Uncedo Ezintsatsheni
1. ISabatha yeveki nganye yayizinceda njani iintsapho zamaSirayeli?
1 Ukugcinwa kweSabatha kwakulilungiselelo lothando elenziwa nguYehova nelalinceda iintsapho. AmaSirayeli ayephumla kwimisebenzi yawo yemihla ngemihla, aze afumane ixesha lokucinga ngokulunga kukaYehova nangolwalamano lwawo naye. Abazali babesebenzisa eli thuba ukuze babethelele uMthetho kaYehova ezintliziyweni zabantwana babo. (Dut. 6:6, 7) Veki nganye iSabatha yayinceda abantu bakaYehova bafumane ithuma lokunikela ingqalelo kwimeko yabo yokomoya.
2. ISabatha isifundisa ntoni ngoYehova?
2 Yinyaniso ukuba uYehova akasafuni iintsapho zigcine iSabatha. Noko ke, kukho nto ithile siyifundayo kulo mthetho ngoThixo wethu. Kukuba ebesoloko enomdla ongazenzisiyo kwimpilo-ntle yokomoya yabantu bakhe. (Isa. 48:17, 18) Namhlanje, enye indlela uYehova awubonisa ngayo lo mdla, yingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho.
3. Yintoni injongo yengokuhlwa yoNqulo Lwentsapho?
3 Yintoni Injongo Yengokuhlwa YoNqulo Lwentsapho? Ukususela ngoJanuwari 2009, iSifundo Sencwadi Sebandla saqalisa ukuqhutywa ngemini enye neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kuquka iNtlanganiso Yenkonzo. Esinye sezizathu zokwenziwa kolu hlengahlengiso, yayikukuze iintsapho zifumane ithuba lokuzakha ngokomoya ngokuba nengokuhlwa engqalileyo yonqulo lwentsapho veki nganye. Ntsapho nganye yakhuthazwa ukuba iqhube isifundo sayo sentsapho ngaloo ngokuhlwa yayisakuba yeyesifundo sencwadi, ukuba kunokwenzeka ichithe elo xesha ingagxabhagxabhisi, ixubusha iBhayibhile size nesifundo silungiselelwe kucingwa ngeemfuno zentsapho.
4. Ngaba intsapho imele iluphelelisele kwiyure nje enye uNqulo Lwentsapho? Cacisa.
4 Ukuze siye kwiSifundo Sencwadi Sebandla, kwakufuneka ixesha lokunxiba, lokuhamba, njalo njalo. Abaninzi kuthi babechitha phantse ingokuhlwa yonke ukuze baye kwesi sifundo. Ekubeni ngoku kwenziwe uhlengahlengiso ngale ntlanganiso, sitsho sanengokuhlwa yokunqula uYehova njengentsapho. Ngoko ke, asimele silubekele iyure enye nje kuphela uNqulo Lwentsapho. Kunoko simele sicinge ngeemfuno neentsilelo zentsapho yethu, size sichithe ixesha elaneleyo ukuze sizilungise.
5. Ngaba yonke ingokuhlwa imele ichithwe kuxutyushwa njengeqela? Cacisa.
5 Ngaba Yonke Ingokuhlwa Imele Ichithwe Kuxutyushwa Njengeqela? Xa izibini ezitshatileyo neentsapho ezinabantwana zixubusha imibandela ethile yeZibhalo, ziyakhuthazana. (Roma 1:12) Intsapho itsho isondelelane. Ngoko ke, iingxubusho zeZibhalo zimele zibe yeyona nto ibalulekileyo kwingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho. Noko ke, lungu ngalinye lentsapho lifanele lichithe ixesha elithile lisenza ufundisiso lobuqu. Ngokomzekelo, emva kokuxubusha njengeqela, intsapho isenokuqhubeka ihleli kunye ngoxa abanye besiya kuzifundela, mhlawumbi begqibezela ukulungiselela iintlanganiso okanye ukufunda amaphephancwadi. Ezinye iintsapho zikhetha ukungambukeli kwaphela umabonwakude ngaloo ngokuhlwa.
6. Yiyiphi indlela enokuqhutywa ngayo ingxubusho?
6 Yiyiphi Indlela Enokuqhutywa Ngayo Ingxubusho? Akufanele kusoloko kusenziwa ingxubusho yemibuzo neempendulo. Ukuze ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho ibangele umdla, iintsapho ezininzi ziye zenza ucwangciso olufanayo nolo lweentlanganiso zaphakathi evekini. Zahlulahlula iingxubusho zazo zibe ziinxalanye eziliqela zize zizisingathe ngeendlela ezahlukeneyo. Ngokomzekelo, zinokufunda iBhayibhile kunye, zilungiselele iintlanganiso, zize ziqhelisele iindlela ezithile zokushumayela entsimini. Iphepha 6 linikela amanye amacebiso anokusetyenziswa.
7. Yimeko enjani efanele izatyalazelwe ngabazali?
7 Yimeko Enjani Abazali Abafanele Bazabalazela Ukuba Ibekho? Intsapho yakho iya kufunda kakuhle xa iziva ikhululekile yaye ikwimeko yothando. Maxa wambi ninokuya kufundela ngaphandle xa imozulu intle. Phumlani xa kuyimfuneko. Ezinye iintsapho ziye zilungiselele iintwanantwana zokutya ukugqiba kwazo. Ngoxa abazali bekuphepha ukusebenzisa olu Nqulo Lwentsapho njengesihlandlo sokuhlab’ amadlala okanye ukuqeqesha, basenokusebenzisa elinye lelo xesha ukuze balungise imikhwa okanye iingxaki ezithile abazibona kubantwana babo. Kodwa ke, kunokuba kuhle ukuba baxubushe ngemibandela enobuzaza ngasese nomntwana lowo ngelinye ixesha phakathi evekini ukuze baphephe ukumhlazisa kwabanye. Ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho ayifanelanga ibe yinto nje eyindinisa, kodwa imele ibe sisihlandlo sokubonisa ukuba sinqula uThixo owonwabileyo.—1 Tim. 1:11.
8, 9. Zintoni ezimele zilungiselelwe ziintloko-ntsapho?
8 Intloko-ntsapho Imele Ilungiselele Njani? Intsapho iya kuzuza lukhulu ukuba intloko-ntsapho ilungiselela ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho kusengaphambili ukuze igqibe ngento eza kuxutyushwa nendlela ekuza kwenziwa ngayo. (IMize. 21:5) Indoda iya kuba yenza kakuhle xa ithetha nomfazi wayo ngalo mbandela. (IMize. 15:22) Zintloko-ntsapho, kutheni maxa wambi ningakhe nibuze abantwana benu ukuze nive awabo amacebiso? Ukuba nenjenjalo, oko kuya kuninceda niziqonde izinto abanomdla kuzo nezibaxhalabisayo.
9 Kwezinye iiveki akuyi kufuneka intloko-ntsapho ichithe ixesha elininzi ilungiselela. Intsapho isenokuvuyiswa kukusebenzisa nje enye yendlela eziqhelekileyo ezenziwa veki nganye, yaye akuyi kufuneka ukuba intloko-ntsapho isoloko isenza ucwangciso olutsha ngalo lonke ixesha. Kusenokuyinceda ukulungiselela emva kwesifundo ngasinye ngoxa isazikhumbula kakuhle iimfuno zokomoya zentsapho yayo. Ezinye iintloko-ntsapho zizibhala phantsi izinto eziza kufundwa zize zizibeke kwindawo eza kubonwa lula yintsapho, njengefriji. Oku kuyenza intsapho ivuye ize ikhangele phambili yaye ifumane ixesha lokulungiselela xa kuyimfuneko.
10. Banokuyisebenzisa njani ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho abo bahlala bodwa?
10 Kuthekani Ukuba Ndindodwa Entsatsheni? Abo bahlala bodwa banokusebenzisa le ngokuhlwa yoNqulo Lwentsapho ukuze benze ufundisiso lobuqu. Ucwangciso lwabo lumele luquke ukufunda iBhayibhile, ukulungiselela iintlanganiso zebandla nokufunda IMboniselo noVukani! Ukongezelela koko, abanye abavakalisi baye bazenzele uphando olungakumbi kwimibandela ethile. Maxa wambi, baye bameme abanye abavakalisi okanye iintsapho ukuze baxubushe kunye iZibhalo.
11, 12. Ziziphi ezinye zeengenelo zokuba nengokuhlwa yoNqulo Lwentsapho rhoqo?
11 Ziziphi Ingenelo Zokuba Nengokuhlwa YoNqulo Lwentsapho Rhoqo? Abo bazinikela ngentliziyo yabo yonke kunqulo lokwenene basondela ngakumbi kuYehova. Ukongezelela koko, iintsapho ezinqula kunye ziyamanyana. Esinye isibini esitshatileyo sabhala oku ngokuphathelele iintsikelelo esizinandiphayo: “Ekubeni singoovulindlela abangenabantwana, sihlala sikhangele phambili kwingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho yethu. Sivakalelwa kukuba isinceda sisondelelane ngakumbi thina size sisondele nakuBawo wethu osezulwini. Ngoku xa sivuka ngolo suku ayikho enye into esiyicingayo nesithetha ngayo ngaphandle koNqulo Lwentsapho. Liba ngathi alifiki elo xesha!’”
12 Ilungiselelo lengokuhlwa yonqulo lwentsapho luphinda luncede iintsapho ezixakekileyo. Omnye umama onguvulindlela othe ngxi ongenalo iqabane lomtshato nokhulisa oonyana ababini wathi: “Ngaphambili, isifundo sethu sentsapho sasingahambi kakuhle. Sasiqhutywa manqaphanqapha yaye singazinzanga ngenxa yokudinwa. Ndandingayazi into endinokuyenza ukuze izinto zihambe kakuhle kuso. Ndinibhalela ukuze ndinibulele kakhulu ngengokuhlwa yoNqulo Lwentsapho. Ngoku siyakwazi ukusiqhuba rhoqo isifundo sentsapho yaye zininzi iingenelo esizifumanayo.”
13. Yintoni egqibayo ukuba iya kungenelwa kangakanani intsapho yakho kunqulo lwentsapho?
13 NjengeSabatha, ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho sisipho esinokunceda iintsapho esivela kuBawo wethu wasezulwini. (Yak. 1:17) Indlela ezaziyisebenzisa ngayo iSabatha iintsapho zamaSirayeli, yiyo eyayigqiba ukuba luphucuka kangakanani na ulwalamano lwazo noYehova. Ngokufanayo, indlela esiyisebenzisa ngayo ingokuhlwa esiyiphiweyo ukuze siqhube unqulo lwentsapho yiyo egqibayo ukuba intsapho yethu izuza kangakanani na. (2 Kor. 9:6; Gal. 6:7, 8; Kol. 3:23, 24) Xa nilisebenzisa kakuhle eli lungiselelo, intsapho yenu iya kuvumelana nala mazwi omdumisi owathi: “Kodwa ke mna, ukusondela kuThixo kulungile kum. Ndisabela kwiNkosi enguMongami uYehova.”—INdu. 73:28.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho ayifanelanga ibe yinto nje eyindinisa, kodwa imele ibe sisihlandlo sokubonisa ukuba sinqula uThixo owonwabileyo
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
SIGCINE KAKUHLE
Amacebiso Engokuhlwa YoNqulo Lwentsapho
IBhayibhile:
• Fundani inxalenye yofundo lweBhayibhile lweveki kunye. Ukuba eso sahluko nifunda kuso siyanivumela, omnye umntu unokufunda indawo yombalisi, baze abanye bafunde amazwi abanye abantu.
• Linganisani inxalenye yofundo lweBhayibhile.
• Yabela ilungu ngalinye lentsapho ukuba lifunde izahluko ezithile zeBhayibhile kusengaphambili lize libhale phantsi imibuzo ephakamayo. Emva koko yenzani uphando kunye ngaloo mibuzo.
• Veki nganye lungiselela ikhadi elinemibuzo eza kubakhumbuza ngendinyana ethile yeBhayibhile nizame ukuyicengceleza nize niyicacise. Waqokelele loo makhadi nize niwahlole veki nganye nize nibone ukuba zingaphi izibhalo enizikhumbulayo.
• Phulaphulani ufundisiso lweBhayibhile olushicilelweyo ngoxa nani nijonge kwezenu.
Iintlanganiso:
• Lungiselelani kunye iintlanganiso.
• Qheliselani amaculo aza kuculwa kuloo veki.
• Ukuba kukho oza kunikela intetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo okanye umboniso kwiNtlanganiso Yenkonzo, cebisanani ngendlela yokuwenza okanye uqheliselwe phambi kwamalungu entsapho.
Iimfuno Zentsapho:
• Fundani incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula okanye ethi Funda Kumfundisi Omkhulu.
• Yenzani umboniso wendlela eninokuwusingatha ngayo umbuzo okanye ingxaki enokuvela esikolweni.
• Yenzani umboniso apho abazali badlala indima yabantwana ngoxa abantwana bedlala eyabo. Abantwana benza uphando ngaloo mbandela baze baqiqise abazali.
Ubulungiseleli:
• Qheliselani iintshumayelo eniza kuzisebenzisa ngempela-veki.
• Xubushani ngosukelo olusengqiqweni intsapho enokuzibekela lona ukuze yandise ubulungiseleli bayo ngexesha leSikhumbuzo neleholide.
• Ilungu ngalinye lentsapho malichithe imizuzu ethile lisenza uphando ngendlela yokuphendula imibuzo eyahlukahlukeneyo enokuphakama entsimi, nize niyiqhelisele.
Amanye Amacebiso:
• Fundani kunye inqaku elikumaphephancwadi akutshanje.
• Lungu ngalinye lentsapho malifunde inqaku elibangela umdla kumaphephancwadi akutshanje, lize emva koko libalise ngalo.
• Maxa wambi ninokumema omnye umvakalisi okanye isibini esitshatileyo kwingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho yenu, mhlawumbi nide nidlan’ indlebe naso.
• Bukelani enye yeevidiyo zethu nize nixubushe ngayo.
• Xubushani kunye incwadi ethi “Imibuzo Yabantu Abaselula” okanye inxalenye ethi “Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho” kuVukani!
• Xubushani kunye inqaku elithi “Fundisa Abantwana Bakho” okanye elithi “Inqaku Labaselula” elikwiMboniselo.
• Fundani nize nixubushe Incwadi Yonyaka yakutshanje okanye enye incwadi esandul’ ukukhululwa kwindibano yesithili.
• Xa nibuya endibanweni xubushani ngeembalasane zayo.
• Bukelani indalo kaYehova nize nixubushe ngoko isifundisa kona ngaye.
• Xubushani ngemifanekiso, iimaphu okanye isicangca esithile.