IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yc isifu. 14 iphe. 30-31
  • UBukumkani Obuya Kulawula Umhlaba Wonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UBukumkani Obuya Kulawula Umhlaba Wonke
  • Fundisa Abantwana Bakho
  • Amanqaku Afanayo
  • Abahlobo BakaThixo Baya Kuhlala EParadesi
    Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Ngoobani Abaza Kuvuswa? Baza Kuhlala Phi?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • UBukumkani Obuza Kutshintsha Wonke Umhlaba
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
Fundisa Abantwana Bakho
yc isifu. 14 iphe. 30-31
UYesu Kristu nguKumkani kumhlaba oyiParadesi

ISIFUNDO 14

UBukumkani Obuya Kulawula Umhlaba Wonke

Khawutsho, ucinga ukuba bobuphi obu Bukumkani sithetha ngabo?— BuBukumkani bukaThixo, uBukumkani obuya kwenza umhlaba ube yiparadesi. Uyafuna ukufunda ezinye izinto ngobu Bukumkani?—

Ubukumkani ngabunye bunokumkani wabo. Lo kumkani ulawula abantu abakumhlaba wakhe. Uyamazi uKumkani woBukumkani bukaThixo?— NguYesu Kristu. Yena uhlala ezulwini. Kungekudala uza kulawula wonke umntu olapha emhlabeni! Ucinga ukuba siya konwaba xa uYesu elawula umhlaba wonke?

Yintoni ofuna ukuyibona eParadesi?

Siya konwaba kakhulu! EParadesi, akukho bantu baza kulwa okanye baye emfazweni. Bonke abantu baya kuthandana. Akukho mntu uya kugula okanye afe. Abantu abangaboniyo baya kubona, abangevayo baya kuva, nabo bangakwaziyo ukuhamba baya kubaleka bade baxhuma-xhume. Wonke umntu uya kuba nokutya okuninzi. Izilwanyana ziya kuhlala kunye zize zihlale nabantu. Abantu abafileyo baya kuvuswa emangcwabeni. Amadoda nabafazi abaninzi ofunde ngabo kule ncwadi inemifanekiso, abanjengoRebheka, uRahabhi, uDavide noEliya baya kuphinda baphile! Wena uyafuna ukubabona xa bevuswa emangcwabeni?—

UYehova uyakuthanda kwaye ufuna wonwabe. Ukuba ufunda qho ngoYehova uze umthobele, nawe uya kuphila kwiparadesi entle! Uyafuna ukuphila eparadesi?—

FUNDA EBHAYIBHILENI YAKHO

  • Isaya 2:4; 11:6-9; 25:8; 33:24; 35:5, 6

  • Yohane 5:28, 29; 17:3

IMIBUZO:

  • Ngubani uKumkani woBukumkani bukaThixo?

  • Ngoobani abaza kulawulwa nguYesu?

  • Kuza kuba njani emhlabeni xa kulawula uYesu?

  • Ukuba ufuna ukuphila eParadesi ngonaphakade, yintoni ekufuneka uyenze?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share