Isahluko 8
Ukufumana ‘Uvuyo’ ‘LoMthetheli Woxolo’
1. (a) Umntu othile watyelela kwelikude ngenxa yasiphi isizathu? (b) Yintoni eboniswa ngumzekeliso kaYesu, nangona ingachazangwa ngokungqalileyo nje?
KUMZEKELISO kaYesu weetalente, umntu owayeneetalente zesilivere ezisibhozo akazange atyelele kwelikude ngenxa yokufun’ ukuziyolisa njengohambo lokufun’ ukubon’ indawo. Wayenesizathu esinzulu sokutyelela kwelikude; wayenqwenela ukufumana into exabisekileyo. Njengoko umzekeliso ubonisa, waya kwelikude ukuze azuze ‘uvuyo’ oluthile, kunye ‘nezinto ezininzi.’ (Mateyu 25:21) Ngaloo ndlela kwafuneka ehambe umgama omde, ofuna ixesha elide, ukuze alucele kulowo wayenokumnika olo vuyo lukhethekileyo.
2. (a) Kwimeko kaYesu, ukutyelela kwelikude komntu osisityebi kwafanekisela ntoni, ibe waya kubani? (b) INkosi yabuya nantoni?
2 Ekubeni lo mntu usisityebi kulo mzekeliso efanekisela uYesu Kristu, ukuhamba kwalo mntu umgama omde kufanekisela ukuya kukaYesu Kristu kuMthombo omnye wovuyo olukhethekileyo awayecinga ngalo. Ngoko, waya kubani? AmaHebhere 12:2 asixelela oku: “Sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.” Ewe, ngokwenene, uYehova uThixo unguMthombo wolo vuyo. UYesu wayeye kuye xa wayemkile, eshiya abafundi bakhe abathembekileyo apha emhlabeni ebaphathise “iitalente” zakhe. INkosi yabuya ‘nezinto ezininzi’ eyayingenazo xa yanika abakhonzi bayo abathathu iitalente zesilivere ezisibhozo. Umzekeliso wangaphambilana owanikelwa nguYesu, umzekeliso ‘weemina ezilishumi,’ ucacisa ukuba oko wabuya nako ‘yayibubukumkani.’—Luka 19:12-15.
3. Kwakungaliphi ixesha xa uZekariya 9:9 waqalisa ukuzaliseka kwinkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo?
3 Xa esandul’ ukumiselwa, ukumkani unesizathu sokuba novuyo, ibe kuba njalo nakubalawulwa bakhe abanyanisekileyo. Sikhumbula isihlandlo xa uNyana kaThixo wakhwela e-esileni esiya eYerusalem ukuzalisekisa isiprofeto sikaZekariya 9:9. Ngokubhekisele kwinzaliseko yeso siprofeto, kubhaliwe kwathiwa: “Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; baye abanye bexhuzula amasebe emithini, bewandlala endleleni. Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni! Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo?”—Mateyu 21:4-10; bona kwanoLuka 19:36-38.
4. Emva kokubekwa etroneni njengoKumkani, kungani uYesu Kristu waba nesizinzi esikhethekileyo sokumemela ‘abakhonzi’ bakhe abathembekileyo kwimeko yovuyo?
4 Ngoko, ukuba kwakusisihlandlo sovuyo xa wazibonakalisa nje kubemi baseYerusalem njengalowo uthanjiswe ngomoya kaYehova ukuba abe ngukumkani, kwaba kangakanani na ke xa wabekwa etroneni ngokoqobo njengoKumkani ekupheleni kwamaXesha Eentlanga ngowe-1914? Kwakusisihlandlo esasivuyisa ngokwenene kuye. Eneneni, emva koko wafumana uvuyo angazange abe nalo ngaphambili. Ekuzinziseni imicimbi, wayenokuthi ke kubafundi abagweba ‘njengabalungileyo nabathembekileyo’: “Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.” (Mateyu 25:21) Ngoku kwakukho uvuyo olutsha olwalunokufunyanwa ‘ngabakhonzi’ bakhe abakholekileyo. Onjani wona umvuzo!
5. (a) Umpostile uPawulos ‘wayengunozakuzaku’ kaKristu xa izinto zazikweliphi inqanaba? (b) Kodwa namhlanje intsalela ethanjisiweyo ‘ingoonozakuzaku’ bakaKristu emva kwasiphi isiganeko?
5 Ngowe-1919 abafundi abathanjisiweyo boKumkani olawulayo, uYesu Kristu, baba ngabakholekileyo, ibe oku kwabenza bavuya kanobom. Kwiinkulungwane ezilishumi elinesithoba ngaphambilana umpostile uPawulos wabhalela amakholwa angoowabo ewaxelela ngesigxina sawo esiphakamileyo: “Sizizigidimi [oonozakuzaku, NW] ke ngoko ngenxa kaKristu.” (2 Korinte 5:20) Oko kwabhalwa xa uYesu wayeyindlalifa nje esalindele ukufumana “ubukumkani bamazulu.” (Mateyu 25:1) Ke ngoko, kwakufuneka ahlale kwisandla sasekunene sikaThixo aze alulindele apho usuku lokuqalisa. Kodwa ke, ukususela ngowe-1919, intsalela ekholekileyo ‘ibingoonozakuzaku’ abathunywe nguLowo ngokwenene ulawulayo njengoKumkani. (Hebhere 10:12, 13) Esi sibakala ngokukhethekileyo satsalelwa engqalelweni yaBafundi BeBhayibhile Bezizwe Ngezizwe eCedar Point, eOhio, kwindibano yowe-1922.
6. Imigudu yasemva kwemfazwe yabo babefumene “iitalente” okokuqala yayalathiselwe kuluphi uhlobo lomsebenzi?
6 Ngowe-1919 babesele bekufumene oko ‘kunjengeetalente’ zoKumkani olawulayo, uYesu Kristu. Oku kwabenza baba ngabanokuziphendulela ngakumbi kuKumkani wabo olawulayo. Kwasekuqalekeni, imigudu yabo yasemva kwemfazwe bayijolisa kumsebenzi ‘wokuvuna,’ ukuqokelelwa koko kwakuludidi ‘lwengqolowa.’ (Mateyu 13:24-30) Njengoko uYesu watshoyo, ekubeni ukuvuna ‘ikukupheliswa kwephakade,’ unyaka we-1919 owawusemva kwemfazwe wawulixesha elifanelekileyo lokuqalisa ukuvuna “oonyana bobukumkani” abanjengengqolowa, intsalela ethembekileyo nethanjisiweyo.—Mateyu 13:37-39.
7. (a) Abavuni bangena kunye neNkosi yabo kuliphi ixesha? (b) UYehova uzise abavuni kweyiphi imeko, ibe ngawaphi amazwi esiprofeto abawamkelayo?
7 Ixesha lokuvuna lithuba lovuyo kubavuni, njengoko iNkosi yokuvuna inandipha eli thuba kunye nabo. (INdumiso 126:6) Eli xesha lokuvuna belisenziwa libe nentsingiselo engakumbi bubungqina obuyintabalala bokuba uBukumkani bukaThixo obulawulwa nguYesu Kristu basekwa emazulwini ngowe-1914 yaye uYehova wabuyisela imeko yobulungisa kubantu bakhe abazahluleleyo emhlabeni. Njengodidi, basebenzisa la mazwi akuIsaya 61:10: “Ndinemihlali ndanemihlali ngoYehova, umphefumlo wam uya kugcoba ngoThixo wam; kuba endinxibe iingubo zosindiso, endithe wambu ngengubo yokwaleka yobulungisa.”
Ukuhlanganisa “Isihlwele Esikhulu” Sabafumana ‘Uvuyo’
8. Luluphi uvuyo intsalela ethanjisiweyo eyayingalulindelanga ukuba yayiza kulufumana ekupheleni kokuhlanganiswa kweendlalifa zoBukumkani?
8 Intsalela ethanjisiweyo eyafumana ‘uvuyo’ lweNkosi yayo ayizange iqonde ukuba xa sele eza kuhlanganiswa amalungu okugqibela eendlalifa zoBukumkani basezulwini kwakuza kubakho olunye uvuyo, into engazange ilindelwe. Kwakuza kuhlanganiswa udidi lwasemhlabeni olwaluza kuphila kumhlaba oyiParadisi phantsi koLawulo Lwewaka Leminyaka lukaYesu Kristu. Ngoobani abanye ngaphandle kwabantu abaphuma kolu didi lwasemhlabeni ababengakufanelekela ukumenyelwa koko kwakuya kuba kukutyhilwa kokuqala kwenkcazelo engabo?
9. Ngoobani abamenywa ngokukhethekileyo ukuba babekho kwindibano yaseWashington, D.C., ngowe-1935, ibe yiyiphi inkcazelo esexesheni abayityhilelwayo?
9 Ngoko, ngokusabela kwisimemo esapapashwa kwiMboniselo,a amakhulukhulu awayefuna ulwalamano noYehova, kunye nabantu begama lakhe, beza kwindibano jikelele yamaNgqina kaYehova eWashington, D.C., ngoMeyi 30 ukuya kuJuni 2, 1935. Kuloo ndibano bachukunyiswa emazantsi eentliziyo zabo kukwazi ukuba “isihlwele esikhulu” esabonwa kwangaphambili kwiSityhilelo 7:9-17 sasiza kuba ludidi lwasemhlabeni.
10, 11. Oku kungqineke kulixesha lovuyo olukhethekileyo kubani ezulwini?
10 Olunjani uvuyo ukuba lukhulu ukuqhutywa kwaloo ndibano eWashington, D.C., ekumele ukuba kwaba lulo kuThixo Osenyangweni, uYehova! Kwakhona olunjani uvuyo ekumele ukuba yayilulo kuNyana wakhe njengoMalusi Olungileyo ngoku owayeza kuqalisa ukuhlanganisa ezi ‘zimvu zizezinye’ ‘kumhlambi omnye’!—Yohane 10:16.
11 Ngoxa ngokufuziselayo, ekhokelwa aze ondliwe, amalungu entsalela kunye ‘nesihlwele esandayo’ ‘sezinye izimvu’ baxubana kunye ngoxolo nangothando. Intliziyo ‘yomalusi omnye’ wabo imele izale luvuyo kukuba ‘nomhlambi’ omkhulu ngolo hlobo ngasekupheleni ‘kokupheliswa kwephakade.’
Abameli ‘Bomthetheli Woxolo’
12, 13. (a) Ngoobani abamenyelwe ukufumana uvuyo lokubuya kweNkosi kunye nentsalela ethanjisiweyo, ibe siyintoni isizathu soku? (b) “Isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu’ sikhonza izilangazelelo ‘zoMthetheli Woxolo’ kwesiphi isigxina?
12 Abo babumvu ababumba “isihlwele esikhulu” ngoku bafumana uvuyo olukhulu lweNkosi, uYesu Kristu. Oku ngokukakhulu kungenxa yokuba nesabelo ngokukhutheleyo ekungeniseni abo bafunekayo ukugqibezela “isihlwele esikhulu,” esinani laso lingachazwanga kwiSityhilelo 7:9.
13 Umsebenzi wokuhlanganisa “ezinye izimvu” ezinesabelo kuwo uye wafikelela zwenibanzi, waba ngongenakuhlangabezana namandla entsalela ethanjisiweyo elinani elinciphayo. Ngokuvisisana noko, kuye kwaba yimfuneko kunene ‘ngezinye izimvu’ ezilinani elandayo ukuba zibe nesabelo esikhulu ngakumbi ekuziseni abangakumbi ‘bezinye izimvu’ ezinethemba lasemhlabeni. Ngaloo ndlela “ezinye izimvu” zikhonza njengabameli abathembekileyo ‘boMthetheli Woxolo.’ IMizekeliso 25:13 yongezelela oku: “Sinjengokuphozisa kwekhephu ngemini yokuvuna isigidimi esinyanisileyo kwabasithumileyo: Siyawubuyisa umphefumlo wenkosi yaso.”
14. (a) Izimvu zokomfuziselo zomzekeliso kaYesu kuMateyu 25:31-46 zidla ilifa lantoni? (b) UBukumkani buye balungiselelwa zona njani “kwasekusekweni kwehlabathi”?
14 Kumzekeliso wezimvu neebhokhwe, izimvu zokomfuziselo zezo uKumkani uYesu Kristu athi kuzo: “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.” (Mateyu 25:31-46) Ziwudla ilifa ummandla wasemhlabeni oya kulawulwa buBukumkani bamazulu ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu. Ukususela ngexesha lika-Abheli othembekileyo, uYehova ebewulungisa lo mmandla ewenzela ihlabathi loluntu oluhlawulelweyo.—Luka 11:50, 51.
15, 16. (a) Bubuphi ‘ubungangamela’ bokumkani, njengoko bukhankanywa nguSolomon, iNkosi enabo namhlanje phezu kwako nje ukulawula kwayo phakathi kweentshaba zayo? (b) UKumkani olawulayo ‘unobungangamela’ namhlanje ngokwaluphi uhlobo? (c) Benze ntoni abo babangela obu ‘bungangamela’?
15 UKumkani osisilumko uSolomon woSirayeli wamandulo wabhala oku: “Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani.” (IMizekeliso 14:28) INkosi yasebukhosini yanamhla, uKristu Yesu, ngokwegunya uphakame ngakumbi kunoKumkani uSolomon wasemhlabeni, ‘unobungangamela’ obulolo hlobo ngenxa ‘yabantu abaninzi.’ Oku kunjalo kwanangoku ngaphambi kokuqala kolawulo lwakhe lweminyaka eliwaka, ewe, xa elawula phakathi kweentshaba zakhe zasemhlabeni, uSathana uMtyholi angukumkani wazo ophakamileyo nongabonakaliyo.—Mateyu 4:8, 9; Luka 4:5, 6.
16 ‘Ubungangamela’ banamhla obufanela igosa eliphakamileyo elikwisigxina sokumkani ngoku bubangelwa bubukho ‘bezinye izimvu’ zakhe ezilinani elandayo nezibumba “isihlwele esikhulu.” Ngemincili zidanduluka ngobunye zisithi: “Usindiso kuye uThixo wethu, lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana!” (ISityhilelo 7:9, 10) Sele zifumana usindiso kule nkqubo yezinto igwetyiweyo, uSathana uMtyholi ‘anguthixo’ wayo. (2 Korinte 4:4) Ngokufuziselayo, sele zizihlambile iingubo zazo egazini leMvana’ zaza zazenza mhlophe ukuze zibonakale zingenabala phambi kukaYehova uThixo, uMgwebi.—ISityhilelo 7:14.
17. (a) “Isihlwele esikhulu” sisakhangele kuluphi usindiso? (b) Liliphi ilungelo esiya kulinandipha ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka ‘loMthetheli Woxolo’?
17 Kanti zikhangela phambili kusindiso olulungiselelwe nguThixo eziya kulufumana kuloyiso lukaYehova oluyincopho “emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla” eArmagedon. Uloyiso lwakhe olubalaseleyo apho luya kuphumela ekuthethelelweni kolongamo lwakhe lwendalo iphela, ibe ziya kuba ngamangqina okuzibonela asemhlabeni ngenxa yokulondolozwa ziphila ukutyhubela isiphelo esoyikekayo seli hlabathi lingendawo. (ISityhilelo 16:14; 2 Petros 3:12) Elinjani lona ilungelo ukuxabiseka! Olunjani uvuyo ukuba lukhulu “uMthetheli woxolo” aya kuthi ngelo xesha abelane ngalo ‘nesihlwele esikhulu’ esisindileyo ‘sezinye izimvu’ zakhe ezinyanisekileyo!
[Umbhalo osemazantsi]
a Iphepha 2 lenkupho yeMboniselo (yesiNgesi) ka-Aprili 1 no-15, nekaMeyi 1 no-15, 1935.
[Umfanekiso okwiphepha 71]
Intliziyo yoMalusi Olungileyo ngoku imele izaliswe luvuyo ngokuba ‘nezimvu ezininzi kangaka ezizezinye’