Intshayelelo
Ngaba ukhathazwa kukunyuka kwamaxabiso ezinto esizidingayo ukuze siphile? Ngaba usebenza iiyure ezongezelelekileyo ukuze ukwazi ukuziphilisa ize loo nto ikwenze uchithe ixesha elincinci nabantu obathandayo? Ukuba kunjalo, amanqaku akulo Vukani! aza kukunika amacebiso anokukunceda ukuze wonwabe ungabi namaxhala kakhulu. Inqaku lokugqibela liza kuthetha ngethemba lobomi obubhetele—esiza kubuphila kwixesha elizayo nendlela elinokukuthuthuzela ngayo ngoku.