IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 4
  • Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Babunjani Ubomi EParadesi?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • UThixo Uyakhathazeka—Indlela Esinokumvuyisa Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Bakho Abangaphezulu Kunathi
    Funda Kumfundisi Omkhulu
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 4
UAdam noEva bayagxothwa egadini yase-Eden

IBALI 4

Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo

BONA okwenzekayo ngoku. UAdam noEva bayagxothwa emyezweni omhle wase-Eden. Ngaba uyasazi isizathu?

Kungenxa yokuba benza into embi kunene. Yaye ke uYehova uyabohlwaya. Ngaba uyayazi into embi eyenziwa nguAdam noEva?

Benza into uThixo awayebaxelele ukuba bangayenzi. UThixo wathi bangadla emithini yomyezo. Kodwa uThixo wathi ze bangadli komnye umthi, kungenjalo baya kufa. Lo mthi wazigcinela wona. Yaye siyazi ukuba kuphosakele ukuthabatha into yomnye, akunjalo na? Kwenzeka ntoni?

Kwathi ngenye imini uEva eyedwa emyezweni, inyoka yathetha naye. Khawucinge ngaloo nto! Yathi uEva makatye kwisiqhamo somthi awayethe uThixo ze bangadli kuwo. Xa uYehova wenza iinyoka akazange azenze zikwazi ukuthetha. Ngoko le nto ithetha ukuba mntu wumbi wayethetha ngenyoka. Wayengubani?

YayingengoAdam. Ngoko kumele ukuba yayingomnye wabantu uYehova awayebenze kwakudala ngaphambi kokwenza umhlaba. Abo bantu ziingelosi, yaye asinakuzibona. Yona le ngelosi yaba nekratshi gqitha. Yayifuna ukuba ngumlawuli njengoThixo. Yayifuna abantu bathobele yona kunoYehova. Yile ngelosi eyenza inyoka yathetha.

Le ngelosi yakwazi ukumkhohlisa uEva. Xa yamxelelayo ukuba woba njengoThixo ukuba usityile isiqhamo, wakholwa. Ngoko watya, waza watya noAdam. UAdam noEva abazange bamthobele uThixo, ngoko balahlekelwa likhaya labo elingumyezo omhle.

Kodwa ngamhla uthile uThixo uza kwenza ukuba umhlaba wonke wenziwe mhle njengomyezo wase-Eden. Kamva siza kufunda indlela nawe ongaba nesabelo ngayo ekuwenzeni ube njalo. Kodwa ngoku, makhe sifumanise okwehlela uAdam noEva.

Genesis 2:16,17; 3:1-13, 24; ISityhilelo 12:9.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share