UYehova Uyabahlanganisa Aze Abaxhobisele Umsebenzi Abantu Bakhe
Ukutyhubela iinkulungwane, uwexuko lwalusasazeke jikelele emhlabeni. Iimvaba zeecawa ezininzi zazinazo iimfundiso ezithile zeBhayibhile kodwa ngokuyintloko zazilandela izithethe zabantu namasiko amaninzi anemvelaphi yobuhedeni. Ukulindelwa kokubuya kukaKristu kwakudla ngokutyhalelwa emva.—Thelekisa uMateyu 13:24-30, 37-43.
Phofu ke, uYesu wayethe makulindelwe ukubuya kwakhe! Elinye iqela elalikwenza oku laliseAllegheny, ePennsylvania, eU.S.A. Ekuqalekeni kweminyaka yee-1870 uCharles Taze Russell nabanye babahlobo bakhe baqalisa ukufundisisa iBhayibhile ngokucokisekileyo bengeyomvaba ngokubhekisele ekubuyeni kukaKristu. Kwakhona baqalisa ukufuna inyaniso yeBhayibhile ngokubhekisele kwezinye iimfundiso ezininzi ezisisiseko. Oku yayikukuqalisa kwemisebenzi yanamhla yamaNgqina kaYehova.—Mateyu 24:42.
Eli qela laqonda ukuba imfundiso kaBathathu Emnye ayiphumi eBhayibhileni kodwa nguYehova yedwa uThixo ongusomandla noMdali; uYesu Kristu uyindalo Yakhe yokuqala noNyana okuphela kwamzeleyo; nokuthi umoya oyingcwele awungomntu kodwa ungamandla kaThixo asebenzayo. Eli qela labona ukuba umphefumlo awuyonto ingenakufa kodwa uyafa, labona ukuba ithemba labafileyo luvuko, nokuba isohlwayo sokuba ngongendawo ngokungaguqukiyo asiyontuthumbo engunaphakade kodwa kukutshatyalaliswa.
Ukunikela kukaYesu ubomi bakhe njengentlawulelo yoluntu kwabonwa kuyimfundiso yeBhayibhile esisiseko. Okokuqala, amadoda nabafazi abali-144 000, abanyulwa ukususela kwinkulungwane yokuqala ukuhla ukuza kwixesha lethu, baya kuhlangulwa emhlabeni ukuba babe ziindlalifa kunye noKristu kuBukumkani basezulwini. Emva koko ngentlawulelo kaYesu amawaka ezigidi zoluntu, uninzi lwalo oluya kuvuswa kwabafileyo, aya kufumana imfezeko yobuntu enethemba lobomi obungunaphakade emhlabeni phantsi kolawulo lobo Bukumkani.
URussell nezinxulumani zakhe kwakhona babona ukuba ubukho bukaKristu babuza kuba bobungabonakaliyo, obungokomoya. AmaXesha Eentlanga, ekwathi ebudeni bawo ulongamo lukaYehova alwabonakaliswa ngaye nawuphi na urhulumente emhlabeni, aphela ngowe-1914. Babuya kuthi ke uBukumkani bukaThixo busekwe ezulwini. Ezi mfundiso zinxulunyaniswa namaNgqina kaYehova namhlanje.
URussell namaqabane akhe bazivakalisa ngokubanzi ezi nyaniso ngeentetho nangoncwadi olushicilelweyo. NgoJulayi 1879 uRussell waqalisa ukupapasha iZion’s Watch Tower (ngoku ebizwa ngokuba yiMboniselo). Wagqiba kwelokuba umsebenzi wokushumayela waBafundi BeBhayibhile wawumele uxhomekeke kwiminikelo yokuzithandela ngokupheleleyo nokuba akumele kwenziwe nkongozelo. Kwakhona, isigidimi sasimele sisasazwe ngemigudu yokuzithandela yabo bakholwayo bengahlawulwa. Yena ngokwakhe uRussell wanikela ekhupha kubuncwane awayeziqokelelele bona kwishishini ukuza kuthi ga ngelo xesha.
ABafundi BeBhayibhile bahlanganisana kunye kwiiklasi, njengoko amabandla abo ayebizwa njalo ngoko. Babedibana ukusa kwizihlandlo ezithathu ngeveki, ukuze bafumane iintetho, bafundisise iZibhalo baze babe neentlanganiso zobungqina. Ngokuthe rhoqo babenyula amadoda aneembopheleleko njengabadala ukuze ongamele kwimisebenzi yokomoya yeklasi nganye.
Ngowe-1884 iZion’s Watch Tower Tract Society yasekwa njengombutho ongafuni ngeniso ePennsylvania. Kwakumele kunyulwe umongameli wombutho nyaka ngamnye. Oku kwenza kwakho isixhobo esingokomthetho, esingaxhomekekanga kubomi bakhe nawuphi na umntu omnye, sokuba kuhanjiselwe phambili umsebenzi wokufundisa iBhayibhile. UCharles T. Russell wanyulwa njengomongameli, yaza iofisi yakhe yagqalwa ilikomkhulu.
Kwenziwa imigudu ebalaseleyo yokwandisa umsebenzi ufikelele nakwamanye amazwe. Wafikelela eKhanada naseNgilani ekuqalekeni kweminyaka yee-1880. Ngowe-1891 uRussell wakhenketha elaseYurophu noMbindi Mpuma ukuze abone into enokwenziwa ukuze kuhanjiselwe phambili ukusasazwa kwenyaniso apho. Ekuqalekeni kweminyaka yee-1900, kwasekwa iiofisi zesebe loMbutho eBritani, eJamani naseOstreliya.
Ngowe-1909 ikomkhulu leWatch Tower Society lafuduselwa eBrooklyn, eNew York, ukuze umsebenzi wokushumayela kumazwe ngamazwe wandiswe ngakumbi. Kwaba yimfuneko ukuba kwenziwe omnye umbutho onxulumene nalo ngaphantsi komthetho weLizwana laseNew York, mbutho lowo ngoku owaziwa ngokuba yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc. Ngowe-1914 kwabunjwa i-International Bible Students Association eLondon, eNgilani, ukwenzela ukuhambisela phambili imisebenzi yaBafundi BeBhayibhile ukutyhubela amaZwe eBritani. Okwangoku imibutho namaqumrhu anokuba ngama-70 esekwe ngokwasemthethweni kumazwe amaninzi ehlabathini jikelele iphumeza iinjongo zeWatch Tower Society. Yonke ixhaswa ngeminikelo yokuzithandela nangabasebenzi bokuzithandela.
Ngowe-1916 uCharles Taze Russell wafa, waza uJoseph Franklin Rutherford wamlandela njengomongameli weWatch Tower Society. Ebudeni beminyaka yokuphela kweMfazwe Yehlabathi I, aBafundi BeBhayibhile bavavanywa ngokuqatha yintshutshiso, eyafikelela incopho ngokuvalelwa entolongweni ngokuphosakeleyo kwabazalwana abasibhozo ababekhonza kwizikhundla zembopheleleko kwikomkhulu loMbutho eMerika. Umsebenzi waBafundi BeBhayibhile wabonakala usengozini. Phofu ke, ngowe-1919 aba bazalwana bakhululwa netyala lachithwa, kwaza ngoku kwaqalisa ulwando olukhulu ngakumbi kulo msebenzi wokushumayela.
Ngekomkhulu loMbutho, iqumrhu elimanyeneyo lamaKristu athanjisiweyo angaBafundi BeBhayibhile laqhubeka likhupha ukudla okungokomoya ngexesha elifanelekileyo ukwenzela bonke abanxulumene nentlangano. Kanye njengokuba ibandla lamaKristu athanjisiweyo kwinkulungwane yokuqala lalibumba ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ owakhankanywa nguYesu, nalo iqela elithanjisiweyo laBafundi BeBhayibhile abazahluleleyo, elibandakanyeke kumsebenzi woBukumkani, liyila udidi ‘lomkhonzi othembekileyo noqondayo’ kwixesha lethu. Ekufikeni kukaYesu esiza kuhlola ibandla, walufumana olu didi lunikela ukudla kwabendlu; wandula ke walumisela phezu kwayo yonke impahla yakhe.—Mateyu 24:45-47; Luka 12:42.
Ngokukhawuleza emva kweMfazwe Yehlabathi I, kwabonwa ngokucacileyo ukuba uBukumkani bukaThixo nobulawulwa nguKristu Yesu babusekiwe emazulwini ngowe-1914. Ngoko amazwi kaYesu ngoku ayenokuzaliseka ngokupheleleyo: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” UJoseph F. Rutherford wathabatha amanyathelo okwenza esi sigidimi soBukumkani sifumaneke kubantu abaninzi ngakumbi.—Mateyu 24:14.
Ngenxa yoko, uMbutho wagqiba kwelokuba uzishicilelele ngokwawo usebenzisa abasebenzi bokuzithandela ababengamadoda azahluleleyo, ukuze kuqinisekwe ngokuveliswa ngokuzingisileyo uncwadi lweBhayibhile ngezona ndleko ziphantsi. Bonke aBafundi BeBhayibhile bakhuthazwa ukuba babe nesabelo esithe rhoqo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Kumazwe amaninzi iintetho zeBhayibhile zazisasazwa koonomathotholo.
Ngaphambi kowe-1918 aBafundi BeBhayibhile baqonda ukuba injongo yabo ekushumayeleni yayikukuhlanganisa abaseleyo babo banyulelwe ukuba noKristu Yesu ezulwini nokulumkisa ihlabathi ngomgwebo kaThixo ozayo. Akuzange kucingwe kangako ngokuhlanganiswa kwabo babeya kusinda kwisiphelo senkqubo yezinto engendawo ukuze baphile emhlabeni. Kwathi ke ukususela ngowe-1918 ukubhekisa phambili intetho ethi “Izigidi Eziphilayo Ngoku Zisenokungaze Zife!” yanikelwa ngokubanzi.
Ngowe-1923 ukufundisiswa komzekeliso kaYesu wezimvu neebhokhwe okuMateyu 25:31-46 kwabonisa ukuba ngaphambi kweArmagedon abantu abathanda ubulungisa abangalindele ukuya kuBukumkani basezulwini nabo baya kufumana inkoliseko kaThixo ibe baya kusinda kwiArmagedon. Ngowe-1935 ufundisiso olubhekele phaya lwabatyhila aba bantu babumvu befana nesihlwele esikhulu nesingenakubalwa sabantu esichazwe kwiSityhilelo 7:9-17. Aba kwakumele bahlanganiswe bephuma kuzo zonke iintlanga ibe babeya kuba nethemba lokusinda kwiMbandezelo Enkulu baze bafumane ubomi obungunaphakade emhlabeni. Oku kuqonda kwawuhambisela phambili gqitha umsebenzi wokushumayela.—Yohane 10:16.
Ngowe-1931 aBafundi BeBhayibhile bamkela igama elithi amaNgqina kaYehova. Ngaphambi koko babesaziwa njengaBafundi BeBhayibhile, aBafundi BeBhayibhile Bezizwe Ngezizwe, abantu bokuQalisa kweWaka Leminyaka, nangokuthi amaWatch Tower. Bade babizwa nangokuthi ngabalandeli bakaRussell nabakaRutherford. Akukho nalinye kula magama elalibafanisa ngokufanelekileyo. Ngoxa igama elithi amaKristu, elanikwa abafundi bakaYesu ngolwalathiso lukaThixo kwinkulungwane yokuqala, ngokuqinisekileyo lalinokusetyenziswa, lalikwasetyenziswa ngamaqela amaninzi alandela iimfundiso zobuxoki. Ukuzahlula kwizigidi zabangamaKristu akho nje ngegama, kwafuneka kubekho igama elaliya kufanisa ngokwahlukileyo abalandeli bakaKristu bokwenyaniso namhlanje.
Ukuqwalaselwa kweZibhalo kwenza kwacaca ukuba kanye njengokuba uYehova wayebize abantu bakhe amaSirayeli ngokuthi ngamangqina akhe, ngoko abantu bakhe ekuphelisweni kwenkqubo yezinto, ababezahlulele ukwenza igama nenjongo yakhe zaziwe, ngokufanelekileyo bamele babizwe ngokuthi ngamaNgqina kaYehova. Eli gama liye labahlula kakuhle abanquli bakaYehova abangamaKristu okwenyaniso kubo bonke abanye abazibanga bengamaKristu namhlanje.—INdumiso 83:18; Isaya 43:10-12.
Ngowe-1942, ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, uJoseph F. Rutherford wafa, waza uNathan H. Knorr wamlandela njengomongameli weWatch Tower Society. Ngoku iziprofeto zabonwa njengezibonisa ngokucacileyo ukuba kwakuya kubakho ixesha langemva kwemfazwe loxolo nenkululeko elinganiselweyo elaliya kuvumela ukwanda okukhulu komsebenzi wokushumayela ngaphambi kokuphela kwale nkqubo. NgoFebruwari we-1943 iSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi sasekwa ukuze kuqeqeshwe abalungiseleli bexesha elizeleyo ukwenzela umsebenzi wobuvangeli kumazwe asemzini. Kamva kuloo nyaka, kongezelelwa ucwangciso olukhethekileyo lokuqeqeshelwa ubulungiseleli kucwangciso lweentlanganiso zeeveki ngeeveki zamaNgqina kaYehova.
Ngowe-1950 uMbutho waqalisa ukukhupha iinxalenye zeNew World Translation of the Holy Scriptures, inguqulelo yeBhayibhile yesiNgesi sale mihla eyenziwe isuswa kwizibhalo zolwimi lwantlandlolo. Le Bhayibhile iguqulelwe ngokuchanileyo nangendlela eqondeka lula, eshicilelwe ngeendleko eziphantsi ngoomatshini boMbutho, ibe luncedo olukhulu kumsebenzi wokushumayela. Ukuza kuthi ga ngoku, kuye kwapapashwa imibhalo engaphezu kwezigidi ezingama-40 ngeelwimi ezili-11.
Ngasekupheleni kowe-1985, ngaphezu kwezigidi ezithathu zamaNgqina kaYehova bezinesabelo kumsebenzi wokushumayela kumazwe angaphezu kwama-200 neziqithi zolwandle. KwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu, intlanganiso eyiyeyona yayinabantu abaninzi abezileyo kwezakha zaqhutywa kumabandla awo angama-49 716 ebudeni bowe-1985, kwakukho isimbuku sabantu abazizi-7 792 109.
Into yokuba uThixo ngenyaniso usebenzisa amaNgqina kaYehova ibonwa kukuqhubeka kwawo ekhuthele kwinkonzo yakhe, kumanyano lwawo lwazwenibanzi, kwinzondelelo yawo yokuphakamisa igama likaYehova nokushumayela uBukumkani bakhe, kwimilinganiselo yawo ecocekileyo yokuziphatha, kwinto yokuba esamkela iBhayibhile iphela njengeLizwi likaThixo elingenamposiso nokungabi nazinkolo kwawo nokungakhafuli.
Amacandelo alandelayo abonisa indlela onokungenelwa ngayo koku kubuyiselwa konqulo lokwenyaniso lukaThixo.
• Ziziphi iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko ezahlula aBafundi BeBhayibhile kwiimvaba zeecawa?
• Ziziphi izinto ezenzekayo kwintlangano ezabonwa ngaBafundi BeBhayibhile ukuza kutsho kowe-1918?
• Kunokutshiwo njani ukuba aBafundi BeBhayibhile abathanjisiweyo babumba ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ okuMateyu 24:45-47?
• Kukuphi ukuqondwa kwenjongo kaThixo okwabangela ukuhambela phambili gqitha komsebenzi wokushumayela?
• Igama elithi amaNgqina kaYehova liphumeza yiphi injongo?
• Bubuphi ubungqina bokuba uThixo ngenyaniso usebenzisa amaNgqina kaYehova?
[Imifanekiso ekwiphepha 8]
UC. T. Russell ngowe-1879
Inkupho kaJulayi 1879
Iqela langaphambili laBafundi BeBhayibhile, ePittsburgh, Pa.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Ikomkhulu, 1889-1909, ePittsburgh, Pa.
Iiofisi eziziintloko, 1909-1918, eBrooklyn, N.Y.
Indawo yokuhlala yekomkhulu, 1909-1926, eBrooklyn, N.Y.
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova, eBrooklyn, eNew York, U.S.A.
Ngentla ngasekhohlo: Isakhiwo esineeofisi
Ngentla ngasekunene: Isakhiwo sokuhlala
Ngezantsi ngasekhohlo: Isakhiwo somzi-mveliso
Ngezantsi ngasekunene: Indawo yokuthunyelwa koncwadi
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
Ukusasaza ngonomathotholo kusenziwa nguJ. F. Rutherford
Umatshini wokushicilela wokuqala oyirotary weWatch-tower Society, usetyenziswa ngabasebenzi bokuzithandela
IBhayibhile eyiNew World Translation, ngoku ipapashwa ngeelwimi ezili-11