IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jy isahl. 27 iphe. 68-iphe. 69 isiqe.¶ 6
  • Ubiza UMateyu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubiza UMateyu
  • UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubizwa KukaMateyu
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Irhafu—Ngaba Yeyabantu ‘Abaphucukileyo’?
    Vukani!—2003
  • Ngaba Ubusazi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Xelisa Inceba KaThixo Namhlanje
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
jy isahl. 27 iphe. 68-iphe. 69 isiqe.¶ 6
AbaFarisi babukele uYesu ehleli nabaqokeleli berhafu kunye naboni ekhayeni likaMateyu

ISAHLUKO 27

Ubiza UMateyu

MATEYU 9:9-13 MARKO 2:13-17 LUKA 5:27-32

  • UYESU UBIZA UMATEYU UMQOKELELI WERHAFU

  • UYESU UHLALA NABONI UKUZE ABANCEDE

Emva kwexeshana uYesu ephilise indoda efe umzimba, uqhubeka ehlala eKapernahum ngakuLwandle LwaseGalili. Nangoku kuza abantu abaninzi kuye aze abafundise. Uthi xa egqitha eofisini yerhafu abone uMateyu okwabizwa ngokuba nguLevi. Uyambiza athi: “Yiba ngumlandeli wam.”​—Mateyu 9:9.

Kusenokwenzeka ukuba uMateyu uyazazi izinto ezithethwa nezifundiswa nguYesu kule ndawo, njengokuba bekunjalo nakuPetros, uAndreya, uYakobi noYohane. Njengabo, naye uMateyu akalibazisi. Uthi xa eyichaza le nto kwincwadi yakhe: ‘Waphakama ngoko nangoko uMateyu, wamlandela’ uYesu. (Mateyu 9:9) Ngoko uMateyu uyawushiya umsebenzi wakhe wokuqokelela irhafu aze abe ngumlandeli kaYesu.

UYesu ubona uMateyu kwiofisi yabaqokeleli berhafu aze athi makabe ngumlandeli wakhe

Ekuhambeni kwexesha uMateyu wenza itheko elikhulu endlini yakhe, mhlawumbi efuna ukubulela uYesu kuba emmemile ukuba abe ngumfundi wakhe. Ngoobani abanye abamenyiweyo kweli theko ngaphandle koYesu nabafundi bakhe? Kukho abanye abaqokeleli berhafu ebesebenza nabo uMateyu. Baqokelela irhafu eya kurhulumente wamaRoma. Bajongwa njani abaqokeleli berhafu ngamaYuda aqhelekileyo? Awafuni nokubabona kuba badla ngokubiza irhafu eninzi kunale ifunekayo. Kukho ‘naboni’ kweli theko, abantu abaziwa ngokwenza izinto ezimbi.​—Luka 7:37-39.

Kuze nabaFarisi abazenza amalungisa, ibe xa bebona uYesu esitya nabantu abanje babuza abafundi bakhe bathi: “Kutheni umfundisi wenu esitya nabaqokeleli berhafu naboni?” (Mateyu 9:11) UYesu uyabeva aze athi kubo: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo. Ngoko ke, hambani niyokufuna ukuba athetha ukuthini amazwi athi: ‘Ndithanda inceba kunemibingelelo.’ Kuba andizanga kubiza malungisa, ndizokubiza aboni.” (Mateyu 9:12, 13; Hoseya 6:6) Nakuba abaFarisi besithi mfundisi xa bethetha ngoYesu abakholelwa ukuba ungumfundisi, ngoko akho nto bafuna ukuyifunda kuye nangona ebenokubafundisa ukuba yintoni elungileyo.

Kubonakala ukuba uMateyu umeme abaqokeleli berhafu kunye naboni ekhayeni lakhe ukuze bazokumamela uYesu, “kuba abaninzi babo babemlandela.” (Marko 2:15) UYesu ufuna ukubanceda babe ngabahlobo bakaThixo. Akafani nabaFarisi abazenza amalungisa kuba yena akabacaphukeli aba bantu. Unobubele nenceba; ibe njengokuba ugqirha enceda umntu ogulayo ukuba aphile, noYesu unceda abantu abayekileyo ukuba ngabahlobo bakaThixo.

UYesu ubonisa inceba kubaqokeleli berhafu kunye naboni. Loo nto ayithethi ukuba akukho nto irongo kwizinto abazenzayo, kodwa ubonisa ububele njengokuba edla ngokwenza xa edibana nomntu ogulayo. Ukuba uyakhumbula ebebonise obu bubele naxa ebechukumisa umntu oneqhenqa esithi: “Ndiyathanda! Phila.” (Mateyu 8:3) Nathi kufuneka sibe nenceba njengoYesu size sincede abantu abadinga uncedo ingakumbi abafuna ukuncedwa babe ngabahlobo bakaThixo?

  • UYesu umbona esenza ntoni uMateyu?

  • Kutheni amanye amaYuda engafuni nokubabona abaqokeleli berhafu?

  • Kutheni uYesu ehlala naboni?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share