IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • T-36 iphe. 1-4
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
  • Amanqaku Afanayo
  • Ucinga Ntoni Ngekamva?
    Ucinga Ntoni Ngekamva?
  • Ngubani Olawula Ihlabathi?
    Ngubani Olawula Ihlabathi?
  • Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?
    Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?
  • Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
    Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
Khangela Okunye
Yintoni UBukumkani BukaThixo?
T-36 iphe. 1-4
Abantu abahlukahlukeneyo bathandazela ukuba uBukumkani bufike

Yintoni UBukumkani BukaThixo?

Ucinga ukuba . . .

  • yinto esentliziyweni yakho?

  • ngurhulumente osezulwini?

  • yenye into?

ITHINI IBHAYIBHILE?

“UThixo wezulu uza kumisa ubukumkani obungasoze butshatyalaliswe.”​—Daniyeli 2:44, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

“Sinikwe unyana; yaye ukuba ngurhulumente kubekwe emagxeni akhe.”​—Isaya 9:6; umbhalo osemazantsi.

INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?

  • Urhulumente onokukunceda.​—Isaya 48:17, 18.

  • Kwihlabathi elitsha elizayo, asizukugula ibe siza konwaba.​—ISityhilelo 21:3, 4.

Abantu basebenza egadini ibe bonwabile belawulwa buBukumkani

NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:

  • UYesu wabonisa izinto eziza kwenziwa buBukumkani BukaThixo. Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele uBukumkani BukaThixo nokuba kwenziwe ukuthanda kukaThixo emhlabeni. (Mateyu 6:9, 10) Wabonisa indlela oza kuphendulwa ngayo loo mthandazo.

    Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wondla abantu, waphilisa abagulayo waza wavusa abaswelekileyo. (Mateyu 15:29-38; Yohane 11:38-44) NjengoMlawuli woBukumkani BukaThixo, wabonisa izinto uBukumkani obuza kuzenzela abantu.​—ISityhilelo 11:15.

  • Izinto ezenzeka ehlabathini ziqinisekisa ukuba uBukumkani BukaThixo sele buza kufika. UYesu watsho kwakudala ukuba xa uBukumkani sele buza kufika, buzise uxolo emhlabeni, kuza kuqala kubekho iimfazwe, indlala neenyikima.​—Mateyu 24:3, 7.

    Ezo zinto ziyenzeka namhlanje. Ngenxa yaloo nto, sinokuqiniseka ukuba uBukumkani BukaThixo sele buza kuziphelisa zonke iingxaki ezikhoyo.

NANK’ UMBUZO

Umhlaba omhle olawulwa buBukumkani

Kuza kuba njani xa kulawula uBukumkani BukaThixo?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KWINDUMISO 37:29 NAKUISAYA 65:21-23.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share