Hambani Njengabasebenzisanayo Kuyo Inyaniso
Iimbalasane ZeyesiBini NeyesiThathu KaYohane
UKUYAZI inyaniso kuluphawu olufanisa abanquli bakaYehova. (Yohane 8:31, 32; 17:17) Kuyimfuneko ukuhamba kwinyaniso kaThixo ukuze ubani asindiswe. Yaye abakhonzi bakaThixo bamele basebenzisane kuyo inyaniso.
Incwadi yesibini neyesithathu ephefumlelweyo yompostile uYohane zithetha ‘ngokuhamba enyanisweni.’ (2 Yohane 4; 3 Yohane 3, 4) EyesiThathu kaYohane ikwakhuthaza intsebenziswano ‘njengabasebenzisanayo kuyo inyaniso.’ (3 Yohane 5-8) Ngokunokwenzeka, zombini ezi ncwadi zabhalwa e-Efese okanye kufuphi nase-Efese malunga nowama-98 C.E. Kodwa oko zikuthethayo kunokuba yingenelo kubantu bakaYehova namhlanje.
EyesiBini KaYohane Igxininisa Inyaniso
Okokuqala eyesiBini kaYohane yagxininisa inyaniso nothando yaza yalumkisa nxamnye “nomchasi-Kristu.” (2Yoh Indinyana 1-7) Le ncwadi yabhalelwa “inkosikazi enyuliweyo,” mhlawumbi umntu omnye. Kodwa ukuba yayithunyelwa ebandleni, ‘abantwana’ bayo babengamaKristu azelwe ngomoya ‘anyulwe’ nguThixo ukuba aye kuphila ezulwini. (Roma 8:16, 17; Filipi 3:12-14) UYohane wavuyiswa kukuba abathile ‘babehamba enyanisweni’ yaye ngaloo ndlela bexhathisa uwexuko. Sekunjalo, kwakufuneka bazigcine nxamnye “nomchasi-Kristu,” oyikhanyelayo into yokuba uYesu weza esenyameni. AmaNgqina kaYehova namhlanje ayazithobela izilumkiso ezinjalo nxamnye nowexuko.
Ngokulandelayo uYohane wanikela isiluleko ngokuqhubana nabawexuki waza kamva waqukumbela ngomnqweno nemibuliso yobuqu. (2Yoh Indinyana 8-13) Ngemisebenzi enjengokushumayela, yena nabanye baye bavelisa iziqhamo eziphumela ekuguqukeni kwabo aye wabathumelela incwadi yakhe. Kuphela ‘kungokuba bazilumkele’ ngokomoya abaya kuthi ‘bamkele umvuzo ozalisekileyo,’ ngokucacileyo oquka “isithsaba” sasezulwini esigcinelwe abathanjisiweyo abathembekileyo. (2 Timoti 4:7, 8) Ukuba nabani na ‘ongahlaliyo kwimfundiso kaKristu’ wayesiza kubo, babengafanele ‘bamamkele emakhayeni abo yaye bangambulisi nokumbulisa’ ukuze baphephe ukuba ngamadlelane naye “ngemisebenzi yakhe engendawo.” Emva kokuvakalisa ithemba lokuba wayeya kuza aze athethe naloo makholwa angoowabo ubuso ngobuso, uYohane waqukumbela ngemibuliso.
EyesiThathu KaYohane Igxininisa Intsebenziswano
EyesiThathu kaYohane yayibhekiswe kuGayo yaye yaqalisa ngokuphawula ngoko wayekwenzela amakholwa angoowabo. (3Yoh Indinyana 1-8) UGayo ‘wayehamba enyanisweni’ ngokunamathela kuzo zonke iimfundiso zobuKristu. Kwakhona ‘wayesenza okuthembekileyo’ ekuncedeni abazalwana abatyeleleyo. UYohane wabhala oku: “Thina . . . sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.” AmaNgqina kaYehova abonisa ububele obufanayo kubaveleli abahambahambayo namhlanje.
Emva kokuthelekisa ihambo embi kaDiyotrefe naleyo kaDemetriyo, uYohane waqukumbela incwadi yakhe. (3Yoh Indinyana 9-14) UDiyotrefe ofuna uzuko akazange abonakalise ntlonelo ngoYohane yaye wada wazama nokubagxotha ebandleni abo babebamkela ngobubele abazalwana. Noko ke, uDemetriyo othile wakhankanywa njengomzekelo omhle. UYohane wayenethemba lokumbona uGayo kungekudala yaye waqukumbela ngemibuliso nangomnqweno wokuba uGayo anandiphe uxolo.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 30]
Ngephepha, Ngosiba Nangeinki: UYohane wayenqwenela ukutyelela “inkosikazi enyuliweyo” “nabantwana” bayo kunokubabhalela izinto ezininzi ‘ngephepha nangeinki.’ Kunokuqhubeka ebhalela uGayo ‘ngeinki nangosiba,’ umpostile wayenethemba lokumbona kungekudala. (2 Yohane 1, 12; 3 Yohane 1, 13, 14) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “usiba” (kaʹla·mos) libhekisela kwingcongolo yaye linokuguqulelwa ngokuthi “ingcongolo yokubhala.” Phakathi kwamaGrike namaRoma, usiba lwengcongolo lwalutsolo lufana nosiba lweinki olwabakho kumaxesha amva. Igama lesiGrike elithi meʹlan, eliguqulelwe ngokuthi “i-inki,” ligama elikwimo yesini-sithubeni lesichazi sesiduna umeʹlas, elithetha “ubumnyama.” Kwii-inki zakudala, ibala lalibubumnyama belahle—uhlobo lomsizi owenziwe ngeoli okanye ngeenkuni ezitshisiweyo, okanye ilahle elicace gca elivela kwimifuno okanye kwizilwanyana. Ngokuqhelekileyo, i-inki yayigcinwa iziingqekembe okanye izizitena ezomisiweyo, ebezimanziswa ngumbhali zize zisetyenziswe nebrashi okanye ingcongolo yakhe. Iphepha lezo mini laliluxwebhu olucekethekileyo nolwenziwe ngamaphepha ngokuphuma kwimicu eyenziwe ngesityalo semizi. AmaKristu okuqala ayesebenzisa loo maphepha ke ukubhala iincwadi, imibhalo esongwayo nemibhalo-ngqangi.