Isahluko 22
Icandelo 1—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
Eli licandelo lokuqala lesahluko esinamacandelo amahlanu esichaza indlela umsebenzi wamaNgqina kaYehova oye wafikelela ngayo kulo lonke ihlabathi. ICandelo 1, eligubungela ixesha elisusela kowe-1870 ukusa kowe-1914, likwiphepha 404 ukusa kwelama-422. Ibutho labantu lisachaphazeleka ziinguqu ezabangelwa yiMfazwe Yehlabathi I eyaqala ngowe-1914. Lowo ngunyaka aBafundi beBhayibhile ababewuchaze kwakudala njengophawula ukuphela kwamaXesha eeNtlanga.
NGAPHAMBI kokuba anyukele ezulwini, uYesu Kristu wathuma abapostile bakhe wathi: “Nibe ngamangqina am . . . kuse nasekupheleni komhlaba.” (IZe. 1:8) Kwakhona waxela kwangaphambili ukuba “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mat. 24:14) Loo msebenzi awuzange ugqitywe ngenkulungwane yokuqala. Inxalenye yawo enkulu iye yenziwa kumaxesha anamhlanje. Yaye ingxelo yokufezwa kwawo ukususela ngeminyaka yee-1870 ukuza kuthi ga namhlanje ichulumancisa ngokwenene.
Nangona uCharles Taze Russell wayesaziwa kakhulu ngenxa yeentetho zakhe zeBhayibhile ezazibhengezwa kakhulu, wayengenamdla kubaphulaphuli abaninzi kuphela kodwa wayenomdla kubantu. Ngaloo ndlela, ngokukhawuleza emva kokuba eqalise ukupapasha IMboniselo ngowe-1879, wakhenketha kakhulu etyelela amaqela amancinane abafundi beli phephancwadi ukuze axubushe nabo iZibhalo.
UC. T. Russell wabongoza abo babekholelwa kumadinga axabisekileyo eLizwi likaThixo ukuba babe nesabelo ekwabelaneni nabanye abantu ngawo. Abo iintliziyo zabo zazichukumiseke ngokunzulu koko babekufunda babonisa inzondelelo yokwenene ekwenzeni oko. Ukuncedisa kulo msebenzi, kwalungiselelwa uncwadi olushicilelweyo. Ekuqaleni kowe-1881, kwashicilelwa amaphecana aliqela. Inkcazelo eyayikuwo yathi ke yadityaniswa nenkcazelo engakumbi kwincwadi eneenkcukacha ethi Food for Thinking Christians, yaye kwashicilelwa imibhalo yayo esisi-1 200 000 ukuze isasazwe. Kodwa iqaqobana laBafundi beBhayibhile (mhlawumbi ababeli-100 ngelo xesha) lalinokuzisasaza njani zonke ezi ncwadi?
Ukufikelela Abahambi Beecawa
Ezinye zanikwa izalamane nabahlobo. Amaphephandaba aliqela avuma ukuthumela umbhalo kubo bonke abantu ababewarhumela. (Kwagxininiswa ngokukodwa kumaphepha awayephuma kanye ngeveki nawayephuma kanye ngenyanga ukuze incwadi ethi Food for Thinking Christians ifikelele kubantu abaninzi abahlala kwimimandla yasemaphandleni.) Kodwa inkoliso yazo yasasazwa ngeentsuku zangeCawa eziliqela ezilandelelanayo phambi kweecawa eUnited States naseBritani. ABafundi beBhayibhile babenganelanga ukuba bangakwenza konke oku ngokobuqu, ngoko baqesha nabanye ukuba babancedise.
UMzalwan’ uRussell wathumela izinxulumani ezibini, uJ. C. Sunderlin noJ. J. Bender, eBritani ukuze zivelele ukusasazwa kwemibhalo engama-300 000 apho. UMzalwan’ uSunderlin waya eLondon, ngoxa uMzalwan’ uBender waya kutsho entla eSkotlani waza ke wasebenza wehlisa. Ngokuyintloko kwanikelwa ingqalelo kwizixeko ezikhulu. Ngezibhengezo kumaphephandaba, kwafunyanwa amadoda afanelekileyo, kwaza kwenziwa isivumelwano nawo sokuba alungiselele abancedisi abaneleyo bokusasaza isixa sawo semibhalo. Phantse ngabasasazi abangama-500 abafunyanwayo eLondon kuphela. Umsebenzi wenziwa ngokukhawuleza, ngeeCawa ezimbini ezilandelelanayo.
Kwangaloo nyaka, kwenziwa amalungiselelo okuba aBafundi beBhayibhile ababenokuchithela isiqingatha sexesha labo okanye elingakumbi ngokukhethekileyo emsebenzini weNkosi babe ngoovulindlela, basasaze uncwadi lokufundisisa iBhayibhile. Aba vulindlela bokuqala bafeza indima ebalulekileyo ekusasazweni kweendaba ezilungileyo.
Ebudeni beminyaka elishumi elandelayo, uMzalwan’ uRussell walungiselela amaphecana ahlukahlukeneyo awayenokusetyenziswa lula ekusasazeni ezinye zeenyaniso zeBhayibhile ezibalaseleyo ezazifundiwe. Kwakhona wabhala nemiqulu eliqela yeMillennial Dawn (kamva eyaziwa ngokuthi Studies in the Scriptures). Waza ke waqalisa ukuhamba ngokobuqu esiya kusasaza ivangeli kwamanye amazwe.
URussell Utyelela Kwamanye Amazwe
Ngowe-1891 watyelela eKhanada, apho kwakuvuseleleke umdla owaneleyo ukususela ngowe-1880 kangangokuba indibano ekwakuze kuyo abantu abangama-700 ngoku yaba nokuqhutywa eToronto. Waya naseYurophu ngowe-1891 ukuze abone ukuba kwakunokwenziwa ntoni ukuze kuhanjiselwe phambili ukusasazwa kwenyaniso apho. Kolu khenketho waya kufika eIreland, eSkotlani, eNgilani, kumazwe amaninzi akwilizwekazi laseYurophu, eRashiya (kummandla ngoku owaziwa ngokuba yiMoldova), nakuMbindi Mpuma.
Wafikelela kwesiphi isigqibo emva kolo khenketho? Wanikela le ngxelo: “ERashiya asibonanga ngathi sele beyilungele inyaniso . . . Asibonanga nto isikhuthazayo ukuba sibe nethemba lesivuno eItali okanye eTurkey okanye eOstriya okanye eJamani. Kodwa eNorway, eSweden, eDenmark, eSwitzerland, yaye nangokukodwa eNgilani, eIreland naseSkotlani, amasimi sele elungile ukuba kuvunwe. La masimi abonakala edanduluka esithi, Yizani nisisize!” Ngeli xesha iCawa yamaKatolika yayisakwalela ukufundwa kweBhayibhile, amaProtestanti amaninzi ayezilahla iicawa zawo, yaye abaninzi ababedanisiwe ziicawa zabo, babeyigatya ngokupheleleyo iBhayibhile.
Ukuze kuncedwe abo bantu babelambile ngokomoya, emva kolo khenketho lukaMzalwan’ uRussell ngowe-1891 kwenziwa imigudu eyongezelelekileyo yokuguqulela uncwadi kwiilwimi zaseYurophu. Kwakhona kwenziwa amalungiselelo okushicilela nokugcina uncwadi eLondon ukuze lufumaneke lula ukuze lusetyenziswe eBritani. Ngokwenene intsimi yaseBritani yangqineka ilungele ukuvunwa. Ngowe-1900, kwakusele kukho amabandla asithoba naBafundi beBhayibhile abali-138—phakathi kwabo kwakukho oovulindlela abanenzondelelo. Xa uMzalwan’ uRussell waphinda watyelela eBritani ngowe-1903, kwahlanganisana abantu abaliwaka eGlasgow ukuze baphulaphule intetho yakhe ethi “Amathemba Ewaka Leminyaka,” eLondon kwakukho ama-800, kwezinye iidolophu kwakukho abantu abangama-500 ukuya kuma-600.
Noko ke, njengokuba uMzalwan’ uRussell wayephawulile, emva kotyelelo lwakhe kwadlula iminyaka eli-17 ngaphambi kokuba kusekwe ibandla lokuqala laBafundi beBhayibhile eItali, ePinerolo. Ibe kuthekani ngeTurkey? Ngasekupheleni kweminyaka yee-1880, uBasil Stephanoff wayeshumayele eMakedoni, kuloo ndawo ngoko yayiyinxalenye yeTurkey eseYurophu. Nangona abathile kwakubonakala ngathi banomdla, abathile ababesithi bangabazalwana basasaza iingxelo zobuxoki, ezakhokelela ekubeni lo mzalwana avalelwe entolongweni. Kuphela kwaba ngowe-1909 ekwathi kwafika ileta eyayivela kwindoda engumGrike eSmirna (ngoku eyi-Izmir), eTurkey, inikela ingxelo yokuba iqela elalilapho lalizifundisisa ngoxabiso iimpapasho zeWatch Tower. Kanti ke eOstriya, uMzalwan’ uRussell wabuya ngowe-1911 ukuze anikele intetho eVienna, suka loo ntlanganiso yaphazanyiswa lihlokondiba. NaseJamani, akuzange kukhawuleze kubekho ntsabelo ebonisa uxabiso. Kodwa abemi baseScandinavia babonakalisa ukuyiphaphela ngakumbi intswelo yabo yokomoya.
Abemi BaseScandinavia Bayabelana
Abantu abaninzi baseSweden babehlala eMerika. Ngowe-1883 kwakhutshwa imibhalo yeMboniselo eguqulelwe kulwimi lwaseSweden ukuba isasazwe kubo. Kungekudala le mibhalo yathunyelwa ngeposi kubahlobo nezalamane eSweden. Kwakungekabikho luncwadi lupapashiweyo ngolwimi lwaseNorway. Sekunjalo, ngowe-1892, unyaka emva kotyelelo lukaMzalwan’ uRussell eYurophu, uKnud Pederson Hammer, ummi waseNorway owayefunde inyaniso eMerika, wabuyela eNorway ukuze anikele ubungqina kwizalamane zakhe.
Kwandula ke, ngowe-1894, xa kwaqaliswa ukupapashwa koncwadi ngolwimi lwaseDenmark nolwaseNorway, uSophus Winter, umMerika osinqe siseDenmark owayeneminyaka engama-25, wathunyelwa eDenmark noncwadi awayemele alusasaze. Entwasahlobo kunyaka olandelayo, wayehambise imiqulu engama-500 yencwadi ethi Millennial Dawn. Ngexeshana elingephi, abanye abambalwa abafunda ezo mpapasho babenesabelo kunye naye kulo msebenzi. Okulusizi kukuba kamva wakulibala ukuxabiseka kwelungelo elixabisekileyo awayenalo; kodwa abanye baqhubeka bekhanyisa.
Noko ke, ngaphambi kokuba ayiyeke le nkonzo, lo kaWinter wakha waba nguvulindlela eSweden. Ngokukhawuleza emva koko, kwisiqithi saseSturkö, uAugust Lundborg, umphathi oselula weSalvation Army, wabona imiqulu emibini yencwadi ethi Millennial Dawn kwikhaya lomhlobo wakhe. Wayiboleka, wayifunda ngolangazelelo, warhoxa ecaweni, waza waqalisa ukwabelana nabanye ngoko wayekufunda. Omnye umfana, uP. J. Johansson, wakhanyiselwa kukufunda iphecana awayelichole kwisihlalo esasisepakini.
Njengokuba iqela elaliseSweden lalikhula, abanye bawelela eNorway ukuze basasaze uncwadi lweBhayibhile. Kwanangaphambi koko, uncwadi lwalufikile ngeposi eNorway luthunyelwa zizalamane eziseMerika. Kungale ndlela awathi uRasmus Blindheim waqalisa enkonzweni kaYehova. Phakathi kwabanye eNorway, uTheodor Simonsen, umshumayeli kwicawa yaseFree Mission, wafumana inyaniso ngaloo minyaka yokuqala. Waqalisa ukuyiphikisa imfundiso yesihogo somlilo kwiintetho zakhe eFree Mission. Xa abaphulaphuli bakhe bazivayo ezi ndaba zichulumancisayo baxhuma luvuyo; kodwa xa kwavakalayo ukuba wayedibene ne-“Millennial Dawn,” wagxothwa ecaweni. Sekunjalo, akazange ayeke ukuthetha ngezinto ezilungileyo awayezifundile. Omnye umfana owayefumene uncwadi oluthile nguAndreas Øiseth. Esakuba eyisekile ukuba wayeyifumene inyaniso, wayishiya ifama yentsapho yakowabo waza wangenela umsebenzi wobuvulindlela. Ngendlela elungeleleneyo wasebenza wasinga ngasentla, waza ke wehlisa egudla imiwonyo, engadluli nakweyiphi na indawo eyayinabantu. Ebusika izinto zakhe—ukutya, impahla, noncwadi—wayehamba nazo ngesileyi, ibe abantu abanomoya wokubuk’ iindwendwe babemnika indawo yokulala. Kuhambo olwamthabatha iminyaka esibhozo, wagubungela phantse lonke elo lizwe ngeendaba ezilungileyo.
Inkosikazi ka-August Lundborg, uEbba, yasuka eSweden yaya kutsho eFinland ukuya kwenza umsebenzi wobuvulindlela ngowe-1906. Malunga nelo xesha, amadoda awayevela eUnited States eza noncwadi lweWatch Tower aza aqalisa ukwabelana nabanye ngoko ayekufunda. Ngaloo ndlela ngeminyaka engephi, uEmil Österman, owayefuna okuthile okulunge ngakumbi kunoko wayenokukufumana ezicaweni, wafumana incwadi ethi The Divine Plan of the Ages. Wayifunda nomhlobo wakhe uKaarlo Harteva, naye owayekwiphulo lokufuna. Beqonda ukubaluleka koko babenako, uHarteva wayiguqulela kulwimi lwaseFinland baza, ngoncedo lwemali lukaÖsterman, balungiselela ukuba ishicilelwe. Bekunye baqalisa ukuyisasaza. Bebonisa umoya wokwenene wokuhambisa ivangeli, babethetha nabantu kwiindawo zikawonke wonke, betyelela abantu kwizindlu ngezindlu, yaye benikela iintetho kwiiholo ezazizele zimi ngeembambo. EHelsinki, emva kokubhenca iimfundiso zobuxoki zeNgqobhoko, uMzalwan’ uHarteva wamema abaphulaphuli ukuba besebenzisa iBhayibhile bathethelele inkolelo yokungafi komphefumlo, ukuba babenako. Onke amehlo aphethukela kubefundisi ababekho. Akuzange kuthethe nokuba abe mnye; kwakungekho namnye owayenokuwaphendula amazwi acacileyo afumaneka kuHezekile 18:4. Bambi kubaphulaphuli bathi abazange balale buhlayo ngobo busuku emva koko babekuvile.
Umlungisi Wesitiya Othobekileyo Uba Ngumhambisi Wevangeli EYurophu
Ngelo xesha, uAdolf Weber, ngokukhuthazwa ngumhlobo wakhe osele ekhulile owayengumAnabaptist, walishiya elaseSwitzerland waya eUnited States ngenjongo yokufuna ukuziqonda ngakumbi iZibhalo. Apho, esabela kwisibhengezo, waba ngumlungisi wesitiya sikaMzalwan’ uRussell. Ngoncedo lwencwadi ethi The Divine Plan of the Ages (ngoko eyayikho ngesiJamani) neentlanganiso ezaziqhutywa nguMzalwan’ uRussell, uAdolf waluzuza ulwazi lweBhayibhile awayelufuna, waza wabhaptizwa ngowe-1890. ‘Amehlo entliziyo yakhe akhanyiselwa,’ ukuze aliqonde ithuba elizukileyo elalivulekile kuye. (Efe. 1:18, NW) Emva kokunikela ubungqina ngenzondelelo okwethutyana kwelaseUnited States, wabuyela kwilizwe lakhe lokuzalwa ukuze aqhube umsebenzi “esidiliyeni seNkosi” apho. Ngaloo ndlela, phakathi kwiminyaka yee-1890, wayebuyele eSwitzerland esabelana ngeenyaniso zeBhayibhile nabo babeneentliziyo ezifuna ulwazi.
UAdolf wayeziphilisa ngokunyamekela izitiya namahlathi, kodwa umdla wakhe ophambili wawusekuhambiseni ivangeli. Wanikela ubungqina kwabo wayesebenza nabo, kwanakubantu ababekwiidolophu needolophana zaseSwitzerland ezikufutshane. Wayesazi iilwimi eziliqela, ibe wasebenzisa olu lwazi ekuguquleleni iimpapasho zoMbutho kwisiFrentshi. Ebusika wayezalisa ingxowa yakhe ngoncwadi aze enjenjeya ebetha ngezikaTshiwo ukusinga eFransi, yaye maxa wambi wayesinga ngakumntla-ntshona aye kutsho eBelgium aze ehlele ngezantsi aye kungena eItali.
Ukuze afikelele kubantu awayengenakubafikelela ngokobuqu, wayebhala izibhengezo kumaphephandaba nakumaphephancwadi, ethetha ngoncwadi olwalufumaneka lokufundisisa iBhayibhile. UElie Thérond, kumbindi Fransi, wasabela kwesinye sezo zibhengezo, wabona ukuba kwakukho ubunyaniso koko wayekufunda, waza naye waqalisa ukusasaza eso sigidimi. EBelgium, uJean-Baptiste Tilmant, Omkhulu, naye wabona esinye sezo zibhengezo ngowe-1901 waza wazifumanela imiqulu emibini yencwadi ethi Millennial Dawn. Hayi indlela awachwayita ngayo kukubona inyaniso yeBhayibhile ichazwe ngokucace kangako! Wayenokuthini ukungabaxeleli abahlobo bakhe ngoku! Ngonyaka olandelayo, kwakukho iqela elalihlanganisana rhoqo ngenjongo yokufundisisa ekhayeni lakhe. Ngokukhawuleza emva koko umsebenzi welo qela lincinane wawuvelisa iziqhamo nakumntla Fransi. UMzalwan’ uWeber waqhubeka enonxibelelwano nabo, ngamathuba athile ewatyelela loo maqela amancinane awavelayo, ewakha ngokomoya yaye ewafundisa indlela yokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo.
Ukufika Kweendaba Ezilungileyo EJamani
Ngokukhawuleza emva kokuba ezinye zeempapasho ziqalisile ukuphuma ngesiJamani, phakathi kwiminyaka yee-1880, amaJamani aseMerika awayezixabisa aqalisa ukuthumela imibhalo kwizalamane ezikwilizwe lawo lokuzalwa. Umongikazi owayesebenza kwisibhedlele esiseHamburg wabelana nabanye esibhedlele ngemibhalo yencwadi ethi Millennial Dawn. Ngowe-1896, uAdolf Weber, eSwitzerland, wayekhupha izibhengezo kumaphephandaba esiJamani yaye ethumela amaphecana eJamani. Kunyaka olandelayo kwavulwa indawo yogcino-ncwadi eJamani ukuze kube lula ukusasazwa kweMboniselo yesiJamani, kodwa imiphumo ayizange ibekho ngokukhawuleza. Noko ke, ngowe-1902, uMargarethe Demut, owayeyifumene eSwitzerland inyaniso, wafudukela eTailfingen, ngakwimpuma yeBlack Forest. Ukunikela kwakhe ubungqina ngenzondelelo kwanceda kwabeka isiseko selinye lamaqela okuqala aBafundi beBhayibhile eJamani. USamuel Lauper, osuka eSwitzerland, wafudukela eBergisches Land, kumntla-mpuma weCologne, ukuze asasaze iindaba ezilungileyo kuloo mmandla. Ngowe-1904, kwakuqhutywa iintlanganiso apho eWermelskirchen. Phakathi kwabo babebakho yindoda eyayineminyaka engama-80 ubudala, uGottlieb Paas, eyayifuna inyaniso. Xa wayesekhukweni lokufa, kungekudala ezo ntlanganiso ziqalisile, lo kaPaas waphakamisa IMboniselo waza wathi: “Yinyaniso le; bambelelani kuyo.”
Inani labo babenomdla kwezi nyaniso zeBhayibhile landa ngokuthe ngcembe. Nangona kwakubiza imali eninzi, kwenziwa amalungiselelo okuba kufakwe umbhalo wesisa weMboniselo kumaphephandaba aseJamani. Ingxelo eyapapashwa ngowe-1905 ithi kwasasazwa imibhalo yesisa yeMboniselo engaphezu kwesi-1 500 000. Elo qela lincinane lalifeze lukhulu ngokwenene.
Asingabo bonke aBafundi beBhayibhile ababevakalelwa kukuba ngokufikelela abantu abakufutshane namakhaya abo babekwenzile okwakufuneka. Ngowe-1907, uMzalwan’ uErler, waseJamani, wayetyelela eBohemia kuloo ndawo ngoko yayiyiAustria-Hungary (kamva yaba yinxalenye yeCzechoslovakia). Wasasaza uncwadi olwalulumkisa ngeArmagedon nolwaluxela ngeentsikelelo ezaziya kuzela uluntu emva koko. Ngowe-1912 omnye uMfundi weBhayibhile wayesasaze uncwadi lweBhayibhile kummandla waseMemel, kuloo ndawo ngoku eyiLithuania. Abaninzi basabela ngehlombe kweso sigidimi, ibe ngokukhawuleza kwasekwa amaqela amakhudlwana aBafundi beBhayibhile apho. Noko ke, xa bevayo ukuba amaKristu okwenyaniso akwamele abe ngamangqina, amanani abo aqalisa ukuncipha. Sekunjalo, imbinana yazingqina ingabaxelisa uKristu ngokwenene, “ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso.”—ISityhi. 3:14.
Xa uNikolaus von Tornow, isinhanha saseJamani esasinomhlaba omkhulu eRashiya, wayeseSwitzerland malunga nowe-1907, wanikwa elinye lamaphecana eWatch Tower Society. Kwiminyaka emibini kamva wafika kwiBandla laseBerlin, eJamani, efake ezingayiwayo zona iimpahla ibe ephelekwa sisicaka sakhe. Kwathabatha ithuba ngaphambi kokuba asiqonde isizathu sokuba uThixo aziphathise abantu abalulame kangako iinyaniso ezixabiseke ngolo hlobo, kodwa oko wakufunda kweyoku-1 kwabaseKorinte 1:26-29 kwamnceda: “Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, akamaninzi amanene . . . ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni [kaThixo].” Eyisekile kukuba wayeyifumene inyaniso, lo kavon Tornow wawuthengisa umhlaba wakhe eRashiya waza wazinikela yena nobuncwane bakhe ekuhambiseleni phambili unqulo olunyulu.
Ngowe-1911, xa isibini esiselula saseJamani, abakwaHerkendell, satshatayo, umtshakazi wacela kuyise, njengekhazi, imali yokuya kwiholide yabasandula kutshata engaqhelekanga. Ekunye nomyeni wakhe babecinga ngokuthabatha uhambo olunzima olwaluza kubathabatha iinyanga ezininzi. Iholide yaba basandula kutshata yayilukhenketho lokuya kushumayela eRashiya ukuze bafikelele abantu abathetha isiJamani apho. Ngaloo ndlela ngeendlela ezininzi abantu bazo zonke iindidi babesabelana nabanye ngoko babekufundile ngenjongo kaThixo yothando.
Ulwando Kwintsimi YaseBritani
Emva kokusasazwa ngamandla koncwadi eBritani ngowe-1881, abanye abahambi becawa bayibona imfuneko yokwenza ngokuvisisana noko babekufundile. UTom Hart waseIslington, eLondon, wayengomnye wabo bachukunyiswayo sisiluleko seZibhalo esikwiMboniselo esithi, “Phumani kuyo, bantu bam”—oko kukuthi, phumani kwiicawa zeNgqobhoko ezifana neBhabhiloni nize nilandele imfundiso yeBhayibhile. (ISityhi. 18:4) Ngowe-1884 warhoxa ecaweni, waza walandelwa ngabanye abaliqela.
Abaninzi ababenxulumana nala maqela okufundisisa baba ngabahambisi bevangeli abanempumelelo. Abanye babenikela uncwadi lweBhayibhile kwiipaki zaseLondon nakwezinye iindawo abantu ababephumla kuzo. Abanye babegxininisa kwimizi yezoshishino. Noko ke, eyona ndlela iqhelekileyo yayikukutyelela abantu kwizindlu ngezindlu.
USarah Ferrie, owayerhumela IMboniselo, wabhalela uMzalwan’ uRussell esithi yena nezihlobo ezimbalwa eGlasgow babengathanda ukuzinikela ekubeni nesabelo ekusasazeni amaphecana. Hayi indlela awamangaliswa ngayo xa ilori yamisa phambi komnyango wakhe ithwele amaphecana angama-30 000, onke awayemele asasazwe ngesisa! Abazange baphozise maseko. UMinnie Greenlees, noonyana bakhe abaselula abathathu, behamba ngenqwelwana yabo etsalwa lihashe elinye, basebenza ngamandla ekusasazweni koncwadi lweBhayibhile bade baya kufika kumaphandle aseSkotlani. Ekuhambeni kwexesha, uAlfred Greenlees noAlexander MacGillivray, behamba ngeebhayisekile, basasaza amaphecana kummandla omkhulu welaseSkotlani. Kunokuhlawula abanye ukuba basasaze uncwadi, ngoku abasebenzi bokuzithandela abazahluleleyo babewenza ngokwabo lo msebenzi.
Babeqhutywa Ziintliziyo Zabo
Komnye wemizekeliso yakhe, uYesu wayethe abantu ‘abanentliziyo entle, elungileyo, ababeve ilizwi likaThixo’ babeya kuthwala isiqhamo. Uxabiso lokwenyaniso ngamalungiselelo kaThixo othando lwaluya kubashukumisela ekubeni babelane nabanye ngeendaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo. (Luka 8:8, 11, 15) Kungakhathaliseki ukuba zinjani na iimeko zabo, babeya kufumana indlela yokukwenza oku.
Ngaloo ndlela indoda eyayikhenketha yaseArgentina yafumana kumatiloshe womTaliyane iphecana elithi Food for Thinking Christians. Ngoxa wayekwizibuko lasePeru, lo mkhenkethi wabhala ecela angakumbi, yaye ngomdla ongakumbi kwakhona eseArgentina ngowe-1885, wabhalela umhleli weMboniselo ecela uncwadi. Kwangaloo nyaka ilungu loMkhosi Wasemanzini waseBritani, elalithunyelwe neqela lalo eSingapore, lahamba neMboniselo. Lachwayita gqitha koko lakufunda kwelo phephancwadi laza lakusebenzisa ngokukhululekileyo ukuze lazise abanye ngembono yeBhayibhile kwimibandela eyayixutyushwa ekuhleni. Ngowe-1910 inqanawa eyayikhwele abafazi ababini abangamaKristu yemisa kwizibuko laseColombo, eCeylon (ngoku eyiSri Lanka). Basebenzisa elo thuba ukuze banikele ubungqina kuMnu. Van Twest, umphathi weenqanawa kwelo zibuko. Bathetha naye ngokunyanisekileyo ngezinto ababezifunde kwincwadi ethi The Divine Plan of the Ages. Ngenxa yoko, uMnu. Van Twest waba nguMfundi weBhayibhile, ibe umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo waqalisa eSri Lanka.
Kwanabo babengakwazi ukukhenketha bazama iindlela zokwabelana nabantu abakwamanye amazwe ngeenyaniso ezonwabisayo eziseBhayibhileni. Njengokuba kunokubonwa kwileta yoxabiso eyapapashwa ngowe-1905, umntu othile eUnited States wayethumelele indoda ethile eseSt. Thomas, kuloo ndawo ngoko yayiyiDanish West Indies, incwadi ethi The Divine Plan of the Ages. Emva kokuyifunda, lo yayithunyelwe kuye waguqa ngamadolo waza wavakalisa umnqweno wakhe ongazenzisiyo wokusetyenziswa nguThixo ekwenzeni ukuthanda kwakhe. Ngowe-1911, uBellona Ferguson waseBrazil wacaphula imeko yakhe “njengobungqina obukhuthazayo nobokwenene bokuba akukho mntu ukude kangangokuba akanakufikelelwa” ngamanzi enyaniso. Kubonakala ukuba wayefumana uncwadi loMbutho ngeposi ukususela ngowe-1899. Ngaxa lithile ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi I, indoda eyayisuka eJamani iseParaguay yafumana elinye lamaphecana oMbutho kwibhokisi yayo yeposi. Yabhala icela uncwadi olungakumbi yaye kungekudala yawaqhawula amaqhina neecawa zeNgqobhoko. Kwakungekho mntu wumbi wayenokuyibhaptiza kwelo lizwe, ngoko yona nomlanya wayo bagqiba kwelokuba babhaptizane. Ngokwenene, kwakunikelwa ubungqina nasekupheleni komhlaba, ibe babuvelisa isiqhamo.
Ukanti abanye aBafundi beBhayibhile baziva benyanzelekile ukuba babuyele kwiindawo bona okanye abazali babo ababezalelwe kuzo ukuze baxelele abahlobo nezalamane ngenjongo emangalisayo kaYehova nendlela bona ababenokuba nesabelo ngayo kuyo. Ngaloo ndlela, ngowe-1895, uMzalwan’ uOleszynski wabuyela ePoland eneendaba ezilungileyo ‘ezingentlawulelo, ukubuyiswa nobizo lwaphezulu’; nangona, okulusizi ikukuba akazange anyamezele kuloo nkonzo. Ngowe-1898 omnye owayesakuba yinjingalwazi, ummi waseHungary, walishiya elaseKhanada ukuze aye kusasaza isigidimi esingxamisekileyo seBhayibhile kwilizwe lakhe lokuzalwa. Ngowe-1905 indoda eyaba nguMfundi weBhayibhile eMerika yabuyela eGrisi ukuze inikele ubungqina. Yaye ngowe-1913 umfana othile wasuka nembewu yenyaniso yeBhayibhile eNew York wayithwalela kwidolophu yakowabo, iRamallah, engekude eYerusalem.
Ukuqalisa Umsebenzi Kummandla WeCaribbean
Ngoxa inani labahambisi bevangeli lalisanda eUnited States, eKhanada, naseYurophu, inyaniso yeBhayibhile yayiqalisa ukungena ePanama, eCosta Rica, eDutch Guiana (ngoku eyiSuriname), naseBritish Guiana (ngoku eyiGuyana). UJoseph Brathwaite, owayeseBritish Guiana xa wancedwayo ukuba aqonde injongo kaThixo, wemka waya eBarbados ngowe-1905 ukuze anikele ngexesha lakhe lonke eyifundisa abantu apho. ULouis Facey noH. P. Clarke, abaziva iindaba ezilungileyo ngoxa babesebenza eCosta Rica, babuyela eJamaica ngowe-1897 ukuze baye kwabelana nabantu bakowabo ngokholo ababesandul’ ukulufumana. Abo bayamkelayo inyaniso apho babengabasebenzi abanenzondelelo. Ngowe-1906 kuphela, iqela elaliseJamaica lasasaza malunga namaphecana nolunye uncwadi olusisi-1 200 000. Omnye umsebenzi ovela kwelinye ilizwe, owafunda inyaniso ePanama, wathwalela isigidimi sethemba esiseBhayibhileni eGrenada.
Imvukelo eyabakho eMexico ngowe-1910-11 yaba ngomnye uthunywashe owabangela ukuba abantu abalambele inyaniso bafikelelwe ngesigidimi soBukumkani bukaThixo. Abantu abaninzi babalekela ngasentla bangena eUnited States. Apho abanye babo badibana naBafundi beBhayibhile, bafunda ngenjongo kaYehova yokuzisa uxolo oluya kuhlala luhleli kuluntu, baza bathumela uncwadi emva eMexico. Noko ke, esi yayingesosihlandlo sokuqala iMexico ifikelelwa ngesi sigidimi. Kwangowe-1893, IMboniselo (yesiNgesi) yapapasha ileta eyayivela kuF. de P. Stephenson, waseMexico, owayefunde iimpapasho ezithile zeWatch Tower Society ibe efuna ukufumana ezingakumbi ukuze abelane nabahlobo bakhe eMexico naseYurophu.
Ukuze kuqaliswe umsebenzi wokushumayela inyaniso yeBhayibhile kumazwe angakumbi akwiCaribbean nokuze kulungiselelwe iintlanganiso zokufundisisa rhoqo, uMzalwan’ uRussell wathumela uE. J. Coward ePanama ngowe-1911 waza wabuya wamthumela eziqithini. UMzalwan’ uCoward wayesisithethi esigxininisayo nesinehlombe, ibe abaphulaphuli ngokufuthi ababefikelela kumakhulu babethontelana ukuza kuphulaphula iintetho zakhe eziphikisana neemfundiso zesihogo somlilo nokungafi komphefumlo womntu, kwanezixela ngekamva elizukileyo lomhlaba. Watyhutyha iidolophu, neziqithi—iSt. Lucia, iDominica, iSt. Kitts, iBarbados, iGrenada, neTrinidad—efikelela abantu abaninzi kangangoko. Wanikela intetho eBritish Guiana. Ngoxa wayesePanama, wadibana noW. R. Brown, umzalwana oselula nonenzondelelo waseJamaica, owathi emva koko wakhonza noMzalwan’ uCoward kwiziqithi eziliqela ezikwiCaribbean. Kamva, uMzalwan’ uBrown wanceda ekuqaliseni umsebenzi kwamanye amasimi.
Ngowe-1913, uMzalwan’ uRussell wanikela intetho ePanama, eCuba naseJamaica. Xa wayenikela intetho yesidlangalala eKingston, eJamaica, iiholo ezimbini zazizele zimi ngeembambo, ukanti abanye abantu abangama-2 000 kwafuneka bajikiswe. Xa isithethi singazange sithethe nto ngemali yaye kungazange kuthatyathwe nkongozelo, abacholacholi beendaba bakuphawula oku.
Ukukhanya Kwenyaniso Kufikelela EAfrika
NaseAfrika ukukhanya kwenyaniso kwakufika ngeli xesha. Ileta eyayivela eLiberia ngowe-1884 yabonisa ukuba umntu owayefunda iBhayibhile apho wayefumene incwadi ethi Food for Thinking Christians ibe wayefuna ezingakumbi ukuze abelane nabanye. Kwiminyaka embalwa emva koko, kwanikelwa ingxelo yokuba umfundisi othile eLiberia wayesishiyile isikhundla sakhe ukuze akhululekele ukufundisa iinyaniso zeBhayibhile awayezifunda ngoncedo lweMboniselo yaye iqela laBafundi beBhayibhile apho laliqhuba iintlanganiso rhoqo.
Umfundisi weCawa yamaDatshi owayesuka eHolland wahamba nezinye zeempapasho zikaC. T. Russell xa wayethunyelwa eMzantsi Afrika ngowe-1902. Nangona engazange angenelwe ngokusisigxina kuzo, uFrans Ebersohn noStoffel Fourie, abalubona kwithala lakhe leencwadi olu ncwadi, bangenelwa. Emva kweminyaka embalwa, amanani abo kuloo ntsimi omelezwa xa aBafundi beBhayibhile ababini abanenzondelelo bafudukela eThekwini, eMzantsi Afrika, besuka eSkotlani.
Okulusizi kukuba, phakathi kwabo bafumana uncwadi olubhalwe nguMzalwan’ uRussell baza balufundisa abanye, kwakukho imbinana, njengoJoseph Booth noElliott Kamwana, abathi baxuba nezabo iingcamango, ezazenzelwe ukuphemba udushe ukuze kubekho inguqu entlalweni. Oku kwenza abakhi-mkhanya abathile eMzantsi Afrika naseNyasaland (kamva eyaba yiMalawi), ababaqonda kakuhle aBafundi beBhayibhile bokwenene. Sekunjalo, abaninzi babesiva yaye bebonisa uxabiso ngesigidimi esasisalathisela ingqalelo kuBukumkani bukaThixo njengesicombululo seengxaki zoluntu.
Noko ke, kona ukushunyayelwa ngamandla eAfrika kwakuseyinto yexesha elizayo.
Kumazwe AseMpuma Nakwiziqithi ZePasifiki
Ngokukhawuleza emva kokuba iimpapasho zeBhayibhile ezazilungiselelwe nguC. T. Russell ziqaliswe ukusasazwa eBritani, zafika nakumazwe aseMpuma. Ngowe-1883, uNksz. C. B. Downing, umfundisi womRhabe eChefoo (eYantai), eTshayina, wafumana umbhalo weMboniselo. Wakuxabisa oko wakufundayo ngokubuyiswa waza wabelana ngolo ncwadi nabanye abefundisi, kuquka uHorace Randle, owayenxulumene neBaptist Mission Board. Kamva, umdla wakhe wahlokozwa ngokubhekele phaya sisibhengezo sencwadi ethi Millennial Dawn esaphuma kwiTimes yaseLondon, yaye oku kwalandelwa yimibhalo yale ncwadi—omnye uvela kuNksz. Downing yaye omnye uvela kunina eNgilani. Ekuqaleni, kwamothusa oko wayekufunda. Kodwa esakuba eqinisekile ukuba uBathathu Emnye akayiyo imfundiso yeBhayibhile, warhoxa kwiCawa yamaBhaptizi waza waqalisa ukwabelana nabanye abefundisi ngoko wayekufunda. Ngowe-1900 wanikela ingxelo yokuba wayethumele iileta ezingama-2 324 namaphecana angama-5 000 kubefundisi eTshayina, eJapan, eKorea, naseSiam (eThailand). Ngelo xesha ubungqina kumazwe aseMpuma babunikelwa ngokuyintloko kubefundisi beNgqobhoko.
Kwangelo xesha, imbewu yenyaniso yayihlwayelwa eOstreliya naseNew Zealand. Eyokuqala yale “mbewu” ukufika eOstreliya isenokuba yasiwa apho ngowe-1884 okanye ngokukhawuleza emva koko yindoda eyadibana okokuqala noMfundi weBhayibhile epakini eNgilani. Enye “imbewu” yeza ngeposi ivela kubahlobo nezalamane kumazwe aphesheya.
Emva kweminyaka embalwa uManyano Lwamazwana Azilawulayo aseOstreliya lusekiwe ngowe-1901, abantu abaninzi apho baberhumela IMboniselo. Ngenxa yomsebenzi wabo balibonayo ilungelo lokwabelana nabanye ngenyaniso, kwathunyelwa amawaka amaphecana kubantu ababenelungelo lokuvota. Angakumbi asasazwa ezitratweni, yaye imibhumbutho yawo yaphoswa ngeefestile zikaloliwe kubasebenzi nakwizindlu ezimi zodwa kwiindawo ezikwanti ecaleni kwemigaqo kaloliwe. Abantu babesaziswa ngesiphelo esasisondela samaXesha eeNtlanga ngowe-1914. UArthur Williams, Omkhulu, wayebaxelela ngoku bonke ababesiza kuthenga evenkileni yakhe kwiNtshona Ostreliya aze abanomdla abamemele ekhayeni lakhe ukwenzela iingxubusho ezibhekele phaya.
Ukuba ngubani na owafika kuqala nenyaniso yeBhayibhile eNew Zealand akwaziwa. Kodwa ngowe-1898, uAndrew Anderson, ummi waseNew Zealand, wayezifunde ngokwaneleyo iimpapasho zeWatch Tower kangangokuba washukunyiselwa ukusasaza inyaniso njengovulindlela apho. Imigudu yakhe yaqiniswa ngowe-1904 ngabanye oovulindlela ababevela eMerika nakwiofisi yesebe yoMbutho eyayisekwe kwangaloo nyaka eOstreliya. UNksk. Thomas Barry, waseChristchurch, wamkela imiqulu emithandathu yencwadi ethi Studies in the Scriptures komnye woovulindlela. Unyana wakhe uBill wayifunda ngowe-1909 ebudeni bohambo lwakhe lweeveki ezintandathu ngenqanawa esiya eNgilani waza wabuqonda ubunyaniso boko yayikuqulethe. Emva kweminyaka ethile unyana wakhe uLloyd waba lilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova.
Phakathi kwabo babesebenza ngenzondelelo ngaloo mihla yokuqala singabala uEd Nelson, owathi, nangona wayengenabuchule kangako, wanikela ixesha lakhe liphela kangangeminyaka engama-50 ekusasazeni isigidimi soBukumkani ukusuka kwincam engasentla yeNew Zealand ukuya ezantsi. Emva kweminyaka embalwa, wathelelwa nguFrank Grove, owaziqeqesha ukuba asebenzise inkumbulo ukuthabathel’ indawo ukungaboni kwakhe kakuhle naye owaba nguvulindlela ngaphezu kweminyaka engama-50 de kwaba sekufeni kwakhe.
Ukhenketho Lomhlaba Wonke Ngenjongo
Yokuhambisela Phambili Ukushunyayelwa Kweendaba Ezilungileyo
Kwenziwa omnye umgudu ophawulekayo ngowe-1911-12 ukuze kuncedwe abantu abakumazwe aseMpuma. I-International Bible Students Association yathumela ikomiti yamadoda asixhenxe, eyayikhokelwa nguC. T. Russell, ukuba iye kuzihlolela ngokwayo iimeko apho. Naphi na apho babesiya khona babethetha ngenjongo kaThixo yokuzisa iintsikelelo kuluntu ngoBukumkani obungoMesiya. Maxa wambi abaphulaphuli babo babembalwa, kodwa kwiiPhilippines naseIndiya, kwakukho amawaka. Abazange balixhase iphulo elalithandwa kakhulu kwiNgqobhoko ngelo xesha lokuqokelela imali yokuguqulwa kwehlabathi. Bona baphawula ukuba ubukhulu becala imigudu yeNgqobhoko yayisetyenziselwa ukukhuthaza imfundo yehlabathi. Kodwa uMzalwan’ uRussell wayeyisekile ukuba into eyayifuneka ebantwini “yayiyiVangeli yelungiselelo likaThixo lothando loBukumkani bukaMesiya obuzayo.” Kunokuba balindele ukuba ihlabathi liguquke, aBafundi beBhayibhile baqonda ngokusuka eZibhalweni ukuba into eyayimele yenziwe ngoko kunikelwa kobungqina yaye oku kwakuza kunceda ekuhlanganisweni “kwabambalwa abakhethiweyo bephuma kuzo zonke iintlanga, abantu, imizalwana neelwimi ukuze babe ngamalungu odidi lomtshakazi [kaKristu]—ukuze bahlale Naye etroneni Yakhe ebudeni bewaka leminyaka, besebenzisana kumsebenzi wokuphakamisa isizwe sabantu siphela.”a—ISityhi. 5:9, 10; 14:1-5.
Emva kokuchithela ithuba elithile eJapan, eTshayina, kwiiPhilippines, nakwezinye iindawo, amalungu ale komiti ahamba ezinye iikhilomitha ezingama-6 400 eIndiya. Abanye abantu abahlala eIndiya babelufundile uncwadi loMbutho ibe babebhale iileta ezivakalisa uxabiso lwabo ngalo kwangowe-1887. Kwakhona ubungqina babunikelwe phakathi kwabantu abathetha isiTamil ukususela ngowe-1905 ngumfana owayethe, ngoxa wayengumfundi eMerika, wadibana noMzalwan’ uRussell waza wafunda inyaniso. Lo mfana wanceda ekumiselweni kwamaqela okufundisisa iBhayibhile angama-40 kumzantsi weIndiya. Kodwa, emva kokushumayela kwabanye, yena akazange afaneleke ngenxa yokutyeshela imilinganiselo yobuKristu.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 9:26, 27.
Noko ke, malunga nelo xesha uA. J. Joseph, waseTravancore (eKerala), njengempendulo kumbuzo awayewuthumele kumAdventist ophambili, wathunyelelwa umqulu wencwadi ethi Studies in the Scriptures. Kuwo wafumana iimpendulo zeZibhalo ezanelisayo kwimibuzo yakhe engoBathathu Emnye. Ngokukhawuleza yena namanye amalungu entsapho babephuma baye kumasimi erayisi nawekhokhonathi akumazantsi eIndiya ukuze babelane nabanye ngeenkolelo zabo ababesandula kuzifumana. Emva kotyelelo lukaMzalwan’ uRussell ngowe-1912, uMzalwan’ uJoseph wangenela inkonzo yexesha elizeleyo. Walityhutyha elo ngenjongo yokusasaza uncwadi lweBhayibhile ehamba ngololiwe, ngenqwelo etsalwa ziinkabi, ngesikhephe, nangeenyawo. Xa wayenikela iintetho zesidlangalala, ngokufuthi ezi zaziphazanyiswa ngabefundisi nabalandeli babo. EKundara, xa umfundisi “womKristu” wayesebenzisa abalandeli bakhe ukuphazamisa intlanganiso enjalo nokugibisela uMzalwan’ uJoseph ngobulongo, inene lomHindu elihloniphekileyo leza kubona ukuba yayiyeyani na loo ngxokolo. Labuza umfundisi: ‘Ngaba lowo ngumzekelo owamiselwa nguKristu afanele amaKristu awulandele, okanye ngaba le nto uyenzayo ifana nehambo yabaFarisi bomhla kaYesu?’ Lo mfundisi wakuyeka awayekwenza.
Ngaphambi kokuba olo khenketho lwehlabathi lweenyanga ezine olwathatyathwa yikomiti yeIBSA lugqitywe, uMzalwan’ uRussell wayelungiselele ukuba uR. R. Hollister abe ngummeli woMbutho kumazwe aseMpuma nokuba aqhubeke nokusasaza isigidimi selungiselelo likaThixo lothando loBukumkani obungoMesiya kubantu balapho. Kwalungiselelwa amaphecana akhethekileyo ngeelwimi ezilishumi, ibe izigidi zawo zasasazwa kulo lonke elaseIndiya, eTshayina, eJapan, naseKorea ngabemi bomthonyama. Kwaza ke kwaguqulelwa iincwadi kwezine zezi lwimi ukuze kulungiselelwe abo babebonakalisa umdla kukudla kokomoya. Ngoku kwakuvuleke intsimi enkulu, ibe kwakusekuninzi okwakusamelwe kwenziwe. Kodwa, okwakusele kufeziwe ukuza kuthi ga ngoko kwakumangalisa ngokwenene.
Kwanikelwa Ubungqina Ngokumangalisayo
Ngaphambi kokuqalisa kwembubhiso yemfazwe yehlabathi yokuqala, kwakunikelwe ubungqina ngokucokisekileyo emhlabeni wonke. UMzalwan’ uRussell wayethabathe uhambo oluya kwizixeko ezininzi eUnited States naseKhanada esiya kunikela iintetho, wayehambe izihlandlo eziliqela esiya eYurophu, wayenikele iintetho ePanama, eJamaica, naseCuba, kwanakwizixeko ezikhulu zamazwe aseMpuma. Amashumi amawaka abantu ayezivele ngokobuqu iintetho zakhe zeBhayibhile ezichukumisayo ibe ayezibonele njengoko wayeyiphendula ekuhleni ngeZibhalo imibuzo eyayiphakanyiswa zizihlobo naziintshaba. Ngaloo ndlela kwavuselelwa umdla kubantu abaninzi, yaye amaphephandaba amaninzi eMerika, eYurophu, eMzantsi Afrika, naseOstreliya ayezipapasha rhoqo iintshumayelo zikaMzalwan’ uRussell. ABafundi beBhayibhile babesasaze izigidi zeencwadi, kwanamakhulu ezigidi amaphecana nolunye uncwadi ngeelwimi ezingama-35.
Nangona wayenendima ebalasele kangako, asingoMzalwan’ uRussell kuphela owayeshumayela. Nabanye, ababesasazeke emhlabeni wonke, babemanyanisa amazwi abo njengamangqina kaYehova nawoNyana wakhe, uYesu Kristu. Abo babenesabelo babengezozithethi zasesidlangalaleni bonke. Babeneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, ibe babesebenzisa zonke iindlela ezifanelekileyo ababenokuzisebenzisa ekusasazeni iindaba ezilungileyo.
NgoJanuwari 1914, ekubeni kwakusele ixesha elingaphantsi konyaka ngaphambi kokuba amaXesha eeNtlanga aphele, kwaphindwa kwanikelwa ubungqina ngokucokisekileyo. Oku kwenziwa nge-“Photo-Drama of Creation,” eyayibethelela ngendlela entsha injongo kaThixo ngomhlaba. Oku yakwenza ngemifanekiso emihle ezotywe ngesandla nemifanekiso eshukumayo ehambisana nesandi. Amajelo eendaba kawonke wonke elaseUnited States anikela ingxelo yokuba kulo lonke elo ababukeli abangamakhulu amawaka babeyibukela veki nganye. Ngasekupheleni konyaka wokuqala, bebonke ababukeli kwelaseUnited States naseKhanada babefikelele phantse kwizigidi ezisibhozo. ELondon, eNgilani, iOpera House neRoyal Albert Hall zazizele ziphuphuma ngabantu ababeze kuphulaphula lo mboniso owawungamacandelo amane athabatha iiyure ezimbini lilinye. Kwisithuba esingangesiqingatha sonyaka, ngabantu abangaphezu kwesi-1 226 000 ababekho kulo mboniso kwizixeko ezingama-98 eBritani. Izihlwele ezazikho eJamani naseSwitzerland zazizalisa zema ngeembambo iiholo ezazinokufumaneka. Yabonwa nangabantu abaninzi kumazwe aseScandinavia nakuMzantsi Pasifiki.
Hayi indlela obuphawuleka nobucokiseke ngayo ubungqina obanikelwa emhlabeni wonke ngaloo mashumi eminyaka okuqala embali yanamhlanje yamaNgqina kaYehova! Kodwa, eneneni, umsebenzi wawusaqala.
Ngamakhulu ambalwa kuphela awaba nenxaxheba ekusasazeni ngenkuthalo inyaniso yeBhayibhile ekuqaleni kweminyaka yee-1880. Ngowe-1914, ngokweengxelo ezifumanekayo, babemalunga nama-5 100 ababenenxaxheba kulo msebenzi. Kusenokwenzeka ukuba ngamathuba athile abanye babewasasaza nabo amaphecana. Abasebenzi babesembalwa noko.
Eli qaqobana labahambisi bevangeli, ngeendlela ezahlukeneyo, lalisele likusasaze ukuvakaliswa koBukumkani bukaThixo kumazwe angama-68 ngasekupheleni kowe-1914. Ibe umsebenzi walo wokuba ngabashumayeli nabafundisi beLizwi likaThixo wawumiselwe ngokuqinileyo kwangama-30 ala mazwe.
Ngaphambi kokuba amaXesha eeNtlanga aphele kwakusele kusasazwe izigidi zeencwadi namakhulu ezigidi amaphecana. Ukongezelela koko, ngowe-1913 ngamaphephandaba angama-2 000 awayezipapasha rhoqo iintshumayelo ezilungiselelwe nguC. T. Russell, yaye ngonyaka we-1914 ngababukeli abangaphezu kwezi-9 000 000 kumazwekazi amathathu ababukela i-“Photo-Drama of Creation.”
Kwakunikelwe ubungqina ngokumangalisayo ngokwenene! Kodwa kwakuseza kwenziwa okungakumbi.
[Footnotes]
a Ingxelo epheleleyo yolu khenketho lwehlabathi lonke ibonakala kwiMboniselo (yesiNgesi) ka-Aprili 15, 1912.
[Map/Picture on page 405]
UC. T. Russell wanikela iintetho zeBhayibhile kwizixeko ezingaphezu kwama-300 (kwimimandla eboniswe ngamachaphaza) kuMntla Merika nakumazwe akwiCaribbean—kwiindawo ezininzi izihlandlo ezili-10 okanye ezili-15
[Map]
(See publication)
[Map on page 407]
(See publication)
Ukhenketho lukaRussell lokuya kushumayela eYurophu, ngokuqhelekileyo edlula eNgilani
1891
1903
1908
1909
1910 (kabini)
1911 (kabini)
1912 (kabini)
1913
1914
[Map/Picture on page 408]
Esakuba eyisekile ukuba wayeyifumene inyaniso, ngenzondelelo uAndreas Øiseth wasasaza uncwadi lweBhayibhile phantse kulo lonke elaseNorway
[Map]
(For fully formatted text, see publication)
INORWAY
IArctic Circle
[Map/Picture on page 409]
UAdolf Weber, umlungisi wesitiya othobekileyo, wasasaza iindaba ezilungileyo ukusuka eSwitzerland ukuya kwamanye amazwe eYurophu
[Map]
(For fully formatted text, see publication)
IBELGIUM
IJAMANI
ISWITZERLAND
I-ITALI
IFRANSI
[Map/Picture on page 413]
UBellona Ferguson, eBrazil—“akukho mntu ukude kangangokuba akanakufikelelwa”
[Map]
(For fully formatted text, see publication)
IBRAZIL
[Map on page 415]
(For fully formatted text, see publication)
IALASKA
IKHANADA
IGREENLAND
IST. PIERRE & MIQUELON
IUNITED STATES OF AMERICA
IBERMUDA
IBAHAMAS
TURKS & CAICOS ISLANDS
ICUBA
IMEXICO
IBELIZE
IJAMAICA
IHAITI
IDOMINICAN REPUBLIC
PUERTO RICO
CAYMAN ISLANDS
IGUATEMALA
IEL SALVADOR
IHONDURAS
INICARAGUA
ICOSTA RICA
IPANAMA
IVENEZUELA
IGUYANA
ISURINAME
IFRENCH GUIANA
ICOLOMBIA
IECUADOR
IPERU
IBRAZIL
IBOLIVIA
IPARAGUAY
ICHILE
IARGENTINA
IURUGUAY
FALKLAND ISLANDS
IVIRGIN ISLANDS (U.S.)
IVIRGIN ISLANDS (BRITISH)
IANGUILLA
IST. MAARTEN
ISABA
IST. EUSTATIUS
IST. KITTS
INEVIS
IANTIGUA
IMONTSERRAT
IGUADELOUPE
IDOMINICA
IMARTINIQUE
IST. LUCIA
IST. VINCENT
IBARBADOS
IGRENADA
ITRINIDAD
IARUBA
IBONAIRE
ICURAÇAO
ULWANDLEKAZI LWEATLANTIKI
ULWANDLE LWECARIBBEAN
ULWANDLEKAZI LWEPASIFIKI
[Map on page 416, 417]
(For fully formatted text, see publication)
IGREENLAND
ISWEDEN
I-ICELAND
INORWAY
IFAEROE ISLANDS
IFINLAND
IRASHIYA
IESTONIA
ILATVIA
ILITHUANIA
IBELARUS
IUKRAINE
IMOLDOVA
IGEORGIA
IARMENIA
IAZERBAIJAN
ITURKMENISTAN
IUZBEKISTAN
IKAZAKHSTAN
ITAJIKISTAN
IKYRGYZSTAN
IPOLAND
IJAMANI
INETHERLANDS
IDENMARK
IBRITANI
I-IRELAND
IBELGIUM
ILUXEMBOURG
ILIECHTENSTEIN
ISWITZERLAND
ICZECHOSLOVAKIA
IOSTRIYA
IHUNGARY
IROMANIA
IYUGOSLAVIA
ISLOVENIA
ICROATIA
IBOSNIA & HERZEGOVINA
IBULGARIA
IALBANIA
I-ITALI
IGIBRALTAR
ISPEYIN
IPORTUGAL
IMADEIRA
IMOROCCO
INTSHONA SAHARA
ISENEGAL
IALGERIA
ILIBYA
IYIPUTA
ILEBANON
KWASIRAYELI
ICYPRUS
ISYRIA
ITURKEY
I-IRAQ
I-IRAN
IBAHRAIN
IKUWAIT
IJORDAN
ISAUDI ARABIA
IQATAR
IUNITED ARAB EMIRATES
IOMAN
IYEMEN
IDJIBOUTI
ISOMALIA
IETHIOPIA
ISUDAN
ICHAD
INIGER
IMALI
IMAURITANIA
IGAMBIA
IGUINEA-BISSAU
ISIERRA LEONE
ILIBERIA
ICÔTE D’IVOIRE
IGHANA
ITOGO
IBENIN
IEQUATORIAL GUINEA
IST. HELENA
IGUINEA
IBURKINA FASO
INIGERIA
ICENTRAL AFRICAN REPUBLIC
ICAMEROON
ISÃO TOMÉ
ICONGO
IGABON
IZAIRE
IANGOLA
IZAMBIA
INAMIBIA
IBOTSWANA
UMZANTSI AFRIKA
ILESOTHO
ISWAZILAND
IMOZAMBIKI
IMADAGASCAR
IRÉUNION
IMAURITIUS
IRODRIGUES
IZIMBABWE
IMAYOTTE
ICOMOROS
ISEYCHELLES
IMALAWI
ITANZANIA
IBURUNDI
IRWANDA
IUGANDA
IFRANSI
IPAKISTAN
IAFGHANISTAN
INEPAL
IBHUTAN
IMYANMAR
IBANGLADESH
I-INDIYA
ISRI LANKA
IGRISI
IMALTA
ITUNISIA
IKENYA
ULWANDLEKAZI LWEATLANTIKI
ULWANDLEKAZI LWEINDIYA
IALASKA
IMONGOLIA
IDEMOCRATIC PEOPLE’S REPUBLIC OF KOREA
IJAPAN
IRIPHABLIKI YASEKOREA
ITSHAYINA
IMACAO
ITAIWAN
IHONG KONG
ILAOS
ITHAILAND
IVIETNAM
ICAMBODIA
IIPHILIPPINES
IBRUNEI
IMALAYSIA
ISINGAPORE
I-INDONESIA
ISAIPAN
IROTA
IGUAM
IYAP
IBELAU
ICHUUK
IPOHNPEI
IKOSRAE
IIMARSHALL ISLANDS
INAURU
IPAPUA NEW GUINEA
IOSTRELIYA
INEW ZEALAND
INORFOLK ISLAND
INEW CALEDONIA
IWALLIS & FUTUNA ISLANDS
IVANUATU
ITUVALU
IFIJI
IKIRIBATI
ITOKELAU
IHAWAII
INTSHONA SAMOA
IAMERICAN SAMOA
INIUE
ITONGA
IICOOK ISLANDS
ITAHITI
IISOLOMON ISLANDS
ULWANDLEKAZI LWEPASIFIKI
ULWANDLEKAZI LWEINDIYA
[Map/Picture on page 421]
UA. J. Joseph, waseIndiya, kunye nentombi yakhe uGracie, owakhonza njengomvangeli wasemazweni oqeqeshwe eGiliyadi
[Map]
(For fully formatted text, see publication)
I-INDIYA
[Picture on page 411]
UHermann Herkendell, kunye nomtshakazi wakhe, bathabatha uhambo lweenyanga ezininzi, besiya kushumayela kubantu abathetha isiJamani eRashiya, njengeholide yabo basandula kutshata
[Pictures on page 412]
Oovulindlela eNgilani naseSkotlani bazabalazela ukunika wonk’ ubani ithuba lokufumana ubungqina; kwanabantwana babo babencedisa ekusasazweni kwamaphecana
[Picture on page 414]
UE. J. Coward wayisasaza ngenzondelelo inyaniso yeBhayibhile kummandla weCaribbean
[Picture on page 418]
UFrank Grove (ngasekhohlo) noEd Nelson (abakunye nabafazi babo apha) ngamnye wabo wanikela iminyaka engaphezu kwama-50 ekusasazeni isigidimi soBukumkani ixesha elizeleyo kulo lonke elaseNew Zealand
[Pictures on page 420]
UC. T. Russell nezinxulumani ezithandathu bathabatha uhambo lokutyhutyha ihlabathi lonke ngowe-1911-12 ukuze bahambisele phambili ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo