IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 24
  • UYosefu Ulinga Abantakwabo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYosefu Ulinga Abantakwabo
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Akazange Amlibale UYosefu
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • “Ndisesikhundleni SikaThixo Yini Na?”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ukusindisa Ubomi Ngexesha Lendlala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 24
Abakhonzi baseYiputa bafumana indebe kaYosefu yesilivere kwingxowa yomntakwabo

IBALI 24

UYosefu Ulinga Abantakwabo

UYOSEFU ufuna ukwazi enoba abakhuluwa bakhe abali-10 basenjalo na ukungabi nanceba nokungabi nabubele. Ngoko uthi kubo: ‘Niziintlola. Nize kuhlola iindawo elibuthathaka kuzo ilizwe lethu.’

‘Hayi, asizontlola,’ batsho. ‘Singamadoda anyanisekileyo. Sonke singoonyana bandoda-nye. Sasili-12. Kodwa omnye umntakwethu akasekho yaye omncinane usekhaya nobawo.’

UYosefu wenza ngathi akabakholelwa. Uvalela umntakwabo ogama linguSimeyon entolongweni, aze anike abanye ukutya ukuba bagoduke nako. Kodwa uthi kubo: ‘Xa nibuya, nize nomninawa wenu.’

Ekubuyeleni kwabo ekhaya eKanan, baxelela uyise uYakobi konke okwenzekileyo. UYakobi ubuhlungu gqitha. ‘UYosefu akasekho,’ uyakhala, ‘yaye ngoku noSimeyon akasekho. Andinakunivumela nihambe nonyana wam omncinane uBhenjamin.’ Kodwa kuthi kwakuphela ukutya kwabo, uYakobi abavumele bahambe naye uBhenjamin ukuya eYiputa ukuze bafumane okunye ukutya.

Ngoko uYosefu uyababona abantakwabo besiza. Uyakuvuyela ukubona umninawa wakhe uBhenjamin. Noko ke, akukho namnye kubo owaziyo ukuba le ndoda idumileyo nguYosefu. Ngoku uYosefu wenza enye into ukulinga abakhuluwa bakhe abali-10.

Uthi abakhonzi bakhe mabazalise zonke iingxowa zabo ngokutya. Kodwa bengayazi bona loo nto, uthi makufakwe indebe yakhe exabisekileyo yesilivere kwingxowa kaBhenjamin. Bakuba bonke behambile sele bemgama, uYosefu uthumela abakhonzi bakhe kubo. Ekubafumaneni, abakhonzi bathi: ‘Niyibele ntoni na indebe yesilivere yenkosi yethu?’

‘Asiyibanga indebe yayo,’ batsho bonke. ‘Ukuba niyayifumana indebe komnye wethu, loo mntu makabulawe.’

Ngoko abakhonzi bakhangela kuzo zonke iingxowa, baze bayifumane indebe kwingxowa kaBhenjamin, njengokuba uyibona apha. Abakhonzi bathi: ‘Abanye kuni bangahamba, kodwa uBhenjamin makahambe nathi.’ Baza kuthini abantakwabo abali-10 ngoku?

Bonke babuyela noBhenjamin endlwini kaYosefu. UYosefu uthi kubantakwabo: ‘Ningagoduka nina nonke kodwa uBhenjamin makahlale apha abe likhoboka lam.’

Ngoko uYuda uthi: ‘Ukuba ndibuyela ekhaya ngaphandle kwenkwenkwe, ubawo uya kufa kuba uyithanda kunene. Ngoko ndiyakucela, makusale mna ndibe likhoboka lakho, kodwa uyiyeke inkwenkwe igoduke.’

UYosefu uyabona ukuba abantakwabo batshintshile. Bayekile ukungabi nanceba nokungabi nabubele. Makhe sibone okwenziwa nguYosefu ngoku.

Genesis 42:9-38; 43:1-34; 44:1-34.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share