Intlangano Nomsebenzi Wawo Wehlabathi Lonke
KUKHO iindlela ezininzi ezisetyenziswayo ukwalathisa umsebenzi wokunikela ubungqina kumazwe angaphezu kwama-230 owenziwa kuwo. Lonke ulwalathiso lwawo luvela kwiQumrhu Elilawulayo kwikomkhulu lehlabathi eBrooklyn, eNew York. Nyaka ngamnye iQumrhu Elilawulayo lithumela abameli kumacandelo awahlukahlukeneyo ehlabathi lonke ukuze babe nentlanganiso nabameli bamasebe abakuloo macandelo. Kwiiofisi zamasebe, kukho iiKomiti zamaSebe ezisusela kumalungu amathathu ukusa kwasixhenxe ezongamela umsebenzi kuloo mazwe aphantsi kwazo. Wambi amasebe aneendawo zokushicilela, wambi asebenzisa oomatshini bokushicilela berotary abanesantya esikhulu. Ilizwe okanye ummandla owonganyelwa lisebe ngalinye wahlulahlulwa ube zizithili, zize zona izithili zahlulahlulwe zibe ziziphaluka. Siphaluka ngasinye sinamabandla amalunga nama-20. Umveleli wesithili utyelela iziphaluka ezikwisithili sakhe ngokulandelelana. Kuqhutywa iindibano ezimbini ngonyaka kwisiphaluka ngasinye. Kukho nomveleli wesiphaluka, yaye yena utyelela ibandla ngalinye elikwisiphaluka sakhe ngokuqhelekileyo kabini ngonyaka, enceda amaNgqina ekulungelelaniseni nasekwenzeni umsebenzi wokushumayela kummandla owabelwe elo bandla.
Ibandla lasekuhlaleni elineHolo yalo yoBukumkani sisazulu sokuvakalisa iindaba ezilungileyo kwindawo okuyo. Imimandla ephantsi kwebandla ngalinye izotywe kwimaphu yayimimandla emincinane. Le mimandla yabelwa iNgqina ngalinye elizimisele ukutyelela nokuthetha nabantu kwikhaya ngalinye apho. Bandla ngalinye, elibunjwa ngamaNgqina ambalwa ukusa kwanokuba ngama-200, linabadala ababelwe ukunyamekela imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Mvakalisi ngamnye weendaba ezilungileyo ubalulekile kwintlangano yamaNgqina kaYehova. Ngqina ngalinye, enoba likhonza kwikomkhulu lehlabathi, kumasebe, okanye emabandleni lenza lo msebenzi wasentsimini wokubaxelela ngokobuqu abanye ngoBukumkani bukaThixo.
Iingxelo zalo msebenzi ekugqibeleni zifikelela kwikomkhulu lehlabathi, kuze emva koko kuqulunqwe yaye kupapashwe Incwadi Yonyaka rhoqo ngonyaka. Kwakhona, nyaka ngamnye kupapashwa isicangca kwinkupho yeMboniselo kaJanuwari 1. Ezi mpapasho zimbini zinikela iingxelo ezineenkcukacha ngezinto eziye zafezwa nyaka ngamnye ekunikeleni ubungqina ngoYehova nangoBukumkani bakhe phantsi kukaKristu Yesu. Kule minyaka yakutshanje amalunga ne-14 000 000 amaNgqina nabo banomdla beza kwiSikhumbuzo saminyaka le sokufa kukaYesu. AmaNgqina kaYehova achitha iiyure ezingaphezu kwe-1 000 000 000 ngonyaka evakalisa iindaba ezilungileyo, yaye kubhaptizwa abatsha abangaphezu kwama-300 000. Kuhanjiswa uncwadi olufikelela kwimibhalo engamakhulu ezigidi.