Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?
Ngaba unokuthi . . .
ewe?
hayi?
mhlawumbi?
ITHINI IBHAYIBHILE?
“UThixo uza kuvusa abantu.”—IZenzo 24:15, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.
INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?
Iza kukuthuthuzela xa uswelekelwe.—2 Korinte 1:3, 4.
Iza kukunceda ungakoyiki ukufa.—Hebhere 2:15.
Iza kukunceda ube nethemba lokuphinda uphile nabantu bakho aph’ emhlabeni.—Yohane 5:28, 29.
NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?
Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:
UThixo nguMdali. IBhayibhile ithi uYehova uThixo ‘unika bonke abantu ubomi, umoya abawuphefumlayo nazo zonke izinto.’ (IZenzo 17:24, 25; INdumiso 36:9) Umntu owazinika ubomi zonke izinto eziphilayo, akanakuxakwa kukuvusa umntu oswelekileyo.
UThixo wakha wabavusa abantu. IBhayibhile isixelela ngabantu abasibhozo, abatsha, abadala, amadoda namabhinqa, abavuswayo. Abanye babesandokusweleka, kanti omnye wayesele eneentsuku ezine esengcwabeni.—Yohane 11:39-44.
UThixo ukufuna nyhani ukuphinda ayenze le nto. UYehova uyakucaphukela ukufa; ukujonga njengotshaba. (1 Korinte 15:26) Ukufuna ngamandla ukuvusa abantu abaswelekileyo baze baphinde baphile emhlabeni.—Yobhi 14:14, 15.
NANK’ UMBUZO
Kutheni sisaluphala size sife?
IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KWIGENESIS 3:17-19 NAKUMAROMA 5:12.