IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • re isahl. 24 iphe. 155-160
  • Isigidimi Esinencasa Nesikrakra

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isigidimi Esinencasa Nesikrakra
  • ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iindudumo Ezisixhenxe
  • Ukupheleliswa Kwemfihlelo Engcwele
  • Umsongo Ovulekileyo
  • Umsongo Omncinane Namhlanje
  • “Le Yimini Yazo Zonke Iimini”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Izigidimi Zezithunywa Zezulu Zomhla Wethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • ISityhilelo Nawe
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Incwadi YeBhayibhile 66—ISityhilelo
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
Khangela Okunye
ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
re isahl. 24 iphe. 155-160

Isahluko 24

Isigidimi Esinencasa Nesikrakra

Umbono 6—ISityhilelo 10:1–11:19

Umbandela: Umbono womsongo omncinane; okwenzeka etempileni; ukuvuthelwa kwexilongo lesixhenxe

Ixesha lokuzaliseka: Ukususela ekubekweni etroneni kukaYesu ngowe-1914 ukusa kwimbandezelo enkulu

1, 2. (a) Uyeha wesibini waphumela entwenini, yaye kuya kuvakaliswa nini ukuba lo yeha udlule? (b) Ngubani obonwa nguYohane esihla evela ezulwini?

UYEHA wesibini ebetshabalalisa. Untlithe iNgqobhoko neenkokeli zayo, “isinye kwisithathu sabantu” ababhencwa njengabafileyo ngokomoya. (ISityhilelo 9:15) UYohane umele ukuba wazibuza emva koku ngoko kunokuziswa nguyeha wesithathu. Kodwa khawume! Uyeha wesibini akakapheli—uya kuphela xa sifikelela kwinqanaba elichazwe kwiSityhilelo 11:14. Ngaphambi koko, uYohane uza kubona ukuguquka kweziganeko aza kuthi kuzo abe nenxaxheba ngenkuthalo. Oku kuqalisa ngombono owoyikekayo:

2 “Ndabona enye ingelosi eyomeleleyo isihla ivela ezulwini, ivathiswe ngelifu, kwakukho umnyama entlokweni yayo, ubuso bayo bunjengelanga, neenyawo zayo zinjengeentsika zomlilo.”—ISityhilelo 10:1.

3. (a) Ngubani “ingelosi eyomeleleyo”? (b) Iyintoni intsingiselo yomnyama okwintloko yayo?

3 Ngubani le ‘ngelosi yomeleleyo’? Kuyabonakala ukuba nguYesu Kristu ozukisiweyo ephumeza enye indima. Uvathiswe ngelifu elimenza angabonakali, elisikhumbuza ngamazwi angaphambilana kaYohane angoYesu: “Khangela! Uza ngamafu, yaye onke amehlo aya kumbona, nabo bamhlabayo.” (ISityhilelo 1:7; thelekisa uMateyu 17:2-5.) Umnyama okwintloko yakhe usikhumbuza ngombono wangaphambilana kaYohane wetrone kaYehova, ‘enomnyama onjenge-emeraldi ngembonakalo.’ (ISityhilelo 4:3; thelekisa uHezekile 1:28.) Lo mnyama wawubonisa inzolo noxolo olukwitrone kaThixo. Ngendlela efanayo, lo mnyama okwintloko yengelosi ubuya kuyifanisa njengomthunywa okhethekileyo woxolo, “iNkosana Yoxolo” kaYehova eyaxelwa kwangaphambili.—Isaya 9:6, 7.

4. Iyintoni intsingiselo (a) yobuso ‘obunjengelanga’ bengelosi enamandla? (b) yeenyawo zengelosi ‘ezinjengeentsika zomlilo’?

4 Ubuso bengelosi enamandla “bunjengelanga.” Ngaphambilana, kumbono wakhe ongoYesu ekwitempile yobuthixo, uYohane wayethe ubuso bukaYesu “babunjengelanga xa likhanya ngamandla alo.” (ISityhilelo 1:16) UYesu, ‘njengelanga lobulungisa,’ ukhanyisa enophiliso emaphikweni akhe ukuze kungenelwe abo boyika igama likaYehova. (Malaki 4:2) Asibobuso nje kuphela kodwa kwaneenyawo zale ngelosi zinobuqaqawuli ‘okweentsika zomlilo.’ Ukuma kwayo ngokuqinileyo kokwaLowo unikwe nguYehova “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.”—Mateyu 28:18; ISityhilelo 1:14, 15.

5. Yintoni uYohane ayibona iphethwe yingelosi enamandla?

5 UYohane uvakalisa okungakumbi esithi: “Yaye esandleni sayo yayinomsongo omncinane uvulekile. Yabeka unyawo lwayo lwasekunene elwandle, lwaza olwasekhohlo lwasemhlabeni.” (ISityhilelo 10:2) Ngaba kukho omnye umsongo? Ewe ukho, kodwa ngeli xesha awutywinwanga. Sikunye noYohane, kungekudala sinokulindela ukubona izityhilelo ezingakumbi ezichulumancisayo. Noko ke, okokuqala sixelelwa indlela okuza kwenzeka ngayo okuza kulandela.

6. (a) Kutheni le nto kufanelekile ukuba iinyawo zikaYesu zibe phezu komhlaba nolwandle? (b) INdumiso 8:5-8 yazaliseka ngokupheleleyo nini?

6 Masibuyele kwingcaciso engoYesu. Iinyawo zakhe ezinjengomlilo zisemhlabeni naselwandle, ndawo ezo ngoku asebenzisa kuzo igunya lakhe elipheleleyo. Kunjengokuba kanye kuchazwe kwindumiso yesiprofeto kwathiwa: “[Wena Yehova] wamenza [uYesu] wangaphantsi kancinane kwabo banjengothixo, waza wamthwesa ngozuko nobungangamsha. Umenza alawule imisebenzi yezandla zakho; yonke into uyibeke phantsi kweenyawo zakhe: amathole neenkabi zeenkomo, zonke, kwanamarhamcwa asendle, iintaka zezulu neentlanzi zolwandle, nantoni na edlula kwiindlela zeelwandle.” (INdumiso 8:5-8; bona kwanamaHebhere 2:5-9.) Le ndumiso yazaliseka ngokupheleleyo ngowe-1914, xa uYesu wamiselwa njengoKumkani woBukumkani bukaThixo kwaza kwaqalisa nexesha lesiphelo. Ngaloo ndlela, okubonwa nguYohane apha embonweni kusebenza ukususela kuloo nyaka.—INdumiso 110:1-6; IZenzo 2:34-36; Daniyeli 12:4.

Iindudumo Ezisixhenxe

7. Ingelosi enamandla idanduluka ngayiphi indlela, yaye iyintoni intsingiselo yokudanduluka kwayo?

7 Ukucinga kukaYohane ngale ngelosi inamandla kuphazanyiswa yingelosi ngokwayo: “Yadanduluka [ingelosi] ngelizwi elikhulu ngathi yingonyama igquma. Yathi yakudanduluka, iindudumo ezisixhenxe zavakalisa amazwi azo.” (ISityhilelo 10:3) Imikhwazo enamandla ngolu hlobo yayiya kutsala ingqalelo kaYohane, iqinisekisa ukuba uYesu ngokwenyaniso ‘uyiNgonyama yesizwe sikaYuda.’ (ISityhilelo 5:5) Kwakhona uYohane wayeya kuqonda ukuba noYehova, maxa wambi kuthiwa ‘uyagquma.’ Ukugquma kukaYehova ngokuprofetayo kuvakalisa ukuhlanganiswa kwakhona koSirayeli wokomoya nokuza ‘kwemini kaYehova’ yentshabalalo. (Hoseya 11:10; Yoweli 3:14, 16; Amosi 1:2; 3:7, 8) Ngoko, ngokucacileyo, umgqumo onjengowengonyama wale ngelosi inamandla uzixela kwangaphambili iziganeko ezikhulu ezifanayo eziza kwenzeka elwandle nasemhlabeni. Uhlaba ikhwelo kwiindudumo ezisixhenxe ukuba zithethe.

8. Ayintoni ‘amazwi eendudumo ezisixhenxe’?

8 Ngaphambili uYohane uzivile iindudumo zivela kwitrone kaYehova. (ISityhilelo 4:5) Emva phayaa ngomhla kaDavide, indudumo yokoqobo maxa wambi kwakuthethwa ngayo ‘njengelilizwi likaYehova.’ (INdumiso 29:3) Xa uYehova wavakalisa injongo yakhe yokuzukisa igama lakhe ngemihla yobulungiseleli bukaYesu basemhlabeni, kwabaninzi oko kwavakala njengendudumo. (Yohane 12:28, 29) Ngoko ke, kusengqiqweni ukugqiba ngelokuba ‘amazwi eendudumo ezisixhenxe’ kukuvakalisa kukaYehova iinjongo zakhe. Isibakala sokuba kube kwakukho iindudumo “ezisixhenxe” sibonisa ukuba oko kweviwa nguYohane kwakuphelele.

9. Ilizwi elivela ezulwini liyalela ukuba kwenziwe ntoni?

9 Kodwa khawuphulaphule! Kuvakala elinye ilizwi. Lizisa umyalelo omele ubonakale umangalisa kuYohane: “Ndithe xa ndiza kuyibhala into eyayithethwa ziindudumo ezisixhenxe, ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: ‘Zitywine izinto iindudumo ezisixhenxe ezizithethileyo, uze ungazibhali phantsi.’” (ISityhilelo 10:4) UYohane umele ukuba wayexhalabele ukuva nokubhala ezo zigidimi ziziindudumo, kanye njengokuba udidi lukaYohane namhlanje lumlindele ngolangazelelo uYehova ukuba atyhile iinjongo zakhe zobuthixo ukuze zipapashwe. Izityhilelo ezinjalo zifika kuphela ngexesha elimiselwe nguYehova.—Luka 12:42; bona kwanoDaniyeli 12:8, 9.

Ukupheleliswa Kwemfihlelo Engcwele

10. Ingelosi enamandla ifunga ngabani, yaye ivakalisa ntoni?

10 Okweli xesha, uYehova unolunye uthumo alunikela kuYohane. Emva kokuba kuvakale iindudumo ezisixhenxe, ingelosi enamandla iphinda ithethe isithi: “Yaye ingelosi endayibonayo imi elwandle nasemhlabeni yaphakamisela ezulwini isandla sayo sasekunene, yaza ngaLowo uphila ngonaphakade kanaphakade, owadala izulu nezinto ezikulo nomhlaba nezinto ezikuwo nolwandle nezinto ezikulo, yafunga yathi: ‘Akusayi kulityaziswa.’” (ISityhilelo 10:5, 6) Le ngelosi inamandla ifunga ngabani? UYesu ozukisiweyo akafungi ngaye siqu, kodwa ufunga ngelona Gunya liphakamileyo kuwo onke, uYehova, uMdali ongenakufa wamazulu nomhlaba. (Isaya 45:12, 18) Ngesi sifungo, ingelosi iqinisekisa uYohane ukuba uThixo akayi kulibazisa.

11, 12. (a) Iyintoni intsingiselo yokuba “akusayi kulityaziswa”? (b) Yintoni epheleliswayo?

11 Igama lesiGrike elithi khroʹnos eliguqulelwe apha ngokuthi ‘ukulibazisa,’ ngokoqobo lithetha “ixesha.” Ngaloo ndlela bambi baye bavakalelwa kukuba la mazwi avakaliswa yingelosi amele aguqulelwe ngokuthi: “Akuyi kuba sabakho xesha,” ngokungathi ixesha njengoko silazi liya kuphela. Kodwa igama elithi khroʹnos apha alisetyenziswanga nedefinite article. Ngoko alithethi ixesha ngokubanzi kodwa, kunoko, “ixesha elithile” okanye “isihlandlo sexesha.” Ngamany’ amazwi, uYehova akayi kulinda isihlandlo sexesha elingakumbi (okanye, alibale). Isenzi sesiGrike esiphuma kwigama elithi khroʹnos sikwasetyenziswe kumaHebhere 10:37, apho uPawulos, ecaphula kuHabhakuki 2:3, 4, ebhala esithi ‘lowo uzayo akayi kulibala.’

12 “Akusayi kulityaziswa”—hayi indlela loo mazwi anomtsalane ngayo kudidi lukaYohane olwalupheleyo namhlanje! Kungayiphi indlela ekuthi kungalityaziswa ngayo? UYohane uyasazisa esithi: “Kodwa iya kuthi yakufika imihla yokuba ingelosi yesixhenxe ivuthele ixilongo layo, ipheleliswe imfihlelo engcwele kaThixo ngokweendaba ezilungileyo awazivakalisayo kumakhoboka akhe abaprofeti.” (ISityhilelo 10:7) Lifikile ixesha likaYehova lokuzisa imfihlelo yakhe engcwele kwincopho yayo eyonwabisayo, ize iphumelele ngokuzukileyo!

13. Iyintoni imfihlelo engcwele kaThixo?

13 Iyintoni le mfihlelo ingcwele? Iquka imbewu eyathenjiswa ekuqaleni e-Eden, eyangqineka ngokuyintloko inguYesu Kristu. (Genesis 3:15; 1 Timoti 3:16) Ikwanento yokwenza nomfazi ekuphuma kuye iMbewu. (Isaya 54:1; Galati 4:26-28) Ngokungakumbi, iquka amalungu esibini odidi lwembewu noBukumkani obulawulwa yiMbewu. (Luka 8:10; Efese 3:3-9; Kolose 1:26, 27; 2:2; ISityhilelo 1:5, 6) Iindaba ezilungileyo ezingobu Bukumkani basezulwini bukhethekileyo zimele zishunyayelwe kuwo wonke umhlaba ebudeni bexesha lesiphelo.—Mateyu 24:14.

14. Kutheni le nto uyeha wesithathu ehlanganiswa noBukumkani bukaThixo?

14 Ngokuqinisekileyo, ezi zezona ndaba zilungileyo. Kanti, kwiSityhilelo 11:14, 15, uyeha wesithathu uhlanganiswa noBukumkani. Ngoba? Ngenxa yokuba, ukuvakaliswa kweendaba ezilungileyo zokuba imfihlelo engcwele kaThixo igqityiwe—oko kukuthi, uBukumkani bukaThixo obungoMesiya bufikile—kuziindaba ezibangel’ uyeha kubantu abakhetha inkqubo yezinto kaSathana. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 2:16.) Kuthetha ukuba ihlabathi abalithanda gqitha sele liza kutshatyalaliswa. Amazwi eendudumo ezisixhenxe nanezilumkiso ezisisaqhwithi ezisongela ngaloo ndlela, aya ecaca yaye evakala ngakumbi njengoko imini enkulu yempindezelo kaYehova isondela.—Zefaniya 1:14-18.

Umsongo Ovulekileyo

15. Ilizwi elivela ezulwini nakwingelosi enamandla limxelela ntoni uYohane, yaye uyintoni umphumo kuYohane?

15 Ngoxa uYohane elindele ukuvuthelwa kweli xilongo lesixhenxe nokugqityezelwa kwemfihlelo engcwele kaThixo, unikwa isabelo esingakumbi: “Kwakhona ilizwi endalivayo liphuma ezulwini lathetha nam lisithi: ‘Hamba, uwuthabathe umsongo ovulekileyo osesandleni sengelosi emi elwandle nasemhlabeni.’ Ndaya ke kuyo ingelosi ndaza ndayicela ukuba indinike umsongo omncinane. Yathi kum: ‘Wuthabathe uze uwutye uwugqibe, kwaye uya kusenza krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho uya kuba mnandi njengobusi.’ Ndawuthabatha umsongo omncinane esandleni sengelosi ndaza ndawutya ndawugqiba, yaye emlonyeni wam wawumnandi njengobusi; kodwa xa ndawutyayo ndawugqiba, saba krakra isisu sam. Baza bathi kum: ‘Umele uprofete kwakhona ngokubhekisele kwizizwana neentlanga neelwimi nookumkani abaninzi.’”—ISityhilelo 10:8-11.

16. (a) Umprofeti uHezekile waba nawo njani amava afana nakaYohane? (b) Kutheni le nto umsongo wavakala unencasa kuYohane, kodwa kutheni kwakukrakra nje ukuwetyisa?

16 Amava kaYohane abufana nalawo omprofeti uHezekile ebudeni bokuthinjelwa kwakhe kwilizwe laseBhabhiloni. Naye wayalelwa ukuba adle umsongo owawunencasa emlonyeni wakhe. Kodwa xa wahluthayo nguwo, wamenza wanembopheleleko yokuxela kwangaphambili ngezinto ezibuhlungu ezaziza kwehlela indlu kaSirayeli enemvukelo. (Hezekile 2:8–3:15) Umsongo ovulekileyo odluliselwa nguYesu Kristu ozukisiweyo kuYohane nawo usisigidimi sobuthixo. UYohane uza kushumayela ‘ngezizwana neentlanga neelwimi nookumkani abaninzi.’ Lo msongo unencasa xa ewudla kuba uvela kuThixo. (Thelekisa iNdumiso 119:103; Yeremiya 15:15, 16.) Kodwa uwufumanisa ukrakra xa ewetyisa kuba—njengokuba kwakunjalo ngaphambili kuHezekile—uxela kwangaphambili ngezinto ezibuhlungu eziza kwehlela abantu abanemvukelo.—INdumiso 145:20.

17. (a) Ngoobani abaxelela uYohane ukuba aprofete “kwakhona” yaye kuthetha ntoni oku? (b) Umbono obalaseleyo owabonwa nguYohane wawufanele uzaliseke nini?

17 Abo baxelela uYohane ukuba aprofete kwakhona ngokungathandabuzekiyo nguYehova uThixo noYesu Kristu. UYohane, nangona ethinjelwe kwisiqithi sasePatmos, sele eprofetile ngezizwana, iintlanga, iilwimi nangookumkani ngenkcazelo ebhalwe ukuza kuthi ga ngoku kwincwadi yeSityhilelo. Igama elithi “kwakhona” lithetha ukuba umele abhale aze apapashe yonke inkcazelo eseleyo ebhalwe kwincwadi yeSityhilelo. Kodwa khumbula, apha uYohane ngokwenene unenxaxheba kumbono wesiprofeto. Enyanisweni, akubhalayo kusisiprofeto esiza kuzaliseka emva kowe-1914, xa ingelosi enamandla ithabatha inyathelo nxamnye nomhlaba nolwandle. Ngoko, uthetha ntoni lo mbono ubalaseleyo kudidi lukaYohane namhlanje?

Umsongo Omncinane Namhlanje

18. Ekuqaleni kwemini yeNkosi, nguwuphi umdla owabonakaliswa ludidi lukaYohane kwincwadi yeSityhilelo?

18 Okubonwa nguYohane ngendlela ephawulekayo kufanekisela kwangaphambili amava odidi lukaYohane ekuqaleni kwemini yeNkosi. Ukuqonda kwalo iinjongo zikaYehova, kuquka intsingiselo yeendudumo ezisixhenxe kwakungekapheleli. Sekunjalo, lwalunomdla onzulu kwiSityhilelo, yaye uCharles Taze Russell wayegqabaze ngeenxalenye ezininzi zaso ebudeni bexesha lokuphila kwakhe. Emva kokufa kwakhe ngowe-1916, uninzi lwezinto awazibhalayo lwaqokelelwa lwaza lwapapashwa kwincwadi enomxholo othi The Finished Mystery. Noko ke, ekuhambeni kwexesha, le ncwadi yangqineka inganelisi njengengcaciso yeSityhilelo. Intsalela yabazalwana bakaKristu kwafuneka ilinde ithutyana, de imibono iqalise ukuzaliseka, ukuze kuqondwe ngokuchanileyo loo ngxelo iphefumlelweyo.

19. (a) Lwasetyenziswa njani udidi lukaYohane nguYehova uThixo kwanangaphambi kokupapashwa ngokupheleleyo kwamazwi eendudumo ezisixhenxe? (b) Lwawunikwa nini udidi lukaYohane umsongo ovulekileyo, yaye oku kwathetha ntoni kulo?

19 Noko ke, njengoYohane, lwasetyenziswa nguYehova kwanangaphambi kokupapashwa ngokupheleleyo kwamazwi eendudumo ezisixhenxe. Lwalushumayele ngenkuthalo kangangeminyaka engama-40 ngaphambi kowe-1914, ibe lwaluzabalazele ukuhlala lukhuthele ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala. Lwaluzingqine lungabo bathi, xa inkosi yafikayo, bafunyanwa benikela ukudla ngexesha elifanelekileyo kwabendlu. (Mateyu 24:45-47) Ngaloo ndlela, ngowe-1919 lwanikwa umsongo ovulekileyo—oko kukuthi, isigidimi esicacileyo sokusishumayela eluntwini. NjengoHezekile lwalunesigidimi olwalumele lusise kwintlangano engathembekanga—iNgqobhoko—eyayisithi ikhonza uThixo kodwa, enyanisweni, yayingamkhonzi. NjengoYohane kwakufuneka lushumayele ngokungakumbi ‘ngezizwana, iintlanga, iilwimi nangookumkani abaninzi.’

20. Ukutya kukaYohane umsongo kwafanekisela ntoni?

20 Ukutya kukaYohane umsongo kwafanekisela ukuba abazalwana bakaYesu basamkela esi sabelo. Saba yinxalenye yabo kangangokuba ngoku bafaniswa ngeli candelo leLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, bezuza isondlo kulo. Kodwa oko kwakufuneka bakushumayele kwakunamazwi emigwebo kaYehova awayengathandeki kuluntu oluninzi. Ngenene, kwakuquka izibetho ezaxelwa kwangaphambili kwiSityhilelo isahluko 8. Noko ke, kwakumnandi kula maKristu anyanisekileyo ukwazi ngaloo migwebo nokuqonda ukuba kwakhona ayesetyenziswa nguYehova ekuyivakaliseni.—INdumiso 19:9, 10.

21. (a) Isigidimi somsongo omncinane sibe nencasa njani kwanakwisihlwele esikhulu? (b) Kutheni le nto iindaba ezilungileyo iziindaba ezimbi kubachasi?

21 Ekuhambeni kwexesha, isigidimi salo msongo omncinane saba nencasa ‘nakwisihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nezizwana, neelwimi’ esafunyanwa sigcuma ngenxa yezinto ezicekisekayo esazibona zisenziwa kwiNgqobhoko. (ISityhilelo 7:9; Hezekile 9:4) Naso sazivakalisa ngamandla iindaba ezilungileyo, sisebenzisa amazwi anencasa namnandi ukuchaza ilungiselelo likaYehova elimangalisayo elenzelwe amaKristu anjengezimvu. (INdumiso 37:11, 29; Kolose 4:6) Kodwa kubachasi, ezi ziindaba ezimbi. Ngoba? Zithetha ukuba inkqubo abakholose ngayo—nesenokuba ide yabazisela ulwaneliseko lokwexeshana—imele itshabalale. Kubo iindaba ezilungileyo zithetha imbubhiso.—Filipi 1:27, 28; thelekisa iDuteronomi 28:15; 2 Korinte 2:15, 16.

[Imifanekiso ekwiphepha 160]

Udidi lukaYohane nabanxulumene nalo bavakalisa isigidimi esinencasa nesikrakra kuluntu lonke

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share