IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g20 No. 3 iphe. 12-13
  • Bonisa Uthando

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bonisa Uthando
  • Vukani!—2020
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ingxaki
  • Umgaqo WeBhayibhile
  • Into Onokuyenza
  • Bakwazi Ukuyeka Ukuba Nomkhethe
    Vukani!—2020
  • Umkhethe​—⁠Ngaba Wena Unawo?
    Vukani!—2020
  • Luza Kuphela Nini Ucalucalulo Emhlabeni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Izinto Ezibangela Ikhethe
    Vukani!—2004
Khangela Okunye
Vukani!—2020
g20 No. 3 iphe. 12-13
Umntu waseIndiya uphathise umakhulu wolunye uhlanga ukuze akwazi ukunyuka kakuhle izitepsi.

Bonisa Uthando Ebantwini

Ingxaki

Ukuba nomkhethe akukhawulezi kuphele. Njengokuba kuthatha ixesha ukuphelisa isifo esithile, kuthatha ixesha nokuyeka ukuba nomkhethe. Ungenza njani ukuze uphelise umkhethe xa unawo?

Umgaqo WeBhayibhile

Umfanekiso: 1. Indoda yaseAsia ibambele enye indoda emnyama umnyango kuba ephethe ikofu esandleni. 2. Le ndoda imnyama iphunga kunye nabantu asebenza nabo, kunye nalaa sisi waseIndiya.

“Nxibani uthando, kuba lubamanyanisa ngokupheleleyo abantu.” —KOLOSE 3:14.

Ithetha ukuthini le nto? Ukwenzela abantu izinto ezintle kunokukwenza usondelelane nabo. Xa sibonisa abantu ukuba siyabathanda, umkhethe uya uphela kuthi. Xa uqhele ubonisa uthando ebantwini, uza kuyeka ukubacingela kakubi.

Into Onokuyenza

Umfanekiso: 1. Umntu waseIndiya uphathise umakhulu wolunye uhlanga ukuze akwazi ukunyuka kakuhle izitepsi. 2. La makhulu umhlophe besithethe ngaye uzise izinto azibhakileyo kummelwane wakhe nangona eyindoda yaseAsia.

Cinga ngezinto ezintle onokubenzela zona abanye abantu abajongelwa phantsi. Akunyanzelekanga ibe zizinto ezinkulu. Nazi ezinye izinto onokuzenza:

Nantoni na oyenzayo ngothando, noba incinci kangakanani na, iza kukunceda ungabinawo umkhethe

  • Babonise imbeko ngokubavulela ucango nangokubancamela indawo ohleli kuyo emotweni xa nikhwele nonke.

  • Zama ukuncokola nabo ngento nje elula, noba abakaluqondi kakuhle ulwimi lwakho.

  • Ungakhawulezi ucaphuke xa besenza izinto ongaziqondiyo.

  • Zifake ezihlangwini zabo xa bekubalisela iingxaki zabo.

Amava Ento Eyenzekayo: UNazaré (Guinea-Bissau)

“Ndandikade ndingabathandi abantu abasuka kwamanye amazwe. Ndava kusithiwa abaninzi kubo baqhatha urhulumente ukuze bafumane imali nokuze bancedwe. Kanti abaninzi babo ngootsotsi. Le nto yenza kwanzima kum ukubamkela. Kodwa ndandingacingi ukuba ndinomkhethe, kuba sasibaninzi thina bantu bangabathandiyo abantu abasuka ngaphandle.

“Kodwa emva kwexesha ndazibona ukuba ndinomkhethe. Amacebiso eBhayibhile aye andinceda ndabathanda. Ngoku andisabaphephi, ndiya kubo ngqo ndize ndincokole nabo. Ndiye ndizame ukubazi kakuhle. Ngoku ndibajonga kakuhle ibe ndiyakhululeka xa ndikunye nabo.”

“Ndandisilwa ubuhlanga”

URafika Morris.

URafika wangena kwiqela lepolitiki ukuze alwe ucalucalulo. Kodwa xa waya kwenye yeendibano zamaNgqina kaYehova walubona umanyano awayesoloko elufuna.

Bukela ividiyo ethi URafika Morris: Ndandisilwa Ubuhlanga. Khangela lo mxholo kujw.org/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share