IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • bh iphe. 221-iphe. 222 isiqe.¶ 2
  • Ngaba UYesu Wazalwa NgoDisemba?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UYesu Wazalwa NgoDisemba?
  • Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu
    Vukani!—2013
  • UYesu Uzalelwa Phi Ibe Nini?
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Wazalwa Nini UYesu?
    Vukani!—2008
  • Ukuzalwa KukaYesu—Phi Yaye Nini?
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
Khangela Okunye
Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
bh iphe. 221-iphe. 222 isiqe.¶ 2

ISIHLOMELO

Ngaba UYesu Wazalwa NgoDisemba?

IBHAYIBHILE ayisichazeli ixesha awazalwa ngalo uYesu. Kodwa inikela ubungqina obucacileyo bokuba akazange azalwe ngoDisemba.

Makhe sihlolisise ukuba yayinjani na imozulu ngexesha lokuzalwa kukaYesu eBhetelehem. Inyanga yamaYuda enguChislev (engqamana noNovemba/Disemba) yayiyinyanga yengqele nemvula. Inyanga elandela leyo yayinguTebeth (Disemba/Januwari). Yayiyeyona nyanga inemozulu ebandayo enyakeni, kude kuwe nekhephu kwimimandla esemantla. Makhe sibone ukuba ithini na iBhayibhile ngemozulu yaloo mmandla.

Umbhali weBhayibhile uEzra wayingqina into yokuba uChislev yayiyinyanga enengqele nemvula. Emva kokuchaza ukuba isihlwele sasihlanganisene eYerusalem “ngenyanga yesithoba [uChislev] ngomhla wamashumi amabini wenyanga leyo,” uEzra uchaza ukuba abantu ‘babengcangcazela ngenxa yesiphango semvula.’ Bona abo bantu babehlanganisene apho, bathi ngemozulu yelo xesha lonyaka: “Lixesha lesiphango semvula, akunakumiwa phandle.” (Ezra 10:9, 13; Yeremiya 36:22) Ngoko ayimangalisi into yokuba abalusi ababehlala kuloo mmandla babeqinisekisa ukuba imihlambi yabo ayiphumi phandle ebusuku ngoDisemba!

Kodwa iBhayibhile ithi abalusi babengaphandle endle besalusa imihlambi yabo ngobusuku bokuzalwa kukaYesu. Kangangokuba umbhali weBhayibhile uLuka ude athi, ngelo xesha abalusi “babehlala ezindle yaye belinde imihlambi yabo ebusuku” ngaseBhetelehem. (Luka 2:8-12) Phawula ukuba abalusi babehlala ezindle, bengayi nje emini kuphela. Babesalusa imihlambi yabo endle ebusuku. Ngaba babenokukwazi ukuhlala ezindle kwimozulu yaseYerusalem eqhaqhazelis’ amazinyo nenemvula ngoDisemba? Ngokuqinisekileyo babengenakukwazi. Ngoko ubungqina bubonisa ukuba uYesu akazange azalwe ngoDisemba.a

ILizwi likaThixo lisixelela ngokungqalileyo ixesha awafa ngalo uYesu, kodwa alisiniki nkcazelo ingako ngokuphathelele ixesha awazalwa ngalo. Oku kusikhumbuza amazwi kaKumkani uSolomon athi: “Igama lilunge ngakumbi kuneoli elungileyo, yaye umhla wokufa ulunge ngaphezu komhla wokuzalwa.” (INtshumayeli 7:1) Ngoko ayimangalisi into yokuba, iBhayibhile isinike inkcazelo eninzi ngobulungiseleli bukaYesu nangokufa kwakhe, kodwa ingathethi kangako ngokuzalwa kwakhe.

Abelusi basendle nemihlambi yabo kufutshane neBhetelehem

Ngexesha lokuzalwa kukaYesu, abalusi babesalusa imihlambi yabo endle ebusuku

a Inkcazelo engakumbi ungayifumana kwiphepha 152-5 lencwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share