IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • re isahl. 12 iphe. 58-65
  • “Qhubeka Ukubambe Nkqi Oko Unako”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Qhubeka Ukubambe Nkqi Oko Unako”
  • ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Isitshixo SikaDavide”
  • “Baya Kuqubuda Kuwe”
  • ‘Ilixa Lovavanyo’
  • “Umnyango Ovulekileyo”
  • Iintsikelelo Ezifunyanwa Ngaboyisileyo
  • Phulaphula Oko Umoya Ukutshoyo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Yiva Into Ayithethayo Umoya Kuwo Amabandla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Itempile KaYehova Enkulu Yokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • AmaNgqina AngamaKristu Angabemi Basezulwini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
Khangela Okunye
ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
re isahl. 12 iphe. 58-65

Isahluko 12

“Qhubeka Ukubambe Nkqi Oko Unako”

IFILADELFI

1. Isigidimi sesithandathu sikaYesu sanikelwa kwibandla elikwesiphi isixeko, yaye lithetha ntoni igama leso sixeko?

UTHANDO LOBUZALWANA—olunjani lona uphawu ukunqweneleka! Akuthandabuzeki ukuba uYesu ucinga ngalo xa enikela isigidimi sakhe sesithandathu kwibandla laseFiladelfi, kuba elo gama lithetha “Uthando Lobuzalwana.” UYohane owalupheleyo usakukhumbula okwenzeka ngaphezu kweminyaka engama-60 ngaphambili, xa uPetros watsho izihlandlo ezithathu kuYesu ukuba wayeyithanda ngokwenene iNkosi yakhe. (Yohane 21:15-17) Ngaba ke wona amaKristu aseFiladelfi analo uthando lobuzalwana? Kuyabonakala ukuba analo!

2. IFiladelfi yayisisixeko esinjani, lalinjani lona ibandla elalilapho, yaye uthini uYesu kwingelosi yeli bandla?

2 IFiladelfi yomhla kaYohane imi kumgama omalunga neekhilomitha ezingama-48 ukuya kumzantsi mpuma weSardesi (kwindawo ekukho kuyo ngoku isixeko saseTurkey iAlasehir), yaye isisixeko esisemgangathweni. Noko ke, into ephawuleka ngakumbi ngaso kukuphumelela kwebandla lamaKristu apho. Hayi indlela ekumele ukuba amamkela ngovuyo ngayo umlungiseleli owayewatyelele, ekunokwenzeka ukuba wayehambe ngendlela evela eSardesi! Isigidimi awaphathele sona sinesiluleko esilukhuthazo kuwo. Kodwa kuqala sibhekisela kwigunya loMntu ozukileyo osithumeleyo. Uthi: “Nengelosi yebandla eliseFiladelfi yibhalele uthi: Utsho lowo ungcwele, lowo uyinyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide, lowo uvulayo kungabikho uvalayo, aze avale kungabikho uvulayo.”—ISityhilelo 3:7.

3. Kutheni kufanelekile ukuba uYesu abizwe ngokuthi ‘ungcwele,’ yaye kutshiwo njani ukuba ‘ungoyinyaniso’?

3 UYohane wayemvile uPetros esithi kuYesu Kristu: “Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade; yaye sikholiwe saza safikelela ekwazini ukuba wena unguLowo Ungcwele kaThixo.” (Yohane 6:68, 69) Ekubeni uYehova uThixo inguye isiseko sobungcwele, uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo umele ukuba naye ‘ungcwele.’ (ISityhilelo 4:8) UYesu ‘ukwayinyaniso.’ Igama lesiGrike elisetyenziswe apha (a·le·thi·nosʹ) lithetha ukuba ngowokwenene. Ngokwale ngqiqo, uYesu ukukukhanya kokwenyaniso nesonka sokwenyaniso esehla siphuma ezulwini. (Yohane 1:9; 6:32) Ungumdiliya wokwenyaniso. (Yohane 15:1) UYesu ukwayinyaniso ngengqiqo yokuba unokuthenjwa. Usoloko ethetha inyaniso. (Bona uYohane 8:14, 17, 26.) Lo Nyana kaThixo ngenene ukufanele ukuba nguKumkani noMgwebi.—ISityhilelo 19:11, 16.

“Isitshixo SikaDavide”

4, 5. “Isitshixo sikaDavide” sasinxibelelene nawuphi umnqophiso?

4 UYesu ‘unesitshixo sikaDavide.’ Ngaso ‘uyavula kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo.’ Siyintoni esi ‘sitshixo sikaDavide’?

5 UYehova wenza umnqophiso wobukumkani obungunaphakade noKumkani uDavide wakwaSirayeli. (INdumiso 89:1-4, 34-37) Indlu kaDavide yayilawula kwitrone kaYehova eYerusalem ukususela ngowe-1070 ukusa kowama-607 B.C.E., kodwa ke umgwebo kaThixo waphunyezwa phezu kobo bukumkani kuba baba bobungendawo. Ngaloo ndlela uYehova waqalisa ukuzalisekisa isiprofeto sakhe esikuHezekile 21:27: “Ndiya kukonakalisa, ndikonakalise, ndikonakalise [Yerusalem yasemhlabeni]. Nako oku ke [intonga yobukumkani kumnombo kaDavide], ngokuqinisekileyo akuyi kuba kokukabani ade afike lowo unelungelo elisemthethweni, yaye ndimele ndikunike yena.”

6, 7. Lowo “unelungelo elisemthethweni” wayeza kubonakala nini yaye njani?

6 Lowo “unelungelo elisemthethweni” wayeya kubonakala nini yaye njani? Intonga yobukumkani bukaDavide wayeya kuyinikwa njani?

7 Kwiminyaka emalunga nama-600 kamva, inzala yoKumkani uDavide, intombi engumYuda uMariya, yamitha ngomoya oyingcwele. UThixo wathumela ingelosi enguGabriyeli ukuba yazise uMariya ukuba wayeya kuba nonyana, aze amthiye igama elinguYesu. UGabriyeli wongezelela la mazwi: “Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.”—Luka 1:31-33.

8. UYesu wazingqina njani ekufanelekele ukubudl’ ilifa ubukumkani bukaDavide?

8 Ngowama-29 C.E., xa uYesu wabhaptizwa kuMlambo iYordan waza wathanjiswa ngomoya oyingcwele, waba nguKumkani Otyunjiweyo kumnombo kaDavide. Wamisela umzekelo wokuba nenzondelelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani waza wathuma abafundi bakhe ukuba nabo bashumayele. (Mateyu 4:23; 10:7, 11) UYesu wazithoba, kwada kwaba sekufeni kwakhe kumthi wentuthumbo, ngaloo ndlela ezingqina ekufanelekele ngokupheleleyo ukubudl’ ilifa ubukumkani bukaDavide. UYehova wamvusa uYesu njengomoya ongenakufa waza wamphakamisela kwisandla Sakhe sokunene emazulwini. Apho wafumana ilifa lawo onke amalungelo obukumkani bukaDavide. Ngexesha elifanelekileyo uYesu wayeya kusebenzisa ilungelo lakhe ‘lokoyisa phakathi kweentshaba zakhe.’—INdumiso 110:1, 2; Filipi 2:8, 9; Hebhere 10:13, 14.

9. UYesu usisebenzisa njani isitshixo sikaDavide ukuvula nokuvala?

9 Okwelo thuba uYesu wayeya kusebenzisa isitshixo sikaDavide, evula amathuba namalungelo ahlobene noBukumkani bukaThixo. Ngokusebenzisa uYesu, ngoku uYehova wayeza kukhulula amaKristu athanjisiweyo asemhlabeni “kwigunya lobumnyama,” ewafudusela “kubukumkani boNyana wothando lwakhe.” (Kolose 1:13, 14) Kwakhona isitshixo sasiza kusetyenziselwa ukuthintela amalungelo anjalo kuye nabani na owayenokungqineka engathembekanga. (2 Timoti 2:12, 13) Ekubeni le ndlalifa isisigxina yobukumkani bukaDavide ixhaswa nguYehova, asikho isidalwa esinokuyithintela ekuphumezeni oko.—Thelekisa uMateyu 28:18-20.

10. Luluphi ukhuthazo uYesu alunika ibandla laseFiladelfi?

10 Ekubeni ephuma kumthombo onegunya ngolo hlobo, amazwi kaYesu aya kumaKristu aseFiladelfi amele abe ngathuthuzela ngokukhethekileyo! Uyawancoma esithi: “Ndiyazazi izenzo zakho. Khangela! Ndibeke phambi kwakho umnyango ovulekileyo, ekungekho bani unako ukuwuvala—kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.” (ISityhilelo 3:8) Eli bandla belikhuthele, yaye livulelwe umnyango—ngokungathandabuzekiyo umnyango wokufumana ithuba lokunikela inkonzo yobulungiseleli. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 16:9; 2 Korinte 2:12.) Ngoko ke, uYesu ukhuthaza eli bandla ukuba lilisebenzise kakuhle ithuba lokushumayela. Liye lanyamezela laza labonakalisa ukuba, ngokuncedwa ngumoya kaThixo, linamandla awaneleyo okuqhubeka ‘nezenzo’ ezingakumbi zokukhonza uYehova. (2 Korinte 12:10; Zekariya 4:6) Liye lathobela imiyalelo kaYesu laza alamkhanyela ngelizwi okanye ngezenzo.

“Baya Kuqubuda Kuwe”

11. Yiyiphi intsikelelo uYesu ayithembisa amaKristu, yaye oku kwazaliseka njani?

11 Ngenxa yoko, uYesu ubathembisa ngalo mphumo: “Khangela! Naku endiya kukwenza kwabo bendlu yesikhungu kaSathana abathi bangamaYuda, ukanti bengengawo kodwa bexoka—khangela! ndiya kubenza beze baze baqubude phambi kweenyawo zakho yaye ndibenze bazi ukuba ndikuthandile.” (ISityhilelo 3:9) Mhlawumbi, njengaseSmirna, eli bandla libe neengxaki namaYuda asekuhlaleni. UYesu uwabiza ngokuthi ‘sisikhungu sikaSathana.’ Sekunjalo, ubuncinane wambi aloo maYuda sele eza kuqonda ukuba oko bekushunyayelwa ngamaKristu ngoYesu kuyinyaniso. Mhlawumbi ‘ukuqubuda’ kwawo kuya kwenzeka ngendlela echazwe nguPawulos kweyoku-1 kwabaseKorinte 14:24, 25, ukuze aguquke aze abe ngamaKristu, eluqonda ngokupheleleyo uthando olunzulu lukaYesu lokuncama ubomi bakhe ngenxa yabafundi bakhe.—Yohane 15:12, 13.

12. Kutheni le nto amalungu endlu yesikhungu yamaYuda eFiladelfi kusenokwenzeka ukuba ayeya kothuka akuva ukuba amanye awo ayeya “kuqubuda” kumaKristu asekuhlaleni?

12 Amalungu endlu yesikhungu yamaYuda eFiladelfi mhlawumbi ayeya kothuka akuva ukuba amanye awo ayemele ‘aqubude’ kumaKristu asekuhlaleni. Ngenxa yokuba ngokungathandabuzekiyo kwakukho abantu abaninzi abangengomaYuda kwelo bandla, ayeya kulindela ukuba kwenzeke into eyahlukileyo ngokupheleleyo kuleyo. Ngoba? Kuba uIsaya waxela kwangaphambili wathi: “Ookumkani [abangengomaYuda] bamele babe ngabanyamekeli bakho [Sirayeli], amakhosazana abo abe ziimpelesi zakho. Baya kuqubuda kuwe ubuso bubheke emhlabeni.” (Isaya 49:23; 45:14; 60:14) Ngendlela efanayo, uZekariya waphefumlelwa ukuba abhale oku: “Ngezo mini ke amadoda alishumi [angengomaYuda] aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga aya kubamba, ewe, okunene aya kubamba isondo lendoda engumYuda, esithi: ‘Siza kuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’” (Zekariya 8:23) Ewe, abantu abangengomaYuda babemele baqubude kumaYuda, ingabi ngawo aqubuda kubo!

13. Ayengoobani amaYuda ayeya kubona inzaliseko yeziprofeto ezazibhekiswa kuSirayeli wamandulo?

13 Ezo ziprofeto zazibhekiswe kuhlanga olwalunyulwe nguThixo. Ngexesha ezazivakaliswa ngalo, uSirayeli wokwenyama wayekweso sigxina sibekekileyo. Kodwa xa uhlanga lwamaYuda lwamchasayo uMesiya, uYehova walulahla. (Mateyu 15:3-9; 21:42, 43; Luka 12:32; Yohane 1:10, 11) NgePentekoste yowama-33 C.E., endaweni yawo wakhetha uSirayeli wokwenyaniso kaThixo, ibandla lamaKristu. Amalungu alo angamaYuda okomoya afumene ulwaluko lokwenene lwentliziyo. (IZenzo 2:1-4, 41, 42; Roma 2:28, 29; Galati 6:16) Emva koko, ekuphela kwendlela awayenokuthi elowo nalowo umYuda wokwenyama amkholise ngayo uYehova kwakuya kuba ngokubonakalisa ukholo lwakhe kuYesu njengoMesiya. (Mateyu 23:37-39) Kucacile ukuba oku kwakusele kuza kwenzeka kubantu abathile baseFiladelfi.a

14. UIsaya 49:23 noZekariya 8:23 baye bazaliseka njani ngokuphawulekayo kumaxesha anamhla?

14 Namhlanje iziprofeto ezinjengoIsaya 49:23 noZekariya 8:23 ziye zazaliseka ngokuphawulekayo. Ngenxa yokushumayela kodidi lukaYohane, inkitha yabantu iye yangena kumnyango ovulekileyo osa kwinkonzo yoBukumkani.b Uninzi lwabo luye lwaphuma kwiNgqobhoko, eneenkonzo ezithi xa zixoka zinguSirayeli wokomoya. (Thelekisa eyabaseRoma 9:6.) Aba bantu, abasisihlwele esikhulu, bahlamba imiwunduzo yabo bayenze mhlophe ngokubonakalisa ukholo kwigazi ledini likaYesu. (ISityhilelo 7:9, 10, 14) Ngokuthobela ulawulo lukaKristu loBukumkani, banethemba lokuzidl’ ilifa iintsikelelo zalo apha emhlabeni. Beza kubazalwana bakaYesu abathanjisiweyo baze ngokomoya ‘baqubude’ kubo, kuba ‘bavile ukuba uThixo unabo.’ Balungiselela aba bathanjiswa, abaye bamanyana kunye nabo ehlabathini lonke.—Mateyu 25:34-40; 1 Petros 5:9.

‘Ilixa Lovavanyo’

15. (a) UYesu wawathembisa ntoni amaKristu aseFiladelfi, yaye akhuthazwa ukuba enze ntoni? (b) Sisiphi “isithsaba” amaKristu ayekhangele phambili ekusifumaneni?

15 UYesu uhlabela mgama esithi: “Ngenxa yokuba uligcinile ilizwi elingonyamezelo lwam, nam ndiya kukugcina ngelixa lovavanyo, eliza kuwufikela umhlaba omiweyo uphela, ukuvavanya abo bahleliyo emhlabeni. Ndiyeza ngokukhawuleza. Qhubeka ukubambe nkqi oko unako, ukuze kungabikho nabani na onokusithabatha isithsaba sakho.” (ISityhilelo 3:10, 11) Nangona amaKristu omhla kaYohane ayengayi kuqhubeka ephila de kufike imini yeNkosi (eyaqalisa ngowe-1914), intembelo yawo yokuba uYesu wayesiza yayiza kuwanika amandla okuqhubeka eshumayela. (ISityhilelo 1:10; 2 Timoti 4:2) Ayebekelwe “isithsaba,” okanye umvuzo wobomi obungunaphakade ezulwini. (Yakobi 1:12; ISityhilelo 11:18) Ukuba ayethembekile kwada kwasekufeni, akukho mntu wayenokuwabandeza loo mvuzo.—ISityhilelo 2:10.

16, 17. (a) Liyintoni ‘ilixa lovavanyo eliza kufikela umhlaba omiweyo uphela’? (b) Yayinjani imeko yabathanjiswa ekuqaleni ‘kwelixa lovavanyo’?

16 Noko ke, liyintoni ‘ilixa lovavanyo’? Akuthandabuzeki ukuba, loo maKristu aseAsia kwakufuneka ehlangabezene nentshutshiso eyoyikekayo eyayivela kubukhosi beRoma.c Sekunjalo, inzaliseko enkulu lilixa lokuhluzwa nokugwetywa elaqalisa ebudeni bemini yeNkosi, lifikelela encotsheni ukususela ngowe-1918 ukusa phambili. Uvavanyo belulolokuba ubani uxhasa uBukumkani obumiselwe nguThixo okanye uxhasa ihlabathi likaSathana kusini na. ‘Lilixa’ elifutshane, kodwa alikapheli. De libe liphelile, asimele silibale ukuba siphila ‘kwilixa lovavanyo.’—Luka 21:34-36.

17 Ngowe-1918 udidi lukaYohane lwamaKristu athanjisiweyo—njengelo bandla liqinileyo laseFiladelfi—kwafuneka lujongene nenkcaso evela ‘kwisikhungu sikaSathana’ sanamhlanje. Iinkokeli zonqulo lweNgqobhoko, ezazisithi zingamaYuda okomoya, ngobuqhetseba zalukuhla abalawuli ukuba bacinezele amaKristu okwenyaniso. Sekunjalo, azama ngamandla ‘ukugcina ilizwi elingonyamezelo lukaYesu’; ngenxa yoko, ngoncedo lokomoya, ‘amandla amancinane’ aphawulekayo, asinda aza avuselwa ukungeniswa kumnyango awuvulelweyo. Kwenzeka njani oku?

“Umnyango Ovulekileyo”

18. Ngoobani abamiselwa nguYesu ngowe-1919, yaye bafana njani negosa elithembekileyo likaHezekiya?

18 Ngowe-1919 uYesu wazalisekisa isithembiso sakhe waza wamkela ibathwana lamaKristu okwenyaniso athanjisiweyo ‘njengekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45-47) Lafumana ilungelo elifana nelo lananditshwa ligosa elithembekileyo uEliyakim ngexesha lokulawula kukaKumkani uHezekiya.d UYehova wathi ngoEliyakim: ‘Isitshixo sendlu kaDavide ndiya kusibeka egxalabeni lakhe, avule kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo.’ UEliyakim wayethwele iimbopheleleko ezinzima zikaHezekiya, unyana wasebukhosini kaDavide. Ngokufanayo namhlanje, udidi lukaYohane oluthanjisiweyo luphethe ‘isitshixo sendlu kaDavide’ kuba luthwaliswe izilangazelelo zasemhlabeni zoBukumkani bukaMesiya. UYehova uyabomeleza abakhonzi bakhe ukuze bakwazi ukuphumeza oku, ebanika amandla okusingatha umsebenzi omkhulu wokunikela ubungqina emhlabeni wonke.—Isaya 22:20, 22; 40:29.

19. Udidi lukaYohane lwazisingatha njani iimbopheleleko uYesu awaluphathisa zona ngowe-1919, yaye waba yintoni umphumo?

19 Ukususela ngowe-1919 ukusa phambili intsalela ethanjisiweyo, elandela umzekelo kaYesu, yenza iphulo elikhulu lokuvakalisa ngokubanzi iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Mateyu 4:17; Roma 10:18) Ngenxa yoko, bambi besikhungu sikaSathana sanamhla, iNgqobhoko, beza kule ntsalela ithanjisiweyo baza ‘baqubuda,’ bevuma igunya leli khoboka. Bamanyana nala malungu akhulileyo odidi lukaYohane ekukhonzeni uYehova. Oku kwaqhubeka de kwahlanganiswa inani elipheleleyo labazalwana bakaYesu abathanjisiweyo. Emva koku, ‘isihlwele esikhulu, esiphuma kuzo zonke iintlanga’ siye seza ‘kuqubuda’ kumkhonzi othanjisiweyo. (ISityhilelo 7:3, 4, 9) Umkhonzi kunye nesi sihlwele sikhulu bakhonza njengomhlambi omnye wamaNgqina kaYehova.

20. Kutheni le nto amaNgqina kaYehova namhlanje emele omelele ngokukhethekileyo elukholweni aze akhuthale nasenkonzweni kaThixo?

20 Emanyene njengamaKristu aseFiladelfi kuthando lokwenyaniso lobuzalwana, namhlanje amaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba umsebenzi wawo wokushumayela umele wenziwe ngokungxamisekileyo. Kungekudala, imbandezelo enkulu iza kuliphelisa ihlabathi likaSathana elingendawo. Ngelo xesha, ngamana ngamnye wethu angafunyanwa omelele elukholweni yaye ekhuthele kwinkonzo kaThixo, ukuze amagama ethu angacinywa kwincwadi yobomi kaYehova. (ISityhilelo 7:14) Masisixabise isiluleko sikaYesu esiya kwibandla laseFiladelfi ukuze sibambelele ngokuqinileyo kumalungelo ethu enkonzo size sifumane umvuzo wobomi obungunaphakade.

Iintsikelelo Ezifunyanwa Ngaboyisileyo

21. AmaKristu athanjisiweyo namhlanje aye ‘aligcina njani ilizwi elingonyamezelo lukaYesu,’ ibe yintoni aza kuyifumana?

21 Namhlanje udidi lukaYohane ‘luligcinile ilizwi elingonyamezelo lukaYesu,’ oko kukuthi, lulandele umzekelo wakhe lwaza lwanyamezela. (Hebhere 12:2, 3; 1 Petros 2:21) Ngaloo ndlela luye lwakhuthazwa kakhulu ngamazwi kaYesu abhekele phaya aya kwibandla laseFiladelfi: “Lowo woyisayo—ndiya kumenza intsika kwitempile yoThixo wam, yaye akasayi kuze aphume kuyo kwakhona.”—ISityhilelo 3:12a.

22. (a) Iyintoni itempile yoThixo kaYesu? (b) AmaKristu athanjisiweyo oyisayo aya kuba zizo njani iintsika kule tempile?

22 Elinjani lona ilungelo ekulilo ukuba yintsika kwitempile kaYehova! KwiYerusalem yamandulo, itempile yokoqobo yayisisazulu sonqulo lukaYehova. Etempileni, umbingeleli omkhulu wayenikela igazi lezilwanyana zamadini, usuku olunye enyakeni, phambi kokukhanya okungummangaliso okwakumela ubukho bukaYehova ‘kweYona Ngcwele.’ (Hebhere 9:1-7) Ekubhaptizweni kukaYesu, kwabakho enye itempile, ilungiselelo elikhulu lokomoya elifana neletempile lokunqula uYehova. Ingcwele yeengcwele yale tempile isezulwini, apho uYesu wabonakala ngokufanelekileyo “phambi kukaThixo.” (Hebhere 9:24) UYesu unguMbingeleli Omkhulu, ibe linye kuphela idini elinikelwayo ukuze zigutyungelwe ngokupheleleyo izono: igazi elaphalalayo lendoda efezekileyo enguYesu. (Hebhere 7:26, 27; 9:25-28; 10:1-5, 12-14) Logama nje ehlala ethembekile, amaKristu athanjisiweyo asemhlabeni akhonza njengababingeleli abangaphantsi kwiintendelezo zasemhlabeni zale tempile. (1 Petros 2:9) Kodwa akuba oyisile, nawo angena kwingcwele yeengcwele ezulwini aze abe ngabaxhasi abangenakugungqiswa, njengeentsika zelungiselelo lokunqula elifana neletempile. (Hebhere 10:19; ISityhilelo 20:6) Ayikho ingozi yokuba aya ‘kuphuma kuyo kwakhona.’

23. (a) Sisiphi esinye isithembiso esenziwa nguYesu kumaKristu athanjisiweyo athi oyise? (b) Uyintoni umphumo wokubhalwa kwegama likaYehova negama leYerusalem entsha kuboyisi abangamaKristu?

23 UYesu uhlabela mgama, esithi: “Ndize ndilibhale kuye igama loThixo wam negama lesixeko soThixo wam, iYerusalem entsha ehla iphuma ezulwini kuThixo wam, nelo gama litsha lilelam.” (ISityhilelo 3:12b) Ewe, kwaba bantu boyisileyo kubhalwe igama likaYehova—uThixo wabo noThixo kaYesu. Oku ngokucacileyo kubonisa ukuba uYehova noYesu bangabantu ababini abahlukeneyo ingezizo iinxalenye ezimbini zoThixo onguBathathu Emnye. (Yohane 14:28; 20:17) Yonke indalo imele ibone ukuba aba bathanjiswa ngabakaYehova. Bangamangqina akhe. Kubo kukwabhalwe igama leYerusalem entsha, isixeko sasezulwini esiphuma ezulwini ngengqiqo yokuba silawula ngendlela eyingenelo kulo lonke uluntu oluthembekileyo. (ISityhilelo 21:9-14) Ngaloo ndlela zonke izimvu zasemhlabeni ezingamaKristu ziya kwazi ukuba aba boyisi bathanjisiweyo bangabemi boBukumkani, iYerusalem yasezulwini.—INdumiso 87:5, 6; Mateyu 25:33, 34; Filipi 3:20; Hebhere 12:22.

24. Limela ntoni igama likaYesu elitsha, yaye libhalwa njani kumaKristu athanjisiweyo nathembekileyo?

24 Ekugqibeleni, kwaba boyisi bathanjisiweyo kubhalwa igama elitsha likaYesu. Oku kubhekisela kwisigxina esitsha sikaYesu namalungelo akhethekileyo awanikwa nguYehova. (Filipi 2:9-11; ISityhilelo 19:12) Akukho bani ungomnye ulaziyo elo gama, ngengqiqo yokuba akukho bani ungomnye unaloo mava okanye uphathiswe loo malungelo. Noko ke, xa uYesu ebhala igama lakhe kubazalwana bakhe abathembekileyo, bafumana ulwalamano olusenyongweni naye kuloo mmandla wasezulwini baze bade bafumane namalungelo akhe. (Luka 22:29, 30) Akumangalisi ukuba uYesu abe uqukumbela isigidimi sakhe esiya kwabo bathanjisiweyo ngokuphinda esi siluleko sithi: “Lowo unendlebe makakuve oko ukutshoyo umoya kuwo amabandla.”—ISityhilelo 3:13.

25. Namhlanje umKristu ngamnye unokuwusebenzisa njani umgaqo uYesu awayesekele kuwo isiluleko awasibhekisa kwibandla laseFiladelfi?

25 Olunjani lona ukuzuka ukhuthazo ekumele ukuba saba lulo eso sigidimi kumaKristu athembekileyo aseFiladelfi! Yaye ngokuqinisekileyo sinesifundo esinamandla kudidi lukaYohane ngoku, ebudeni bemini yeNkosi. Kodwa imigaqo ekuso ibalulekile kumKristu ngamnye, enoba ungomnye wabathanjiswa okanye wezinye izimvu. (Yohane 10:16) Ngamnye wethu ubeya kuba wenza kakuhle ukuqhubeka evelisa iziqhamo zoBukumkani njengoko enzayo loo maKristu aseFiladelfi. Sonke sinikwe amandla amancinane okwenza okuthile enkonzweni kaYehova. Masiwasebenzise la mandla! Ngokubhekisele kumalungelo awongezelelekileyo oBukumkani, masiphaphele ukungena kuwo nawuphi na umnyango ovulekayo. Sinokude sithandazele ukuba uYehova asivulele umnyango. (Kolose 4:2, 3) Njengoko silandela umzekelo kaYesu wonyamezelo size sizingqine singabalifaneleyo igama lakhe, siya kubonisa ukuba nathi, sinendlebe yokuva okuthethwa ngumoya oyingcwele kaThixo kuwo amabandla.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ngexesha likaPawulos, uSosithene, igosa elalongamele indlu yesikhungu yamaYuda eyayiseKorinte, waba ngumzalwana ongumKristu.—IZenzo 18:17; 1 Korinte 1:1.

b Iphephancwadi IMboniselo, elipapashwa ludidi lukaYohane, beliqhubeka libalaselisa ukungxamiseka kokuxhakamfula eli thuba nokuba nesabelo ngokupheleleyo kangangoko kunokwenzeka kumsebenzi wokushumayela; ngokomzekelo, bona inqaku elithi “Bonke Abantu Mabavakalise Uzuko LukaYehova” nelithi “Intlokoma Yabo Yaphuma Yaya Kuwo Wonke Umhlaba” kwinkupho yeMboniselo kaJanuwari 1, 2004. Kwinkupho kaJuni 1, 2004, kwinqaku elithi “Basikelelekile Abo Bazukisa UThixo,” kwabethelelwa ukuba kungenwe ‘ngomnyango ovulekileyo’ osa kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngoko kwinyanga nje enye ngowama-2005 kwabakho oovulindlela abasisi-1 093 552.

c ICyclopedia kaMcClintock noStrong (Umqulu X, iphepha 519) ithi: “Abalawuli kwanyanzeleka ukuba babuphawule ubuKristu ngenxa yeziphithiphithi ezaqhwaywa ngabefundisi babahedeni, ngenxa yokoyika inkqubela ebalaseleyo eyayisenziwa lolo nqulo, yaye ngenxa yoko kwanyanzeleka ukuba uTrajan [98-117 C.E.] awise imithetho eyayizama ukuphelisa le mfundiso intsha yayibangela ukuba abantu bathiye oothixo. Ulawulo lukaPliny oselula njengerhuluneli yaseBhithiniya [ekumntla womda weAsia eliphondo laseRoma] lwaba ngumbhodamo ngenxa yokwanda okukhawulezileyo kobuKristu nomsindo wabahedeni owawubangelwa lolo lwando kwiphondo awayelawula kulo.”

d Igama elithi Hezekiya lithetha ukuba “UYehova Uyomeleza.” Bona eyesi-2 yooKumkani 16:20, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.

[Ibhokisi ekwiphepha 63]

Ukunceda Abaninzi Ukuba Baqubude

Kwi-144 000 labathanjiswa eliza kudl’ ilifa uBukumkani basezulwini, kubonakala ukuba intsalela, udidi lukaYohane, olungaphantsi kwama-9 000 kusafuneka lugqibe ikhondo lalo lasemhlabeni. Kwangaxeshanye, isihlwele esikhulu siye sanda saba yinginginya yabantu abangaphezu kwezi-6 600 000. (ISityhilelo 7:4, 9) Yintoni encedileyo ekuzisweni kwale nginginya yabantu? Izikolo ezahlukahlukeneyo ezisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova ziye zaba negalelo elikhulu. Ngokwahluke mpela kwizikolo zonqulo zeNgqobhoko ezifundisa iingcamango zehlabathi zize ziyisingele phantsi iBhayibhile, ezi zikolo zamaNgqina zakha ukholo olunzulu kwiLizwi likaThixo. Zibonisa indlela eliluncedo ngayo ngokuphathelele ukucoceka, ukuziphatha okuhle nenkonzo yokuzahlulela kuThixo. Ehlabathini lonke ukususela ngowe-1943, bandla ngalinye lamaNgqina kaYehova kwiHolo yalo yoBukumkani liqhuba Isikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sasekuhlaleni. Izigidi ziya kwesi sikolo veki nganye, zilandela ucwangciso olwenziwa ngokumanyeneyo lokufundwa kweBhayibhile.

Ukususela ngowe-1959 amaNgqina kaYehova kwakhona aqhube Izikolo Zobulungiseleli ZoBukumkani ukuze kuqeqeshwe abadala nezicaka zolungiselelo zamabandla. Ibe ukususela ngowe-1977, Izikolo Zenkonzo Yobuvulindlela ziqeqeshe abazalwana noodade abangamakhulu amawaka, abathe, benomoya wokwenyaniso wabaseFiladelfi, bakhonza uYehova ixesha elizeleyo kumsebenzi wokushumayela. Ngowe-1987 Isikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli saqaliswa ukuze kuqeqeshwe amaNgqina angamadoda ukuba alungele izabelo ezikhethekileyo kwintsimi elihlabathi.

Esibalaseleyo phakathi kwezikolo eziqhutywa ngamaNgqina kaYehova ibisiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi. Ukususela ngowe-1943 kwesi sikolo sabavangeli basemazweni esiseNew York, kuphumelele amaqela amabini abafundi phantse nyaka ngamnye. Siqeqeshe abalungiseleli bakaYehova abangaphezu kwama-7 000 ukuba balungele inkonzo yobuvangeli basemazweni. Abantu abaphumelele kwesi sikolo baye bakhonza kumazwe angaphezu kwekhulu, yaye kumazwe amaninzi babe luncedo ekuvulweni komsebenzi woBukumkani. Emva kweminyaka emalunga nama-60, abanye babavangeli basemazweni bokuqala basabambelele kulo msebenzi, besabelana nabavangeli basemazweni abatsha ekuhambiseleni phambili umsebenzi owandiswe ehlabathini lonke wentlangano kaYehova. Hayi indlela oluye lwamangalisa ngayo olu lwando!

[Isicangca esikwiphepha 64]

Ngowe-1919 uKumkani olawulayo uYesu wavula umnyango ukuze amaKristu abe nethuba lenkonzo. AmaKristu azinikeleyo alinani elandayo aye alisebenzisa kakuhle elo thuba.

Amazwe AmaKristu Aba Abashumayeli

Afikelelwa Nesabelo Bexesha

Ngokushu- Ekushuma- Elizeleyoe

Unyaka mayela yelenif

1918 14 3 868 591

1928 32 23 988 1 883

1938 52 47 143 4 112

1948 96 230 532 8 994

1958 175 717 088 23 772

1968 200 1 155 826 63 871

1978 205 2 086 698 115 389

1988 212 3 430 926 455 561

1998 233 5 544 059 698 781

2005 235 6 390 022 843 234

[Imibhalo esemazantsi]

e Amanani angasentla yimilinganiselo yenyanga ngenyanga.

f Amanani angasentla yimilinganiselo yenyanga ngenyanga.

[Isicangca esikwiphepha 65]

Umsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova awuphumeza ngentliziyo epheleleyo. Ngokomzekelo, khawuqwalasele iiyure azichithele ekushumayeleni nasekufundiseni kwanenani elikhulu lezifundo zeBhayibhile aziqhube ngesisa emakhayeni abantu.

Iiyure Ezachithelwa Izifundo ZeBhayibhile

Ekushumayeleni Ezaqhutywayo (Isilinganiselo

Unyaka (Isimbuku Sonyaka) Senyanga Ngenyanga)

1918 19 116 Akubhalwanga Ngxelo

1928 2 866 164 Akubhalwanga Ngxelo

1938 10 572 086 Akubhalwanga Ngxelo

1948 49 832 205 130 281

1958 110 390 944 508 320

1968 208 666 762 977 503

1978 307 272 262 1 257 084

1988 785 521 697 3 237 160

1998 1 186 666 708 4 302 852

2005 1 278 235 504 6 061 534

[Umfanekiso okwiphepha 59]

Isitshixo saseRoma senkulungwane yokuqala

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share