Isahluko 44
ISityhilelo Nawe
1. (a) Sisiphi isiqinisekiso esinikelwa yingelosi kuYohane mayela nazo zonke izithembiso ezimangalisayo ezikwiSityhilelo? (b) Ngubani lo uthi, “Ndiyeza ngokukhawuleza,” yaye ‘uza’ nini?
XA UFUNDA ngengcaciso echulumancisayo yeYerusalem Entsha, usenokushukunyiselwa ukuba ubuze uthi: ‘Ngaba into emangalisa kangaka inokubakho ngenene?’ UYohane uyawuphendula loo mbuzo ngokuchaza amazwi alandelayo engelosi: “Yaza yathi kum: ‘La mazwi athembekile yaye ayinyaniso; ewe, uYehova uThixo wamazwi aphefumlelweyo abaprofeti wathumela ingelosi yakhe ukuba ibonise amakhoboka akhe izinto ezimele zenzeke kamsinya. Kwaye, khangela! ndiyeza ngokukhawuleza. Unoyolo nabani na owagcinayo amazwi esiprofeto salo msongo.’” (ISityhilelo 22:6, 7) Zonke izithembiso ezimangalisayo zeSityhilelo ziya kuzaliseka ngenene! Ithetha egameni likaYesu, ingelosi ivakalisa ukuba uYesu uyeza kungekudala, “ngokukhawuleza.” Oku kumele ukuba kukuza kukaYesu “njengesela” ukuze atshabalalise iintshaba zikaYehova nokuze azise incopho ezukileyo neyonwabisayo yeSityhilelo. (ISityhilelo 16:15, 16) Ngoko ke, ubomi bethu simele sibuvisisanise namazwi alo “msongo,” iSityhilelo, ukuze sivakaliswe singabonwabileyo ngelo xesha.
2. (a) UYohane usabela njani kwinkcazelo etyebileyo yesityhilelo, yaye ingelosi imxelela ntoni? (b) Sifunda ntoni kumazwi engelosi athi, “Lumka!” nathi, “Nqula uThixo”?
2 Emva kwenkcazelo eneenkcukacha ngolo hlobo yesityhilelo, kuyaqondakala ukuba uYohane waziva echukumisekile, waza wathi: “Kaloku, mna Yohane ndingulowo wayeziva nowayezibona ezi zinto. Yaye xa ndevayo ndaza ndabona, ndawa phantsi ukuba ndinqule phambi kweenyawo zengelosi eyayindibonisa ezi zinto. Kodwa yathi kum: ‘Lumka! Ungakwenzi oko! Nam ndilikhoboka nje kuphela kunye nawe nabazalwana bakho abangabaprofeti nabo bagcina amazwi alo msongo. Nqula uThixo.’” (ISityhilelo 22:8, 9; thelekisa iSityhilelo 19:10.) Esi silumkiso sichazwe izihlandlo ezibini sokunganquli iingelosi safika ngexesha elifanelekileyo ngosuku lukaYohane, xa abathile kwakubonakala ukuba babeluqhelisela unqulo olunjalo okanye babesithi babetyhilelwa ngokukhethekileyo ziingelosi. (1 Korinte 13:1; Galati 1:8; Kolose 2:18) Namhlanje, oku kubalaselisa isibakala sokuba simele sinqule uThixo kuphela. (Mateyu 4:10) Asimele silonakalise unqulo olunyulu ngokunqula nabani na okanye nantoni na eyenye.—Isaya 42:5, 8.
3, 4. Ingelosi iqhubeka imxelela ntoni uYohane, yaye intsalela ethanjisiweyo iwathobele njani amazwi ayo?
3 UYohane uyaqhubeka esithi: “Yathi kwakhona: ‘Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto salo msongo, kuba ixesha elimisiweyo likufuphi. Lowo wenza okungebobulungisa, makaqhubeke esenza okungebobulungisa; lowo unyhukunyhuku makaqhubeke esenziwa nyhukunyhuku; kodwa lowo ulilungisa makaqhubeke esenza ubulungisa, nalowo ungcwele makaqhubeke engcwalisiwe.’”—ISityhilelo 22:10, 11.
4 Intsalela ethanjisiweyo namhlanje iwathobele amazwi engelosi. Ayiwatywinanga amazwi esiprofeto. Ewe, inkupho yokuqala ngqa yeZion’s Watch Tower and Herald of Christ’s Presence (kaJulayi 1879) yanikela amagqabaza ngeendinyana eziliqela zeSityhilelo. Njengoko siphawulile kwisahluko sethu sokuqala, kwiminyaka edlulileyo amaNgqina kaYehova apapashe ezinye iincwadi ezinikel’ ulwazi ngeSityhilelo. Ngoku kwakhona sitsalel’ ingqalelo yabo bonke abathandi benyaniso kwiziprofeto ezinamandla zeSityhilelo nenzaliseko yazo.
5. (a) Kuthekani ukuba abantu bafuna ukutyeshela izilumkiso nesiluleko esikwiSityhilelo? (b) Bamele basabele njani abalulamileyo nabangamalungisa?
5 Ukuba abantu bafuna ukutyeshela izilumkiso nesiluleko esikwiSityhilelo, mabenjenjalo! “Lowo wenza okungebobulungisa, makaqhubeke esenza okungebobulungisa.” Ukuba bakhetha njalo, abo bazifake ngokupheleleyo ekungcoleni kweli xesha likavula-zibhuqe banokufela koko kungcola. Kungekudala, imigwebo kaYehova iya kuphunyezwa ngokupheleleyo, kuqaliswa ngokutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu. Abantu abalulamileyo mabakhuthale ekuthobeleni amazwi omprofeti athi: “Funani uYehova . . . Funani ubulungisa, funani ululamo. Mhlawumbi niya kufihlwa ngemini yomsindo kaYehova.” (Zefaniya 2:3) Mayela nabo sele bezahlulele kuYehova, “lowo ulilungisa makaqhubeke esenza ubulungisa, nalowo ungcwele makaqhubeke engcwalisiwe.” Izilumko ziyazi ukuba ayikho ingenelo yokwexeshana efumaneka esonweni enokuthelekiswa neentsikelelo ezihlala zihleli eziza kunanditshwa ngabo bafuna ubulungisa nobungcwele. IBhayibhile ithi: “Hlalani nizivavanya enoba niselukholweni kusini na, hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.” (2 Korinte 13:5) Ngokusekelwe kwikhondo olikhethayo uze uhlale kulo, uya kufumana umvuzo wakho.—INdumiso 19:9-11; 58:10, 11.
6. Uthini uYehova njengoko ethetha nabafundi beSityhilelo okwesihlandlo sokugqibela kwesi siprofeto?
6 UYehova, uKumkani wamaphakade, ngoku uthetha nabafundi beSityhilelo okwesihlandlo sokugqibela kwesi siprofeto, esithi: “Khangela! Ndiyeza ngokukhawuleza, ukuze ndivuze ngamnye ngokwemisebenzi yakhe. NdinguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela, isiqalo nesiphelo. Banoyolo abo bayihlambayo imiwunduzo yabo, kuba baya kunikwa igunya lokuya kwimithi yobomi baze bangene esixekweni ngamasango aso. Ngaphandle zizinja nabo basebenzelana nemimoya nabahenyuzi nababulali nabanquli-zithixo naye wonk’ ubani othanda noqhubeka nobuxoki.”—ISityhilelo 22:12-15.
7. (a) UYehova ‘uza ngokukhawuleza’ ukuza kwenza ntoni? (b) Kutheni le nto abefundisi beNgqobhoko bengayi kuba nasabelo kwiYerusalem Entsha?
7 Kwakhona, uYehova uThixo ubalaselisa ulongamo lwakhe lukanaphakade nesibakala sokuba oko wayenenjongo yokukwenza ekuqaleni uya kukwenza ekugqibeleni. ‘Uza ngokukhawuleza’ ukuza kuphumeza umgwebo yaye uza kubavuza abo bamfuna ngenyameko. (Hebhere 11:6) Imilinganiselo yakhe yiyo egqibayo ngabo baya kuvuzwa nabo bangayi kwamkelwa. Abefundisi beNgqobhoko baye benza ‘njengezinja ezingathethiyo,’ bezibetha ngoyaba izenzo ezingcolileyo ezichazwa nguYehova apha. (Isaya 56:10-12; bona neDuteronomi 23:18, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.) Ngokuqinisekileyo, baye ‘bathanda yaye baqhubeka’ neemfundiso neengcamango zobuxoki yaye basityeshele ngokupheleleyo isiluleko sikaYesu esiya kumabandla asixhenxe. Ngenxa yoko, abanasabelo kwiYerusalem Entsha.
8. (a) Ngoobani kuphela ‘abaya kwimithi yobomi,’ yaye kuthetha ntoni oku? (b) Isihlwele esikhulu ‘siyihlambe njani imiwunduzo yaso,’ yaye sikulondoloza njani ukuma kwaso okucocekileyo?
8 Kuphela ngamaKristu athanjisiweyo ‘ahlamba imiwunduzo yawo’ ukuze acoceke emehlweni kaYehova anelungelo “lokuya kwimithi yobomi.” Oko kukuthi, afumana ilungelo lokuzuza ubomi bokungafi kwisigxina sawo sasezulwini. (Thelekisa iGenesis 3:22-24; ISityhilelo 2:7; 3:4, 5.) Emva kokufa kwawo njengabantu, angena kwiYerusalem Entsha ngovuko. Iingelosi ezili-12 ziyawavumela angene, ngoxa zithintela nabani na oqhelisela ubuxoki okanye ukungcola nangona esithi unethemba lasezulwini. Isihlwele esikhulu esisemhlabeni naso ‘siyihlambile imiwunduzo yaso sayenza mhlophe egazini leMvana’ yaye kufuneka silondoloze ukuma kwaso okucocekileyo. Oku sinokukwenza ngokuphepha izenzo zokungcola uYehova alumkisa ngazo apha, nangokusifaka entliziyweni isiluleko sikaYesu esikwizigidimi zakhe ezisixhenxe eziya emabandleni.—ISityhilelo 7:14; isahluko 2 nesesi-3.
9. Ngawaphi amazwi athethwa nguYesu, yaye isigidimi sakhe naso sonke iSityhilelo sibhekiswe koobani ngokuyintloko?
9 Emva koYehova, kuthetha uYesu. Uvakalisa amazwi okhuthazo kwabantliziyo zifanelekileyo abafunda iSityhilelo, esithi: “Mna, Yesu, ndayithuma ingelosi yam ukunikela ubungqina kuni ngezi zinto kuwo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, nekhwezi eliqaqambileyo lokusa.” (ISityhilelo 22:16) Ewe, la mazwi ngokuyintloko aya ‘emabandleni.’ Esi sigidimi, okokuqala sibhekiswa kwibandla lamaKristu athanjisiweyo asemhlabeni. Yonke into ekwiSityhilelo ngokuyintloko ibhekiswe kumaKristu athanjisiweyo, aya kuhlala kwiYerusalem Entsha. Ngelo bandla, isihlwele esikhulu sikwafumana ilungelo lokuzuza ulwazi ngezi nyaniso zixabisekileyo zesiprofeto.—Yohane 17:18-21.
10. Kutheni uYesu wazibiza ngokuba (a) ‘uyingcambu nenzala kaDavide’? (b) ‘ulikhwezi eliqaqambileyo lokusa’?
10 UYesu Kristu wayenikwe imbopheleleko yokudlulisela iSityhilelo kuYohane aze yena asidlulisele ebandleni. UYesu ‘uyingcambu nenzala kaDavide.’ Ngokwenyama wayephuma kuDavide yaye ngaloo ndlela uyafaneleka ukuba nguKumkani woBukumkani bukaYehova. Kwakhona uya kuba ‘nguYise ongunaPhakade’ kaDavide, aze ngaloo ndlela abe ‘yingcambu’ kaDavide. (Isaya 9:6; 11:1, 10) UnguKumkani ongunaphakade nongenakufa okumnombo kaDavide, ozalisekisa umnqophiso kaYehova noDavide, “nekhwezi eliqaqambileyo lokusa” elaxelwa kwangaphambili ngomhla kaMoses. (Numeri 24:17; INdumiso 89:34-37) ‘Ulikhwezi’ eliphumayo, elibangela imini ikhanye. (2 Petros 1:19) Bonke ubuqhophololo botshaba olukhulu oluyiBhabhiloni Enkulu abuzange bukwazi ukuthintela oku kuvela kunobuqaqawuli.
Yithi: “Yiza!”
11. Sisiphi isimemo esiya kuye wonke umntu esinikelwa nguYohane ngoku, yaye ngoobani abasenokusabela kuso?
11 Ngoku lithuba lokuba uYohane athethe. Enentliziyo ephuphuma luxabiso ngenxa yako konke akubonileyo nakuvileyo, uyadanduluka esithi: “Umoya nomtshakazi bathi: ‘Yiza!’ Lowo uvayo makathi: ‘Yiza!’ Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhilelo 22:17) Iingenelo zedini lentlawulelo likaYesu aziyi kupheleliselwa kwi-144 000, kuba apha kumenywa wonke umntu. Umoya kaYehova oshukumisayo usebenza ngodidi lomtshakazi, ukuze esi sigidimi siqhubeke sivakaliswa ngokucacileyo: “Makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (Bona kwanoIsaya 55:1; 59:21.) Nabani na onxanelwe ubulungisa uyamenywa ukuba ‘eze’ aze afumane intabalala elungiselelwe nguYehova. (Mateyu 5:3, 6) Hayi indlela abanelungelo ngayo bonke abo baza kuba ludidi lwasemhlabeni nabasabelayo kwesi simemo sodidi lukaYohane oluthanjisiweyo!
12. Isihlwele esikhulu sisabela njani kwisimemo esikwiSityhilelo 22:17?
12 Ukususela ekuqaleni kweminyaka yee-1930, inani elikhulayo lesihlwele esikhulu ‘belisiva’—linikela ingqalelo kwesi simemo. Njengabathanjisiweyo esikhonza kunye nabo, siye sazuza ukuma okucocekileyo phambi koYehova. Silangazelela ixesha laxa iYerusalem Entsha iya kuhla iphuma ezulwini ukuze ithobele iintsikelelo kuluntu. Sakuba sisivile isigidimi esichulumancisayo seSityhilelo, isihlwele esikhulu asithi nje kuphela “Yiza!” kodwa ngokukhutheleyo sihlanganisela abanye kwintlangano kaYehova, sibaqeqesha ukuba nabo bathi: “Lowo unxaniweyo makeze.” Ngoko inani lesihlwele esikhulu liyaqhubeka likhula, njengoko abangaphezu kwezi-6 000 000 kuso emazweni angama-235 emhlabeni jikelele besabelana nodidi lomtshakazi oluthanjisiweyo olungaphantsi kwama-9 000 ekudluliseni isimemo ‘sokuthabatha amanzi obomi ngesisa.’
13. Sisiphi isilumkiso esivakaliswa nguYesu?
13 Ngokulandelayo, uYesu uphinda athethe, esithi: “Ndinikela ubungqina kubo bonke abawevayo amazwi esiprofeto salo msongo: Ukuba nabani na uyongeza kwezi zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kulo msongo; yaye ukuba nabani na ususa nantoni na kumazwi omsongo wesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isahlulo sakhe emithini yobomi nakwisixeko esingcwele, zinto ezo ekubhalwe ngazo kulo msongo.”—ISityhilelo 22:18, 19.
14. Udidi lukaYohane lusijonga njani ‘isiprofeto’ seSityhilelo?
14 Abo bodidi lukaYohane bamele batsalele ingqalelo kwesi ‘siprofeto’ seSityhilelo. Abamele basifihle okanye basongeze. Isigidimi saso simele sishunyayelwe ngokuphandle, “phezu kwezindlu.” (Mateyu 10:27) ISityhilelo siphefumlelwe nguThixo. Ngubani obeya kuba nenkalipho yokuguqula ilizwi elithethwe nguThixo ngokwakhe nelidluliselwe ngalowo ngoku unguKumkani olawulayo, uYesu Kristu? Ngokuqinisekileyo, umntu onjalo ubeya kufanelwa kukungabufumani ubomi aze afumane izibetho ezimele zehlele iBhabhiloni Enkulu nehlabathi liphela.
15. Iyintoni intsingiselo yamazwi kaYesu athi “unikela ubungqina ngezi zinto” nathi “ndiyeza ngokukhawuleza”?
15 Ngoku uYesu wongeza ilizwi lokugqibela lokhuthazo: “Lowo unikela ubungqina ngezi zinto uthi, ‘Ewe; ndiyeza ngokukhawuleza.’” (ISityhilelo 22:20a) UYesu ‘lingqina elithembekileyo neliyinyaniso.’ (ISityhilelo 3:14) Ukuba uyayingqinela imibono yeSityhilelo, imele ukuba iyinyaniso. Yena noYehova uThixo ngokwakhe ngokuphindaphindiweyo babethelela into yokuba beza “ngokukhawuleza,” yaye apha uYesu ukuthetha okwesihlandlo sesihlanu oko. (ISityhilelo 2:16; 3:11; 22:7, 12, 20) ‘Ukuza’ kwakhe kokokuphumeza umgwebo kwihenyukazi elikhulu, “kookumkani” bobupolitika nabo bonke abanye abachasa ‘ubukumkani beNkosi yethu uYehova nobukaKristu wayo.’—ISityhilelo 11:15; 16:14, 16; 17:1, 12-14.
16. Ekubeni usazi ukuba uYehova uThixo noYesu bayeza ngokukhawuleza, yintoni omele uzimisele ukuyenza?
16 Ukwazi kwakho ukuba uYehova uThixo noYesu bayeza ngokukhawuleza kufanele kukukhuthaze ukuba uhlale ‘ubukhumbula ubukho bemini kaYehova.’ (2 Petros 3:12) Nayiphi na imeko yomhlaba wenkqubo yezinto kaSathana ebonakala izinzile iyinkohliso. Nayiphi na into ebonakala iyimpumelelo esenokufezwa lizulu labalawuli behlabathi abaphantsi kukaSathana yeyokwexeshana. Ezi zinto ziyadlula. (ISityhilelo 21:1) Ekuphela kwento eza kuhlala ihleli yekaYehova, uBukumkani bakhe obuphantsi koYesu Kristu nehlabathi elitsha elithenjiswe nguye. Ungaze uvumele umbono wakho ufiphale kuloo nto!—1 Yohane 2:15-17.
17. Ukuxabisa kwakho ubungcwele bukaYehova kufanele kukuchaphazele njani?
17 Ngoko, ngamana oko ukufundileyo ekufundisiseni kwakho iSityhilelo ungakuvumela ukuba kubuphembelele ngokunzulu ubomi bakho. Ngaba ukukhangela kwakho ngokufutshane kwindawo enoYehova ezulwini akubethelelanga uzuko nobungcwele obugqwesileyo boMdali wethu? (ISityhilelo 4:1–5:14) Elinjani lona ilungelo ekulilo ukukhonza uThixo onjalo! Ngamana ukuxabisa kwakho ubungcwele bakhe kungakushukumisela ekubeni usithabathe nzulu gqitha isiluleko sikaYesu esiya kumabandla asixhenxe uze uziphephe izinto ezinjengokuthanda izinto eziphathekayo, ukunqula izithixo, ukuziphatha okubi, ukuba dikidiki, ukwenziwa kwamahlelo ngabawexuki, okanye nayiphi na enye into enokwenza inkonzo yakho ingamkeleki kuYehova. (ISityhilelo 2:1–3:22) La mazwi ompostile uPetros aya kudidi lukaYohane ayasebenza nakwisihlwele esikhulu: “Ngokuvumelana naLowo Ungcwele wanibizayo, yibani ngcwele nani kuyo yonke ihambo yenu.”—1 Petros 1:15, 16.
18. Nguwuphi umsebenzi omele uwenze ngokupheleleyo kangangoko unako, yaye kutheni ungxamisekile nje namhlanje?
18 Ukongezelela, ngamana ungashukunyiselwa ekubeni nenzondelelo engakumbi njengoko uvakalisa “unyaka wenkoliseko kaYehova nomhla wempindezelo kaThixo wethu.” (Isaya 35:4; 61:2) Enoba ungowomhlambi omncinane okanye ungowesihlwele esikhulu, ngamana ungaba nesabelo ngokupheleleyo ekuvakaliseni ukuphalazwa kwezitya ezisixhenxe zomsindo kaYehova, uthetha ngemigwebo kaThixo kwihlabathi likaSathana. Kwangaxeshanye, nawe zivakalise ngovuyo iindaba ezilungileyo ezingunaphakade ezingoBukumkani obumiselweyo bukaYehova nobukaKristu wakhe. (ISityhilelo 11:15; 14:6, 7) Lo msebenzi wenze ngokungxamisekileyo. Yaye ngamana ukuqonda ukuba sikwimini yeNkosi kungashukumisa abaninzi abangekabi ngabakhonzi bakaYehova ukuba bathelele kumsebenzi wokuvakaliswa kweendaba ezilungileyo. Ngamana nabo bangenza inkqubela yokwahlulela ubomi babo kuThixo bejonge kubhaptizo. Khumbula, “ixesha elimisiweyo likufuphi”!—ISityhilelo 1:3.
19. Ngawaphi amazwi okuqukumbela avakaliswa ngumpostile uYohane owalupheleyo, yaye usabela njani kuwo?
19 Ngaloo ndlela, sinoYohane, ngokunyanisekileyo siyathandaza sisithi: “Amen! Yiza, Nkosi Yesu.” Ibe uYohane, umpostile osele ekhulile, wongezelela athi: “Ngamana ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu bungaba nabo bangcwele.” (ISityhilelo 22:20b, 21) Ngamana bungaba nani nonke nina nifunda le mpapasho. Ngamana ningaba nokholo lokuba incopho ezukileyo yeSityhilelo isondele, ukuze nani nisithelele ekuthini “Amen!”
[Umfanekiso okwiphepha 314]
“Ngaphandle zizinja . . . ”
[Umfanekiso okwiphepha 315]
“Banoyolo abo . . . bangene esixekweni ngamasango aso”