Isahluko 65
Uhambo Olufihlakeleyo Lokuya EYerusalem
KUSEKWINDLA lowama-32 C.E., yaye sele usondele uMthendeleko wemiNquba. Phantse ukuba ubukhulu becala uYesu uwuphelelisele eGalili umsebenzi wakhe ukususela ngePasika yowama-31 C.E., xa amaYuda azama ukumbulala. Kunokwenzeka ukuba, ekuphela kwexesha uYesu atyelela ngalo eYerusalem lelaxa esiya kwimithendeleko emithathu yamaYuda yaminyaka le.
Ngoku abantakwaboYesu bayambongoza besithi: “Gqitha apha, uye kwelakwaYuda.” IYerusalem isisixeko esikhulu selakwaYuda yaye isisazulu sonqulo lwelo lizwe liphela. Abantakwabo baqiqa ngale ndlela: “Akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni.”
Nangona uYakobi, uSimon, uYosefu noYuda bengakholelwa ukuba umkhuluwa wabo, uYesu, ngokwenene unguMesiya, bafuna ukuba abonise amandla akhe angummangaliso kubo bonke abo bahlanganisene kuloo mthendeleko. Noko ke, uYesu uyiphaphele ingozi esenokubakho. Uthi, “Ihlabathi alinakunithiya [alinasizathu sakunithiya, NW] nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo.” Ngoko uYesu uxelela abantakwabo oku: “Nyukani nina, niye kulo mthendeleko.”
UMthendeleko wemiNquba ngumsitho oqhutywa iintsuku ezisixhenxe. Ngosuku lwesibhozo uthi uphethwe ngemicimbi yonqulo. Lo mthendeleko uphawula ukuphela konyaka wezolimo yaye ulixesha lokuvuya okukhulu nokubulela. Kwiintsuku eziliqela emva kokuba abantakwaboYesu behambe neqela elikhulu labahambi, yena nabafundi bakhe bahamba ngokufihlakeleyo, bengafuni ukubonwa ngabantu. Bahamba ngendlela edlula eSamariya, kunokuba bahambe ngaleyo isetyenziswa ngabantu abaninzi ekufuphi noMlambo iYordan.
Ekubeni uYesu neqela lakhe beya kufuna indawo yokuhlala emzini wamaSamariya, uthumela kwangaphambili izigidimi zokuba balungiselelwe indawo. Phofu ke, abantu bayala ukumenzela nantoni na uYesu emva kokuba beqondile ukuba usinge eYerusalem. Ngokucaphuka, uYakobi noYohane babuza besithi: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele?” UYesu uyabakhalimela ngenxa yokuthetha into enjalo, baze ke bahambe baye komnye umzana.
Njengoko behamba endleleni, omnye umbhali uthi kuYesu: “Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona.”
UYesu uphendula ngokuthi: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.” UYesu ubonisa ukuba lo mbhali uya kufumana ubunzima ukuba uthi abe ngumlandeli Wakhe. Yaye kubonakala ukuba lo mbhali unekratshi gqitha ukuba angamkela olu hlobo lobomi.
UYesu uthi kwenye indoda: “Ndilandele.”
Le ndoda iphendula ngokuthi, “Ndivumele khe ndimke, ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”
UYesu uphendula esithi, “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo.” Kuyabonakala ukuba uyise wale ndoda wayengekafi, kuba ukuba wayefile, kwakungenakwenzeka ukuba unyana wayo abe wayengalapho ephulaphule uYesu. Kucacile ukuba lo nyana ucela ixesha lokuba alinde ukufa kukayise. Akakulungelanga ukubeka tanci uBukumkani bukaThixo ebomini bakhe.
Njengoko behamba endleleni besinge eYerusalem, enye indoda ixelela uYesu oku: “Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele kuqala, khe ndiye kubulisa abo basendlwini yam.”
Ekuyiphenduleni uYesu uthi: “Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.” Abo baza kuba ngabafundi bakaYesu bamele bawatsolise amehlo abo kwinkonzo yoBukumkani. Kanye njengokuba kunokwenzeka ukuba ifolo ibe goso xa umlimi engakhangelanga nzo phambili, ngoko nabani na okhangela ngasemva kule nkqubo indala yezinto unokukhubeka aze awe kwindlela ekhokelela kubomi obungunaphakade. Yohane 7:2-10; Luka 9:51-62; Mateyu 8:19-22.
▪ Ngoobani abantakwaboYesu, yaye bavakalelwa njani ngaye?
▪ Kutheni amaSamariya engenasimilo kangaka nje, yaye uYakobi noYohane bafuna ukwenza ntoni?
▪ Ngabaphi abantu abathathu uYesu ancokola nabo endleleni, yaye uyigxininisa njani inkonzo yokuzincama?