IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 127
  • Ungcwatywe NgoLwesihlanu—Ingcwaba Lize NgeCawa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ungcwatywe NgoLwesihlanu—Ingcwaba Lize NgeCawa
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Amanqaku Afanayo
  • Ungcwatywe NgoLwesihlanu, Ingcwaba Lize NgeCawa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • UYesu Uyangcwatywa
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ngaba AmaKristu Amele Ayigcine ISabatha?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Usuku Lokugqibela Lobomi BukaYesu Basemhlabeni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 127

Isahluko 127

Ungcwatywe NgoLwesihlanu—Ingcwaba Lize NgeCawa

NGOKU kusemva kwemini ngoLwesihlanu, yaye iSabatha kaNisan 15 iya kuqalisa ekutshoneni kwelanga. Umzimba kaYesu uyajinga utyokololo emthini, kodwa izihange ezibini ezibethelelwe ecaleni kwakhe zisaphila. Ithuba lasemva kwemini ngoLwesihlanu libizwa ngokuba yiMini Yokulungiselela ngenxa yokuba ngayo abantu balungiselela izidlo baze bagqibezele nawuphi na omnye umsebenzi ongxamisekileyo ongenakubekelwa ecaleni kude kube semva kweSabatha.

ISabatha esele iza kuqalisa asiyoSabatha nje eqhelekileyo (umhla wesixhenxe weveki) kodwa iziiSabatha ezimbini, okanye iSabatha ‘enkulu.’ Ibizwa ngolu hlobo ngenxa yokuba uNisan 15, ongumhla wokuqala woMthendeleko Wezonka Ezingenagwele othabatha iintsuku ezisixhenxe (yaye osoloko uyiSabatha, kungakhathaliseki ukuba ungaluphi na usuku lweveki), ungosuku olunye nolo lweSabatha eqhelekileyo.

Ngokomthetho kaThixo, imizimba ayimele ishiywe ijinga emthini ubusuku bonke. Ngoko amaYuda acela kuPilato ukuba abo bagwetyiweyo babulawe ngokukhawuleza ngokwaphulwa imilenze. Ngoko ke, amasoldati aphula imilenze yezihange ezibini. Kodwa ekubeni uYesu ebonakala efile, imilenze yakhe ayaphulwa. Oku kuzalisekisa isibhalo esithi: “Akuyi kutyunyuzwa thambo lakhe.”

Noko ke, ukuze laneliseke ukuba uYesu ufile ngokwenene, elinye lamasoldati limhlaba ngomkhonto ecaleni. Umkhonto umkrazula apha ngasentliziyweni, yaye ngoko nangoko kuphuma igazi namanzi. Umpostile uYohane, olingqina lokuzibonela, unikela ingxelo yokuba oku kuzalisekisa esinye isibhalo esithi: “Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.”

Omnye umntu okhoyo ngeli xesha lokubulawa kwakhe nguYosefu osuka kwisixeko saseArimati, ilungu leNtlanganiso Yamatyala elihloniphekileyo. Akazange avumelane nesenzo esingekho sikweni senkundla ephakamileyo nxamnye noYesu. Eneneni uYosefu ungumfundi kaYesu, nangona ebesoloko esoyika ukuzibonakalisa ekuhleni njengaye. Noko ke, ngoku ubonakalisa inkalipho aze aye kuPilato ukuya kucela umzimba kaYesu. UPilato ubiza umthetheli-khulu ophetheyo, yaye emva kokuba lo mthetheli-khulu eqinisekisile ukuba uYesu ufile, uPilato uyasinikezela esi sidumbu.

UYosefu uthabatha lo mzimba aze awusongele ngelinen entle ecocekileyo ukulungiselela ukuwungcwaba. Uncediswa nguNikodemo, elinye ilungu leNtlanganiso Yamatyala. UNikodemo naye uye wasilela ukubonakalisa ukholo kuYesu ngenxa yokoyika ukulahlekelwa sisikhundla sakhe. Kodwa ngoku uzisa umqulu welaphu oneekhilogram ezimalunga nezingama-33 zemore nekhala elixabisekileyo. Umzimba kaYesu uthandelwa ngezisongelo ezinobu bulawu, kanye ngokwesiko lamaYuda lokulungiselela imizimba eza kungcwatywa.

Wandula ke lo mzimba ubekwe kwingcwaba likaYosefu elitsha elimbiwe eliweni kumyezo okufutshane. Ekugqibeleni, kuqengqelwa ilitye elikhulu emlonyeni wengcwaba. Ukuze umngcwabo wenziwe ngaphambi kweSabatha, lo mzimba ulungiswa ngokungxama. Ngoko ke, uMariya waseMagadala noMariya unina kaYakobi Omnci, ekusenokuba bebencedisa ukulungisa umzimba, bakhawuleza bagoduke ukuya kulungiselela ubulawu neoli eyongezelelekileyo. Yakuba idlulile iSabatha, baceba ukuqhola umzimba kaYesu kwakhona ukuze ungaboli kangangethuba elide.

Ngosuku olulandelayo, olunguMgqibelo (iSabatha), ababingeleli abakhulu nabaFarisi baya kuPilato baze bathi: “Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.”

UPilato uyaphendula athi: “Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako.” Bandula ke bahambe baze balinqabise ingcwaba ngokutywina ilitye elivalwe ngalo baze bamise amasoldati amaRoma njengabalindi.

Kwakusasa ngeCawa uMariya waseMagadala, uMariya unina kaYakobi kwakunye noSalome, uYohana nabanye abafazi, beza nobulawu engcwabeni ukuze baqhole umzimba kaYesu. Endleleni bathi omnye komnye: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?” Kodwa bakufika, bafumanisa ukuba kuye kwakho inyikima yaye isithunywa sikaYehova siye saliqengqa ilitye. Abalindi abakho, yaye ingcwaba lize! Mateyu 27:57–28:2; Marko 15:42–16:4; Luka 23:50–24:3, 10; Yohane 19:14, 31–20:1; 12:42; Levitikus 23:5-7; Duteronomi 21:22, 23; INdumiso 34:20; Zekariya 12:10.

▪ Kutheni uLwesihlanu ebizwa ngokuba yiMini Yokulungiselela, kwaye iyintoni iSabatha ‘enkulu’?

▪ Ziziphi izibhalo ezizalisekayo ngokuphathelele umzimba kaYesu?

▪ UYosefu noNikodemo badibana ngantoni nomngcwabo kaYesu, yaye banaluphi ulwalamano noYesu?

▪ Sisiphi isicelo ababingeleli abasenzayo kuPilato, yaye usabela njani?

▪ Kwenzeka ntoni ngentseni yangeCawa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share