Incwadi YeBhayibhile 8—Rute
Umbhali: NguSamuweli
Indawo Eyabhalelwa Kuyo: KwaSirayeli
Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Malunga nowe-1090 B.C.E.
Ixesha Eligutyungelweyo: Iminyaka eli-11 yokulawula kwabagwebi
1. (a) Kutheni le nto incwadi kaRute ingelobali nje lothando? (b) URute ukhankanywa njani ngokukhethekileyo eBhayibhileni?
INCWADI kaRute ingumboniso ochulumancisayo othi uphumele kwibali elimnandi lokuthandana kukaBhohazi noRute. Phofu ke, asikokuthandana nje kokuziyolisa. Injongo yako asikokuzonwabisa. Le ncwadi ibalaselisa injongo kaYehova yokuvelisa indlalifa yoBukumkani, kwaye iphakamisa ububele Bakhe obunothando. (Rute 1:8; 2:20; 3:10) Uphawu olubalaseleyo lothando lukaYehova lubonwa ekukhetheni kwakhe umMowabhikazi, owayefudula engumnquli wothixo wobuhedeni uKemoshe, owaguqukela kunqulo oluyinyaniso, ukuze abe ngukhokhokazi kaYesu Kristu. URute ungomnye wabafazi abane ababizwe ngamagama kumlibo wenzala osusela kuAbraham kuse kuYesu. (Mat. 1:3, 5, 16) URute, kunye noEstere, ungomnye wabafazi ababini ezibizwe ngabo iincwadi zeBhayibhile.
2. Zenzeka nini iziganeko ezikuRute, yabhalwa nini le ncwadi, kwaye ngubani?
2 “Ke kaloku kwathi ngemihla yokulawula kwabagwebi . . . ” Ngala mazwi engabula zigcawu, incwadi kaRute iqalisa ibali layo elimnandi. Ngokusuka kula mazwi kuyaqondakala ukuba le ncwadi yabhalwa kamva, ngexesha lookumkani bakwaSirayeli. Phofu ke, iziganeko ezibaliswa kule ncwadi zigubungela ithuba elinokuba yiminyaka eli-11 ngexesha labagwebi. Nangona igama lombhali wayo lingachazwanga, kunokwenzeka ukuba yayinguSamuweli, ekubonakala ukuba wabhala neyaBagwebi kwaye wayebalasele ngokuthembeka ekuqaliseni kwexesha lookumkani. Ekubeni iindinyana zokuqukumbela zibonisa ukuba uDavide wayesele eqalisile ukubalasela, oku bekuya kuthetha ukuba yabhalwa malunga nowe-1090 B.C.E. USamuweli, owayelazi kakuhle idinga likaYehova ‘lengonyama’ ephuma kwisizwe sikaYuda, nowayesetyenziswe nguYehova ekuthambiseni uDavide weso sizwe ukuba abe ngukumkani kwaSirayeli, wayeya kuba nomdla onzulu ekwenzeni ingxelo yomlibo wenzala ukuhla ukuza kufikelela kuDavide.—Gen. 49:9, 10; 1 Sam. 16:1, 13; Rute 1:1; 2:4; 4:13, 18-22.
3. Ziziphi izibakala eziqinisekisa ukuba incwadi kaRute iyinxalenye yemibhalo engcwele?
3 Ubungqina bokuba incwadi kaRute iyinxalenye yemibhalo engcwele abuzange bukhe bucelw’ umngeni. Ubungqina obaneleyo banikelwa xa uYehova waphefumlela ukuba uRute adweliswe kumlibo wokuzalwa kukaYesu kuMateyu 1:5. Incwadi kaRute ibisoloko igqalwa ngamaYuda njengenxalenye yemibhalo engcwele yesiHebhere. Ngoko, akumangalisi ukuba amacandelo ale ncwadi abe afunyanwa phakathi kwezinye iincwadi ezingcwele kwiMisongo yoLwandle Olufileyo eyafunyanwa ekuqaleni kowe-1947. Ngaphezu koko, incwadi kaRute ivisisana ngokupheleleyo neenjongo zoBukumkani bukaYehova kwanezinto ezifunwa nguMthetho kaMoses. Nangona amaSirayeli ayengavumelekanga ukutshata namaKanan namaMowabhi awayenqula izithixo, oku akuzange kubakhuphele ngaphandle abantu basemzini abanjengoRute abathi bamkela unqulo lukaYehova. Kwincwadi kaRute, umthetho ongokukhululwa ngentlawulelo nongokutshata nomnakwabo ndoda uqwalaselwe ngokweenkcukacha zawo zonke.—Dut. 7:1-4; 23:3, 4; 25:5-10.
OKUQULETHWE YEKARUTE
4. Sisiphi isigqibo amele asenze uRute, kwaye ukhetho alwenzayo lubonisa ntoni mayela nohlobo lonqulo lwakhe?
4 Isigqibo sikaRute sokunamathela kuNahomi (1:1-22). Eli bali liqalisa ebudeni bexesha lendlala kwaSirayeli. Indoda yaseBhetelehem, uElimeleki, iwela iYordan nomfazi wayo, uNahomi, noonyana ababini, uMalon noKiliyon, ukuze bahlale okwexeshana kwilizwe lakwaMowabhi. Apho aba nyana batshata iintombi zamaMowabhi, uOrpa noRute. Kuthi kwehle intlekele ethi isiqhawule esi sangqa sentsapho, kuqala, ngokufa kukabawo, kwaye kamva ngokufa koonyana bakhe ababini. Ngoku kusele abahlolokazi abathathu abangenabantwana, bengamveliselanga mbewu uElimeleki. Akuva ukuba kwakhona uYehova uye wayalathisela kumaSirayeli ingqalelo yakhe ngokubanika isonka abantu bakhe, uNahomi ugqiba kwelokuba athabathe uhambo lokubuyela emva kwilizwe lakowabo lakwaYuda. Oomolokazana bakhe bahamba naye. UNahomi ubabongoza ukuba babuyele kwaMowabhi, ecela ukuba uYehova ngobubele obunothando abanike amadoda kubantu bakowabo. Ekugqibeleni uOrpa ‘ubuyela kubantu bakowabo nakoothixo bakowabo,’ kodwa uRute, eguqukele ngokunyanisekileyo nangokomeleleyo kunqulo lukaYehova, unamathela kuNahomi. Isigqibo sakhe sivakaliswa kakuhle ngala mazwi: “Apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona; abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam; apho ufela khona, ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Makenjenje uYehova kum, aphinde ukwenjenje: kukufa kodwa okuya kundahlula nawe.” (1:15-17) Noko ke, uNahomi ongumhlolokazi nongenabantwana, ogama lakhe lithetha ukuthi “Luyolo Lwam,” uzibiza ngegama elithi Mara, elithetha “Ubukrakra.”
5. Ziziphi iimpawu ezintle azibonakalisayo uRute, kwaye uBhohazi umkhuthaza njani?
5 URute ubhikica kwintsimi kaBhohazi (2:1-23). Bakufika eBhetelehem, uRute ufumana kuNahomi imvume yokubhikica isivuno sengqolowa. UBhohazi, umnini-ntsimi, ongumYuda owalupheleyo nosisihlobo esisondeleyo sikayisezala uElimeleki, uyambona. Nangona umthetho kaThixo umnika amalungelo ombhikici, uRute ubonisa ukuthozama ngokucela imvume yokusebenza entsimini. (Lev. 19:9, 10) Le mvume uyinikwa ngokukhawuleza, kwaye uBhohazi umxelela ukuba abhikice kuphela kwintsimi yakhe nomthinjana wakhe. Emxelela ukuba uvile ngehambo yakhe yokunyaniseka kuNahomi, umkhuthaza ngala mazwi athi: “UYehova makakubuyekeze ukwenza kwakho, uzaliseke umvuzo wakho ovela kuYehova uThixo kaSirayeli, oze wazimela phantsi kwamaphiko akhe wena.” (Rute 2:12) Ngobo busuku ngobubele uRute wabelana noNahomi ngeziqhamo zokubulaleka kwakhe kwaye uchaza ukuba ukuphumelela kwakhe ekubhikiceni kubangelwe ngumnqweno olungileyo kaBhohazi. UNahomi ubona isandla sikaYehova koku, esithi: “Makasikelelwe yena nguYehova, ongayekelelanga ukwenza inceba yakhe kwabaphilileyo nakwabafileyo. . . . Indoda leyo iyalamana nathi; ingowabakhululi bethu.” (2:20) Ewe, uBhohazi sisihlobo esisondeleyo, esinokumvelisela inzala ngokusemthethweni uNahomi egameni lomfi uElimeleki. URute uyaqhubeka ebhikica kumasimi kaBhohazi de kube kugqityiwe ukuvunwa kwerhasi nengqolowa.
6. URute uwucela njani umtshato ngentlawulelo, kwaye uBhohazi usabela njani?
6 UBhohazi, njengomkhululi, utshata noRute (3:1–4:22). Ekubeni sele ekhule kakhulu ukuba avelise inzala, ngoku uNahomi uyalela uRute ukuba amthabathele indawo emtshatweni ngentlawulelo. Ngeso sihlandlo sexesha sibalulekileyo, kwakulisiko ukuba abanini bomhlaba bahlole ngokobuqu ukweliwa kwengqolowa, okwakusenziwa ngokuhlwa ukuze kusetyenziswe impepho eyayiphephezela emva kwemini eshushu. UBhohazi ulele esandeni, kwaye uRute umfumana apho. Uza kuye echwechwa, utyhila ingubo yakhe aze alale ngasezinyaweni zakhe. Ekuphaphameni kukaBhohazi ezinzulwini zobusuku, uRute uyazichaza kwaye, ngokuvisisana nenkqubo engokwesiko elandelwa ngabafazi xa bebanga ilungelo lokutshatela kumnakwabo ndoda, ucela uBhohazi ukuba atwabulule isondo lengubo yakhe phezu kwakhe.a UBhohazi udanduluka athi, “Usikelelwe nguYehova, ntombi yam,” kwaye uyamncoma kuba engalandelanga abafana ngenxa yenkanuko okanye ukubawa. Kunokuba athethe amazwi okuba nolwalamano olungekho nyulu, uRute uzenzela igama elihle ‘njengenkazana elungileyo.’ (3:10, 11) Noko ke, njengoko uBhohazi emxelela ngoku, kukho omnye umkhululi ohlobene ngokusondele kakhulu kunaye; uya kudibana naye ekuseni. URute ulala ngasezinyaweni zakhe de kube sekuseni. Wandula ke uBhohazi amphe isipho sengqolowa, aze ke uRute abuyele kuNahomi, okuxhalabeleyo ukwazi ngomphumo.
7. UBhohazi uwuzakuzela njani lo mtshato, kwaye ziziphi iintsikelelo eziba ngumphumo?
7 Kwakusasa uBhohazi uyenyuka aye esangweni lesixeko ukuya kufuna umkhululi. Ethabatha alishumi kumadoda amakhulu esixeko njengamangqina, unika esi sihlobo sisondeleyo ithuba lokuqala lokuthenga zonke izinto ezazizezikaElimeleki. Ngaba esi sihlobo siza kukwenza oku? Impendulo yaso ekhawulezileyo nguewe xa kuthi kubonakale ukuba siza kubandisa ubutyebi baso. Noko ke, xa sithi siqonde ukuba kufuneka sitshate noRute njengoko ebesaya kwenjenjalo umnakwabo ndoda yakhe, soyikela ukuphulukana nelifa laso size ke ngokusemthethweni sibonise ukungavumi kwaso ngokuthi sikhulule imbadada yaso. Kwingxelo yeBhayibhile asinagama, kuphela nje sikhankanywa ngokungahloniphekanga ngokuthi “Nantsi.” Phambi kwamangqina akwamanye, wandula uBhohazi athenge uRute njengomfazi wakhe. Ngaba oku kwenzelwa nasiphi na isizathu sokuzingca? Akunjalo, kodwa kwenzelwa ukuba “linganqanyulwa igama lomfi.” (4:1, 10) Bonke ababukeleyo balicelela intsikelelo kaYehova eli lungiselelo lothando, kwaye le ntsikelelo imangalisa ngokwenene! URute umzalela unyana uBhohazi osele aluphele, kwaye uNahomi uba ngumondli walo mntwana. Ubizwa ngokuthi “uNahomi uzalelwe unyana” kwaye igama lakhe nguObhedi.—4:17.
8. Yintoni ebonisa ngokubhekele phaya ukuba ukuveliswa kweMbewu yedinga kungenxa yelungiselelo likaYehova?
8 Iindinyana zokuqukumbela zikaRute zinikela umlibo wokuzalwa osusela kuPeretse, utyhubele kuBhohazi, use kuDavide. Bambi abahlalutyi baye bema ngelokuba asizizo zonke izizukulwana ezibhaliweyo, njengoko ixesha lilide kakhulu kubantu abambalwa kangako. Ngaba oku kuyinyaniso? Okanye ngaba ngamnye wasikelelwa ngokuphila ixesha elide nangokuba nonyana ekwaluphaleni kwakhe? Lo mbuzo wesibini usenokuba ngochanileyo, ugxininisa ukuba iMbewu yedinga iya kuveliswa ngelungiselelo likaYehova nangobubele bakhe obunothando, kungekhona ngamandla okwemvelo omntu. Ngezinye izihlandlo uYehova wasebenzisa amandla akhe ngendlela efanayo, njengaxa kwakuzalwa uIsake, uSamuweli noYohane umBhaptizi.—Gen. 21:1-5; 1 Sam. 1:1-20; Luka 1:5-24, 57-66.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
9. Abantu abaphambili kule ncwadi kaRute bayimizekelo emihle kuthi namhlanje kweziphi iinkalo?
9 Le ngxelo ichwayitisayo iyingenelo ngokuqinisekileyo, inceda abathandi bobulungisa ukuba bakhe ukholo olomeleleyo. Bonke abantu abaphambili ekuthethwe ngabo apha babonisa ukuba nokholo olubalaseleyo kuYehova, kwaye ‘bangqinelwa ngokholo lwabo.’ (Heb. 11:39) Baba yimizekelo emihle kuthi namhlanje. UNahomi wabonakalisa intembelo enzulu kububele obunothando bukaYehova. (Rute 1:8; 2:20) Ngokuvumayo uRute walishiya ilizwe lakowabo ukuze aphuthume unqulo lukaYehova; wazingqina enyanisekile kwaye engozithobayo, ekwangumsébenzi ovumayo. Into eyakhokelela ekubeni uBhohazi afumane ilungelo lomtshato ngentlawulelo yayikukuwuxabisa kwakhe ngokunzulu umthetho kaYehova nokuvuma kwakhe ngokuzithoba ukwenza ukuthanda kukaYehova, kunye nokumthanda kwakhe uNahomi owayethembekile noRute owayekhuthele.
10. Kutheni le nto ingxelo ekuRute ifanele iyomeleze intembelo yethu kumadinga oBukumkani?
10 Ilungiselelo likaYehova lomtshato, kwaye kwesi sihlandlo umtshato owenziwa ngentlawulelo, lasetyenziselwa ukuze kuzukiswe yena. NguYehova owalungiselela umtshato kaBhohazi noRute, kwaye wawusikelela ngokuvisisana nobubele bakhe obunothando; wawusebenzisa njengendlela yokuwulondoloza unganqanyulwa umnombo wasebukhosini kaYuda okhokelela kuDavide uze ekugqibeleni ukhokelele kuDavide Omkhulu, uYesu Kristu. Inyameko kaYehova ekuveliseni iNdlalifa yoBukumkani ngokuvisisana nelungiselelo lakhe elingokwasemthethweni ifanele ilomeleze ithemba lethu ize isenze sikhangele phambili ngentembelo ekuzalisekisweni kwawo onke amadinga oBukumkani. Ifanele isishukumisele ukuba sixakeke kumsebenzi wokuvuna wanamhlanje, sinentembelo yokufumana umvuzo ogqibeleleyo ovela kuYehova, uThixo kaSirayeli wokomoya, ‘esiye sazimela phantsi kwamaphiko akhe’ nonjongo zakhe zoBukumkani zihambela phambili ngokuzukileyo ukusa ekubeni zizaliseke ngokupheleleyo. (2:12) Incwadi kaRute inxibelelana ngokubalulekilleyo nengxelo ekhokelela kobo Bukumkani!
[Umbhalo osemazantsi]
a I-Insight on the Scriptures, Umqu. 2, iphepha 829.