Incwadi YeBhayibhile 64—3 Yohane
Umbhali: Ngumpostile uYohane
Indawo Eyabhalelwa Kuyo: E-Efese, okanye kufuphi nalapho
Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Malunga nowama-98 C.E.
1. Yayibhalelwa bani eyesiThathu kaYohane, ibe yintoni eyaziwayo ngaye?
LE NCWADI ibhalelwa uGayo, umKristu othembekileyo owayethandwa ngokungazenzisiyo nguYohane. Igama elithi Gayo lalileliqhelekileyo ngemihla yebandla lokuqala. Libonakala izihlandlo ezine kwezinye iinxalenye zeZibhalo zamaKristu zesiGrike, libhekisela ubuncinane kubantu abathathu kwaye mhlawumbi kwabane abahlukeneyo. (IZe. 19:29; 20:4; Roma 16:23; 1 Kor. 1:14) Akukho nkcazelo ifumanekayo ebinokubonisa ngokungqalileyo ukuba uGayo owabhalelwa nguYohane yayingomnye waba. Ekuphela kwento esiyaziyo ngoGayo kukuba wayelilungu lebandla lamaKristu, wayengumhlobo okhethekileyo kaYohane, nokuba le ncwadi yabhalelwa yena ubuqu, nto leyo esisizathu sokuba kusetyenziswe igama elisoloko libonakala likwisinye elingu-“wena.”
2. Yintoni efanisa umbhali, ixesha nendawo eyabhalelwa kuyo eyesiThathu kaYohane?
2 Ekubeni imibuliso etshayelelayo nequkumbelayo ibhalwe ngohlobo olufanayo naleyo ikweyesiBini kuYohane ibe kwakhona umbhali ezichaza ‘njengendoda enkulu,’ alinakuthandatyuzwa elokuba ikwangumpostile uYohane owabhala le ncwadi. (2 Yoh. 1) Kwakhona ukufana kwenkcazelo equlethwe zezi ncwadi nolwimi olusetyenzisiweyo kubonisa ukuba yabhalelwa e-Efese okanye kufuphi nalapho, malunga nowama-98 C.E., njengoko kunjalo ngezinye iincwadi ezimbini. Ngenxa yobufutshane bayo, kwakunqabile ukuba icatshulwe ngababhali bokuqala, kodwa kunye neyesiBini kaYohane, iyafumaneka kuludwe lwamandulo lweZibhalo eziphefumlelweyo.a
3. Yintoni uYohane ayivakalisayo kweyesiThathu kaYohane, ibe ngawaphi amavandlakanya abangel’ umdla esiwafumanayo mayela nobuzalwana bamaKristu okuqala?
3 Kwincwadi yakhe uYohane uvakalisa uxabiso ngomoya wokubuk’ iindwendwe obonakaliswa nguGayo kubazalwana abahambahambayo, yaye ukhankanya ingxaki ethile ngoDiyotrefe onamabhongo. Kubonakala ukuba uDemetriyo okhankanyiweyo ngulowo wezisa le ncwadi kuGayo, ngoko kunokwenzeka ukuba wayethunyelwe nguYohane yaye umoya wokubuk’ iindwendwe awayenawo uGayo wawuyimfuneko kuhambo lwakhe, moya lowo le ncwadi yayiza kuwuqinisekisa. Njengakwimeko kaGayo, asazi nto ngoDiyotrefe noDemetriyo ngaphandle koko sikufunda apha. Noko ke, le ncwadi isinika amavandlakanya abangel’ umdla angobuzalwana obufudumeleyo bazwenibanzi obabuphakathi kwamaKristu okuqala. Phakathi kwezinye izinto, oku kwakuquka isiko lokwamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe abo babehambahamba ‘ngenxa yegama,’ nangona aba babenokuba babengaziwa ngokobuqu ngabo babebatyelela.—Indi. 7.
OKUQULETHWE YEYESITHATHU KAYOHANE
4. UYohane umncoma ngantoni uGayo, yiyiphi ihambo engalawulekiyo ayigwebayo, yaye liliphi icebiso eliphilileyo alinikelayo?
4 Umpostile ululeka ngokuba nomoya wokubuk’ iindwendwe nangemisebenzi elungileyo (indi. 1-14). UYohane uyakuvuyela ukuva ukuba uGayo ‘usahamba enyanisweni.’ Uyamncoma ngokwenza umsebenzi wokuthembeka, lowo wokubanyamekela ngothando abazalwana abatyeleleyo. UYohane uthi, “thina . . . sifanele ukubaxhasa [“ukubamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe,” NW] abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.” UYohane wayelibhalele kwixa elidluleyo eli bandla, kodwa uDiyotrefe oziphakamisayo akamphulaphuli uYohane okanye abanye abaneembopheleleko ezithile. Ukuba uthe wafika uYohane, uya kumthethisa kabukhali ‘ngenxa yokuphololoza kwakhe ngamazwi angendawo.’ UGayo othandekayo ucetyiswa ukuba ‘angalandeli okubi, alandele okulungileyo.’ UDemetriyo unconywa njengongumzekelo omhle. Kunokuba abhale ngezinto ezininzi, uYohane uthi unethemba lokubonana noGayo kamsinya ubuso ngobuso.—Indi. 4, 8, 10, 11.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
5. (a) UYohane wazibonakalisa njani engumveleli ongumzekelo omhle, ibe nguwuphi umoya ekwakubalulekile ukuba awulondoloze? (b) Kutheni le nto uYohane wayethetha ngokuphandle kangaka nxamnye noDiyotrefe? (c) Sifanele sibe nenzondelelo ngantoni namhlanje, ngokuvisisana nawuphi umgaqo oboniswa nguYohane?
5 Umpostile uYohane uzibonakalisa engumveleli ongumzekelo omhle kwinzondelelo anayo yokulondoloza ibandla nxamnye neempembelelo ezingcolisayo. Umoya wothando nowokubuk’ iindwendwe owawesamele kweli bandla wawuncomeka, yaye ngokwenene kwakuyimbopheleleko yalo ukuyilondoloza le meko yonwabisayo, ukuze abazalwana basekuhlaleni “nabasemzini” (abantu ababeqala ukubonwa ngamaKristu ababeziindwendwe zawo) ababesiba phakathi kwabo babe babengakhonza kunye ‘njengabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.’ (Indi. 5, 8) Noko ke, uDiyotrefe wayenamehlo aqwayingayo, nto leyo ethiyekileyo kuYehova, ibe wayengalihloneli igunya lolawulo lobuthixo, ade aphololoze ngokungendawo ngompostile uYohane. (IMize. 6:16, 17) Wayesisiphazamiso kumoya wokubuk’ iindwendwe wamaKristu elalinawo ibandla. Akumangalisi ukuba uYohane athethe ngokuphandle ngale ndlela nxamnye nobu bubi aze ancome uthando lokwenene awayenalo amaKristu ebandleni. Sifanele sibe nenzondelelo enjalo kanye namhlanje ekulondolozeni ukuthobeka, ukuhamba enyanisweni nokuqhelisela uthando nobubele bobuthixo, ngokuvisisana nomgaqo oboniswa nguYohane esithi: “Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo.”—3 Yoh. 11.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona isicangca esithi “Uludwe Lwamandulo Lweencwadi Ezibalaseleyo ZeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike,” kwiphepha 303.