Isahluko 27
Ukubizwa KukaMateyu
KUNGEKUDALA ngemva kokuphilisa onedumbe, uYesu uyahamba eKapernahum esiya kuLwandle lwaseGalili. Kwakhona izihlwele zabantu ziza kuye, yaye uqalisa ukuzifundisa. Njengoko ehamba, ubona uMateyu, okwabizwa ngokuthi nguLevi, ehleli kwiofisi yokurhafisa. Isimemo sikaYesu sithi kuye, “Ndilandele.”
Kunokwenzeka ukuba, uMateyu sele eqhelene neemfundiso zikaYesu, kwananjengokuba uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane babeqhelene nazo xa babizwayo. Yaye njengabo, uMateyu usabela ngokukhawuleza kwesi simemo. Uyaphakama, ashiye ngasemva iimbopheleleko zakhe zokuba ngumbuthi werhafu, aze ke alandele uYesu.
Kamva, mhlawumbi ebhiyozela ukubizwa kwakhe, uMateyu wenza isidlo esikhulu endlwini yakhe. Ngaphandle kukaYesu nabafundi Bakhe, kukho nababesakuba zizinxulumani zikaMateyu. Ngokuqhelekileyo la madoda awathandwa ngamaYuda angoowawo ngenxa yokuba eqokelela iirhafu zeziphatha-mandla zamaRoma ezithiyiweyo. Ngaphezu koko, ngokungathembeki ngokufuthi abiza imali engakumbi ebantwini kunaleyo iqhelekileyo yerhafu.
Bebona uYesu esidlweni ephakathi kwabantu abanjalo, abaFarisi babuza abafundi bakhe besithi: “Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni?” Ewuvela kude lo mbuzo, uYesu uyabaphendula abaFarisi athi: “Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.”
Kubonakala ukuba, uMateyu ubamemele ekhayeni lakhe aba babuthi berhafu ukuze baphulaphule uYesu baze bafumane unyango lokomoya. Ngoko uYesu unxulumana nabo ukuze abancede bafumane ulwalamano oluhle noThixo. UYesu akabacekisi aba bantu, njengoko besenjenjalo abaFarisi abazigqala bengamalungisa. Kunoko, eqhutywa yimfesane, ngokungathi kunjalo, ungugqirha wokomoya kubo.
Ngaloo ndlela ukubonakalisa kukaYesu inceba kuboni asikuko ukuzibetha ngoyaba izono zabo kodwa kuyimbonakaliso yeemvakalelo zobubele ezinjengezo wazibonakalisa kwabo babegula ngokwenyama. Ngokomzekelo, khumbula ngexesha awathi ngothando wolula isandla sakhe waza wachukumisa oneqhenqa, esithi: “Ndiyathanda, hlambuluka.” Ngamana nathi ngokufanayo singabonakalisa inceba ngokunikel’ uncedo kubantu abalufunayo, ingakumbi ngokubanceda ngokomoya. Mateyu 8:3; 9:9-13; Marko 2:13-17; Luka 5:27-32.
▪ Uphi uMateyu ngeli xesha abonwa nguYesu?
▪ Yintoni umsebenzi kaMateyu, yaye kutheni abantu abanjalo becekiswa nje ngamanye amaYuda?
▪ Ukhalazelwa ngantoni uYesu, yaye usabela njani?
▪ Kutheni le nto uYesu enxulumana naboni?