IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g20 No. 3 iphe. 10-11
  • Yenza Abahlobo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yenza Abahlobo
  • Vukani!—2020
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ingxaki
  • Umgaqo WeBhayibhile
  • Indlela Ekunceda Ngayo Ukwenza Abahlobo
  • Into Onokuyenza
  • Bakwazi Ukuyeka Ukuba Nomkhethe
    Vukani!—2020
  • Bonisa Uthando
    Vukani!—2020
  • Ngaba Ndifanele Ndizenzele Abahlobo Abangakumbi?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ukwanelisa Umnqweno Wethu Wokufuna Abahlobo
    Vukani!—2004
Khangela Okunye
Vukani!—2020
g20 No. 3 iphe. 10-11
Oomama abayi-⁠4 abasuka kwiintlanga ezingafaniyo bayancokola ibe bayahleka, nabantwana babo badlala kunye.

Yenza Abahlobo

Ingxaki

Xa sisoloko sibaphepha abantu esingabathandiyo, umkhethe esele sinawo ungakhula. Enye into, xa sinabahlobo abafana nathi kuphela, sisenokucinga ukuba indlela esenza ngayo, esicinga ngayo nesiziva ngayo yeyona yamkelekileyo.

Umgaqo WeBhayibhile

“Vulani iintliziyo zenu.” —2 KORINTE 6:13.

Ithetha ukuthini le nto? Xa kuthethwa ‘ngeentliziyo’ zethu, kuthethwa ngendlela esiziva ngayo nezinto esizithandayo. Ukuba sithanda abantu abafana nathi kuphela, siyazivala iintliziyo zethu. Ukuze zingavaleki ke, masizimisele ukwenza abahlobo nakubantu abangafaniyo nathi.

Indlela Ekunceda Ngayo Ukwenza Abahlobo

Xa sizama ukubazi kakuhle abantu, sitsho sisiqonde isizathu sokuba benze izinto ngendlela abazenza ngayo. Ibe xa siqalisa ukubathanda, sitsho silibale nokuba abafani nathi. Njengokuba sisiya sibathanda, izinto ezibenza bavuye nathi ziza kusenza sivuye, nezinto ezibakhathazayo ziza kusenza buhlungu.

Khawucinge ngento eyenzeka kuNazaré. Wayengabafuni abantu abasuka kwamanye amazwe. Xa echaza into eyamncedayo, uthi: “Ndachitha ixesha nabo, ndaza ndasebenza nabo. Ndadibana nabantu abangeyiyo tu le nto kuthiwa bayiyo. Xa abantu abangafaniyo nawe ubenza abahlobo bakho, uye ubone ukuba ‘tyhini bayathandeka.’”

Lumkela Abahlobo Abanokukufaka Engxakini

Abanye abantu bakhetha ukwenza izinto ezinokufaka bona nabanye engxakini. Yiloo nto sifanele sibakhethe kakuhle abahlobo. Xa singabi ngabahlobo nabantu abaziphethe kakubi, loo nto ayithethi ukuba sinomkhethe. Nangona sifanele singabaphathi kakubi abantu abaphila ngendlela thina esingaphili ngayo okanye sibanyanzele ukuba bayiyeke, kububulumko ukungabi ngabahlobo nabo.—IMizekeliso 13:20.

Into Onokuyenza

Khangela amathuba okuthetha nabantu abasuka kwamanye amazwe nabathetha ulwimi olungafaniyo nolwakho.

  • Unokubacela ukuba bakuxelele ngabo.

  • Ubameme ukuze nitye nonke.

  • Ubamamele kakuhle xa bekubalisela ngobomi babo, uze uzame ukujonga ukuba yintoni ebalulekileyo kubo.

Ukuba uzama ukuqonda ukuba ziintoni ezikhe zenzeka kubo, uza kusiqonda isizathu sokuba benze izinto ngendlela abazenza ngayo. Le nto ingakunceda ubathande uze uthande nabantu abafana nabo.

Amava Ento Eyenzekayo: UKandasamy noSookammah (EKhanada)

“Sakhulela eMzantsi Afrika ngexesha leArpatheid. Abantu babenyanzelwa ukuba bahlale kwiindawo ezahlukahlukeneyo ngenxa yocalucalulo. Le nto yenza ukuba amaqela abantu abangafaniyo akhethane. Thina asingobantu abamhlophe, kodwa sasingabathandi ncam abantu abamhlophe kuba babesijongela phantsi. Ngelo xesha, sasingayazi ukuba thina sinocalucalulo, kodwa sasicinga ukuba ngabo abacalucalula thina.

“Eyona nto yasincedayo kukuba savula iintliziyo zethu saza sanabahlobo abakhuliswe ngeendlela ezingafaniyo. Njengokuba saqalisa ukuhlala nabantu abamhlophe, sabona ukuba zininzi izinto esifana ngazo. Sonke sineengxaki ezibufana.

“Sade sahlala nenye intsapho engabantu abamhlophe ixesha elide ekhayeni lethu. Satsho sabazi kakuhle. Saqalisa ukuba ngabahlobo ibe loo nto yenza ukuba singabacingeli kakubi abantu abamhlophe.”

Ngoku Ngabahlobo

UJohny noGideon babulisa abantwana ngaphandle kweHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova.

UJohny noGideon baba ngabahlobo abasondeleleneyo nangona babengabantu beentlanga ezingafaniyo, ibe nendlela abayijonga ngayo ipolitiki ingafani.

Bukela ividiyo ethi UJohny noGideon: Babeziintshaba, Ngoku Ngabazalwana. Khangela lo mxholo kujw.org/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share