IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 12
  • Abantu Bakha Inqaba Enkulu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Bakha Inqaba Enkulu
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • Abazange Bazenzele Igama
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Inqaba YaseBhabheli
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngaba Iilwimi Zethu Zavela “KwiNqaba yaseBhabheli”?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 12
Abakhi bathetha iilwimi ezingafaniyo, omnye akamva omnye ukuba uthini

IBALI 12

Abantu Bakha Inqaba Enkulu

KWAQENGQELEKA iminyaka emininzi. Oonyana bakaNowa babenabantwana abaninzi. Abantwana babo bakhula baza nabo banabanye abantwana abaninzi. Kungekudala kwabakho abantu abaninzi emhlabeni.

Omnye waba bantu wayengumzukulwana womzukulwana kaNowa ogama linguNimrodi. Wayengumntu ombi owazingela waza wabulala izilwanyana nabantu. UNimrodi wazenza ukumkani waza walawula abanye abantu. UThixo akazange amthande uNimrodi.

Inqaba yaseBhabheli

Bonke abantu ngelo xesha babethetha ulwimi olunye. UNimrodi wafuna ukubagcina bonke ndawonye ukuze abalawule. Ngaba uyazi ukuba wenza ntoni? Waxelela abantu ukuba bakhe isixeko esinenqaba ephakamileyo. Naba kulo mfanekiso besenza izitena.

UYehova uThixo akazange akholiswe sesi sakhiwo. UThixo wayefuna ukuba abantu baphume kweso sixeko baze basasazeke kuwo wonke umhlaba. Kodwa abantu bathi: ‘Yizani! Masizakhele isixeko nenqaba ephakamileyo encopho yayo ifikelela emazulwini. Siya kuba ngabantu abadumileyo!’ Abantu bafuna ukuba kuzukiswe bona, kungekhona uThixo.

Ngoko uThixo wabayekisa abantu ukwakha inqaba. Uyazi wakwenza njani oku? Ngequbuliso wabangela abantu ukuba bathethe iilwimi ezahlukeneyo, kunokuthetha ulwimi olunye. Abakhi abazange babe sevana. Kungenxa yoko le nto esi sixeko kwathiwa yiBhabheli okanye iBhabhiloni, okuthetha “Isidubedube.”

Abantu baqalisa ukuyishiya iBhabheli. Amaqela abantu awayethetha ulwimi olunye ahamba ukuya kuhlala ndawonye kwezinye iindawo zomhlaba.

Genesis 10:1,8-10; 11:1-9.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share