IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 3 iphe. 14-iphe. 15 isiqe.¶ 3
  • UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Bakho Abangaphezulu Kunathi
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Babunjani Ubomi EParadesi?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Kuqalisa Ubomi Obunzima
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 3 iphe. 14-iphe. 15 isiqe.¶ 3
UAdam noEva bayemka kwigadi yase-Eden

ISIFUNDO 3

UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo

UAdam ubambe isiqhamo ekuthiwe bangasityi awasinikwa nguEva

Ngenye imini uEva wayehleli yedwa kwaza kwafika inyoka yathetha naye. Yathi: ‘Yinyani ukuba uThixo akafuni nitye kuyo yonke le mithi?’ UEva wathi: ‘Khange atsho, kodwa uthe mnye kuphela umthi esimele singatyi kuwo. Ukuba siye satya kuwo, siza kufa.’ Inyoka yathi: ‘Anizukufa. Ukuba niye natya kuwo, niza kufana noThixo.’ Yayinyanisile? Yayixoka. Kodwa uEva wacinga ukuba inyanisile. Qho ejonga isiqhamo saloo mthi, wayesirhalela. Wasitya, waza wanika noAdam. UAdam wayesazi ukuba xa bengamthobeli uThixo baza kufa, kodwa wasitya eso siqhamo.

Njengoko uAdam noEva besimka e-Eden, iingelosi nekrele lomlilo zigade isango

Kwangaloo mini uYehova wathetha noAdam noEva. Wababuza ukuba kutheni bengammamelanga. UEva watyhola inyoka, yena uAdam watyhola uEva. Ngenxa yokuba bengazange bammamele, uYehova wabagxotha kuloo gadi wayebabeke kuyo. Ukuze bangabuyeli kuyo, wabeka iingelosi nekrele kwindawo ekungenwa kuyo.

UYehova wathi uza kohlwaya nomntu oqhathe uEva. Yayingeyonyoka le yayithetha noEva. UYehova wayengazenzanga zakwazi ukuthetha iinyoka. Yayiyingelosi ekhohlakeleyo eyayisenza inyoka ithethe. Yayifuna ukuqhatha uEva. Loo ngelosi nguSathana uMtyholi. Kwixesha elizayo, uYehova uza kumbulala uSathana ukuze angaphindi aqhathe abantu benze izinto ezimbi.

“UMtyholi . . . wayengumbulali kwasekuqaleni, ibe wayilahla inyani, kuba akananyani.”—Yohane 8:44

Imibuzo: Kwakutheni ukuze uEva atye isiqhamo? Kwenzeka ntoni kuAdam noEva emva kokuba bengammamelanga uYehova? Ngubani uSathana uMtyholi?

Genesis 3:1-24; Yohane 8:44; 1 Yohane 3:8; ISityhilelo 12:9

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share