INgoma 13
Ukuzahlulela KwamaKristu
1. Ngenxa yokuba uThixo
Ebumbe indalo,
Ke lelakh’ izul’ nomhlaba,
Wakudala oko.
Unik’ umoya wobomi,
Ebonis’ indalo
Ukuba uzuko lolwakhe,
Masimnqule uThixo.
2. USirayeli mandulo
ESinayi watsho:
Sinikw’ uMthetho nguThixo,
Sowenza ngovuyo.
Waye eyindoda yabo;
Wabawez’ ulwandle.
Uhlanga lwabaz’nikeleyo;
Mal’hlale lulo lwakhe.
3. Ek’bhaptizweni koYesu,
Wazalis’ okuhle
Ngokuzithob’ ez’nikela
Kwintando kaYise.
Xa wath’ wabuya eYordan
Engothanjis’weyo,
Wakhonza enyanisekile
Njengay’ ongcwalis’weyo.
4. Siza kuwe Thixo wethu,
Sik’dumisa wena.
Siz’ncama ngokuzithoba,
Sikwazahlulela.
Was’nik’ izibulo lakho
Elathi las’fela.
Ngoko asisaziphileli,
Kodwa s’philela wena.