019
Khangela Okunye
Vukani!—2020
g20 No. 3 iphe. 6-7
Amadoda amabini angabantu beentlanga ezahlukeneyo ahleli kunye. Bayazincokolela kamnandi.

Zifake Ezihlangwini Zabantu

Ingxaki

Xa sisoloko sicinga ngezinto abahluke ngazo abanye kuthi, sisenokude sicinge ukuba zezo zinto ezibenza bangathandeki. Loo nto ingasenza sithi sibhetele kunabo, kuba nje bengafani nathi. Xa sibajonga ngolu hlobo abantu, loo nto isenokwenza kube nzima ukuba sibacingele kakuhle. Ibe xa singakwazi ukubacingela kakuhle abantu, loo nto isenokuthetha ukuba sinengxaki enkulu—umkhethe.

Umgaqo WeBhayibhile

“Vuyani nabantu abavuyayo, nize nilile nabantu abalilayo.” —ROMA 12:15.

Ithetha ukuthini le nto? Le vesi isifundisa ukuba, sifanele sibacingele abantu. Ukucingela abantu kuthetha ukukwazi ukuzifaka ezihlangwini zabo, sizive ngendlela abaziva ngayo.

Indlela Ekunceda Ngayo Ukuzifaka Ezihlangwini Zabantu

Xa umntu simcingela, sitsho sibone nendlela esifana ngayo naye. Singade sifumanise ukuba, naye uziva ngale ndlela siziva ngayo, nezinto uzenza njengathi. Ukucingela abantu kunokusinceda sibone ukuba sonke ikhona into esifana ngayo, nokuba sikhule ngeendlela ezingafaniyo. Xa sikhangela izinto esifana ngazo nabanye abantu, indlela esibajonga ngayo iza kutshintsha, ibe bhetele.

Ukucingela abantu, kungasinceda sibahloniphe. UAnne-Marie waseSenegal, naye wayekade ebajongela phantsi abantu abasuka kwiindawo eziphantsi. Xa echaza indlela ukubacingela kakuhle abantu ekwamnceda ngayo uthi: “Xa ndandibona indlela aba bantu ababesokola ngayo, ndazibuza ukuba inoba mna bendiza kuziva njani xa bendisokola njengabo. Le nto yandenza ndabona ukuba andikho bhetele, kuba akukho nto ndiyenzileyo endenze ndaphakama kunabo.” Xa siziqonda iingxaki abanazo abantu, siza kutsho sikwazi ukubacingela kakuhle endaweni yokubacalucalula.

Into Onokuyenza

Ukuba kukho abantu ekunzima ukubacingela kakuhle kuwe, zama ukuqonda ukuba ziintoni enifana ngazo. Khawuzame ukucinga indlela abaziva ngayo:

Ukuzifaka ezihlangwini zabanye kusinceda sibone ukuba sonke singabantu

  • xa besitya neentsapho zabo

  • xa begqibe umsebenzi onzima wosuku

  • xa behleli nabahlobo babo

  • xa bemamele umculo abawuthandayo

Khawube nombono wakho usenza ezi zinto njengabo. Emva koko zibuze:

  • ‘Ndingathini mna xa kunokubakho umntu ondijongela phantsi?’

  • ‘Ndingaziva njani xa abantu benokundicingela kakubi, bengandazi nokundazi?’

  • ‘Ukuba nam ndikwiqela labantu abajongelwa phantsi, ndingathanda abantu bandiphathe njani abanye?’

Babonisana imifanekiso yezinto abafana ngazo, iintsapho zabo, imidlalo abayithandayo, nomsebenzi wabo.

Amava Ento Eyenzekayo: URobert (ESingapore)

“Ekuqaleni, ndandikade ndicinga ukuba abantu abangevayo abafani nabanye abantu, abakho krelekrele, ibe bayakhawuleza ukucaphuka. Ngoko ndandikuphepha ukuba kunye nabo. Kodwa ndandingacingi ukuba ndinomkhethe, kuba ndandingamoshi mntu.

“Ukuzifaka ezihlangwini zabantu abangevayo, kwandinceda ndayeka ukuba nomkhethe. Umzekelo, ndandisithi abantu abangevayo abakho krelekrele kuba xa ndithetha nabo babevele bandijonge njee. Ngoko ndazama ukucinga ukuba mna bendiza kwenza ntoni xa umntu othetha nam ndingamva. Nam ndandiza kuvele ndimjonge njee! Nokuba bendinokusebenzisa ihearing aid, ubuso bam bebuza kubonisa ukuba ndithi, ‘Andikuva kakuhle,’ kuba ke nyhani kusenokuba nzima ukuyiqonda into ayithethayo.

“Emva kokuba ndizifake ezihlangwini zabantu endibacingela kakubi, umkhethe endandinawo waphela emoyeni.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share