Isahluko 32
Ukugqityezelwa Komsindo KaThixo
1. Kuya kuba kwenzeke ntoni xa izitya ezisixhenxe ziphalazwe zagqitywa, yaye kuphakama yiphi imibuzo ngoku ngokubhekisele ezityeni?
UYOHANE sele esazisile ngeengelosi ezathunywa ukuba ziphalaze izitya ezisixhenxe. Usixelela ukuba “ezi zezokugqibela, ngenxa yokuba ngazo umsindo kaThixo uphelelisiwe.” (ISityhilelo 15:1; 16:1) Ezi zibetho, ezityhila izohlwayo zikaYehova ngenxa yobungendawo obusemhlabeni, zimele ziphalazwe zigqitywe. Xa sele ziphalazwe zagqitywa, imigwebo kaThixo iya kuba iphunyeziwe. Ihlabathi likaSathana loba lingasekho! Ezi zibetho zixela ntoni ngoluntu nangabalawuli bale nkqubo ingendawo ikhoyo? AmaKristu anokukuphepha njani ukufunyanwa zezi zibetho kunye neli hlabathi ligwetyiweyo? Le yimibuzo ebalulekileyo, ibe ngoku imele iphendulwe. Bonke abanqwenela ukuba ubulungisa boyise baya kuba nomdla wokwenene koko kubonwa nguYohane ngokulandelayo.
Ingqumbo KaYehova Nxamnye ‘Nomhlaba’
2. Uyintoni umphumo wokuphalaza kwengelosi yokuqala isitya sayo emhlabeni, yaye ufuzisela ntoni ‘umhlaba’?
2 Ingelosi yokuqala iphumeza isenzo! “Yemka eyokuqala, yasiphalaza isitya sayo emhlabeni. Kwabakho isilonda esenzakalisayo nesibuhlungu ebantwini ababenophawu lwerhamncwa nababenqula umfanekiso walo.” (ISityhilelo 16:2) Njengoko kunjalo ekuvuthelweni kwexilongo lokuqala, ‘umhlaba’ apha ufuziselwa yinkqubo yobupolitika ebonakala izinzile uSathana awaqalisa ukuyakha apha emhlabeni emva phayaa ngexesha likaNimrodi, kwiminyaka engaphezu kwama-4 000 eyadlulayo.—ISityhilelo 8:7.
3. (a) Oorhulumente abaninzi bakufune njani ngegunya oko kufana nokunqulwa ngabalawulwa babo? (b) Yintoni eveliswe ziintlanga njengemela uBukumkani bukaThixo, yaye uyintoni umphumo kwabo bayinqulayo?
3 Kule mihla yokugqibela, oorhulumente abaninzi baye bakufuna ngegunya oko kufana nokunqulwa ngabalawulwa babo, besithi uRhulumente umele azukiswe kunoThixo okanye kubonakaliswe ukunyaniseka kuye ngaphezu kwayo nayiphi na enye into. (2 Timoti 3:1; thelekisa uLuka 20:25; Yohane 19:15.) Ukususela ngowe-1914 kuye kwaba yinto eqhelekileyo ngeentlanga ukuba zigayele ulutsha lwazo emfazweni, okanye lulungele ukulwa, uhlobo lwemfazwe eye yaphalaza igazi kanobom kwimbali yanamhla. Ebudeni bemini yeNkosi, iintlanga zikwavelise umfanekiso werhamncwa—uManyano Lwezizwe nelandela lalo, iZizwe Ezimanyeneyo, njengento emela uBukumkani bukaThixo. Esinjani sona isinyeliso ukuvakalisa ukuba eli qumrhu lenziwe ngabantu lelikuphela kwethemba leentlanga ekuzisweni koxolo, njengoko oopopu bakutshanje beye benjenjalo! Liye labuchasa uBukumkani bukaThixo. Abo balinqulayo baba ngabangacocekanga nabanezilonda ngokomoya, kanye njengokuba amaYiputa awayechase uYehova ngomhla kaMoses afumana izibetho ngamanxeba nangezilonda.—Eksodus 9:10, 11.
4. (a) Yintoni ebalaseliswa ngamandla zizinto ezikwisitya sokuqala somsindo kaThixo? (b) UYehova ubajonga njani abo bamkela uphawu lwerhamncwa?
4 Izinto ezikwesi sitya zilubalaselisa ngamandla ukhetho oluphambi kwabantu. Bamele beve ubunzima bokungamkeleki ehlabathini okanye bengqumbo kaYehova. Uluntu luye lwanyanzelelwa ukuba lwamkele uphawu lwerhamncwa kangangokuba “kungabikho bani ukwaziyo ukuthenga okanye ukuthengisa ngaphandle komntu onalo uphawu, igama lerhamncwa okanye inani legama lalo.” (ISityhilelo 13:16, 17) Kodwa ukho umvuzo omele ufunyanwe ngenxa yoku! UYehova ubajonga abo bamkela uphawu njengababethwe ‘sisilonda esenzakalisayo nesibuhlungu.’ Ukususela ngowe-1922 baye baphawulwa ekuhleni njengabamchasileyo uThixo ophilileyo. Amacebo abo obupolitika akaphumelelanga, yaye bayanxunguphala. Abacocekanga ngokomoya. Ngaphandle kokuba baguquke, oku kugula ‘kwenzakalisayo’ akuyi kuphela, kuba ngoku ngumhla kaYehova womgwebo. Umntu umele abe necala alithabathayo phakathi kwenkqubo yezinto kaSathana nokukhonza uYehova ngakuKristu wakhe.—Luka 11:23; thelekisa uYakobi 4:4.
Ulwandle Luba Ligazi
5. (a) Kwenzeka ntoni xa isitya sesibini siphalazwa? (b) UYehova ubajonga njani abo bakulwandle lokomfuziselo?
5 Ngoku kumele kuphalazwe isitya sesibini somsindo kaThixo. Kuza kuthetha ntoni kuluntu? UYohane uyasixelela esithi: “Eyesibini yasiphalaza isitya sayo elwandle. Lwaba ligazi elinjengelomntu ofileyo, yaza yafa yonke imiphefumlo ephilayo elwandle.” (ISityhilelo 16:3) Njengokuvuthelwa kwexilongo kwesibini, esi sitya siphalazelwa “elwandle”—inginginya yoluntu engazolanga, enemvukelo netyekileyo kuYehova. (Isaya 57:20, 21; ISityhilelo 8:8, 9) Emehlweni kaYehova, olu ‘lwandle’ lufana negazi, alufanelekanga ukuba izidalwa zingaphila kulo. Kungeso sizathu le nto amaKristu emele angabi yonxalenye yehlabathi. (Yohane 17:14) Ukuphalazwa kwesitya sesibini somsindo kaThixo kutyhila ukuba lonke uluntu olukolu lwandle lufile emehlweni kaYehova. Ngenxa yokuba uluntu ngokubanzi lujongwa lunetyala, abantu banetyala lokuphalaza ngokumasikizi igazi labantu abamsulwa. Xa imini yomsindo kaYehova ifika, baya kufa ngokoqobo bebulawa yimikhosi yakhe etshabalalisayo.—ISityhilelo 19:17, 18; thelekisa amaEfese 2:1; Kolose 2:13.
Ukunikwa Kwabo Igazi Ukuba Balisele
6. Kwenzeka ntoni xa isitya sesithathu siphalazwa, yaye ngawaphi amazwi aviwa evela kwingelosi nasesibingelelweni?
6 Isitya sesithathu somsindo kaThixo, njengokuvuthelwa kwexilongo lesithathu, sinomphumo kwimithombo ehlaziyayo yamanzi. “Eyesithathu yasiphalaza isitya sayo emilanjeni nasemithonjeni yamanzi. Yajika yaba ligazi. Ndaza ndeva ingelosi ephezu kwamanzi isithi: ‘Ulilungisa Wena ukhoyo nowayekho, Wena unyanisekileyo, ngokuba uye wagqiba ekuthini, njengoko beliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti, nabo ubanike igazi ukuba balisele. Kubafanele oko.’ Yaye ndeva isibingelelo sisithi: ‘Ewe, Yehova, Thixo Somandla, ziyinyaniso yaye zibubulungisa izigwebo zakho.’”—ISityhilelo 16:4-7.
7. Ifanekisela ntoni ‘imilambo nemithombo yamanzi’?
7 Le ‘milambo nemithombo yamanzi’ ifanekisela imithombo ekufane kuthiwe iyahlaziya ekhokelayo neyobulumko eyamkelwa leli hlabathi, enjengeengcamango zobupolitika, zoqoqosho, zenzululwazi, zemfundo, zentlalo nezonqulo ezikhokela indlela abantu abenza ngayo izinto nezigqibo abazenzayo. Kunokuba bakhangele kuYehova, onguMthombo wobomi, ukuze bafumane inyaniso enik’ ubomi, abantu ‘bazimbele amaqula aqhekekileyo’ baza babusela ngokugqithiseleyo ‘ubulumko beli hlabathi obububudenge kuThixo.’—Yeremiya 2:13; 1 Korinte 1:19; 2:6; 3:19; INdumiso 36:9.
8. Uluntu luzizisele ngaziphi iindlela ityala legazi?
8 ‘Amanzi’ angcole ngolo hlobo aye abangela abantu ukuba babe netyala legazi, ngokomzekelo, aye abakhuthaza ukuba baphalaze igazi ngokugqithiseleyo kwiimfazwe zenkulungwane edluleyo, ezasuba imiphefumlo yabantu abangaphezu kwekhulu lezigidi. Ingakumbi kwiNgqobhoko, apho kwaqhambuka khona iimfazwe zehlabathi ezimbini, abantu baye ‘bakhawuleza ukuphalaza igazi elimsulwa,’ yaye oku kuye kwaquka igazi lamangqina kaThixo. (Isaya 59:7; Yeremiya 2:34) Kwakhona abantu baye bazizisela ityala legazi ngokusebenzisa kwabo kakubi igazi ngokulitofela, besaphula imithetho kaYehova yobulungisa. (Genesis 9:3-5; Levitikus 17:14; IZenzo 15:28, 29) Ngenxa yoku, sele befumene ubuhlungu ngokwanda kwesifo sikaGawulayo, isifo sesibindi nezinye izifo ngenxa yokutofela igazi. Imbuyekezo epheleleyo ngenxa yalo lonke ityala legazi iya kufika kungekudala xa abaphuli bomthetho befumana isohlwayo esikhulu, benyathelwa “kwisixovulelo esikhulu sewayini yomsindo kaThixo.”—ISityhilelo 14:19, 20.
9. Ukuphalazwa kwesitya sesithathu kuquka ntoni?
9 Ngomhla kaMoses, xa uMlambo umNayile wajikwa waba ligazi, amaYiputa akwazi ukuhlala ephila ngokufuna eminye imithombo yamanzi. (Eksodus 7:24) Noko ke, namhlanje ebudeni besibetho sokomoya, akukho ndawo apho abantu kwihlabathi likaSathana banokufumana khona amanzi anik’ ubomi. Ukuphalazwa kwesi sitya sesithathu kuquka ukuvakaliswa kwento yokuba ‘imilambo nemithombo yamanzi’ yehlabathi injengegazi, izisa ukufa kokomoya kubo bonke abasela kuyo. Ngaphandle kokuba abantu baphethukela kuYehova, banokufumana umgwebo wakhe oqatha.—Thelekisa uHezekile 33:11.
10. Yintoni eyaziswa ‘yingelosi,’ ibe bubuphi ubungqina obongezelelwa ‘sisibingelelo’?
10 “Ingelosi ephezu kwamanzi,” oko kukuthi, ingelosi ephalazela esi sitya emanzini, iphakamisa uYehova njengoMgwebi Wendalo Iphela, ozigqibo zakhe zobulungisa zizezipheleleyo. Ngoko ke, ithi ngalo mgwebo: ‘Ubafanele.’ Alithandabuzeki elokuba le ngelosi yazibonela ngokobuqu ukuphalazwa kwegazi elininzi nenkohlakalo eyabangelwa ziimfundiso neengcamango zobuxoki zeli hlabathi lingendawo kumawakawaka eminyaka eyadlulayo. Ngenxa yoko, siyazi ukuba isigqibo sikaYehova somgwebo sifanelekile. ‘Kwanesibingelelo’ sikaThixo siyathetha. KwiSityhilelo 6:9, 10, imiphefumlo yabo bafela ukholo kuthiwa ingaphantsi kweso sibingelelo. Ngoko “isibingelelo” songezelela ubungqina obunamandla bokuba sesikweni nokuba nobulungisa kwezigqibo zikaYehova.a Ngokuqinisekileyo, kufanelekile ukuba abo baye baphalaza igazi elininzi gqitha baza balisebenzisa kakubi banyanzelelwe ukuba balisele, nto leyo efuzisela ukugwetywa kwabo nguYehova ngokufa.
Ukutshiswa Kwabantu Ngomlilo
11. Isitya sesine somsindo kaThixo siphalazelwa entwenini, yaye kwenzeka ntoni sakuba siphalaziwe?
11 Isitya sesine somsindo kaThixo siphalazelwa elangeni. UYohane usixelela ngale ndlela: “Eyesine yasiphalaza isitya sayo elangeni; laza ilanga lanikwa ukuba libagqatse abantu ngomlilo. Abantu bagqatswa bubushushu obukhulu, kodwa balinyelisa igama likaThixo, onegunya phezu kwezi zibetho, yaye abazange baguquke baze bamzukise.”—ISityhilelo 16:8, 9.
12. Liyintoni eli ‘langa’ lehlabathi, yaye yintoni enikwa eli langa lokomfuziselo?
12 Namhlanje, ekuphelisweni kwenkqubo yezinto, abazalwana bakaYesu bokomoya ‘baqaqamba njengelanga ebukumkanini bukaYise.’ (Mateyu 13:40, 43) UYesu ‘ulilanga lobulungisa.’ (Malaki 4:2) Noko ke, uluntu ‘lunelanga’ lalo, abalawuli balo abazama ukubengezela ngokuchasene noBukumkani bukaThixo. Ukuvuthelwa kwexilongo lesine kwavakalisa ukuba ‘ilanga, inyanga neenkwenkwezi’ ezikumazulu eNgqobhoko ngokwenene ziyimithombo yobumnyama, aziyomithombo yokukhanya. (ISityhilelo 8:12) Isitya sesine somsindo kaThixo ngoku sibonisa ukuba ‘ilanga’ lehlabathi laliza kuba shushu ngendlela enganyamezelekiyo. Abo kukhangelwa kubo njengeenkokeli ezifana nelanga babeya ‘kulugqatsa’ uluntu. Ilanga lokomfuziselo lilo elaliza kunikwa imvume yokwenza oku. Ngamanye amazwi, uYehova wayeza kukuvumela oku njengenxalenye yomgwebo wakhe onjengomlilo kuluntu. Oku kugqatswa lilanga kwenzeke ngayiphi indlela?
13. Abalawuli beli hlabathi abanjengelanga baye ‘balugqatsa’ ngayiphi indlela uluntu?
13 Emva kwemfazwe yehlabathi yokuqala, abalawuli beli hlabathi babumba uManyano Lwezizwe bezama ukucombulula ingxaki yokunqabiseka kwehlabathi, kodwa oku kwasilela. Ngoko kwazanywa ezinye iintlobo zolawulo lolingelo, ezinjengobuFasi nobuNazi. Ubukomanisi baqhubeka busanda. Kunokuba bayiphucule imeko yoluntu, abalawuli abanjengelanga bezi nkqubo baqalisa ‘ukugqatsa uluntu ngobushushu obukhulu.’ Iimfazwe zasekuhlaleni eSpeyin, e-Ethiopia naseManchuria zakhokelela kwimfazwe yehlabathi yesibini. Imbali yanamhla ibonisa ukuba uMussolini, uHitler noStalin njengoozwilakhe bakubangela ngokungqalileyo nangokungangqalanga ukufa kwamashumi ezigidi, kuquka abantu abaninzi bezizwe zabo. Kutshanje, iimfazwe eziqhubeka kwizizwe ngezizwe okanye zamakhaya ‘zigqatse’ abantu bamazwe anjengeVietnam, iKampuchea, i-Iran, iLebhanon neIreland, kwanamazwe akuMzantsi Merika naseAfrika. Enye into eyongezelela koku lusukuzwano oluqhubekayo phakathi kwamagunya amakhulu, anezixhobo zenyukliya ezoyikekayo ezinokutshisa lonke uluntu lube luthuthu. Kule mihla yokugqibela, abantu ngokuqinisekileyo baye bagqatswa ‘lilanga’ elitshisayo, abalawuli balo abangengomalungisa. Ukuphalazwa kwesitya sesine somsindo kaThixo kuziphuhlisile ezi zibakala zingokwembali, yaye abantu bakaThixo baye bazivakalisa kuwo wonke umhlaba.
14. Yintoni ebisoloko ifundiswa ngamaNgqina kaYehova njengekuphela kwesicombululo esikhoyo kwiingxaki zoluntu, yaye uluntu xa lulonke lusabele njani?
14 AmaNgqina kaYehova ebesoloko efundisa ukuba ekuphela kwesicombululo esikhoyo kwiingxaki ezixaka uluntu buBukumkani bukaThixo, uYehova anenjongo yokuba ngabo angcwalise igama lakhe. (INdumiso 83:4, 17, 18; Mateyu 6:9, 10) Noko ke, uluntu xa lulonke luye alwasiphulaphula esi sicombululo. Abaninzi ababuchasayo uBukumkani bakwanyelisa negama likaThixo, kwanjengokuba uFaro walinyelisayo xa engazange aluvume ulongamo lukaYehova. (Eksodus 1:8-10; 5:2) Ekubeni bengenamdla kuBukumkani bukaMesiya, aba bachasi banyula ukuva ubunzima phantsi ‘kwelanga’ labo eligqats’ ubhobhoyi lolawulo lwabantu abacinezelayo.
Itrone Yerhamncwa
15. (a) Siphalazelwa entwenini isitya sesihlanu? (b) Iyintoni ‘itrone yerhamncwa,’ yaye kubandakanyeke ntoni ekuphalazelweni kwesitya kuyo?
15 Ingelosi elandelayo isiphalazela entwenini isitya sayo? “Eyesihlanu yasiphalaza isitya sayo kwitrone yerhamncwa.” (ISityhilelo 16:10a) ‘Irhamncwa’ yinkqubo kaSathana yoburhulumente. Alinayo itrone yokoqobo, kanye njengokuba nalo lingelilo elokoqobo. Noko ke, ukukhankanywa kwetrone kubonisa ukuba irhamncwa linegunya elingokwasebukhosini kuluntu; oku kuvisisana nesibakala sokuba phondo ngalunye lwerhamncwa lunesithsaba sasebukhosini. Enyanisweni, ‘itrone yerhamncwa’ isisiseko, okanye umthombo welo gunya.b IBhayibhile ityhila imeko yokwenyaniso yegunya elingokwasebukhosini lerhamncwa isithi ‘inamba yalinika amandla alo netrone yalo negunya elikhulu.’ (ISityhilelo 13:1, 2; 1 Yohane 5:19) Ngaloo ndlela, ukuphalazelwa kwesitya etroneni yerhamncwa kuquka ukuvakaliswa okutyhila indima yokwenyaniso uSathana abeyiphumeza nasayiphumezayo ekuxhaseni nasekukhuthazeni irhamncwa.
16. (a) Ngubani okhonzwa ziintlanga, enoba ziyakuqonda oko okanye azikuqondi? Cacisa. (b) Ihlabathi libubonakalisa njani ubuntu bukaSathana? (c) Iya kubhukuqwa nini itrone yerhamncwa?
16 Lulondolozwa njani olu lwalamano luphakathi kukaSathana neentlanga? Xa uSathana walinga uYesu, wambonisa zonke izikumkani zehlabathi embonweni waza wathi unokumnika “lonke eli gunya nozuko lwazo.” Kodwa oku kwakuxhomekeke kokuthile—uYesu okokuqala kwakumele anqule uSathana. (Luka 4:5-7) Ngaba sicinga ukuba oorhulumente behlabathi kulindeleke ukuba benze okunganeno kunoko? Akunjalo konke konke. Ngokutsho kweBhayibhile, uSathana unguthixo wale nkqubo yezinto, kangangokuba, enoba iintlanga ziyakuqonda oko okanye azikuqondi, ziyamkhonza. (2 Korinte 4:3, 4)c Le meko ityhilwa kwindlela ebunjwe ngayo inkqubo yehlabathi ekhoyo, eyakhelwe kubuhlanga bokuzingca, kwintiyo nokuba nguhlohlesakhe. Ilungelelaniswe ngendlela uSathana afuna ngayo—ukugcina uluntu luphantsi kolawulo lwakhe. Ukonakala koorhulumente, ukulangazelelwa kwegunya, ukuxoka kwamagosa aphetheyo, ukukhuphisana ngezixhobo—zonke ezi zinto zibonisa ubuntu obonakeleyo bukaSathana. Ihlabathi livisisana nemilinganiselo kaSathana engeyoyabulungisa, ngaloo ndlela limenza uthixo walo. Itrone yerhamncwa iya kubhukuqwa xa elo rhamncwa litshatyalaliswa ize iMbewu yomfazi kaThixo ekugqibeleni iphose uSathana enzonzobileni.—Genesis 3:15; ISityhilelo 19:20, 21; 20:1-3.
Ubumnyama Nentlungu Elumayo
17. (a) Ukuphalazwa kwesitya sesihlanu kuhlobene njani nobumnyama bokomoya obebusoloko bugubungele ubukumkani berhamncwa? (b) Basabela njani abantu xa kuphalazwa isitya sesihlanu somsindo kaThixo?
17 Ubukumkani beli rhamncwa bebusebumnyameni bokomoya ukususela ekuqalekeni kwabo. (Thelekisa uMateyu 8:12; Efese 6:11, 12.) Isitya sesihlanu sibangela ukuba kwenziwe isaziso esinamandla kuwonke-wonke esingobu bumnyama. Side sibucacise ngokuphawulekayo obu bumnyama, kuba esi sitya somsindo kaThixo siphalazelwa kwakwitrone yerhamncwa lokomfuziselo. “Baza ubukumkani balo benziwa mnyama, baziluma iilwimi zabo ngenxa yentlungu yabo, kodwa bamnyelisa uThixo wezulu ngenxa yeentlungu zabo nangenxa yezilonda zabo, yaye abazange baguquke kwimisebenzi yabo.”—ISityhilelo 16:10b, 11.
18. Ukuvuthelwa kwexilongo lesihlanu kufana njani nokuphalazwa kwesitya sesihlanu somsindo kaThixo?
18 Ukuvuthelwa kwexilongo lesihlanu akufani ncam nokuphalazwa kwesitya sesihlanu somsindo kaThixo, ekubeni ukuvuthelwa kwexilongo kwavakalisa isibetho seenkumbi. Kodwa phawula ukuba ekukhutshweni kwesi sibetho seenkumbi, ilanga nesibhakabhaka zaba mnyama. (ISityhilelo 9:2-5) Yaye kwiEksodus 10:14, 15 sifunda oku ngeenkumbi uYehova awantlitha ngazo iYiputa: “Azizange zibekho iinkumbi ezingako ngaphambi kwazo, yaye zingasayi kuze zibekho nasemva kwazo. Zawugubungela wonke umphezulu womhlaba, laba mnyama ilizwe.” Ewe, kwaba mnyama! Namhlanje, ubumnyama bokomoya beli hlabathi buye bacaca gqitha ngenxa yokukhaliswa kwexilongo lesihlanu nokuphalazwa kwesitya sesihlanu somsindo kaThixo. Isigidimi esihlaba njengolwamvila nesivakaliswa libubu leenkumbi zanamhla sizisa intuthumbo nentlungu kwabo bangendawo baye ‘bathanda ubumnyama kunokukhanya.’—Yohane 3:19.
19. Ngokuvisisana neSityhilelo 16:10, 11, ukubhencwa ekuhleni kukaSathana njengothixo wale nkqubo yezinto kubangela ntoni?
19 Njengomlawuli wehlabathi, uSathana uye wabangela ukungonwabi nobunzima obugqithiseleyo. Indlala, iimfazwe, ugonyamelo, ulwaphulo-mthetho, ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, ukuziphatha okubi, izifo ezidluliswa ngeentlobano zesini, ukunganyaniseki, uhanahaniso lonqulo—ezi zinto nezinye ezingakumbi ziluphawu lwenkqubo yezinto kaSathana. (Thelekisa eyabaseGalati 5:19-21.) Nakuba kunjalo, ukubhencwa ekuhleni kukaSathana njengothixo wale nkqubo yezinto kwabangela intlungu nodano kwabo baphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe. “Baziluma iilwimi zabo ngenxa yentlungu yabo,” ingakumbi iNgqobhoko. Abaninzi abayithandi into yokuba inyaniso ibhence indlela abaphila ngayo. Bambi bayifumanisa isisisongelo, yaye bayabatshutshisa abo bayivakalisayo. Bayabuchasa uBukumkani bukaThixo baze balinyelise igama elingcwele likaYehova. Imeko yabo yonqulo yokuba nesifo nezilonda ibhenciwe, kangangokuba bayamnyelisa uThixo wezulu. ‘Abaguquki kwimisebenzi yabo.’ Ngoko asinakulindela ukuba inginginya yabantu iya kuguquka ngaphambi kokuphela kwale nkqubo yezinto.—Isaya 32:6.
Ukoma Komlambo UmEfrate
20. Ukuvuthelwa kwexilongo lesithandathu nokuphalazwa kwesitya sesithandathu kuwuquka njani umlambo umEfrate?
20 Ukuvuthelwa kwexilongo lesithandathu kwavakalisa ukukhululwa ‘kweengelosi ezine ezibotshwe ngakumlambo omkhulu umEfrate.’ (ISityhilelo 9:14) Ngokwembali, iBhabhiloni yayisisixeko esikhulu esasikumlambo umEfrate. Yaye ngowe-1919 ukukhululwa kweengelosi ezine zokomfuziselo kwaphelekwa kukuwa okuphawulekayo kweBhabhiloni Enkulu. (ISityhilelo 14:8) Ngoko, kuyaphawuleka ukuba isitya sesithandathu somsindo kaThixo sikwaquka umlambo umEfrate: “Eyesithandathu yasiphalaza isitya sayo kumlambo omkhulu umEfrate, atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abavela ekuphumeni kwelanga.” (ISityhilelo 16:12) Nako oku kuziindaba ezimbi kwiBhabhiloni Enkulu!
21, 22. (a) Amanzi akhuselayo omlambo umEfrate atsha njani eBhabhiloni ngowama-539 B.C.E.? (b) Ayintoni ‘amanzi’ iBhabhiloni Enkulu ehleli phezu kwawo, yaye la manzi okomfuziselo atsha njani kwanangoku?
21 Ngemihla yokuphumelela kweBhabhiloni yamandulo, amanzi amaninzi omEfrate ayeyinxalenye enkulu yenkqubo yokuzikhusela kwayo. Ngowama-539 B.C.E. loo manzi atsha xa avulelwa ukuba ahambe ngomnye umjelo yinkokeli yamaPersi enguKoreshi. Ngaloo ndlela, yavulwa indlela yokuba uKoreshi ongumPersi noDariyo ongumMedi, ookumkani “abavela ekuphumeni kwelanga,” bangene eBhabhiloni baze bayoyise. Ngexesha lamanqam, umlambo umEfrate awuzange usikhusele eso sixeko sikhulu. (Isaya 44:27–45:7; Yeremiya 51:36) Kuza kwenzeka into efanayo kwiBhabhiloni yanamhla, inkqubo yehlabathi lonke yonqulo lobuxoki.
22 IBhabhiloni Enkulu ‘ihleli phezu kwamanzi amaninzi.’ Ngokutsho kweSityhilelo 17:1, 15, la manzi afuzisela “izizwana nezihlwele neentlanga neelwimi”—inkitha yabantu elandela yona neye yazijonga njengeziyikhuselayo. Kodwa ‘amanzi’ ayatsha! KwiNtshona Yurophu, apho yayikade inempembelelo enamandla khona, amakhulu ezigidi aye alutyeshela ngokuphandle unqulo. Kumazwe athile, kangangeminyaka emininzi kwakukho inkqubo yokuzama ukutshabalalisa impembelelo yonqulo. Abantu abaninzi abakuloo mazwe abakhange bayimele iBhabhiloni Enkulu. Ngokufanayo, xa kufika ixesha lokuba iBhabhiloni Enkulu itshatyalaliswe, inani elinciphayo labalandeli bayo liya kungqineka lingayikhuseli konke konke. (ISityhilelo 17:16) Nangona izibanga inamalungu angamawaka ezigidi, iBhabhiloni Enkulu iya kuzifumana ingakhuselekanga ‘kookumkani abavela empumalanga.’
23. (a) Babengoobani ookumkani ‘ababevela ekuphumeni kwelanga’ ngowama-539 B.C.E.? (b) Bangoobani ‘ookumkani abavela ekuphumeni kwelanga’ ebudeni bemini yeNkosi, yaye baya kuyitshabalalisa njani iBhabhiloni Enkulu?
23 Bangoobani aba kumkani? Ngowama-539 B.C.E. yayinguDariyo umMedi noKoreshi umPersi, abasetyenziswa nguYehova ukoyisa isixeko samandulo saseBhabhiloni. Ngoku ngemini yeNkosi, inkqubo yonqulo lobuxoki yeBhabhiloni Enkulu nayo iya kutshatyalaliswa ngabalawuli abangabantu. Kodwa kwakhona, lo iya kuba ngumgwebo kaThixo. UYehova uThixo noYesu Kristu, ‘abangookumkani abavela ekuphumeni kwelanga,’ baya kufaka ezintliziyweni zabalawuli babantu “ingcamango” yokujikela iBhabhiloni Enkulu nokuyitshabalisa ngokupheleleyo. (ISityhilelo 17:16, 17) Ukuphalazwa kwesitya sesithandathu kuvakalisa ngokuphandle ukuba lo mgwebo sele uza kuphunyezwa!
24. (a) Izinto ezikwizitya ezithandathu zokuqala zomsindo kaYehova zivakaliswe njani, yaye ube yintoni umphumo? (b) Ngaphambi kokuba sisixelele ngesitya esiseleyo somsindo kaThixo, iSityhilelo sityhila ntoni?
24 Ezi zitya zithandathu zokuqala zomsindo kaYehova zinesigidimi esibuhlungu. Abakhonzi bakaThixo basemhlabeni, bexhaswa ziingelosi, bebexakekile bevakalisa izinto ezikwezi zitya emhlabeni wonke. Ngale ndlela, kuye kwavakaliswa isilumkiso esifanelekileyo kuwo onke amacandelo enkqubo yehlabathi likaSathana, yaye uYehova uye wanika abantu ngabanye ithuba lokuba baphethukele kubulungisa baze bahlale bephila. (Hezekile 33:14-16) Sekunjalo, kusekho esinye isitya somsindo kaThixo esimele siphalazwe. Kodwa ngaphambi kokuba sixelelwe ngaso, iSityhilelo sityhila indlela uSathana noothunywashe bakhe basemhlabeni abazama ngayo ukuthintela ukuvakaliswa kwemigwebo kaYehova.
Ukuhlanganiselwa EArmagedon
25. (a) Usixelela ntoni uYohane ‘ngamazwi aphefumlelweyo’ nanjengamasele? (b) “Amazwi aphefumlelweyo angahlambulukanga” acekisekayo anjengamasele akho njani kwimini yeNkosi, yaye ube yintoni umphumo?
25 UYohane uyasixelela esithi: “Ndabona amazwi aphefumlelweyo angahlambulukanga amathathu awayekhangeleka njengamasele ephuma emlonyeni wenamba nasemlonyeni werhamncwa nasemlonyeni womprofeti wobuxoki. Enyanisweni, ngamazwi aphefumlelwe ziidemon nawenza imiqondiso, aphuma aye kookumkani bomhlaba omiweyo uphela, ukubahlanganisela ndawonye kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.” (ISityhilelo 16:13, 14) Ngomhla kaMoses, uYehova wezisa isibetho esenyanyekayo samasele kwiYiputa kaFaro, kangangokuba “lanuka ilizwe.” (Eksodus 8:5-15) Ebudeni bemini yeNkosi, kuye kwakho izinto ezicekisekayo njengamasele, nangona ziphuma kumthombo owahlukileyo. Ezi zinto ziquka “amazwi aphefumlelweyo angahlambulukanga” kaSathana, ngokucacileyo afuzisela inkqubo eyilelwe ukulungelelanisa bonke abalawuli babantu, ‘ookumkani,’ ukuba bachasane noYehova uThixo. Ngaloo ndlela uSathana uyaqinisekisa ukuba abashukunyiswa kukuphalazwa kwezitya zomsindo kaThixo kodwa ngokuqinileyo bakwicala likaSathana xa kuqalisa ‘imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’
26. (a) Inkqubo kaSathana iphuma kweyiphi imithombo emithathu? (b) Uyintoni ‘umprofeti wobuxoki,’ yaye sazi njani?
26 Le nkqubo ivela ‘kwinamba’ (uSathana) ‘nakwirhamncwa’ (inkqubo kaSathana yobupolitika yasemhlabeni), zidalwa ezo esele sizichazile kwiSityhilelo. Noko ke, uyintoni ‘umprofeti wobuxoki’? Into entsha apha ligama nje kuphela. Ngaphambili, sichazelwe ngerhamncwa elineempondo ezimbini ezifana nezemvana elenza imiqondiso emikhulu phambi kwerhamncwa elineentloko ezisixhenxe. Esi sidalwa sinenkohliso sasisebenza njengomprofeti welo rhamncwa. Sasikhuthaza ukunqulwa kwerhamncwa, side sibangele ukuba kwenziwe umfanekiso walo. (ISityhilelo 13:11-14) Eli rhamncwa lineempondo ezimbini ezifana nezemvana limele ukuba liyafana ‘nomprofeti wobuxoki’ okhankanywe apha. Xa sikuqinisekisa oku, kamva sifunda ukuba lo mprofeti wobuxoki, njengerhamncwa lokomfuziselo elineempondo ezimbini, ‘wenza phambi kwalo [irhamncwa elineentloko ezisixhenxe] imiqondiso awathi ngayo walahlekisa abo bamkela uphawu lwerhamncwa nabo banqula umfanekiso walo.’—ISityhilelo 19:20.
27. (a) Sisiphi isilumkiso esifike ngexesha elifanelekileyo esinikelwa nguYesu Kristu ngokwakhe? (b) Sisiphi isilumkiso uYesu awasinikelayo xa wayesemhlabeni? (c) Umpostile uPawulos wasiphinda njani isilumkiso sikaYesu?
27 Njengoko sijikelezwe yinkqubo kaSathana enamandla kangaka, amazwi alandelayo abhalwa nguYohane ngenene afika ngexesha elifanelekileyo: “Khangela! Ndiza njengesela. Unoyolo lowo uhlala ephaphile aze azigcine izambatho zakhe zangaphezulu, ukuze angahambi ze baze abantu bakhangele ukuhlazeka kwakhe.” (ISityhilelo 16:15) Ngubani lo uza “njengesela”? NguYesu, oza ngexesha elingachazwanga njengoMgwebi ophantsi kukaYehova. (ISityhilelo 3:3; 2 Petros 3:10) Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wakwafanisa ukuza kwakhe noko kwesela, esithi: “Ngoko ke, hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu. Ngenxa yoku nani hlalani nilungile, kuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.” (Mateyu 24:42, 44; Luka 12:37, 40) Ephinda esi silumkiso, umpostile uPawulos wathi: “Imini kaYehova iza kanye njengesela ebusuku. Xa besithi: ‘Luxolo nonqabiseko!’ iya kwandula ke intshabalalo yequbuliso ibafikele ngephanyazo.” USathana uphembelela iintlanga ukuba zenze eso sibhengezo sobuxoki ‘Soxolo nonqabiseko!’—1 Tesalonika 5:2, 3.
28. Sisiphi isilumkiso esanikelwa nguYesu ngokuxhathisa iingcinezelo zehlabathi, yaye iyintoni “loo mini” amaKristu angafuni ukuba iwafikele “njengomgibe”?
28 Kwakhona uYesu walumkisa ngohlobo lweengcinezelo eli hlabathi, elinale nkqubo, elaliya kuthi lizizise kumaKristu. Wathi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. . . . Hlalani niphaphile, ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho, nasekumeni phambi koNyana womntu.” (Luka 21:34-36) “Loo mini” ‘yimini enkulu kaThixo uSomandla.’ (ISityhilelo 16:14) Njengoko “loo mini” yokuthethelelwa kolongamo lukaYehova isondela, kuya kuba nzima ngakumbi ukuhlangabezana namaxhala obomi. AmaKristu kufuneka aphaphe aze athi qwa, ahlale evukile de kufike loo mini.
29, 30. (a) Sithetha ntoni isilumkiso sikaYesu sokuba abo bafunyanwa belele baya kufumana ihlazo lokuphulukana ‘nezambatho zabo zangaphezulu’? (b) Zimfanisa nantoni izambatho zangaphezulu lowo uzinxibileyo? (c) Umntu unokuphulukana njani nezambatho zakhe zangaphezulu zokomfuziselo, yaye ube yintoni umphumo?
29 Noko ke, sithetha ntoni isilumkiso sokuba abo bafunyanwa belele baya kufumana ihlazo lokuphulukana ‘nezambatho zabo zangaphezulu’? KuSirayeli wamandulo, nawuphi na umbingeleli okanye umLevi owayesemsebenzini wokulinda etempileni wayenembopheleleko enzima. Abagqabazi abangamaYuda basixelela into yokuba ukuba nabani na wayefunyanwa elele kumsebenzi onjalo, wayenokuhlutywa izambatho zakhe zize zitshiswe, ukuze ahlaziswe ekuhleni.
30 Apha uYesu ulumkisa ngelokuba kunokwenzeka okufanayo namhlanje. Ababingeleli nabaLevi babefanekisela kwangaphambili abazalwana bakaYesu abathanjisiweyo. (1 Petros 2:9) Kodwa isilumkiso sikaYesu ngokongezelelekileyo sibhekisela nakwisihlwele esikhulu. Izambatho zangaphezulu ekubhekiselwe kuzo apha zifanisa lowo uzinxibileyo njengeNgqina likaYehova elingumKristu. (Thelekisa iSityhilelo 3:18; 7:14.) Ukuba nabaphi na bavumela iingcinezelo zehlabathi likaSathana zibenze balale okanye bangasebenzi, kusenokwenzeka ukuba baphulukane nezi zambatho zangaphezulu—ngamany’ amazwi, baphulukane negama labo elicocekileyo njengamaKristu. Imeko enjalo ibiya kuba lihlazo. Ibiya kubeka ubani engozini yokuphulukana ngokupheleleyo nelungelo.
31. (a) ISityhilelo 16:16 siyibethelela njani imfuneko yokuba amaKristu ahlale ephaphile? (b) Ezinye iinkokeli zonqulo ziqikelele ntoni mayela neArmagedon?
31 Imfuneko yokuba amaKristu ahlale ephaphile iba yengxamiseke ngakumbi njengoko indinyana elandelayo yeSityhilelo isondela kwinzaliseko: “Yaye [amazwi aphefumlelwe ziidemon] abahlanganisela ndawonye [ookumkani, okanye abalawuli bomhlaba] kwindawo ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiHar–Magedon.” (ISityhilelo 16:16) Eli gama libonakala kanye kuphela eBhayibhileni. Kodwa liye laba sezingqondweni zoluntu. Iinkokeli zehlabathi ziye zalumkisa ngeArmagedon yenyukliya esenokubakho. Kwakhona iArmagedon iye yahlanganiswa nesixeko samandulo esiyiMegido, ndawo leyo ekwakusiliwa kuyo amadabi amaninzi ekwakusibakho icala eloyiswayo kuwo kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ibe ke ngoko zimbi iinkokeli zonqulo ziye zaqikelela ukuba imfazwe yokugqibela yasemhlabeni iya kwenzeka kuloo mmandla. Akuyonyaniso kwaphela oko.
32, 33. (a) Kunokuba ibe yindawo yokoqobo, lifuzisela ntoni igama elithi Har–magedon, okanye Armagedon? (b) Ngawaphi amanye amabinzana eBhayibhile afana nelithi “Armagedon” okanye ahlobene nalo? (c) Liya kufika nini ixesha lokuba ingelosi yesixhenxe iphalaze isitya sokugqibela somsindo kaThixo?
32 Igama elithi Har–Magedon lithetha “iNtaba yaseMegido.” Kodwa kunokuba ibe yindawo yokoqobo, ifanekisela imeko yehlabathi eziya kuhlanganiselwa kuyo zonke iintlanga ngokuchasene noYehova uThixo aze azitshabalalise ekugqibeleni. Oku kuya kwenzeka emhlabeni wonke. (Yeremiya 25:31-33; Daniyeli 2:44) Iyafana ‘nesixovulelo esikhulu sewayini yomsindo kaThixo’ ‘nentili yesigqibo,’ okanye ‘intili yakwaYehoshafati,’ apho iintlanga zihlanganiselwa khona ukuze zitshatyalaliswe nguYehova. (ISityhilelo 14:19; Yoweli 3:12, 14) Ikwahlobene ‘nomhlaba wakwaSirayeli’ apho imikhosi kaSathana kaGogi wakwaMagogi itshatyalaliselwa khona, yaye loo mmandla ‘uphakathi kolwandle olukhulu nentaba engcwele yelizwe Eliligugu’ apho ukumkani wasentla afikelela ‘esiphelweni sakhe’ ezandleni zikaMikayeli umthetheli omkhulu.—Hezekile 38:16-18, 22, 23; Daniyeli 11:45–12:1.
33 Xa iintlanga zilungelelaniselwe kule meko yinkqubo enjengeyamasele eyilwe nguSathana noothunywashe bakhe basemhlabeni, iya kuba lixesha lokuba ingelosi yesixhenxe iphalaze isitya sokugqibela somsindo kaThixo.
“Kwenzekile!”
34. Ingelosi yesixhenxe isiphalazela phi isitya sayo, yaye sisiphi isibhengezo esiphuma ‘engcweleni yetrone’?
34 “Eyesixhenxe yasiphalaza isitya sayo emoyeni. Kwaphuma ilizwi elikhulu engcweleni livela etroneni, lisithi: ‘Kwenzekile!’”—ISityhilelo 16:17.
35. (a) Uyintoni ‘umoya’ ochazwe kwiSityhilelo 16:17? (b) Xa iphalaza isitya sayo emoyeni, yintoni ebonakaliswa yingelosi yesixhenxe?
35 ‘Umoya’ yinto yokugqibela ezimasa ubomi ekuphoswa isibetho kuyo. Kodwa lo asingomoya wokoqobo. Akukho nto yenza ukuba umoya wokoqobo ufanelwe yimigwebo eqatha kaYehova, kanye njengokuba umhlaba, ulwandle, imithombo ehlaziyayo yamanzi, okanye ilanga lokoqobo zingakufanelekelanga ukufumana imigwebo kuYehova. Kunoko, lo ‘ngumoya’ uPawulos awayexubusha ngawo xa wabiza uSathana ngokuba ‘ngumlawuli wegunya lomoya.’ (Efese 2:2) ‘Ngumoya’ kaSathana ophefumlwa lihlabathi namhlanje, okanye utyekelo lwengqondo oluqhelekileyo, oluluphawu lwayo yonke le nkqubo yakhe ingendawo yezinto, iingcamango zikaSathana ezigqugqisa zonke iinkalo zobomi ezingaphandle kwentlangano kaYehova. Ngoko ngokuphalaza isitya sayo emoyeni, ingelosi yesixhenxe ibonakalisa ingqumbo kaThixo kuSathana, kwintlangano yakhe nakwinto yonke eshukumisa uluntu ukuba luxhase uSathana ekujongeleni phantsi ulongamo lukaYehova.
36. (a) Zithetha ntoni izibetho ezisixhenxe? (b) Sithetha ntoni isibhengezo sikaYehova esithi: “Kwenzekile!”?
36 Esi sibetho kwanezinye ezithandathu ezidluleyo zichaza yonke imigwebo kaYehova nxamnye noSathana nenkqubo yakhe. Zivakalisa ukutshatyalaliswa kukaSathana neembewu yakhe. Xa esi sitya sokugqibela siphalaziwe, uYehova uvakalisa oku: “Kwenzekile!” Akusekho okunye emakuthethwe. Xa izinto ebezikwizitya zomsindo kaThixo zivakalisiwe waza waneliseka noYehova, akayi kulibazisa ekuphumezeni imigwebo eyavakaliswa zezi zigidimi.
37. UYohane ukuchaza njani okwenzekayo emva kokuphalazwa kwesitya sesixhenxe somsindo kaThixo?
37 UYohane uhlabela mgama esithi: “Kwaza kwabakho imibane namazwi neendudumo, kwabakho nenyikima yomhlaba enkulu, nyikima leyo ekungazange kubekho inkulu njengayo nebanzi njengayo, embalini yabantu emhlabeni. Yaye isixeko esikhulu sahlukana saziinxalenye ezintathu, nezixeko zeentlanga zawa; yaza iBhabhiloni Enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo, ukuba ayinike indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe. Kanjalo, zonke iziqithi zasaba, neentaba azafunyanwa. Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu esilitye ngalinye laso lalimalunga nobunzima betalente, baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yeso sibetho sesichotho, kuba sasisikhulu ngokungaqhelekanga.”—ISityhilelo 16:18-21.
38. Yintoni efuziselwa (a) ‘yinyikima enkulu’? (b) sisibakala sokuba “isixeko esikhulu,” iBhabhiloni Enkulu, siba ‘ziinxalenye ezintathu’? (c) sisibakala sokuba ‘zonke iziqithi ziyasaba, neentaba zingafunyanwa’? (d) ‘sisibetho sesichotho’?
38 Kwakhona, ngokungathandabuzekiyo uYehova uthabath’ inyathelo nxamnye noluntu, nyathelo elo eliphawulwa ‘yimibane namazwi neendudumo.’ (Thelekisa iSityhilelo 4:5; 8:5.) Uluntu luya kugungqiswa ngendlela ekungazange kwenzeka ngayo ngaphambili, ngokungathi lutshatyalaliswa yinyikima yomhlaba. (Thelekisa uIsaya 13:13; Yoweli 3:16.) Oku kugungqiswa kunamandla kuya kuphanzisa “isixeko esikhulu,” iBhabhiloni Enkulu, ngokokude sibe ‘ziinxalenye ezintathu’—nto leyo efuzisela ukuwohloka kwayo ibe ngamabhodlo angenakuze avuswe. Kwakhona, ‘izixeko zeentlanga’ ziya kuwa. “Zonke iziqithi” “neentaba”—amaziko neentlangano ezibonakala zihleli ngokusisigxina gqitha kule nkqubo—ziya kutshatyalaliswa. “Isichotho esikhulu,” esikhulu ngakumbi kuneso santlitha iYiputa ebudeni besibetho sesixhenxe, nesinelitye lesichotho ngalinye elinobunzima obumalunga netalente, siya kuluntlitha kabuhlungu uluntu.d (Eksodus 9:22-26) Esi sohlwayo samatye awayo kusenokwenzeka ukuba sifanekisela amazwi omlomo anzima nangaqhelekanga emigwebo kaYehova, aphawula ukuba ekugqibeleni ukuphela kwale nkqubo yezinto kufikile! UYehova unokusebenzisa nesichotho sokoqobo kumsebenzi wakhe wokutshabalalisa.—Yobhi 38:22, 23.
39. Phezu kwako nje ukuphalazwa kwezibetho ezisixhenxe, liliphi ikhondo eliya kulandelwa ngabantu abaninzi?
39 Ngaloo ndlela, ihlabathi likaSathana liya kufumana umgwebo kaYehova wobulungisa. De kube sekupheleni, abantu abaninzi baya kuqhubeka bemdelela yaye bemnyelisa uThixo. NjengakuFaro wamandulo, iintliziyo zabo aziyi kuthamba zizibetho eziphindaphindiweyo okanye yincopho yokugqibela yezo zibetho ehambisana nokufa. (Eksodus 11:9, 10) Abayi kuguquka ngomzuzu wokugqibela. Naxa sele betshatyalaliswa, baya kumnyelisa uThixo ovakalisa la mazwi: “Zazi ukuba ndinguYehova.” (Hezekile 38:23) Sekunjalo, ulongamo lukaYehova uThixo uSomandla luya kube luthethelelwe.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane imizekelo yezinto ezingaphiliyo ezingamangqina okanye ezinikela ubungqina, thelekisa iGenesis 4:10; 31:44-53; Hebhere 12:24.
b Indlela efanayo ekusetyenziswe ngayo igama elithi ‘itrone’ ibonakala kumazwi ngokuprofetayo abhekiswe kuYesu: “UThixo uyitrone yakho ukusa kwixesha elingenammiselo, nangonaphakade.” (INdumiso 45:6) UYehova ungumthombo, okanye usisiseko segunya likaYesu elingokwasebukhosini.
c Bona kwanoYobhi 1:6, 12; 2:1, 2; Mateyu 4:8-10; 13:19; Luka 8:12; Yohane 8:44; 12:31; 14:30; Hebhere 2:14; 1 Petros 5:8.
d Ukuba uYohane wayecinga ngetalente yamaGrike, litye ngalinye lesichotho laliya kuba nobunzima obumalunga neekhilogram ezingama-20. Sasiya kuba sisichotho esitshabalalisayo.
[Ibhokisi ekwiphepha 221]
“Emhlabeni”
Udidi lukaYohane luvakalise ingqumbo kaYehova “emhlabeni” ngamazwi anjengala alandelayo:
“Emva kweenkulungwane zokwenza umgudu, amaqela obupolitika aye azingqina engakufanelekelanga ukuhlangabezana neemeko ezikhoyo nokucombulula iingxaki ezinxunguphalisayo. Izazi ngezoqoqosho nezithethi zaseburhulumenteni, xa ziqwalasela lo mbandela ngenkuthalo, zifumanisa ukuba akukho nto zinokuyenza.”—Millions Now Living Will Never Die, 1920, iphepha 61.
“Akukho rhulumente emhlabeni namhlanje ohlangabezana nawo nawuphi na umlinganiselo osengqiqweni wehlabathi. Uninzi lwamazwe lulawulwa ngoozwilakhe. Lonke ihlabathi liphantse ukuba litshonile ngokwemali.”—A Desirable Government, 1924, iphepha 5.
“Ukuphelisa le nkqubo yezinto . . . kuphela kwendlela yokushenxisa ububi ehlabathini nokwenza ukuba uxolo nobulungisa ibe zizinto ezesameleyo.”—“This Good News of the Kingdom,” 1954, iphepha 25.
“Imo yehlabathi ekhoyo izibalule ngesono esandayo, ukungalungisi nemvukelo nxamnye noThixo nokuthanda kwakhe. . . . Alilungiseki. Ngoko ke, lifanele lishenxe!”—IMboniselo kaJulayi 1, 1982, iphepha 6.
[Ibhokisi ekwiphepha 223]
“Elwandle”
Okulandelayo ngamazwi nje ambalwa awapapashwa kwiminyaka edlulileyo ludidi lukaYohane oluvakalisa ingqumbo kaThixo ‘kulwandle’ olungazolanga nolunemvukelo loluntu olungahloneli Thixo, olutyekileyo kuYehova:
“Imbali yawo onke amazwe ibonisa ukuba bekukho usukuzwano phakathi kweendidi ezahlukeneyo zabantu. Ibingabantu abambalwa nxamnye nabaninzi. . . . Olu sukuzwano luphumele kwiimvukelo ezininzi, ekubandezelekeni okukhulu nasekuphalazweni kwegazi elininzi.”—Government, 1928, iphepha 244.
Kwihlabathi elitsha, “‘ulwandle’ lokomfuziselo lwezizwe ezingazolanga nezinemvukelo ezingahloneli Thixo ekwathi kudala kwaphuma kulo irhamncwa lokomfuziselo elisetyenziswa nguMtyholi luya kube lutshatyalalisiwe.”—IMboniselo, (yesiNgesi) kaSeptemba 15, 1967, iphepha 567.
“Ibutho elikhoyo labantu liyagula kwaye linesifo ngokomoya. Akukho namnye kuthi unokulisindisa, kuba iLizwi likaThixo likubonisa ukugula kwalo kulisingisa ekufeni kwalo.”—Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Luphuma Kuwuphi Umthombo?, 1976, iphepha 131.
[Ibhokisi ekwiphepha 224]
“Emilanjeni Nasemithonjeni Yamanzi”
Isibetho sesithathu sibhence ‘imilambo nemithombo yamanzi’ ngamazwi anjengala alandelayo:
“Abefundisi, abazibanga bengabafundisi beemfundiso [zikaKristu], baye bangcwalisa imfazwe baza bayenza into engcwele. Baye bakuvuyela ukuba imizobo yabo nemifanekiso eqingqiweyo iboniswe ingqongwe ngamagorha emfazwe anezandla ezizele igazi.”—IMboniselo (yesiNgesi) kaSeptemba 15, 1924, iphepha 275.
“Ukukhafula kusekelwe kwinto ekude lee nenyaniso, ubuxoki bokuphila emva kokufa nobokungafi komphefumlo womntu.”—What Do the Scriptures Say About “Survival After Death?,” 1955, iphepha 51.
“Iingcamango zabantu, iingcali zobupolitika, abalungelelanisi bemicimbi yentlalo, abacebisi ngemicimbi yezoqoqosho nabathetheleli bezithethe zonqulo ababanga njengamanzi ahlaziyayo ebantwini . . . Amanzi anjalo ade akhokelela abantu abawaselayo ukuba bavukele umthetho woMdali ongobungcwele begazi nokuba babandakanyeke kwiintshutshiso zonqulo.”—Isigqibo esamkelwa kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe “Yeendaba Ezilungileyo Ezingunaphakade,” 1963.
“Asilosindiso lwenziwa yinzululwazi esimele silulindele, kodwa kukutshatyalaliswa kwesizwe esingabantu ngumntu ngokwakhe. . . . Asinakukhangela kuzo zonke izazi ngengqondo noogqirha bengqondo behlabathi ukuba baguqule indlela uluntu olucinga ngayo . . . Asinakuxhomekeka ekuyilweni kwawo nawuphi na umkhosi wamapolisa wezizwe ngezizwe . . . size senze lo mhlaba indawo ekhuselekileyo ekunokuphilwa kuyo.”—Saving the Human Race—In the Kingdom Way, 1970, iphepha 5.
[Ibhokisi ekwiphepha 225]
“Elangeni”
Njengoko “ilanga” lolawulo lwabantu ‘ligqatse’ uluntu ebudeni bemini yeNkosi, udidi lukaYohane, ngokuvakalisa amazwi anjengala alandelayo, luye lwatsalel’ ingqalelo kwinto eyenzekayo:
“Namhlanje uHitler noMussolini, oozwilakhe abanekratshi, basongela uxolo lwehlabathi lonke, ibe Abefundisi bamaRoma Katolika babaxhasa ngokupheleleyo ekutshabalaliseni kwabo inkululeko.”—Fascism or Freedom, 1939, iphepha 12.
“Ukutyhubela imbali inkqubo ebilandelwa ngoozwilakhe abangabantu ibiyile, Lawula okanye tshabalalisa! Kodwa ngoku umthetho omele usetyenziswe kubo bonke abasemhlabeni nguKumkani omiselwe nguThixo, uYesu Kristu, ngulo, Lawulwa okanye tshatyalaliswa.”—When All Nations Unite Under God’s Kingdom, 1961, iphepha 23.
“Ukususela ngowe-1945 kuye kwabulawa ngaphezu kwama-25 ezigidi zabantu kwiimfazwe ezinokuba li-150 eziliwe ehlabathini jikelele.”—IMboniselo kaJulayi 15, 1980, iphepha 7.
“Iintlanga ezikhoyo jikelele ehlabathini . . . aziyikhathalele kangako imbopheleleko yezizwe ngezizwe okanye imithetho yokuziphatha. Ukuze ziphumeze iinjongo zazo, zimbi iintlanga ziziva zithetheleleka ngokupheleleyo ekusebenziseni naziphi na iindlela ezizibona ziyimfuneko—ukubulawa kwenginginya yabantu ngaxeshanye, ukugwintwa kwabantu, ukuqweqwediswa, ukuphoswa kweebhombu, njalo njalo . . . Kode kube nini na iintlanga zinyamezelana ngendlela eziziphatha ngokungekho ngqiqweni nangokungakhathaliyo ngayo ?”—IMboniselo kaFebruwari 15, 1985, iphepha 4.
[Ibhokisi ekwiphepha 227]
“Etroneni Yerhamncwa”
AmaNgqina kaYehova aye ayibhenca itrone yerhamncwa aza avakalisa umgwebo kaYehova kuyo ngamazwi anjengala:
“Abalawuli neenkokeli zobupolitika zamazwe ziphenjelelwa yimikhosi engaphaya kwamandla abantu nenolunya ethi ngokungenakuxhathiswa izikhokelele kwimfazwe yeArmagedon.”—After Armageddon—God’s New World, 1953, iphepha 8.
“‘Irhamncwa’ loburhulumente babantu obungekho phantsi kolawulo lobuthixo lafumana amandla alo, igunya netrone kwiNamba. Ngoko limele lenze ngokomyalelo weNamba.”—After Armageddon—God’s New World, 1953, iphepha 15.
“AbeeNtlanga banokuyifumana indawo yabo kuphela . . . kuTshaba Olukhulu lukaThixo, uSathana uMtyholi.”—Isigqibo esamkelwa kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe ‘Yoloyiso Lobuthixo,’ 1973.
[Ibhokisi ekwiphepha 229]
“Atsha Amanzi Awo”
Kwanangoku, ukuxhaswa konqulo lweBhabhiloni kuyaphela kwiindawo ezininzi, nto leyo ebonisa oko kuya kwenzeka xa ‘ookumkani abavela ngasempumalanga’ behlasela.
“Kuhlolisiso olwenziwa kulo lonke ilizwe kwafunyaniswa ukuba ama-75 ekhulwini abo bahlala kwimimandla kamasipala [yaseThailand] abayi nje kwaphela kwiitempile zamaBhuda ukuya kuphulaphula iintshumayelo, ngoxa inani labantu abahlala emaphandleni abatyelela iitempile lisiya lincipha ngokuncipha ukuya kumlinganiselo omalunga namashumi amahlanu ekhulwini.”—Bangkok Post, kaSeptemba 7, 1987, iphepha 4.
“Umlingo uyaphela kubuTao kwilizwe [laseTshayina] apho basekwa khona kwiminyaka enokuba ngamawaka amabini eyadlulayo. . . . Bebandezwa izinto zokwenza umlingo ababezisebenzisa bona kunye nabalandeli babo ukuze babe nabalandeli abaninzi, ababingeleli bazifumanisa bengenamalandela, bejongene nokubhanga okuphantse kube kokupheleleyo kobuTao njengokholo olulungelelanisiweyo kummandla ongaphakathi welo lizwe.”—The Atlanta Journal and Constitution, kaSeptemba 12, 1982, iphepha 36-A.
“IJapan . . . inabona bavangeli bavela kumazwe asemzini baninzi kulo lonke ihlabathi, phantse bangama-5 200, kanti . . . ngabemi bakhona abangaphantsi kwesinye ekhulwini abangamaKristu. . . . Umfundisi wamaFranciscan obesebenza apho ukususela ngeminyaka yee-1950 . . . ukholelwa kwelokuba ‘ixesha labavangeli abasuka kumazwe asemzini eJapan liphelile.’”—The Wall Street Journal, kaJulayi 9, 1986, iphepha 1.
ENgilani ebudeni bamashumi amathathu eminyaka edluleyo, “phantse ama-2 000 eecawa zaseTshetshi ezili-16 000 aye avalwa ngenxa yokungasetyenziswa. Abantu abezayo baye behla baya kufikelela kwawona mazwe obuKristu anabona bantu bambalwa abeza ezinkonzweni. . . . ‘Ngoku iNgilani ayiselolizwe lobuKristu,’ watsho njalo [uBhishophu waseDurham].”—The New York Times, kaMeyi 11, 1987, iphepha A4.
“Emva kweeyure zempikiswano eshushu, iPalamente [yaseGrisi] namhlanje yamkele umthetho, obangela ukuba uRhulumente Wobusoshiyali athabathe imihlaba emikhulu ebiphantsi kweCawa yobuOthodoki bamaGrike . . . Ngaphezu koko, umthetho unika abantu abangengobefundisi ilungelo lokulawula amabhunga neekomiti zecawa ezinembopheleleko yokujongana nobuncwane obuxabisekileyo becawa kuquka iihotele, iindawo ekufumaneka kuzo amatye enyengane nezakhiwo ezineeofisi.”—The New York Times, ka-Aprili 4, 1987, iphepha 3.
[Imifanekiso ekwiphepha 222]
Ukuphalazwa kwezitya ezine zokuqala zomsindo kaThixo kuzisa izibetho ezifana nezo zabangelwa kukuvuthelwa kwamaxilongo amane okuqala
[Umfanekiso okwiphepha 226]
Isitya sesihlanu sibhenca itrone yerhamncwa njengeligunya uSathana alinike irhamncwa
[Imifanekiso ekwiphepha 231]
Inkqubo yeedemon ihlanganisela abalawuli bomhlaba kwindawo ebalulekileyo eyiHar–magedon, apho imigwebo kaYehova iya kuphalazelwa kubo
[Umfanekiso okwiphepha 233]
Abo bashukunyiswa ‘ngumoya’ ongcolileyo kaSathana bamele bafumane imigwebo kaYehova yobulungisa