IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • hf ica. 9 iphe. 29-31
  • Nqulani UYehova Njengentsapho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nqulani UYehova Njengentsapho
  • Ninako Ukonwaba Entsatsheni
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • 1 QINISANI UBUHLOBO BENU NOYEHOVA
  • 2 LUNANDIPHENI UNQULO LWENU LWENTSAPHO
  • Uncedo Ezintsatsheni
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Yintoni UNqulo Lwentsapho?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
  • UNqulo Lwentsapho—Ngaba Unokulwenza Lube Mnandi Ngakumbi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • “Sondelani KuThixo, Naye Uza Kusondela Kuni”
    Sondela KuYehova
Khangela Okunye
Ninako Ukonwaba Entsatsheni
hf ica. 9 iphe. 29-31
Isibini sifunda kunye iBhayibhile

ICANDELO 9

Nqulani UYehova Njengentsapho

“Mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba.”—ISityhilelo 14:7

Njengoko nifundile kule ncwadana, iBhayibhile inemigaqo emininzi enokunceda nina nentsapho yenu. UYehova ufuna nonwabe. Uthembisa ukuba xa nimbeka kwindawo yokuqala “zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Ufuna ukuba nibe ngabahlobo bakhe. Ngoko yenzani yonke imizamo yokukhulisa ubuhlobo benu kunye noThixo. Eli lelona lungelo likhulu elinokufunyanwa ngumntu.—Mateyu 22:37, 38.

1 QINISANI UBUHLOBO BENU NOYEHOVA

Indoda nomfazi basebenza kunye entsimini

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “‘Ndiya kuba nguyihlo kuni, nina nibe ngoonyana neentombi kum,’ utsho uYehova.” (2 Korinte 6:18) UThixo ufuna ukuba nibe ngabahlobo bakhe abasenyongweni. Ninokuyenza loo nto ngokuthandaza kuye. UYehova unimema ukuba ‘nithandaze ngokungapheziyo.’ (1 Tesalonika 5:17) Ufuna ukwazi iingcinga zenu namaxhala eninawo. (Filipi 4:6) Xa uthandaza nentsapho yakho, iya kutsho ibone indlela abaluleke ngayo uThixo kuwe.

Ngaphezu kokuthetha kwenu noThixo, kusafuneka nokuba nimphulaphule. Ninokuyenza le nto ngokufunda iLizwi lakhe iBhayibhile kunye neencwadi ezisekelwe kuyo. (INdumiso 1:1, 2) Camngcani ngezinto enizifundayo. (INdumiso 77:11, 12) Ukuphulaphula uThixo kuquka nokuba niye rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu.—INdumiso 122:1-4.

Ukuthetha nabanye abantu ngoYehova kuyenye indlela yokuqinisa ubuhlobo naye. Xa nisenza oku niya kuziva nisondele ngakumbi kuye.—Mateyu 28:19, 20.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Bekelani bucala ixesha lokufunda iBhayibhile nokuthandaza yonke imihla

  • Qinisekisani ukuba intsapho yenu ixabisa izinto zokomoya ngaphezu kokuzonwabisa

2 LUNANDIPHENI UNQULO LWENU LWENTSAPHO

Utata ulungislela ukufunda nentsapho yakhe baze kamva bonwabele unqulo lwentsapho

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Yenzani uhlengahlengiso ukuze nibe nonqulo lwentsapho rhoqo. (Genesis 18:19) Kodwa ke kusafuneka okungakumbi. UThixo makabe nendawo ebomini benu bemihla ngemihla. Qinisa ubuhlobo bentsapho yakho noThixo ngokuthetha ngaye “ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” (Duteronomi 6:6, 7) Yiba nosukelo lokufana noYoshuwa, owathi: “Ke mna nendlu yam, siya kukhonza uYehova.”—Yoshuwa 24:15.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Zimisele ukunceda ilungu ngalinye lentsapho kwiimfuno zalo

Umama ufundela unyana wakhe omncinci incwadi; intsapho idlala ibali leBhayibhile; utata ufunda kunye nentombi yakhe

ABAKHONZI BAKAYEHOVA ABONWABILEYO

Ayikho into eyogqitha ukunqula uYehova uThixo. Uyakuvuyela ukubona wena nentsapho yakho nimkhonza ngokunyanisekileyo. Njengoko nisenza oku, niya kumthanda uYehova yaye niya kufuna ukumxelisa nangakumbi. (Marko 12:30; Efese 5:1) Ukubandakanya uThixo emtshatweni wenu kuya kuwenza uqine. (INtshumayeli 4:12; Isaya 48:17) Niya kutsho nonwabe xa nisazi ukuba ‘uYehova uThixo wenu unisikelele.’—Duteronomi 12:7.

ZIBUZE . . .

  • Sigqibele nini ukuthandaza sikunye neqabane lam?

  • Yintoni endinokuyifunda netsapho yam ukuze siqinise ukholo lwethu kuYehova?

UMYALEZO OYA KWIINTLOKO-NTSAPHO

  • Ningavumeli nantoni na iniphazamise kunqulo lwenu lwentsapho

  • Kusengaphambili, yazisa bonke entsatsheni ngento ekuza kuthethwa ngayo ukuze balungiselele

  • Qiniseka ukuba bonke bakhona kunqulo lwentsapho

  • Yenza kube mnandi kubo bonke

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share