Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ungcwatywe NgoLwesihlanu, Ingcwaba Lize NgeCawa
NGOKU kusemva kwemini ngoLwesihlanu, yaye iSabatha kaNisan 15 iya kuqalisa ekutshoneni kwelanga. Umzimba kaYesu uyajinga utyokololo emthini, kodwa izihange ezibini ezibethelelwe ecaleni kwakhe zisaphila. Ithuba lasemva kwemini yangoLwesihlanu libizwa ngokuba yiMini Yokulungiselela ngenxa yokuba ngayo abantu balungiselela izidlo baze bagqibezele nawuphi na omnye umsebenzi ongxamisekileyo ongenakubekelwa ecaleni kude kube semva kweSabatha.
ISabatha esele iza kuqalisa asiyoSabatha nje eqhelekileyo (umhla wesixhenxe weveki) kodwa iziiSabatha ezimbini, okanye iSabatha ‘enkulu.’ Ibizwa ngolu hlobo ngenxa yokuba uNisan 15 ongumhla wokuqala woMthendeleko Wezonka Ezingenagwele othabatha iintsuku ezisixhenxe (yaye usoloko uyiSabatha, kungakhathaliseki ukuba ungoluphi na usuku lweveki), ungosuku olufanayo nolo lweSabatha eqhelekileyo.
Ngokomthetho kaThixo, imizimba ayimele ishiywe ijinga emthini ubusuku bonke. Ngoko amaYuda acela kuPilato ukuba abo bagwetyiweyo babulawe ngokukhawuleza ngokwaphulwa imilenze. Ngoko ke, amasoldati aphula imilenze yezihange ezibini. Kodwa ekubeni uYesu ebonakala efile, imilenze yakhe ayaphulwa. Oku kuzalisekisa isibhalo esithi: “Akuyi kutyunyuzwa thambo lakhe.”
Noko ke, ukuze laneliseke ukuba uYesu ufile ngokwenene, elinye lamasoldati limhlaba ngomkhonto ecaleni. Umkhonto ukrazula ummandla onentliziyo yakhe, yaye ngoko nangoko kuphuma igazi namanzi. Umpostile uYohane, olingqina lokuzibonela, unikela ingxelo yokuba oku kuzalisekisa esinye isibhalo: “Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.”
Omnye umntu okhoyo ngeli xesha lokuphunyezwa kwesigwebo nguYosefu osuka kwisixeko saseArimati, ilungu leNtlanganiso Yamatyala elihloniphekileyo. Wayengavumelananga nesenzo esingekho sikweni senkundla ephakamileyo nxamnye noYesu. Eneneni uYosefu ungumfundi kaYesu, nangona ebesoloko esoyika ukuzibonakalisa ekuhleni njengaye. Noko ke, ngoku ubonakalisa inkalipho aze aye kuPilato ukuya kucela umzimba kaYesu. UPilato ubiza umthetheli-khulu ophetheyo, yaye emva kokuba lo mthetheli-khulu eqinisekisile ukuba uYesu ufile, uPilato uyasinikezela esi sidumbu.
UYosefu uthabatha lo mzimba aze awusongele ngelinen entle ecocekileyo ukulungiselela ukuwungcwaba. Uncediswa nguNikodemo, elinye ilungu leNtlanganiso Yamatyala. UNikodemo naye uye wasilela ukuluvuma ukholo lwakhe kuYesu ngenxa yokoyika ukulahlekelwa sisikhundla sakhe. Kodwa ngoku uzisa umqulu welaphu phakathi omalunga nobunzima obuziiponti ezilikhulu eRoma (iikhilogram ezingama-33) zemore nekhala elixabisekileyo. Umzimba kaYesu uthandelwa ngezisongelo ezinobu bulawu, kanye ngokwesiko lamaYuda lokulungiselela imizimba eza kungcwatywa.
Wandula ke lo mzimba ubekwe kwingcwaba likaYosefu elitsha elimbiwe eliweni kumyezo okufutshane. Ekugqibeleni, kuqengqelwa ilitye elikhulu emlonyeni wengcwaba. Ukuze umngcwabo wenziwe ngaphambi kweSabatha, ukulungiswa kwalo mzimba kwenziwa ngobungxamo. Ngoko ke, uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi Omnci, ekusenokuba bebencedisa ukulungisa umzimba, bayangxama ukuya ekhaya ukuya kulungiselela ubulawu obongezelelekileyo neoli. Emva kweSabatha, baceba ukuqhola umzimba kaYesu kwakhona ukuze uhlale ithuba elide.
Ngosuku olulandelayo, olunguMgqibelo (iSabatha), ababingeleli abakhulu nabaFarisi baya kuPilato baze bathi: “Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.”
UPilato uphendula athi: “Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako.” Bandula ke bahambe baze balinqabise ingcwaba ngokutywina ilitye elivalwe ngalo baze bamise amasoldati amaRoma njengabalindi.
Kwakusasa ngeCawa uMariya waseMagadala, uMariya unina kaYakobi kwakunye noSalomi, uYohana nabanye abafazi, beza nobulawu engcwabeni ukuze baqhole umzimba kaYesu. Endleleni bathi omnye komnye: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?” Kodwa bakufika, bafumanisa ukuba kuye kwakho inyikima yaye isithunywa sikaYehova siye saliqengqa ilitye. Abalindi abekho, yaye ingcwaba lize! Mateyu 27:57–28:2; Marko 15:42–16:4; Luka 23:50–24:3, 10; Yohane 19:31–20:1; 19:14; 12:42; Levitikus 23:5-7; Duteronomi 21:22, 23; INdumiso 34:20; Zekariya 12:10.
◆ Kutheni uLwesihlanu ebizwa ngokuba yiMini Yokulungiselela, kwaye iyintoni iSabatha ‘enkulu’?
◆ Ziziphi izibhalo ezizalisekayo mayela nomzimba kaYesu?
◆ UYosefu noNikodemo badibana ngantoni nomngcwabo kaYesu, yaye banaluphi ulwalamano noYesu?
◆ Sisiphi isicelo ababingeleli abasenzayo kuPilato, yaye usabela njani?
◆ Kwenzeka ntoni ngentsasa yangeCawa?