ISAHLUKO 65
Ushumayela Endleleni Eya EYerusalem
MATEYU 8:19-22 LUKA 9:51-62 YOHANE 7:2-10
INDLELA ABANTAKWABO YESU ABAMJONGA NGAYO
UBALULEKE KANGAKANANI UMSEBENZI WOBUKUMKANI?
Sekulithuba ngoku uYesu esenza imimangaliso eGalili, kuba abantu balapho banomdla kunabantu bakwaYuda. Enye into, xa ebeseYerusalem waza waphilisa indoda ngeSabatha, ‘amaYuda ebekufuna nyhani ukumbulala.’—Yohane 5:18; 7:1.
Ngoku kusekwindla ngo-32 C.E., ibe sele kusondele iTheko Leentente (okanye Leminquba). Eli theko libhiyozelwa iintsuku ezisixhenxe, kuze ngosuku lwesibhozo kubekho indibano. Lenziwa ekupheleni konyaka wokuhlwayela ibe lixesha lokonwaba nokubulela.
Abantakwabo Yesu, uYakobi, uSimon, uYosefu noYudas bathi kuye: “Hamba apha uye kwaYuda.” IYerusalem yindawo akhonzela kuyo amaYuda. Ngeli xesha lonyaka, xa kukho la matheko mathathu kuyagcwala kwesi sixeko. Ngenxa yaloo nto abantakwabo Yesu bathi: “Umntu ofuna ukuba into ayenzayo yaziwe, akayenzeli kude nabantu. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze phambi kwabantu.”—Yohane 7:3, 4.
Aba bantakwabo bane ‘abakholwa ukuba uYesu uthunywe nguThixo.’ Kodwa bafuna abantu abaye kwitheko bambone esenza imimangaliso. UYesu uyayibona ukuba le yingozi, uthi kubo: “Ihlabathi alinasizathu sakunicaphukela, kodwa mna liyandicaphukela kuba ndithetha phandle ngezinto ezimbi elizenzayo. Nyukani nina niye ethekweni; mna andizukuya ngoku kuba elam ixesha alikafiki ncam.”—Yohane 7:5-8.
Emva kweentsuku behambile abantakwabo Yesu nabanye abantu, yena nabafundi bakhe bayalandela, kodwa bengabonwa ngabantu. Bahamba ngendlela enqumla eSamariya, endaweni yokuhamba ngendlela eqhelekileyo ekufutshane noMlambo iYordan. UYesu nabafundi bakhe baza kudinga indawo yokulala eSamariya, ngoko uthumela abafundi bakhe ukuba bahambe kuqala bayokumlungiselela. Abantu baseSamariya abafuni ukumamkela kuba esiya eYerusalem kwitheko lamaYuda. UYakobi noYohane bayacaphuka baze bathi: “Nkosi, awufuni sibize umlilo ezulwini, ubatshabalalise?” (Luka 9:54) UYesu uyabanqanda baze baqhubeke behamba.
Endleleni, omnye umbhali uthi kuYesu: “Mfundisi, ndiza kukulandela naphi na apho uya khona.” UYesu uthi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zineendlwane, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufihla intloko.” (Mateyu 8:19, 20) Eyona nto ayithethayo kulo mbhali kukuba akuzukuba lula ukuba ngumlandeli wakhe. Kubonakala nokuba lo mbhali uphakame kakhulu ukuba angayamkela le ndlela yokuphila. Mntu ngamnye kuthi umele azibuze ukuba, ‘Ndikulungele kangakanani ukuba ngumlandeli kaYesu?’
UYesu uthi kwenye indoda: “Yiba ngumlandeli wam.” Iphendula ithi: “Nkosi, ndicela undivumele ndiqale ndiyokungcwaba utata.” UYesu uyayazi imeko yale ndoda. Uthi kuyo: “Bayeke abafileyo bangcwabe abafileyo, wena hamba uyokushumayela ngoBukumkani bukaThixo kuyo yonke indawo.” (Luka 9:59, 60) Utata wale ndoda akakasweleki. Ukuba ebeswelekile, le ndoda ibingenakufane ibe lapha incokola noYesu. Kuyacaca ukuba le ndoda ayikakulungeli ukubeka uBukumkani BukaThixo kuqala ebomini bayo.
Njengoko beqhubeka besiya eYerusalem, enye indoda ithi kuye: “Nkosi, ndiza kukulandela, kodwa qala undivumele ndiyokuvalelisa kwabo basendlini.” UYesu uthi kuyo: “Nabani na obamba ikhuba aze ajonge ngasemva, akabufanelekelanga uBukumkani bukaThixo.”—Luka 9:61, 62.
Abantu abafuna ukuba ngabalandeli bakaYesu bamele bazimisele ukujonga ngqo kuBukumkani. Ukuba umntu olimayo akajongi phambili, ifolo iza kuba goso. Ukuba uyema aze aqalise ukujonga ngasemva, nomsebenzi uyema. Ngendlela efanayo, nabani na ojonga ngasemva kweli hlabathi, usenokuzibona sephumile endleleni eya kubomi obungunaphakade.