IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jy isahl. 37 iphe. 94-iphe. 95 isiqe.¶ 2
  • UYesu Uvusa Unyana Womhlolokazi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Uvusa Unyana Womhlolokazi
  • UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu Uphelisa Intlungu Yomhlolokazi
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Umbuyiseli Wobomi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Sinako Ukuvuka Ekufeni!
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • “Ayinako Ukwenzeka Loo Nto!”
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
Khangela Okunye
UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
jy isahl. 37 iphe. 94-iphe. 95 isiqe.¶ 2
UYesu nabafundi bakhe badibana nabantu abayokungcwaba unyana womhlolokazi

ISAHLUKO 37

UYesu Uvusa Unyana Womhlolokazi

LUKA 7:11-17

  • UVUSA UMNTU ENAYIN

Emva kokuba uYesu ephilise isicaka segosa lomkhosi, uyemka eKapernahum aye eNayin, isixeko esingasemzantsi ntshona kwiikhilomitha ezingaphezu kweziyi-32. Akahambi yedwa, uhamba nabafundi bakhe kunye nabanye abantu abaninzi. Bafika ngaphandle kweNayin sekuza kurhatyela. Udibana namaYuda amaninzi esiya kungcwaba. Kuthwelwe isidumbu somfana siyokungcwatywa ngaphandle kwesixeko.

Oyena mntu ukhathazeke kakhulu kwaba bantu ngumama walo mfana. Ungumhlolokazi ibe ngoku uswelekelwe nangunyana wakhe ekuphela kwakhe. Ukusweleka komyeni wakhe, noko ebenaye unyana wakhe amthandayo. Unokuyicinga indlela ebebesondelelene ngayo, namathemba akhe ekulo mfana. Ngoku naye uswelekile. Uza kuhlala aze ancedwe ngubani?

Xa uYesu ebona intlungu yalo mama, uba nosizi. UYesu unobubele ibe uqinisekile ngale nto aza kuyenza, loo nto yenza lo mfazi amthembe. Uthi: “Sukukhala.” Emva koko uyasondela aze abambe le nto uthwelwe ngayo umzimba. (Luka 7:13, 14) Le nto ayenzayo yenza ukuba wonke umntu ame ngxi. Inoba abantu abaninzi bayazibuza ukuba ‘kutheni ethetha le nto ibe uza kwenza ntoni?’

UYesu uvusa umfana aze amnike umama wakhe; abantu abamangalisiweyo

Abantu ebebehamba noYesu bebembonile esenza imimangaliso kwaye ephilisa izifo ezininzi. Kodwa zange bambona evusa umntu ofileyo. Ewe kona bakhona abantu abakha bavuswa kudala, kodwa ngaba yena uYesu uyakwazi? (1 Kumkani 17:17-23; 2 Kumkani 4:32-37) UYesu uthi: “Mfana, ndithi kuwe, vuka!” (Luka 7:14) Ibe kwenzeka loo nto kanye. Lo mfana uyaphakama, ahlale ngeempundu aze aqalise ukuthetha! UYesu umnikeza kumama wakhe owothukileyo kodwa ovuya kakhulu. Kaloku akasekho yedwa.

Xa abantu bebona ukuba nyhani lo mfana uvukile, badumisa uMniki-bomi uYehova besithi: “Sifikelwe ngumprofeti omkhulu.” Abanye bathi: “UThixo ubakhumbule abantu bakhe.” (Luka 7:16) Iindaba ngalo mmangaliso zikhawuleza zithi saa zifike nakwezinye izixeko ezikufutshane mhlawumbi zifike nakwisixeko sakuloYesu iNazarete esikwiikhilomitha eziyi-10. Ezi ndaba zide zihle ziyokufika nakwaYuda.

UYohane umBhaptizi usesejele ibe unomdla wokuva ezi zinto zenziwa nguYesu. Abafundi bakaYohane bayamxelela ngale mimangaliso. Uthini?

  • Kwenzeka ntoni xa uYesu esondela eNayin?

  • Into uYesu ayibonayo imenza azive njani, ibe wenza ntoni?

  • Bathini abantu ngento eyenziwa nguYesu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share