Isahluko 50
Baxhotyiselwa Intshutshiso
EMVA kokuba eyalele abapostile bakhe ngeendlela abamele bawuphumeze ngazo umsebenzi wokushumayela, uYesu ubalumkisa ngabachasi. Uthi: “Yabonani, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; . . . Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu; naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam.”
Phezu kwayo nje intshutshiso eqatha abalandeli bakhe abaza kujongana nayo, uYesu ebaqinisekisa kwakhona ubathembisa ngokuthi: “Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na; kuba niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha khona. Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu.”
UYesu uyaqhubeka esithi, “Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana; bathi nabantwana basuke phezu kwabazali bababulalisise.” Walek’ umsundulo esithi: “Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena.”
Ukushumayela kubaluleke kakhulu. Ngenxa yoko uYesu ubeka umnwe kwimfuneko yokuba balumke khon’ ukuze bahlale bekhululekile ukuze baphumeze lo msebenzi. Uthi, “Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu.”
Kuyinyaniso ukuba uYesu wanikela kubapostile bakhe abali-12 lo myalelo, esi silumkiso nokhuthazo, kodwa kwakukwathethwa nabo babeya kuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela zwenibanzi emva kokufa nokuvuka kwakhe. Oku kuboniswa sisibakala sokuba wathi abafundi bakhe ‘babeya kuthiywa ngabantu bonke,’ bengathiywa ngamaSirayeli nje kuphela abapostile ababethunywe kuwo ukuba baye kushumayela. Ngokungakumbi, kuyabonakala ukuba abapostile abazange beziswe phambi kweerhuluneli nookumkani xa uYesu wayebathume kwiphulo labo elifutshane lokushumayela. Ngaphezu koko, ngelo xesha amakholwa ayenganikelwa ekufeni ngamalungu entsapho.
Ngoko xa wayesithi abalandeli bakhe babengayi kukugqiba ukushumayela kwabo emzini ‘de afike uNyana woMntu,’ uYesu wayeprofeta esixelela ukuba abafundi bakhe babengayi kukugqiba ukushumayela kwabo kumhlaba wonke omiweyo bevakalisa uBukumkani bukaThixo obumisiweyo ngaphambi kokuba uKumkani ozukisiweyo uYesu Kristu afike njengegosa likaYehova eliphumeza umgwebo eArmagedon.
Eqhubeka nemiyalelo yakhe yokushumayela, uYesu uthi: “Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe.” Ngoko abalandeli bakaYesu bamele balindele ukufumana impatho-mbi nentshutshiso efanayo njengoko kwaba njalo kuye ngenxa yokushumayela uBukumkani bukaThixo. Kanti uyabaluleka esithi: “Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.”
UYesu wayeza kumisela umzekelo kule nkalo. Wayeza kunyamezela ngenkalipho ukufa kunoku-ba alalanise ekunyanisekeni kwakhe kuLowo unamandla onke, uYehova uThixo. Ewe, nguYehova onokutshabalalisa “umphefumlo” womntu (kule meko uthetha amathemba omntu ekamva njengomphefumlo ophilileyo) okanye onokude avuse umntu ukuze anandiphe ubomi obungunaphakade. Onjani yena ukuba nothando nemfesane uBawo wasemazulwini uYehova anguye!
Emva koko uYesu ukhuthaza abalandeli bakhe esebenzisa umzekeliso obalaselisa indlela uYehova abanyamekela ngothando ngayo. Uyabuza esithi, “Abathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.”
Isigidimi soBukumkani uYesu asiyalela abafundi bakhe ukuba basivakalise siya kwahlula abantu bendlu enye, njengoko amalungu athile entsapho esamkela yaye amanye esichasa. Ucacisa esithi, “Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa uxolo, ndize kungenisa ikrele.” Ngaloo ndlela, ukuze ilungu lentsapho lamkele inyaniso yeBhayibhile kufuneka likhaliphe. UYesu uthi, “Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna.”
Equkumbela imiyalelo yakhe, uYesu ucacisa esithi abo bamkela abafundi bakhe bakwamkela yena. “Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.” Mateyu 10:16-42.
▪ Ziziphi izilumkiso uYesu azinikela kubafundi bakhe?
▪ Ubakhuthaza aze abathuthuzele njani?
▪ Kutheni le nto imiyalelo kaYesu ikwasebenza nakumaKristu anamhlanje?
▪ Kungayiphi indlela athi umfundi kaYesu angabi ngaphezu komfundisi wakhe?