IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • T-32 iphe. 1-4
  • Yintoni Enokwenza Intsapho Yakho Yonwabe?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Enokwenza Intsapho Yakho Yonwabe?
  • Yintoni Enokwenza Intsapho Yakho Yonwabe?
  • Amanqaku Afanayo
  • Ucinga Ntoni Ngekamva?
    Ucinga Ntoni Ngekamva?
  • Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
    Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
  • Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?
    Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?
  • Uyijonga Njani IBhayibhile?
    Uyijonga Njani IBhayibhile?
Khangela Okunye
Yintoni Enokwenza Intsapho Yakho Yonwabe?
T-32 iphe. 1-4

Yintoni Enokwenza Intsapho Yakho Yonwabe?

Ucinga ukuba . . .

  • luthando?

  • yimali?

  • yenye into?

ITHINI IBHAYIBHILE?

Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!”​—Luka 11:​28, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha

INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?

Unokuthandwa nyhani.​—Efese 5:​28, 29.

Unokuhlonitshwa.​—Efese 5:33.

Ninokuthembana.​—Marko 10:​6-9.

Abantu abatshatileyo bafumana icebiso kumdala webandla; bafunda iBhayibhile kunye

NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:

  • NguThixo owenza kwabakho iintsapho. IBhayibhile ithi ngoYehova, “zikho ngenxa yakhe zonke iintsapho ezisezulwini nasemhlabeni.” (Efese 3:​14, 15) Loo nto ithetha ukuba nguThixo owenze kwabakho iintsapho. Kutheni ibalulekile nje loo nto?

    Ukuba ubusitya ukutya okumnandi uze ufune ukwazi ukuba kudityaniswe ntoni nantoni, ubuza kubuza kubani? Ubuza kubuza kulo mntu ukuphekileyo, andithi?

    Ngendlela efanayo, ukuze wazi ngezinto ezenza intsapho yonwabe, ufanele ubuze uYehova, oyena mntu wenza kwabakho iintsapho.​​—Genesis 2:​18-24.

  • UThixo ukukhathalele. Intsapho yakho iya kuba ilumkile ukuba ifuna icebiso likaYehova, elifumaneka kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Ngoba? “Kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:​6, 7) UYehova uninqwenelela okuhle ibe icebiso lakhe lisoloko lisebenza.​—IMizekeliso 3:​5, 6; Isaya 48:​17, 18.

NANK’ UMBUZO

Abantu abatshatileyo bafumana icebiso kumdala webandla; bafunda iBhayibhile kunye

Yintoni enokunceda umyeni, inkosikazi okanye umzali azenze kakuhle izinto?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KUMAEFESE 5:​1, 2 NAKUMAKOLOSE 3:​18-​21.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share