IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 57 iphe. 138-iphe. 139 isiqe.¶ 1
  • UYehova Uthuma UYeremiya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Uthuma UYeremiya
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UYeremiya Akazange Ayeke Ukuthetha NgoYehova
    Fundisa Abantwana Bakho
  • “Andinako Ukuthi Cwaka”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
  • Uya Kukhetha Abahlobo Abanjani?
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
  • “Ndibeke Amazwi Am Emlonyeni Wakho”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 57 iphe. 138-iphe. 139 isiqe.¶ 1
UYeremiya uqhekeza ijagi yodongwe phambi kwezikhulu

ISIFUNDO 57

UYehova Uthuma UYeremiya

UYehova wakhetha uYeremiya ukuba abe ngumprofeti kumaYuda. Wathi makashumayele aze alumkise abantu ukuba bayeke ukwenza izinto ezimbi. UYeremiya wathi: ‘Yehova, ndiyinkwenkwe njee. Andikwazi ukuthetha nabantu.’ UYehova wathi kuye: ‘Sukoyika. Ndiza kukuxelela into omele uyithethe. Ndiza kukunceda.’

UYehova wathi makabize zonke izikhulu, aqhekeze ijagi yodongwe phambi kwazo aze athi: ‘IYerusalem iza kuqhekezwa ngolu hlobo.’ Akuyenza loo nto, izikhulu zacaphuka. Umbingeleli onguPashure wabetha uYeremiya waza wambophelela iinyawo, izandla nentloko eplangeni. UYeremiya wahlala ubusuku bonke apho engakwazi nokushukuma, wakhutshwa ekuseni. Wathi: ‘Andinakuyimela le. Ndiza kuyeka ukushumayela.’ Kodwa ngaba wayeka nyhani? Akazange ayeke. Wayicingisisa le nto, waza wathi: ‘Umyalezo kaYehova ufana nomlilo ngaphakathi kum. Andinakuyeka ukushumayela.’ Ngoko waqhubeka ebalumkisa abantu.

Emva kweminyaka, kwabakho ukumkani omtsha kwaYuda. Ababingeleli nabaprofeti bobuxoki babengawuthandi umyalezo ababewuxelelwa nguYeremiya. Bathi kwiinkosana: ‘Le ndoda ifanelwe kukufa.’ UYeremiya wathi: ‘Ukuba niyandibulala, nakuba nibulala umntu ongenatyala. Ndinixelela izinto endizithunywe nguYehova.’ Zathi zakuva loo nto iinkosana, zathi: ‘Masingayibulali le ndoda.’

UYeremiya zange ayeke ukushumayela, yaye yazicaphukisa loo nto iinkosana. Zacela ukumkani ukuba ambulale. Ukumkani wathi zingenza nantoni na ezifuna ukuyenza ngaye. Zamphosa emngxunyeni onzulu onodaka zicinga ukuba uza kufela apho. Ngoko waqalisa ukutshona kolo daka uYeremiya.

UEbhedi-meleki namadoda akunye naye, bakhupha uYeremiya emngxunyeni

UEbhedi-meleki oligosa lenkundla wathi kukumkani: ‘Iinkosana ziphose uYeremiya emngxunyeni! Ukuba siyamyeka, uza kufa.’ Ukumkani wathi kuEbhedi-meleki makahambe namadoda ayi-30 baye kumkhupha. Ngaba asifanele sibe njengoYeremiya, ongazange avumele nantoni na ukuba imyekise ukushumayela?

“Niza kucatshukelwa ngumntu wonke ngenxa yegama lam, kodwa lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uza kusindiswa.”—Mateyu 10:22

Imibuzo: Kwakutheni ukuze uYeremiya athobele uYehova nakuba wayemncinci? Ngoobani abazama ukumyekisa ukushumayela?

Yeremiya 1:1-19; 19:1-11; 20:1-13; 25:8-11; 26:7-16; 38:1-13

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share