Eyona Ncwadi Isasazwe Ngokubanzi Ehlabathini
“IBhayibhile yeyona ncwadi isasazwe ngokubanzi ehlabathini. . . . IiBhayibhile ezisasaziweyo zingaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi. Kwakhona iBhayibhile iye yaguqulelwa izihlandlo ezininzi nangeelwimi ezininzi kunayo nayiphi na enye incwadi.”—“The World Book Encyclopedia.”1
KWIINKALO ezininzi, inkoliso yeencwadi zifana nabantu. Ziyabhalwa, zidume ngeyona ndlela, zize—ngaphandle kweqaqobana leencwadi zakudala ezisekhoyo—zaluphale zize zife. Amakhaya ogcino-zincwadi sele engamangcwaba entaphane yeencwadi ezindala, ezingasafundwayo, yaye ngokungathi kunjalo, ezifileyo.
Noko ke, iBhayibhile iphuma phambili xa ithelekiswa neencwadi eziye zatyhubela izanzwili zexesha. Nangona yona yabhalwa kwiminyaka engama-3 500 ayadlulayo, isengumqabaqaba nanamhla oku. Inkqenkqeza phambili njengeyona ncwadi isasaziweyo emhlabeni wonke.a Nyaka ngamnye, kusasazwa imibhalo ezizigidi ezingama-60 yeBhayibhile epheleleyo okanye inxalenye yayo. Uhlelo lokuqala loonobumba abanokushenxiswa lwashicilelwa ngumyili waseJamani uJohannes Gutenberg malunga nowe-1455. Ukususela ngoko kuye kwashicilelwa iiBhayibhile (ezipheleleyo okanye eziyinxalenye) ezingamawaka ezigidi ezine. Ayikho enye incwadi, enoba yeyonqulo okanye nayiphi na, enokusondela nokusondela kwelo nani.
Kwakhona iBhayibhile yeyona ncwadi iguqulelweyo embalini. IBhayibhile epheleleyo okanye inxalenye yayo iguqulelwe ngeelwimi ezingaphezu kwama-2 100 kuquka neziyelelane.b Abantu abangaphezu kwama-90 ekhulwini banayo nokuba yinxalenye nje yeBhayibhile ngolwimi lwabo.2 Ngaloo ndlela akukho mida yobuzwe enokuthintela le ncwadi kungekho namiqobo yobuhlanga inokuyithintela.
Akunakukhuthazwa ngamanani kuphela ukuba uhlolisise iBhayibhile. Sekunjalo, amanani okusasazwa nawokuguqulelwa kwayo abangel’ umdla, angqina ukuba iBhayibhile inomtsalane ehlabathini lonke. Ngokuqinisekileyo ufanele uyihlolisise incwadi eyeyona ithengiswayo neyeyona iguqulelweyo kwimbali yoluntu.
[Imibhalo esemazantsi]
a Impapasho ekucingwa ukuba inkqenkqeza kwindawo yesibini ngokusasazwa yincwadana enoqweqwe olubomvu ethi Quotations From the Works of Mao Tse-tung, ekuqikelelwa ukuba kuthengiswe okanye kusasazwe imibhalo yayo ezizigidi ezingama-800.
b La manani ezi lwimi asekelwe kulawo apapashwe yiUnited Bible Societies.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
IBhayibhile kaGutenberg, ngesiLatini, incwadi yokuqala epheleleyo eyashicilelwa ngoonobumba abanokushenxiswa