Ibandla LamaKristu Lenkulungwane Yokuqala
NgePentekoste yowama-33 C.E., kwathululwa umoya oyingcwele kubafundi bakaYesu abali-120, ibe baqalisa ukuthetha ngeelwimi ezininzi izinto ezinkulu zikaThixo. Oku yayikukusekwa kwebandla lamaKristu. Ngaloo mhla kwabhaptizwa abafundi abatsha abamalunga nama-3 000.—IZenzo, isahluko 2.
Amabandla kwiindawo ezahlukahlukeneyo anda ngamanani njengoko abapostile nabanye babeqhubeka bethetha iLizwi likaThixo ngokungafihlisi. Njengoko kubhalwe kwincwadi yeZenzo, kungekudala ukushumayela kwanaba kutyhutyha ummandla weMeditera, ukusuka eBhabhiloni nakuMntla Afrika ukuya eRoma mhlawumbi naseSpeyin.—Roma 15:18-29; Kolose 1:23; 1 Petros 5:13.
Naphi na apho abantu babeba ngabafundi, babebumba amabandla. Amadoda akhulileyo nafanelekileyo ayemiselwa njengabadala, okanye abaveleli, ukuze alondoloze umgangatho wemfundiso echanileyo nehambo emabandleni. Kodwa akazange abumbe udidi lwabefundisi; ayengabalungiseleli nabasebenza nabanye besebenzela uBukumkani bukaThixo.—IZenzo 14:23; 20:28; 1 Korinte 3:5; 5:13; Kolose 4:11; 1 Timoti 3:1-15; Hebhere 13:17; 1 Petros 5:1-4.
Abapostile nabanye ababesebenza nabo ngokusondeleyo bakhonza njengequmrhu elilawulayo. Bakhokela kumsebenzi wokushumayela. Bacombulula iingxaki kwibandla laseYerusalem. Bathumela abazalwana abafanelekayo eSamariya nakwa-Antiyokwe ukuze bomeleze amakholwa asematsha. Basingatha impikiswano engolwaluko, bethumela isigqibo sabo kuwo onke amabandla ukuba asinikel’ ingqalelo. Kanti la madoda ayengezonkosi phezu kwabanye kodwa ayengabakhonzi nabasebenza kunye nebandla liphela.—IZenzo 4:33; 6:1-7; 8:14-25; 11:22-24; 15:1-32; 16:4, 5; 1 Korinte 3:5-9; 4:1, 2; 2 Korinte 1:24.
Abafundi bangaphambili bafaniswa njengamaKristu, bebizwa ngolo hlobo ngolwalathiso lukaThixo. Babekwaneemfundiso ezazibahlula kwabanye; ezi zazibizwa ngokuba yimfundiso yabapostile, okanye umzekelo wamazwi aphilileyo. Le mfundiso yeZibhalo yayikwaziwa ngokuthi yinyaniso.—Yohane 17:17; IZenzo 2:42; 11:26; Roma 6:17; 1 Timoti 4:6; 6:1, 3; 2 Timoti 1:13; 2 Petros 2:2; 2 Yohane 1, 4, 9.
Babelumanyano lwazwenibanzi lwabazalwana ababemanyene eluthandweni. Babebonakalisa umdla kumakholwa angoowabo akwamanye amazwe. Xa babetyelela kwelinye ilizwe, amakholwa angoowabo ayebamkela abangenise emakhayeni abo. Babelondoloza umlinganiselo ophakamileyo wokuziphatha, bengabantu abangcwele abahlukileyo ehlabathini. Bahlala bekhumbula ixesha lomhla wobukho bukaYehova baza ngenzondelelo bavakalisa esidlangalaleni ukholo lwabo.—Yohane 13:34, 35; 15:17-19; IZenzo 5:42; 11:28, 29; Roma 10:9, 10, 13-15; Tito 2:11-14; Hebhere 10:23; 13:15; 1 Petros 1:14-16; 2:9-12; 5:9; 2 Petros 3:11-14; 3 Yohane 5-8.
Phofu ke, njengoko kwaxelwa kwangaphambili, kwaqalisa ukuvela uwexuko olukhulu, kwinkulungwane yesibini neyesithathu. Oku kwaphumela kwiinkqubo zeecawa ezinkulu ezingazanga zabulondoloza ubunyulu bebandla lamaKristu angaphambili ngokubhekisele kwimfundiso, ukuziphatha, intlangano nesimo sengqondo ngakwihlabathi.—Mateyu 13:24-30, 37-43; 2 Tesalonika, isahluko 2.
Noko ke, uYesu waxela kwangaphambili ukuba unqulo lokwenyaniso lwaluya kubuyiselwa ekuphelisweni kwenkqubo yezinto. AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba oku kubuyiselwa kunokubonwa kwimisebenzi yawo yazwenibanzi kwixesha lethu, malunga neminyaka eli-1 900 emva kwesiprofeto sikaYesu. Amaphepha alandelayo aza kuchaza.
• Ibandla lamaKristu lasekwa njani, ibe landa njani?
• Elo bandla lalisonganyelwa njani?
• Ziziphi izinto ezawahlula ngokucacileyo amaKristu enkulungwane yokuqala?
[Imaphu ekwiphepha 7]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ulwandle Olumnyama
Ulwandle iCaspian
Ulwandle Olukhulu
Ulwandle Olubomvu
Inyoba YePersi
Iindawo ezafikelelwa ziindaba ezilungileyo kwinkulungwane yokuqala
I-ITALI
iRoma
IGRISI
IMELITA
IKRETE
ISIPRO
IBHITINI
IGALATI
IASIYA
IKAPADOKI
IKILIKI
ISIRIYA
KWASIRAYELI
iYerusalem
IMESOPOTAMI
iBhabhiloni
Abathile abavela kwezi ndawo baba ngamakholwa
I-ILIRIKO
ELAMAMEDI
IPARTI
IELAM
IARABHI
ILIBHIYA
IYIPUTA
ITIYOPIYA
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
AmaKristu angaphambili ashumayela iLizwi likaThixo ngokungafihlisi
AmaKristu ayesamkelwa kumakhaya amakholwa angoowawo naphi na apho ahamba khona