IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • kp iphe. 9-11
  • Unayiphi Injongo Ebomini?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unayiphi Injongo Ebomini?
  • Hlalani Nilindile!
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubuya Kuphendula Uthini?
    Vukani!—2007
  • Ubuya Kuphendula Uthini?
    Vukani!—2007
  • Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
    Vukani!—2010
  • Ubuya Kuphendula Uthini?
    Vukani!—2007
Khangela Okunye
Hlalani Nilindile!
kp iphe. 9-11

Unayiphi Injongo Ebomini?

• Abantu abaninzi bazixakekisa gqitha ngemicimbi yemihla ngemihla kangangokude injongo yobomi ingabaluleki kangako kubo.

• IBhayibhile isilumkisa ngeziganeko ezibalulekileyo ezizayo. Iphinda isilumkise nangesiphithiphithi esiza kufikela imibutho yabantu esehlabathini lonke. Kufuneka sithabathe inyathelo elikhawulezileyo ukuze sisinde kule ntlekele.

• Abanye abantu bayakwazi oko kuthethwa yiBhayibhile yaye bazama ukuphila ngokuvisisana nako, kodwa bavumela iinzingo zobomi zibaphazamise.

• Ngaba wanelisekile yindlela obuphila ngayo ubomi bakho? Xa uhlengahlengisa imicimbi yakho, ngaba uyayiqwalasela indlela oko okunokuluchaphazela ngayo usukelo onalo ebomini?

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 9]

Yintoni Eyona Nto Ibalulekileyo Kuwe?

Zibaluleke kangakanani kuwe ezi zinto zilandelayo? Zidwelise ngokokubaluleka kwazo.

Ezininzi kuzo zibalulekile ebomini, kodwa ukuba bekunokufuneka ukhethe, yiyiphi ebiya kuba kwindawo yokuqala? kwindawo yesibini? njalo njalo.

․․․ Ukuzonwabisa/ukuzihlaziya

․․․ Umsebenzi wam

․․․ Impilo yam

․․․ Ulonwabo

․․․ Iqabane lam

․․․ Abazali bam

․․․ Abantwana bam

․․․ Umzi omhle, impahla engayiwayo

․․․ Ukuphuma phambili kuyo yonke into endiyenzayo

․․․ Ukunqula uThixo

[Ibhokisi ekwiphepha 10, 11]

Ngaba Ukhetho Olwenzayo Lukukhokelela Kwicala Elifanelekileyo?

KHAWUHLOLISISE LE MIBUZO ILANDELAYO

UKUZONWABISA/UKUZIHLAZIYA: Ngaba indlela endizonwabisa ngayo iyandihlaziya? Ngaba igabadele kangangokude ibeke esichengeni impilo yam okanye indenze umlwelwe ubomi bam bonke? Ngaba luhlobo oluthile “lolonwabo” olubandakanya uyolo lweeyure nje ezimbalwa nolunokundishiya ndinentliziyo ebuhlungu? Kwanokuba indlela endizonwabisa ngayo ifanelekile, ngaba indithathela ixesha elininzi kangangokude ndingakwazi ukwenza izinto ezibaluleke ngakumbi?

UMSEBENZI WAM: Ngaba uyindlela yokuzixhasa okanye uyandikhobokisa? Ngaba ngendlela onzima ngayo wonakalisa impilo yam? Ngaba ndithanda ukusebenza ixesha elongezelelekileyo okanye ndithanda ukuchitha ixesha neqabane lam okanye abantwana bam? Ukuba umqeshi wam ufuna ndenze into ephazamisana nesazela sam okanye ephazamisana nezilangazelelo zokomoya, ngaba bendiya kuyenza loo nto ukuze ndingaphulukani nomsebenzi wam?

IMPILO YAM: Ngaba andiyikhathalele okanye ndiyigcina ngononophelo? Ngaba ndihleli nje ndincokola ngayo? Ngaba indlela endizinyamekela ngayo ibonisa ukuba ndiyixhalabele intsapho yam?

ULONWABO: Ngaba luza kuqala ebomini bam? Ngaba lubalulekile kuneqabane lam okanye intsapho yam? Ngaba alungqubani nokuba ngumnquli woThixo oyinyaniso?

IQABANE LAM: Ngaba iqabane lam ndilixabisa kuphela xa ndifuna ukuzanelisa? Ngaba ndiyalihlonela, ndize ndiliphathe ngembeko? Ngaba ukukhonza kwam uThixo kunegalelo kwindlela endilijonga ngayo?

ABAZALI BAM: Ukuba ndisengumntwana, ngaba ndiyabathobela—ndibaphendula ngembeko, ndenze imisetyenzana abandabele yona, ndifike ekhaya kanye ngexesha abalibekileyo, ndize ndiphephe unxulumano nezinto abangazithandiyo? Ukuba sele ndikhulile, ngaba ndiyabahlonela abazali bam, ndize ndibancedise xa kuyimfuneko? Ngaba ndibaphatha ngendlela endithanda ngayo okanye ndibaphatha ngokuvisisana nesiluleko seLizwi likaThixo?

ABANTWANA BAM: Ngaba ndiziva ndinembopheleleko yokubafundisa imilinganiselo efanelekileyo yokuziphatha, okanye ndilindele ukuba ibe sisikolo esenza oko? Ngaba ndichitha ixesha nabantwana bam, okanye ndifuna ibe zizinto zokudlala, umabonwakude okanye ikhompyutha eza kundigcinela bona? Ngaba ndibaqeqesha rhoqo xa bezityeshela izikhumbuzo zikaThixo okanye ndibaqeqesha kuphela xa bendicaphukisa?

UMZI OMHLE, IMPAHLA ENGAYIWAYO: Ixhomekeke entwenini ingqalelo endiyinikela kwinkangeleko yam nakwizinto endinazo—kukufuna ukutsala ingqalelo yabamelwane? kukuxhalabela impilontle yentsapho yam? okanye ndilawulwa sisibakala sokuba ndinqula uThixo?

UKUPHUMA PHAMBILI KUYO YONKE INTO ENDIYENZAYO: Ngaba ndivakalelwa kukuba kubalulekile ukuzenza kakuhle izinto? Ngaba ndizabalazela ukuphuma phambili? Ngaba kuyandiphazamisa ukodlulwa ngomnye umntu?

UKUNQULA UTHIXO: Ngaba ukwamkeleka kuThixo kubaluleke gqitha kunokwamkeleka kwiqabane lam, kubantwana bam, kubazali bam okanye kumqeshi wam? Ngaba ndiyibeka kwindawo yesibini inkonzo yam kuThixo ngenxa yokufuna ukuphila ubomi obutofotofo?

KHAWUHLOLISISE NGENYAMEKO ISILULEKO SEBHAYIBHILE

Ubaluleke kangakanani uThixo kubomi bakho?

INtshumayeli 12:13: “Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.”

ZIBUZE: Ngaba indlela endiphila ngayo ibonisa ukuba izinto ndizijonga ngolo hlobo? Ngaba indlela endizinyamekela ngayo iimbopheleleko ekhaya, emsebenzini okanye esikolweni ibonisa ukuba ndiyayithobela imithetho kaThixo? Okanye ngaba yeminye iminqweno okanye iingcinezelo ezigqibayo enoba ndizenzela ucwangciso lwezinto zikaThixo?

Lunjani ulwalamano lwakho noThixo?

IMizekeliso 3:5, 6: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”

Mateyu 4:10: “NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.”

ZIBUZE: Ngaba ndivakalelwa ngolo hlobo ngoThixo? Ngaba indlela endizenza ngayo izinto mihla le, kwakunye nendlela endijamelana ngayo neengxaki ibonisa intembelo nokuzinikela?

Kubaluleke kangakanani kuwe ukufundisisa iBhayibhile?

Yohane 17:3: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”

ZIBUZE: Ngaba ndibonisa ukuba ndiyakukholelwa oko ngokukubeka kwindawo yokuqala ukufunda iLizwi likaThixo nokucamngca ngalo?

Kubaluleke kangakanani kuwe ukuya kwiintlanganiso zebandla lamaKristu?

Hebhere 10:24, 25: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, . . . ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.”

INdumiso 122:1: “Ndaba nemihlali bakuthi kum: ‘Masiye endlwini kaYehova.’”

ZIBUZE: Ngaba indlela endiphila ngayo ibonisa ukuba ndiyaluxabisa olu lwalathiso luvela eLizwini likaThixo? Kule nyanga idluleyo, ngaba ndikhe andaya kwiintlanganiso zamaKristu ngenxa yokuvumela ezinye izinto zindiphazamise?

Ngaba uthetha ngokuzimisela nabanye ngoThixo nangeenjongo zakhe?

Mateyu 24:14: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina . . . , kwandule ke kufike ukuphela.”

Mateyu 28:19, 20: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”

INdumiso 96:2: “Mvumeleni uYehova, nilibonge igama lakhe. Imihla ngemihla xelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.”

ZIBUZE: Ngaba lo msebenzi ubaluleke ngokwenene kum? Ngaba indlela endiwenza ngayo ibonisa ukuba ndiyakuqonda ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share