IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yc isifu. 9 iphe. 20-21
  • UYeremiya Akazange Ayeke Ukuthetha NgoYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYeremiya Akazange Ayeke Ukuthetha NgoYehova
  • Fundisa Abantwana Bakho
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uthuma UYeremiya
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • “Ndibeke Amazwi Am Emlonyeni Wakho”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
  • “Andinako Ukuthi Cwaka”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
  • “Umele Uthethe Eli Lizwi Kubo”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
Khangela Okunye
Fundisa Abantwana Bakho
yc isifu. 9 iphe. 20-21

ISIFUNDO 9

UYeremiya Akazange Ayeke Ukuthetha NgoYehova

UYeremiya uphakathi kwesihlwele esineengcwangu

Kutheni abantu becatshukiswa nguYeremiya?

UYeremiya ukhutshwa kumngxuma onodaka

UYehova wamsindisa uYeremiya

Ngamaxesha athile abantu bahlekisa ngathi okanye babe nomsindo xa sithetha nabo ngoYehova. Banokusenza sifune ukuyeka ukuthetha ngoThixo. Zange ukhe uzive ufuna ukuyeka wena?— IBhayibhile isichazela ngomfana owayethanda uYehova owakhe waphantse wayeka ukuthetha ngaye. Igama lakhe yayinguYeremiya. Makhe sifunde ngaye.

Xa uYeremiya wayesengumfana, uYehova wathi kufuneka alumkise abantu ukuba bayeke ukwenza izinto ezimbi. Kwakungekho lula oko, ibe uYeremiya wayesoyika. Wathi kuYehova: ‘Andazi ukuba ndiza kuthini. Ndiseyinkwenkwe nje.’ Kodwa uYehova wathi kuye: ‘Musa ukoyika. Ndiza kukunceda.’

UYeremiya waqalisa ke ukulumkisa abantu ukuba baza kohlwaywa xa bengayeki ukwenza izinto ezimbi. Ucinga ukuba abantu bammamela uYeremiya?​— Abazange bammamele. Bamgezela, abanye bacaphuka. Abanye babefuna nokumbulala! Ucinga ukuba wavakalelwa njani uYeremiya?— Wayesoyika, ibe wathi: ‘Andizukuphinda ndithethe ngoYehova.’ Ngaba wayeka nyhani ukuthetha ngoYehova?— Akunjalo. Wayemthanda kakhulu uYehova kangangokuba zange akwazi ukuyeka ukuthetha ngaye. UYehova wamkhusela uYeremiya kuba engazange ayeke ukuthetha ngaye.

Ngokomzekelo, ngenye imini, amanye amadoda akhohlakeleyo amphosa kumngxuma onodaka uYeremiya. Wayengenakutya, engenawo namanzi. Loo madoda ayefuna uYeremiya afele kuloo mngxuma. Kodwa uYehova wamsindisa!

Yintoni onokuyifunda kumzekelo kaYeremiya?— Nangona wayesoyika ngamanye amaxesha, akazange ayeke ukuthetha ngoYehova. Xa uthetha ngoYehova, abanye basenokukugezela okanye bacaphuke. Usenokuba neentloni okanye woyike. Kodwa ungaze uyeke ukuthetha ngoYehova. Uya kukunceda ngawo onke amaxesha, kanye njengoYeremiya.

FUNDA EBHAYIBHILENI YAKHO

  • Yeremiya 1:4-8; 20:7-9; 26:8-19, 24; 38:6-13

IMIBUZO:

  • UYehova wathi makenze ntoni uYeremiya?

  • Yintoni eyenza uYeremiya wafuna ukuyeka ukuthetha ngoYehova?

  • UYehova wamnceda njani uYeremiya?

  • Yintoni oyifundileyo kumzekelo kaYeremiya?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share